Ihlabathi Elitsha—Ngaba Uya Kube Ulapho?
“Akukho nto ilunge ngakumbi kulo kunokuba nemihlali nokwenza okulungileyo ebudeni bokudla kwalo ubomi; kwanokuba wonk’ umntu ufanele adle, asele aze ngokwenene abone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwakhe nzima. Sisipho sikaThixo eso.”—INTSHUMAYELI 3:12, 13.
1. Kutheni sinokuba nethemba ngekamva?
ABANTU abaninzi bacinga ukuba uThixo uSomandla ungqongqo yaye ungqwabalala. Ukanti, lo mbhalo ungasentla yinyaniso oya kuyifumana kwiLizwi lakhe eliphefumlelweyo. Lo mbhalo uyavumelana nokuba ‘unguThixo onoyolo’ nokuba wabeka abazali bethu bokuqala kwiparadesi esemhlabeni. (1 Timoti 1:11; Genesis 2:7-9) Xa sifuna ukuqonda ngekamva uThixo alithembise abantu bakhe, asifanele simangaliswe kukufunda ngeemeko eziya kusizisela ulonwabo oluhlala luhleli.
2. Ziziphi ezinye zezinto okhangele phambili kuzo?
2 Kwinqaku elandulelayo, siye sahlolisisa iindawo ezintathu kwezine apho iBhayibhile ixela kwangaphambili ‘ngamazulu amatsha nomhlaba omtsha.’ (Isaya 65:17) Esinye sezo ziprofeto zinokuthenjwa sibhalwe kwiSityhilelo 21:1. Iindinyana ezilandelayo zithetha ngexesha laxa uSomandla uThixo eya kwenza iinguqulelo eziphawulekayo zokuphucula umhlaba. Uya kuzisula iinyembezi ezibangelwa ziintlungu. Abantu abayi kuphinda bafe ngenxa yokwaluphala, ukugula, okanye iingozi. Ukuzila, ukukhala neentlungu ziya kuphela. Elinjani ukuba myoli ithemba! Kodwa ngaba sinokuqiniseka ukuba liya kuza, yaye linokuba naliphi igalelo kuthi kanye ngoku?
Izizathu Zokuba Nentembelo
3. Kutheni sinokuwathemba amadinga eBhayibhile ngekamva?
3 Phawula iSityhilelo 21:5 xa sihlabela mgama. Sicaphula amazwi kaThixo, ehleli kwitrone yakhe yasezulwini, esithi: “Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.” Eso sithembiso sikaThixo silunge ngakumbi kunaso nasiphi na isindululo senkululeko yelizwe, nalo naluphi na uxwebhu lwamalungelo akhoyo namhlanje, okanye naziphi na izinto ezilangazelelwa ngabantu kwikamva. Sisindululo esinokuthenjwa ngokupheleleyo esenziwa nguLowo iBhayibhile ithi ‘akanakuxoka.’ (Tito 1:2) Kuyaqondakala ukuba, usenokuvakalelwa kukuba yanele le nkcazelo, unandipha eli themba limangalisayo yaye uyamthemba uThixo. Kodwa asimele sime apha. Kuninzi esinokukufunda ngekamva lethu.
4, 5. Ziziphi iziprofeto zeBhayibhile esele zihlolisisiwe ezinokomeleza ithemba onalo ngoko kusaza kwenzeka?
4 Khawucinge ngoko inqaku elandulelayo liye lakutyhila ngamadinga aseBhayibhileni athetha ngamazulu amatsha nomhlaba omtsha. UIsaya waxela kusengaphambili ngaloo nkqubo intsha, yaye isiprofeto sakhe sazaliseka xa amaYuda abuyela kwilizwe lawo aza amisela unqulo oluyinyaniso kwakhona. (Ezra 1:1-3; 2:1, 2; 3:12, 13) Ukanti, ngaba oko kuphela koko isiprofeto sikaIsaya sasibhekisela kuko? Ngokuqinisekileyo akunjalo! Izinto awazixela kwangaphambili zaziya kuzaliseka ngendlela ezuke ngakumbi kwikamva. Yintoni ebangela sifikelele kweso sigqibo? Kungenxa yoko sikufunda kweyesi-2 kaPetros 3:13 nakwiSityhilelo 21:5. Ezo ndinyana zibhekisela kumazulu amatsha nomhlaba omtsha ekuya kungenelwa kuwo amaKristu omhlaba wonke.
