Kulumkele Ukuba Nekratshi
“UThixo ubachasile abanekratshi.”—YAKOBI 4:6.
1. Chaza imizekelo yokuzingca okufanelekileyo.
NGABA ikho into eyakha yakwenza uzingce? Uninzi lwethu lwazi kakuhle ukuba kunjani ukuba neqhayiya. Akukho nto imbi ngokuziva unelunda maxa wambi. Ngokomzekelo, xa isibini esingamaKristu sisiva indlela eziphethe kakuhle nezibhokoxa ngayo intombi yaso esikolweni, kuye kuthi ngco ngaphakathi, sizive sanelisekile. Umpostile uPawulos namaqabane akhe bazingca ngebandla elitsha abaye balinceda kuba abazalwana balo banyamezela intshutshiso.—1 Tesalonika 1:1, 6; 2:19, 20; 2 Tesalonika 1:1, 4.
2. Yintoni edla ngokwenza ukuzingca kungathandeki?
2 Le mizekelo, isinceda sibone ukuba ukuzingca kusenokubonisa ukuvuyiswa sisenzo okanye ukufumana into ethile. Noko ke, izihlandlo ezininzi ukuzingca kudla ngokubonisa ukuziphakamisa, ukuzicingela bhetele ngenxa yobuchule, inkangeleko, ubutyebi okanye isikhundla onaso. Ukuzingca ngolu hlobo kudla ngokwenza umntu abe nekratshi. NjengamaKristu simele sikuphephe. Kutheni simele sikuphephe nje? Kaloku sizalwa sinotyekelo lokuzingca esalizuza ilifa kukhokho wethu uAdam. (Genesis 8:21) Ngoko, iintliziyo zinokusikhohlisa nje lula size sizingce ngezinto ezingafanelekanga. Ngokomzekelo, amaKristu amele akuphephe ukuzingca ngenxa yohlanga alulo, ubutyebi, imfundo, nobuchule anabo, okanye indlela asebenza ngayo ezithelekisa nabanye. Ukuzingca ngenxa yezo zinto akufanelekanga yaye akumkholisi uYehova.—Yeremiya 9:23; IZenzo 10:34, 35; 1 Korinte 4:7; Galati 5:26; 6:3, 4.
3. Liyintoni ikratshi, ibe wathini uYesu ngalo?
3 Sikho nesinye isizathu sokuphepha ukuzingca okungafanelekanga. Ukuba siyakuvumela kukhule ezintliziyweni, kungade kube kukuzingca okwenyanyekayo, ikratshi. Liyintoni ikratshi? Umntu onekratshi akaziva nje emkhulu kunabanye, kodwa uyabadelela abo abajongela phantsi. (Luka 18:9; Yohane 7:47-49) UYesu wakhankanya “ikratshi” phakathi kwemikhwa engendawo ephuma “entliziyweni” ‘nemdyobhayo umntu.’ (Marko 7:20-23) AmaKristu amele ayiqonde indlela ekubaluleke ngayo ukuphepha ukuba nekratshi.
4. Kungasinceda njani ukuqwalasela imizekelo ethile yeBhayibhile yabantu ababenekratshi?
4 Ukuqwalasela iingxelo ezithile zeBhayibhile zabantu ababenekratshi kungakunceda uliphephe. Uya kuziqonda kakuhle iimvakalelo zokuzingca ezingafanelekanga osenokuba unazo okanye ezisenokuvela ekuhambeni kwexesha. Oku kuya kukunceda uphephe iingcamango okanye iimvakalelo ezinokukwenza ube nekratshi. Ngenxa yoko, awuyi kukhala esimantshiyane xa uThixo esohlwaya ngokuvisisana nesilumkiso sakhe esithi: “Ndiya kubashenxisa phakathi kwakho abo bagcobileyo bakho benekratshi; yaye akusayi kuze kwakhona ube nekratshi entabeni yam engcwele.”—Zefaniya 3:11.
UThixo Uqhubana Nabo Banekratshi
5, 6. UFaro wabonakalisa njani ukuba unekratshi, ibe kwaba nayiphi imiphumo oko?
