Ukuzalwa KukaYesu—Indlela Okuluzisa Ngayo Uxolo
AMAZWI athi “uxolo . . . phakathi kwabantu abakholekileyo” ayengekokuphela kwesiprofeto esiphathelele ukuzalwa kukaYesu. Ukongezelela koko kwathethwa ziingelosi kubelusi ababemangalisiwe, ezinye iingelosi zavakalisa kuMariya nomyeni wakhe, uYosefu amazwi avela kuThixo okuzalwa kukaYesu. Ukuqwalasela ezi zigidimi kuya kusinceda sibe nembono ephangaleleyo ngebali lokuzalwa kukaYesu size siqonde nentsingiselo yokwenene yesithembiso sengelosi soxolo phakathi kwabantu.
Ngaphambi kokuba uYesu azalwe, engekakhulelwa nokukhulelwa, uMariya watyelelwa yingelosi ebizwa ngokuba nguGabriyeli eBhayibhileni. Le ngelosi yambulisa isithi, “Bhota, wena ubabalwe kakhulu, uYehova unawe.” Unokuyithelekelela indlela uMariya awothuka ngayo mhlawumbi enayo nentwana yokoyika. Inokuba wawuthetha ukuthini lo mbuliso?
UGabriyeli uyachaza: “Khangela! uya kukhawula esibelekweni sakho uze uzale unyana, umbize ngokuba nguYesu igama lakhe. Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOyena Uphakamileyo; yaye uYehova uThixo uya kumnika itrone kaDavide uyise, kwaye uya kulawula njengokumkani phezu kwendlu kaYakobi ngonaphakade, yaye ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.” UMariya wabuza ukuba kwakuya kwenzeka njani na oko ekubeni wayeyintombi enyulu, engazani nandoda. UGabriyeli wathi lo mntwana wayeya kumkhulelwa ngenxa yomoya oyingcwele kaThixo. Lo yayingazukuba ngumntwana oqhelekileyo.—Luka 1:28-35.
UKumkani Owaxelwa Kwangaphambili
Amazwi kaGabriyeli amele ukuba amnceda uMariya waqonda ukuba unyana awayeza kumzala kwakusele kwaprofetwa ngaye kwakudala. Amazwi athi uYehova wayeza kunika unyana kaMariya “itrone kaDavide uyise” ayeya kwenza uMariya—eneneni nawuphi na umYuda oqhelene neZibhalo—acinge ngesithembiso uThixo awasenza kuKumkani uDavide wakwaSirayeli.
Esebenzisa umprofeti uNatan, uYehova wathi kuDavide: ‘Indlu yakho nobukumkani bakho ngokuqinisekileyo buya kuqina ukusa kwixesha elingenammiselo phambi kwakho; netrone yakho kanye iya kumiselwa ngokuqinileyo ukusa kwixesha elingenammiselo.’ (2 Samuweli 7:4, 16) UYehova wathi ngoDavide: “Ngokuqinisekileyo ndiya kuyimisa imbewu yakhe ngonaphakade netrone yakhe ibe njengemihla yezulu. Imbewu yakhe iya kubakho de kuse kwixesha elingenammiselo, netrone yakhe ibe njengelanga.” (INdumiso 89:20, 29, 35, 36) Ngenxa yoko, akuzange kwenzeke ngamabona-ndenzile ukuba uMariya noYosefu babe kumnombo wendlu kaDavide.
Ezi yayingezizo kuphela iziprofeto ezikwiZibhalo zesiHebhere eziphathelele unyana kaDavide wasebukhosini. UMariya umele ukuba wayeqhelene nesiprofeto sikaIsaya esithi: “Sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; yaye ukuphatha njengenkosana kuya kuba segxalabeni lakhe. Igama lakhe liya kubizwa ngokuba nguMcebisi Omangalisayo, uThixo Onamandla, uBawo ongunaPhakade, iNkosana yoXolo. Akayi kuyeka ukuphatha njengenkosana, noxolo aluyi kuphela etroneni kaDavide nasebukumkanini bakhe ukuze bumiselwe ngokuqinileyo nokuze buxhaswe ngokusesikweni nangobulungisa, ukususela ngoku kuse kwixesha elingenammiselo. Yona kanye inzondelelo kaYehova wemikhosi iya kukwenza oku.”—Isaya 9:6, 7.