5 Njengoko kuphawuliwe ngaphambili, iBhayibhile isebenzisa ibinzana elithi “amazulu amatsha nomhlaba omtsha” izihlandlo ezine. Siye sahlolisisa ezithathu zezi saza safikelela kwizigqibo ezikhuthazayo. Ngokucacileyo, iBhayibhile iprofeta ukuba uThixo uya kuphelisa ubungendawo nezinye izinto ezibangela ukubandezeleka nokuba uya kusikelela uluntu kwinkqubo yakhe entsha ethenjisiweyo.
6. Yintoni exelwa kwangaphambili sisiprofeto sesine esithetha ‘ngamazulu amatsha nomhlaba omtsha’?
6 Ngoku makhe sihlolisise ibinzana eliseleyo elithi “amazulu amatsha nomhlaba omtsha,” kuIsaya 66:22-24 othi: “‘Kanye njengoko amazulu amatsha nomhlaba omtsha endiwenzayo umi phambi kwam,’ utsho uYehova, ‘ngokunjalo iya kuma inzala yenu negama lenu. Ngokuqinisekileyo kuya kuthi ke ukususela ekuthwaseni kwenyanga ukusa ekuthwaseni kwenyanga nokususela kwisabatha ukusa kwisabatha inyama yonke ifike ukuze iqubude phambi kwam,’ utsho uYehova. ‘Kwaye okunene baya kuphuma baze bakhangele kwizidumbu zamadoda anxaxhileyo kum; kuba zona kanye iimpethu ezikuwo aziyi kufa nomlilo wabo awuyi kucima, yaye bamele babe yinto elizothe kwinyama yonke.’”
7. Kutheni sinokufikelela kwisigqibo sokuba uIsaya 66:22-24 uya kuzaliseka kwiintsuku ezizayo?
7 Esi siprofeto sasinentsingiselo kumaYuda awabuyela kwilizwe lawo, kodwa sasiza kuzaliseka kwakhona. Oko kwakuza kwenzeka kwiminyaka emininzi ukususela ekubhalweni kwencwadi yesibini kaPetros nencwadi yeSityhilelo, kuba zona zazibhekisela ‘kwizulu elitsha nomhlaba omtsha’ wexesha elizayo. Sinokuyilindela loo nzaliseko izukileyo nepheleleyo kwinkqubo entsha. Khawuqwalasele ezinye zeemeko esinokukhangela phambili ekuzinandipheni.
8, 9. (a) Abantu bakaThixo baya “kuma” ngayiphi ingqiqo? (b) Sithetha ukuthini isiprofeto esithi abakhonzi bakaYehova baya kunqula “ukususela ekuthwaseni kwenyanga ukusa ekuthwaseni kwenyanga nokususela kwisabatha ukusa kwisabatha”?
8 ISityhilelo 21:4 sibonise ukuba ukufa akuyi kuba sabakho. Indinyana ekuIsaya isahluko 66 iyavumelana noko. Sinokubona ukususela kwindinyana 22 ukuba uYehova uyazi ukuba amazulu amatsha nomhlaba omtsha aziyi kuba zizinto zokwexeshana, zihlale ixesha elilinganiselweyo. Ngokubhekele phaya, abantu bakhe baya kuhlala bekho; ‘baya kuma’ phambi kwakhe. Oko uThixo sele ekwenzele abantu bakhe abakhethiweyo kusenza sibe nentembelo. AmaKristu okwenyaniso aye ajamelana nentshutshiso ekrakra, kwanemigudu yenzondelelo yempambano yokuwashenxisa. (Yohane 16:2; IZenzo 8:1) Ukanti, kwanezona ntshaba zabantu bakaThixo zinamandla, njengoMlawuli waseRoma uNero noAdolf Hitler, azikhange zikwazi ukubaphelisa abantu abanyanisekileyo bakaThixo, abathwala igama lakhe. UYehova uye walilondoloza ibandla labantu bakhe, yaye sinokuqiniseka ukuba uya kuligcina limi ngonaphakade.
9 Ngokufanayo, abo bathembekileyo kuThixo njengenxalenye yomhlaba omtsha, ibutho labanquli bokwenyaniso abakumhlaba omtsha, baya kuqhubeka bemile njengabantu ngabanye ngenxa yokuba baya kube benikela unqulo olunyulu kuMdali wezinto zonke. Olo aluyi kuba lunqulo olwenziwa ngamathub’ athile okanye ngebhaqo. UMthetho kaThixo, owanikwa uSirayeli ngoMoses, wawufuna kwenziwe izenzo ezithile zonqulo nyanga nganye, njengoko zazibakho ngenyanga entsha, veki nganye, nangomhla weSabatha. (Levitikus 24:5-9; Numeri 10:10; 28:9, 10; 2 Kronike 2:4) Ngoko uIsaya 66:23 uthetha ngokunqula uThixo rhoqo, ngokuqhubekayo veki nganye, nyanga nganye. Ngelo xesha akuyi kubakho mntu ungakholelwayo kuThixo kungayi kubakho nalunqulo luhanahanisayo. “Inyama yonke ifike ukuze iqubude phambi” koYehova.