5 Eny’ indlela onokubona ngayo ukuba uYehova abajonga njani abantu abanekratshi yileyo waqhubana ngayo nezikhakhamela ezinjengoFaro. Akuthandabuzeki ukuba uFaro wayenekratshi. Ekubeni wayecinga ukuba unguthixo ofanele ukunqulwa, wawadelela amakhoboka akhe, amaSirayeli. Cinga nje indlela awasabela ngayo kwisicelo sokukhulula uSirayeli aye entlango ukuze ‘abhiyozele umthendeleko’ kuYehova. Ezele likratshi wathi: “Ngubani na uYehova, ukuba ndingade ndithobele ilizwi lakhe lokuba ndimndulule uSirayeli?”—Eksodus 5:1, 2.
6 Emva kokuba uFaro ebethwe ngezibetho ezithandathu, uYehova wathi kuMoses makabuze oku kulo mlawuli waseYiputa: “Ngaba usenekratshi ebantwini bam ngokuthi ungabandululi?” (Eksodus 9:17) Emva koko uMoses wabhengeza isibetho sesixhenxe—isichotho esalidlakaza kanobom ilizwe. Emva kwesibetho seshumi, uFaro wawakhulula amaSirayeli, kodwa athi akulishiya elo wajibilika waza wawasukela. Ekugqibeleni yena nemikhosi yakhe bema nematha begutyungelwa luLwandle Olubomvu. Nawe unokuzicingela ukuba babesithini ngoxa babegutyungelwa ngamanzi! Laba nayiphi imiphumo ikratshi likaFaro? Eyona mikhosi wayeqamelele ngayo yathi: “Masisabe ebusweni bukaSirayeli, kuba ngokuqinisekileyo uYehova uyawalwela kumaYiputa.”—Eksodus 14:25.
7. Abalawuli baseBhabhiloni babonisa njani ukuba banekratshi?
7 Bakho nabanye abalawuli abahlaziswayo nguYehova. Omnye wabo nguSenaribhe, ukumkani waseAsiriya. (Isaya 36:1-4, 20; 37:36-38) Ekugqibeleni iAsiriya yoyiswa yiBhabhiloni, nakuba kwenziwa okufanayo nakookumkani ababini ababenekratshi baseBhabhiloni. Khumbula isidlo sikaKumkani uBheleshatsare owamema izihandiba zasebukhosini zangqendeva, zisela iwayini ngezitya ezazithatyathwe etempileni kaYehova, zidumisa oothixo baseBhabhiloni. Ngequbuliso kwavela umnwe womntu ubhala eludongeni. Emva kokucelwa ukuba atolike loo mbhalo umangalisayo umprofeti uDaniyeli wamkhumbuza oku uBheleshatsare: “Oyena Thixo Uphakamileyo wanika uNebhukadenetsare uyihlo ubukumkani . . . Kodwa wathi akuba nekratshi . . . , wahliswa etroneni yobukumkani bakhe, sahluthwa nesidima sakhe kuye. . . . Wena ke, nyana wakhe Bheleshatsare, akuyithobanga intliziyo yakho, nangona ubukwazi konke oku.” (Daniyeli 5:3, 18, 20, 22) Kwangobo busuku, umkhosi wamaMedi namaPersi wayoyisa iBhabhiloni, waza uBheleshatsare wabulawa.—Daniyeli 5:30, 31.
8. UYehova waqhubana njani nabantu abahlukahlukeneyo abanekratshi?
8 Akho namanye amadoda awayenekratshi ebathiyile abantu bakaYehova: ingxilimbela yamaFilisti uGoliyati, iNkulumbuso yasePersi uHaman noKumkani uHerode Agripa owayelawula iphondo lakwaYuda. Ngenxa yekratshi lawo, uThixo wenza ukuba afe ngendlela elihlazo. (1 Samuweli 17:42-51; Estere 3:5, 6; 7:10; IZenzo 12:1-3, 21-23) Indlela awaqhubana ngayo uYehova naloo madoda ibethelela inyaniso yokuba: “Ikratshi liphambi kokuwa, yaye umoya wekratshi uphambi kokukhubeka.” (IMizekeliso 16:18) Licace gca elokuba “uThixo ubachasile abanekratshi.”—Yakobi 4:6.