Ngoko, isigidimi sikaGabriyeli kuMariya sasingachazi nje ukuba uza kuzala unyana ngommangaliso. Kodwa sasichaza ukuba unyana wakhe wayeza kuba yindlalifa yobukhosi bukaKumkani uDavide—indlalifa eza kuhlala ngonaphakade kuBukumkani bukaThixo obumiselweyo. Isiprofeto sikaGabriyeli ngendima eyayiza kudlalwa nguYesu sinentsingiselo ebalulekileyo kuthi sonke.
Xa uYosefu wafumanisa ukuba uMariya ukhulelwe, wagqiba ekubeni angabi samtshata. Wayesazi ukuba asingomntwana wakhe lowo kuba wayengazange alale noMariya. Unokuyithelekelela indlela ekumele ukuba kwakunzima ngayo kuYosefu ukukholelwa uMariya xa emxelela isizathu sokukhulelwa kwakhe. Ingxelo yeVangeli ithi: “Ingelosi kaYehova yabonakala kuye ephupheni, isithi: ‘Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabatha umse ekhaya uMariya umfazi wakho, kuba oko akukhawuleyo kungomoya oyingcwele. Uya kuzala unyana, uze umbize ngokuba nguYesu igama lakhe, kuba uya kusindisa abantu bakowabo ezonweni zabo.’”—Mateyu 1:20, 21.
IBhayibhile ayisixeleli ukuba uYosefu wayeyiqonda ukusa kuwuphi umkhamo indlela lo mntwana awayeza ‘kusindisa ngayo abantu bakowabo ezonweni zabo.’ Sekunjalo, esi sigidimi sasanele ukuqinisekisa uYosefu ukuba uMariya wayengenatyala. Wenza njengoko wayeyalelwe yingelosi waza wathabatha uMariya wamsa ekhaya, isenzo esifana nokutshata.
Ngenxa yenkcazelo efumaneka kwezinye iZibhalo, sinokukuqonda oko kwakuthethwa yingelosi. Ebutsheni bembali yabantu, ingelosi enemvukelo yacel’ umngeni ulongamo lukaYehova. IZibhalo zesiHebhere zibonisa ukuba lo mvukeli, phakathi kwezinye izinto awazithethayo wathi, indlela kaThixo yokulawula yayingekho sikweni ibe akukho mntu unokugcina ingqibelelo kuYehova xa evavanywa. (Genesis 3:2-5; Yobhi 1:6-12) UAdam akazange ayigcine. Ngenxa yesono sakhe, bonke abantu bazuze ilifa isono, ibe ngenxa yoko bayafa. (Roma 5:12; 6:23) Kodwa yena uYesu wazalwa engenasono kuba wayengenayise ungumntu. Ngokunikela ngobomi bakhe obufezekileyo ngokuzithandela njengentlawulelo elingana noko kwalahlwa nguAdam, uYesu wakwazi ukusindisa abantu ezonweni zabo waza wabanika ithemba lokuphila ngonaphakade.—1 Timoti 2:3-6; Tito 3:6, 7; 1 Yohane 2:25.
Ebudeni bobulungiseleli bakhe emhlabeni, uYesu wenza abantu beva indlela ekuya kuba yiyo ukungabi nasono. Wakhulula abantu kubo bonke ubulwelwe wade wavusa nabafileyo. (Mateyu 4:23; Yohane 11:1-44) Loo mimangaliso yayibonisa oko aza kukwenza kwixesha elizayo. UYesu wathi: “Liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi [lam] baze baphume.”—Yohane 5:28, 29.
Eso sithembiso sovuko sibonisa isizathu sokuba kubaluleke kangaka ukuzalwa kukaYesu—ingakumbi ukufa kwakhe. UYohane 3:17 uthi, uThixo wathumela uNyana wakhe emhlabeni “ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye.” Ezi ndaba zimnandi zisenza sikhumbule oko kwathethwa kubelusi ababelinde imihlambi ngobusuku uYesu awayezalwa ngabo.