10. Yintoni ekwenza ube nentembelo yokuba ihlabathi elitsha aliyi konakaliswa ngabantu abangendawo ngokusisigxina?
10 UIsaya 66:24 uyasiqinisekisa ukuba uxolo nobulungisa bomhlaba omtsha abuyi kuba sengozini. Abuyi konakaliswa ngabantu abangendawo. Khumbula ukuba eyesi-2 kaPetros 3:7 ithi kuza kubakho “imini yomgwebo neyentshabalalo yabantu abangenabuthixo.” Abo baza kupheliswa iya kuba ngabantu abangenabuthixo. Akukho ngozi iya kuhlela abamsulwa, ngokungafaniyo noko kudla ngokwenzeka kwiimfazwe eziliwa ngabantu, apho ziye zibe ninzi iingxwelerha ezingabemi ngaphezu kwezo zabo basemkhosini. UMgwebi Omkhulu uyasiqinisekisa ukuba ngemini yakhe kuya kutshabalala abantu abangenabuthixo.
11. Ngokutsho kukaIsaya liya kuba yintoni ikamva labo bavukela uThixo nonqulo lwakhe?
11 Amalungisa asindileyo aya kubona ukuba ilizwi likaThixo lesiprofeto liyinyaniso. Indinyana 24 ixela kwangaphambili ukuba ‘izidumbu zamadoda anxaxhileyo’ kuYehova ziya kuba bubungqina bomgwebo wakhe. Ukuthetha kukaIsaya ngokuphandle kangaka kungabonakala kusothusa. Ukanti, kuyavumelana nesibakala sembali. Ngaphandle kweendonga zeYerusalem yamandulo kwakukho iindawo zokulahla inkunkuma yaye, maxa wambi, kwakubakho nezokulahla izidumbu zezaphuli-mthetho ezazingakufanelekelanga ukungcwatywa ngendlela enesidima.a Iimpethu nomlilo otshisayo wawuyiphelisa loo nkunkuma nezo zidumbu. Ngokucacileyo, lo mfanekiso kaIsaya ubonisa isiphelo somgwebo kaYehova nxamnye nabo banxaxhayo.
Oko Akuthembisileyo
12. UIsaya uhlabela mgama athini ngobomi kwihlabathi elitsha?
12 ISityhilelo 21:4 sisixelela ngezinye zezinto ezingayi kubakho kwinkqubo entsha ezayo. Noko ke, yintoni eya kubakho ngelo xesha? Buya kuba njani ubomi? Ngaba singathelwa thsuphe okuthile esinokukuthemba? Ewe. UIsaya isahluko 65 ngokuprofetayo uchaza iimeko esiya kuzinandipha ukuba siye sazuza inkoliseko kaYehova yokuphila xa, ekugqibeleni, edala la mazulu amatsha nomhlaba omtsha. Abo basikelelwe ngokuhlala kwindawo engunaphakade kumhlaba omtsha abayi kwaluphala baze ekugqibeleni bafe. UIsaya 65:20 uyasiqinisekisa esithi: “Akusayi kuba sabakho usana oluneentsuku ezimbalwa ubudala kuloo ndawo, nendoda endala engayizalisekisanga imihla yayo; kuba umntu uya kufa enjengenkwenkwe, nangona eneminyaka elikhulu ubudala; aqalekiswe umoni eneminyaka elikhulu ubudala.”
13. UIsaya 65:20 usiqinisekisa njani ukuba abantu bakaThixo baya kunqabiseka?
13 Kwinzaliseko yokuqala yala mazwi kubantu bakuloIsaya, kwakuthetha ukuba iintsana ezazikwelo lizwe zazikhuselekile. Kwakungangeni zintshaba, njengoko amaBhabhiloni ayekhe enjenjalo, zithabathe abantwana abanyayo zize zibulale amadoda awayeseze ngobuso elizweni. (2 Kronike 36:17, 20) Kwihlabathi elitsha elizayo, abantu baya kukhuseleka, banqabiseke, bakwazi ukunandipha ubomi. Ukuba umntu ukhetha ukuvukela uThixo, akayi kuvunyelwa ukuba aqhubeke ephila. UThixo uya kumshenxisa. Kuthekani ukuba umoni ovukelayo uneminyaka elikhulu ubudala? Uya kufa “enjengenkwenkwe” xa kuthelekiswa nokuba nobomi obungapheliyo.—1 Timoti 1:19, 20; 2 Timoti 2:16-19.