9. Ookumkani baseTire baba ngabangcatshi njani?
9 Ngokwahlukileyo kubalawuli baseYiputa, eAsiriya naseBhabhiloni ababenekratshi, ukumkani waseTire wakha waluncedo kubantu bakaThixo. Xa kwakulawula uKumkani uDavide noKumkani uSolomon, wathumela amadoda anobuchule nezinto zokwakha izakhiwo zasebukhosini netempile kaThixo. (2 Samuweli 5:11; 2 Kronike 2:11-16) Okubuhlungu kukuba ethubeni, iTire yabajikela abantu bakaYehova. Kwakubangelwa yintoni oko?—INdumiso 83:3-7; Yoweli 3:4-6; Amosi 1:9, 10.
“Intliziyo Yakho Yaba Nekratshi”
10, 11. (a) Ngubani onokufaniswa nookumkani baseTire? (b) Yintoni eyatshintsha isimo sengqondo sookumkani baseTire nxamnye namaSirayeli?
10 UYehova waphefumlela umprofeti uHezekile ukuba ababhence aze abagxeke kabukhali ookumkani baseTire. Eso sigidimi sasisiya “kukumkani waseTire” sinamazwi abachaza kakuhle ookumkani baseTire nomngcatshi wantlandlolo, uSathana, ‘ongazange eme enyanisweni.’ (Hezekile 28:12; Yohane 8:44) USathana wakha wasisidalwa somoya esithembekileyo kwintlangano kaYehova yoonyana basezulwini. Esebenzisa uHezekile, uYehova uThixo waveza isizathu sokukreqa kookumkani baseTire noSathana wathi:
11 ‘Wawuse-Eden, emyezweni kaThixo. Onke amatye axabisekileyo ayesisigqubuthelo sakho. Uyikherubhi ethanjisiweyo egqubuthelayo. Wawungenasiphoso ezindleleni zakho ukususela kwimini yokudalwa kwakho kwada kwafumaneka intswela-bulungisa kuwe. Ngenxa yeempahla zakho zentengiso ezininzi bakuzalisa ngaphakathi ngogonyamelo, waqalisa ke ukona. Kwaye ndiya kukutshabalalisa, kherubhi egqubuthelayo. Intliziyo yakho yaba nekratshi ngenxa yobuhle bakho. Wabonakalisa ubulumko bakho ngenxa yokuba mbejembeje kwakho.’ (Hezekile 28:13-17) Likratshi elenza izikumkani zaseTire zanogonyamelo kubantu bakaYehova. ITire yaba nobutyebi obuninzi kuba yankqenkqeza phambili kwezorhwebo yaza yaduma ngezinto zayo ezingayiwayo. (Isaya 23:8, 9) Ookumkani baseTire bazicingela gqitha baza baqalisa ukucinezela abantu bakaThixo.
12. Yintoni eyakhokelela ekubeni uSathana abe liqhophololo, ibe yintoni aye waqhubeka eyenza?
12 Ngokufanayo, isidalwa somoya esaba nguSathana sasikade sikwazi ukwenza nantoni esiyithunywa nguThixo. Kunokuba sikuxabise oko, ‘sakhukhumala likratshi’ saza saludelela ulawulo lukaThixo. (1 Timoti 3:6) Sazicingela gqitha de sanqwenela ukunqulwa nguAdam noEva. Loo mnqweno ungendawo wakhawula ze wazala isono. (Yakobi 1:14, 15) USathana walukuhla uEva ukuba adle isiqhamo somthi okuphela kwawo owawalelwe nguThixo ukuba batye kuwo. Emva koko uSathana wasebenzisa uEva ukuze noAdam adle eso siqhamo salelweyo. (Genesis 3:1-6) Ngoko, isibini sokuqala esingabantu saligatya ilungelo likaThixo lokusilawula saza ke sangabanquli bakaSathana. Ikratshi analo litsib’ ilitye likaPhungela. Uye wazama ukukhohlisa zonke izidalwa ezikrelekrele zasezulwini nasemhlabeni, kuquka uYesu Kristu efuna zimnqule kuba esilwa nolongamo lukaYehova.—Mateyu 4:8-10; ISityhilelo 12:3, 4, 9.