“Iindaba Ezilungileyo Zovuyo Olukhulu”
Ngokwenene ‘yayiziindaba zovuyo olukhulu’ kubantu xa iingelosi zachaza ngokuzalwa ‘koMsindisi, onguKristu iNkosi.’ (Luka 2:10, 11) Lo mntwana wayeza kuba nguMesiya, uMprofeti noMlawuli omkhulu ekwakukudala elindelwe ngabantu bakaThixo. (Duteronomi 18:18; Mika 5:2) Ukuphila nokufa kwakhe emhlabeni kwakuza kuba nendima ebalulekileyo ekuthethelelweni kolongamo lukaYehova kwindalo iphela, kangangokuba zazifanele iingelosi ukuthi: “Uzuko kwiindawo eziphakamileyo phezulu kuThixo.”—Luka 2:14.
UYesu, iBhayibhile embiza ngokuba ‘nguAdam wokugqibela,’ wabonisa ukuba umntu unako ukuthembeka kuYehova nakwezona mvavanyo ziqatha. (1 Korinte 15:45) Ngaloo ndlela wamngqina uSathana elixoki elingendawo. Oku kwazivuyisa iingelosi ezithembekileyo ezulwini.
Noko ke, masibuyele kulo mbuzo uthi: “Ngaba likho ithemba lokuba aya kuze azaliseke amazwi awathethwa ziingelosi ngobusuku bokuzalwa kukaYesu?” Kuya kubanjalo nakanjani! Uxolo yeyona nto ibalulekileyo ekuzalisekeni kwenjongo kaThixo ngomhlaba, nequka ukubuyiselwa kweparadesi. Xa konke oko kwenziwe emhlabeni wonke, bonke abantu baya kwenza izinto ngothando nangokunyaniseka. Ukuzaliseka kwenjongo kaYehova kukwathetha ukushenxiswa kwabo bonke abo bachasa ulongamo lwakhe. Ezi ziindaba ezimbi kwabo baxhasa uSathana kwelokuba imilinganiselo kaYehova ayilunganga. Baya kutshatyalaliswa.—INdumiso 37:11; IMizekeliso 2:21, 22.
Phawula ukuba iingelosi azizange zithi kubelusi kuya kubakho uxolo nokukholeka kubantu bonke. Kunoko, zathi “uxolo . . . phakathi kwabantu abakholekileyo.” Oko kuthetha ukuthi, luya kubakho phakathi kwabo uThixo akholiswa ngabo. Abo banokholo lokwenene kuYehova baba ngabalandeli bakaYesu baze bamxelise. Loo madoda namabhinqa akulungele ukuba nesisa novelwano kwabanye, kungekhona kwiintsuku ezimbalwa zonyaka kodwa usuku ngalunye.
Ngaba Abantu Banokuxelisa UKristu Unyaka Wonke?
Amandla eendaba ezilungileyo ezashunyayelwa nguYesu aye achukumisa ubomi babantu abaninzi. Abaninzi baye bakhetha imigaqo yamaKristu kuzo zonke iinkalo zobomi babo. Abantu ababezingca ngaphambili baye bazibuza oko uYesu wayenokukwenza ukuba wayenokuba kwimeko yabo. Bambi ababezixakekise zizinto zobu bomi nolonwabo baye bakuqonda ukubaluleka kwemilinganiselo yokomoya nokuxelela abamelwane babo ngayo. Abantu abenza oku bazabalazela ukuba nesisa nobubele unyaka wonke. Ngaba le asinto ubulindele ukuba yenziwe ngamaKristu okwenyaniso?
Ukuba bonke abantu abanyanisekileyo bebecinga ngokubaluleka nentsingiselo yesigidimi sengelosi baze benze ngokuvisisana noko, ngokuqinisekileyo ihlabathi beliya kuba bhetele.
Iziprofeto eziphathelele ukuzalwa kukaYesu ziqinisekisa abo uThixo akholiswa ngabo ukuba banako ukunandipha uxolo lokwenene ngonaphakade. Ngaba le asinto uyinqwenelayo? Sinokuqiniseka ukuba isiprofeto esizukileyo soxolo esenziwa ziingelosi ekuzalweni kukaYesu siya kuzaliseka nakanjani na. Uxolo alusayi kuba yinto engenantsingiselo ekuthethwa ngayo ngexesha leKrismesi, kodwa luya kubakho ngokwenene ngonaphakade.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Abantu bamele baxelise uKristu unyaka wonke