14, 15. Ngokusekelwe kuIsaya 65:21, 22, yiyiphi imisebenzi enomvuzo onokukhangela phambili kuyo?
14 Kunokuba anikel’ ingqalelo kwindlela aya kushenxiswa ngayo umoni owona ngabom, uIsaya uchaza iimeko eziya kwesamela kwihlabathi elitsha. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wakho ulapho. Into enokuthi qatha engqondweni yakho kuqala zizinto eziqhelekileyo. UIsaya uthetha ngaloo nto kwindinyana 21 neyama-22 esithi: “Ngokuqinisekileyo baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo. Abayi kwakha kuhlale abanye; abayi kutyala kudle abanye. Kuba njengemihla yomthi iya kuba njalo imihla yabantu bam; nomsebenzi wezandla zabanyuliweyo bam baya kuwusebenzisa ngokupheleleyo.”
15 Ukuba akukabi nawo amava okwakha okanye awokulima, isiprofeto sikaIsaya sibonisa ukuba uza kufundiswa. Noko ke, ngaba uya kuvuma ukufundiswa ngabayaleli abanobuchule, mhlawumbi abamelwane abanobubele abakuvuyelayo ukukuncedisa? UIsaya akazange achaze nokuba indlu yakho iya kuba neefestile ezinkulu ezingenaglasi ezigqunywe ngemidiyadiya ukuze unandiphe impepho evela kweleenjiko okanye iifestile ezineglasi onokubukela kuzo ukutshintsha kwamaxesha onyaka. Ngaba uya kuceba ukuba nendlu enophahla oluthambekileyo ukuze kungahlali amanzi emvula nekhephu phezu kwalo? Okanye ngaba imozulu yasekuhlaleni iya kufuna ukuba ibe nophahla olusicaba—njengalawo akuMbindi Mpuma—uphahla onokuhlala kulo ndawonye nentsapho yakho ninandiphe isidlo nencoko emnandi?—Duteronomi 22:8; Nehemiya 8:16.
16. Kutheni unokulindela ukuba ihlabathi elitsha lanelise ngokungenasiphelo?
16 Okona kubaluleke ngakumbi kunokwazi iinkcukacha ezinjalo kukuba uya kuba nendawo yakho yokuhlala. Iya kuba iyeyakho—ngokungafaniyo nanamhlanje apho unokusebenza nzima usakha kuze kungenelwe omnye umntu. UIsaya 65:21 uphinda athi uya kutyala uze utye isiqhamo. Ngokucacileyo, oko kushwankathela imeko eya kubakho ngokubanzi. Uya kuzuza ulwaneliseko olungummangaliso kwimigudu yakho, isiqhamo sokubulaleka kwakho. Uya kukwazi ukukwenza oko kubomi obude oya kubuphila—“njengemihla yomthi.” Ngokuqinisekileyo oko kuyavisisana nenkcazelo ethi ‘zonke izinto zibe ntsha’!—INdumiso 92:12-14.
17. Liliphi ithemba abazali abaya kulifumanisa likhuthaza ngokukhethekileyo?
17 Ukuba ungumzali, aya kuyichukumisa intliziyo yakho la mazwi athi: “Abayi kubulalekela ilize, bengayi kuzalela ukuphazamiseka; ngenxa yokuba bayinzala eyenziwe ngabasikelelweyo bakaYehova, nabaphume kubo bakunye nabo. Baya kuthi bengekamemezi, ndibaphendule; bathi besathetha, ndibe sendivile.” (Isaya 65:23, 24) Ngaba unawo amava entlungu ‘yokuzalela ukuphazamiseka’? Akuyomfuneko ukuba sidwelise uthotho lweengxaki abanazo abantwana ezibangela ukuphazamiseka kubazali nakwabanye. Ngokuphathelele oko, sonke siye sababona abazali abaxakeke gqitha yimisebenzi yabo, okanye ulonwabo kangangokude bachithe ixeshana nje elingephi nabantwana babo. Ngokwahlukileyo koko, uYehova uyasiqinisekisa ukuba uya kusiva aze asabele kwiintswelo zethu, ade azazi kusengaphambili.