13. Sisiphi isiqhamo esiye sazalwa likratshi ebantwini?
13 Ngoko unokubona ukuba ikratshi livela kuSathana; lingunobangela wesono, ukubandezeleka nokonakala okusehlabathini namhlanje. ‘Njengothixo wale nkqubo yezinto,’ uSathana utyhalela phambili ekhuthaza iimvakalelo ezimbi zokuzingca nekratshi. (2 Korinte 4:4) Uyazi ukuba ixesha lakhe lixhatshwe yinja, ngoko uphum’ iphulo nxamnye namaKristu okwenyaniso. Eyona nto ayifunayo kukuwatyekisa kuThixo, azithande, azingce aze abe nekratshi. IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba loo mikhwa yokuzingca iya kuxhaphaka kule “mihla yokugqibela.”—2 Timoti 3:1, 2; ISityhilelo 12:12, 17.
14. UYehova uqhubana njani nezidalwa zakhe ezikrelekrele?
14 UYesu Kristu wayibhenca ngenkalipho imiphumo emibi yekratshi likaSathana. Ubuncinane kwizihlandlo ezithathu ezazikho kuzo iintshaba zakhe ezaziziphakamisa, uYesu wachaza indlela uYehova aqhubana ngayo nabantu wathi: “Wonk’ ubani oziphakamisayo uya kuthotywa, kodwa lowo uzithobayo uya kuphakanyiswa.”—Luka 14:11; 18:14; Mateyu 23:12.
Zilumkele Ungabi Nekratshi
15, 16. Yintoni eyabangela ukuba uHagare abe nekratshi?
15 Mhlawumbi uphawulile ukuba kwimizekelo engasentla yabantu ababenekratshi kuye kwakhankanywa amadoda adumileyo. Ngaba oko kuthetha ukuba abantu abaqhelekileyo ababi nalo ikratshi? Akunjalo. Cinga oko kwenzeka kwintsapho ka-Abraham. Lo solusapho wayengenanyana uza kuba yindlalifa, ibe umfazi wakhe, uSara wayesele edlule kwinqanaba lokuzala. Kwakusisithethe apho ukuba indoda efana noAbraham ithabathe umfazi wesibini ukuze ibe nabantwana. UThixo wayivumela imitshato enjalo kuba lalingekafiki ixesha lokumisela imigaqo yakhe yantlandlolo yomtshato kubanquli bakhe bokwenyaniso.—Mateyu 19:3-9.
16 Ebongozwa ngumfazi wakhe, uAbraham wavuma ukuvelisa lowo wayenokuba yindlalifa yakhe ngokungena uHagare, umYiputa owayesisicakazana sikaSara. Njengomfazi wesibini ka-Abraham, uHagare wakhulelwa. Wayemele abe nombulelo gqitha ngelo lungelo. Kodwa wasuka wanekratshi. IBhayibhile ithi: “Uthe akuziqonda ukuba umithi, wamdela uSarayi.” Elo kratshi lavusa ukruthakruthwano kwindlu ka-Abraham kangangokuba uSara wamgxotha uHagare. Noko ke, sabakho isicombululo saloo ngxaki. Ingelosi kaThixo yacebisa uHagare yathi: “Buyela kwinkosikazi yakho uze uzithobe phantsi kwesandla sayo.” (Genesis 16:4, 9) Kuyacaca ukuba uHagare waliphulaphula eli cebiso, watshintsha indlela awayemjonga ngayo uSara, waza ke waba ngukhokokazi wenkitha yabantu.
17, 18. Kutheni simele sizilumkele sonke singabi nekratshi?
17 Lo mzekelo kaHagare ubonisa ukuba xa umntu ephucuka usenokuvukwa likratshi. Sifunda ukuba nomKristu oqale kakuhle ekukhonzeni uThixo unokusuka abe nekratshi njengoko esiba sisityebi okanye esiba negunya. Oko kunokubangelwa nakukunconywa ngempumelelo, ubulumko okanye ubuchule bakhe. Ewe, umKristu umele azilumkele angabi nekratshi. Umele azilumkele ngakumbi xa ephumelela okanye efumana imbopheleleko ezingakumbi.
18 Esona sizathu sokuphepha ukuba nekratshi yindlela alijonga ngayo uThixo. ILizwi lakhe lithi: “Amehlo anekratshi nentliziyo ekhukhumeleyo, isibane sabangendawo, zisisono.” (IMizekeliso 21:4) Okubangel’ umdla kukuba, iBhayibhile ilumkisa ngokukhethekileyo amaKristu ‘azizityebi kule nkqubo yezinto ukuba angaziphakamisi,’ okanye abe ‘nekratshi.’ (1 Timoti 6:17; Duteronomi 8:11-17) AmaKristu angezozityebi amele alumkele ukuba ‘neliso elinomona,’ yaye amele akhumbule ukuba nabani na unokuba nalo ikratshi—enoba usisityebi okanye ulihlwempu.—Marko 7:21-23; Yakobi 4:5.
19. U-Uziya wayonakalisa njani ingxelo yakhe entle?
19 Ukuba nekratshi kunye neminye imikhwa engendawo kunokulonakalisa ulwalamano lwethu noYehova. Ngokomzekelo, cinga ngolawulo lokuqala lukaKumkani u-Uziya: “Waqhubeka esenza okulungileyo emehlweni kaYehova . . . Waqhubeka ethambekele ekufuneni uThixo . . . ; yaye, ngemihla yokufuna kwakhe uYehova, uThixo oyinyaniso wamenza waphumelela.” (2 Kronike 26:4, 5) Noko ke, okubuhlungu kukuba, uKumkani u-Uziya wayonakalisa loo ngxelo intle, kuba “intliziyo yakhe yaba nekratshi ukusa kwinqanaba lokonakala.” Wazicingela gqitha de wangena etempileni ukuze atshise isiqhumiso. Bathi ababingeleli bakumlumkisa ngoku kuziphakamisa kwakhe, “u-Uziya waba nomsindo.” Ngenxa yoko, uYehova wambetha ngeqhenqa, ibe wafa engathandwa nguThixo.—2 Kronike 26:16-21.
20. (a) Yakha yasengozini yokonakala njani ingxelo entle kaKumkani uHezekiya? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
20 Oko kwahluke gqitha koko kwenzeka kuKumkani uHezekiya. Ngasihlandlo sithile, lo kumkani waphants’ ukonakalisa ingxelo yakhe entle ngenxa ‘yentliziyo yakhe eyaba nekratshi.’ Okuvuyisayo kukuba, “uHezekiya wazithoba kwikratshi lentliziyo yakhe” waza wathandwa kwakhona nguThixo. (2 Kronike 32:25, 26) Phawula ukuba into eyanceda uHezekiya kwikratshi yaba kukuzithoba. Ewe, ukuzithoba nekratshi zizinto ezahlukene okwempuma nentshona. Ngoko, kwinqaku elilandelayo siza kuqwalasela indlela esinokukuhlakulela size sikulondoloze ngayo ukuzithoba kwamaKristu.
21. Yintoni anokukhangela phambili kuyo amaKristu athobekileyo?
21 Kwanga singahlala siyikhumbula imiphumo emibi yekratshi. Ekubeni ‘uThixo ebachasile abanekratshi,’ masilwe ngamandla neemvakalelo zokuzingca ezingafanelekanga. Njengoko sizabalazela ukuba ngamaKristu athobekileyo, sinokukhangela phambili ekusindeni kwimini enkulu kaThixo, xa abanekratshi nesiqhamo sabo beshenxiswa emhlabeni. Emva koko “nekratshi lomntu wasemhlabeni limele lithotywe, nokuphakama kwabantu kumele kuthotywe; nguYehova kuphela omele abekwe phezulu ngaloo mini.”—Isaya 2:17.
Iingongoma Onokucamngca Ngazo
• Unokumchaza njani umntu onekratshi?
• Lavela phi ikratshi?
• Yintoni enokwenza umntu abe nekratshi?
• Kutheni simele sizilumkele singabi nekratshi?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ikratshi likaFaro lamzisela ihlazo
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ukuphucuka kwemeko kaHagare kwamenza wanekratshi
[Umfanekiso okwiphepha 25]
UHezekiya wazithoba waza waphinda wathandwa nguThixo