18. Kutheni unokulindela ukunandipha ukuba kunye nezilwanyana kwihlabathi elitsha?
18 Ngoxa ucinga ngoko uya kukunandipha kwihlabathi elitsha, yiba nalo mfanekiso-ngqondweni woko kuthethwa lilizwi likaThixo lesiprofeto: “‘Ingcuka nemvana ziya kudla kunye, nengonyama iya kudla iindiza njengenkunzi yenkomo; inyoka, kube luthuli ukutya kwayo. Aziyi kwenzakalisa okanye zibangele nawuphi na umonakalo entabeni yam yonke engcwele,’ utsho uYehova.” (Isaya 65:25) Abazobi abangabantu baye bazama ukuzoba lo mbono, kodwa lo asingomfanekiso wentelekelelo owenziwa ngabazobi. Le yinto eya kwenzeka ngokwenene. Uxolo luya kwesamela phakathi kwabantu yaye luya kube lufana noxolo oluya kubakho kunye nezilwanyana. Izazi zebhayoloji ezininzi nabathandi bezilwanyana bachitha eyona minyaka mininzi yobomi babo befunda ngeentlobo ezimbalwa zezilwanyana okanye ngohlobo nje olunye. Ngokwahlukileyo koko, cinga ngoko uya kufunda ngako xa izilwanyana ziya kuba zingaboyiki abantu. Ngoko uya kwandula ukwazi ukusondela nasezintakeni nakwizilwanyana ezincinane ezihlala emahlathini okanye kwiindawo ezishinyeneyo—ewe, uzijonge, ufunde kuzo uze ukunandiphe ukuzibona. (Yobhi 12:7-9) Uya kukwazi ukwenjenjalo ngokukhuselekileyo, akuyi kwenzakaliswa ngumntu okanye isilwanyana. UYehova uthi: “Aziyi kwenzakalisa okanye zibangele nawuphi na umonakalo entabeni yam yonke engcwele.” Olunjani lona utshintsho oluya kubakho ngokwahlukileyo koko sikubonayo nesinamava ako namhlanje!
19, 20. Kutheni abantu bakaThixo bahluke ngokupheleleyo kwinkoliso yabantu banamhlanje?
19 Njengoko kukhankanywe ngaphambili, abantu abakwazi ukukuxela kusengaphambili ngokuchanileyo oko kuya kwenzeka kwikamva, nakuba yande kangaka inkxalabo ngokuphathelele iwaka elitsha leminyaka. Oko kushiya abantu abaninzi bekhathazekile, bedidekile, okanye bephelelwe lithemba. UPeter Emberley, ongumalathisi kwiyunivesithi yaseKhanada, wabhala wathi: “Abantu [abadala] abaninzi ekugqibeleni bajamelana nemibuzo esisiseko yobukho bethu. Ndingubani? Luyintoni usukelo lwam ngokwenene? Liyintoni ilifa endilishiyela isizukulwana esizayo? Bayazabalaza xa sele bengamaqina ukuze bafumane uxolo nentsingiselo yobomi babo.”
20 Unokusiqonda isizathu sokuba kube njalo kwabaninzi. Basenokufuna ukunandipha ubomi ngemisetyenzana yokuzonwabisa nangokuzihlaziya. Ukanti, abakwazi oko libafumbathele kona ikamva, ngoko ubomi bungabonakala bungabalulekanga, kungekho xolo, okanye bungenayo intsingiselo yokwenene. Ngoku khawuthelekise oko nendlela obujonga ngayo ubomi, ngokuphathelele oko siye sakuhlolisisa. Uyazi ukuba kwizulu elitsha nomhlaba omtsha othenjiswe nguYehova, siya kukwazi ukubhekabheka size ngokusuk’ entliziyweni sithi, ‘Ngokwenene, uThixo uzenze ntsha zonke izinto!’ Hayi indlela esiya kukunandipha ngayo oko!
21. Liliphi isolotya elifanayo esilifumana kuIsaya 65:25 nakuIsaya 11:9?
21 Asikokuzikhukhumalisa ukuba nombono wakho uphila kwihlabathi likaThixo elitsha. Uyasimema, ade asibongoze ukuba simnqule ngenyaniso ngoku size sifanelekele ubomi xa ‘zingayi kwenzakalisa okanye zibangele nawuphi na umonakalo entabeni yam yonke engcwele.’ (Isaya 65:25) Noko ke, uyaqonda na ukuba ngaphambilana uIsaya wathetha okufanayo, waza wafaka nelinye isolotya elibalulekileyo ekunandipheni kwethu ubomi kwihlabathi elitsha? UIsaya 11:9 uthi: “Aziyi kwenzakalisa okanye zonakalise entabeni yam yonke engcwele; ngenxa yokuba umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.”
22. Ukuhlolisisa kwethu iziprofeto zeBhayibhile ezine kufanele komeleze uzimiselo lwethu lokwenza ntoni?
22 “Ukwazi uYehova.” Xa uThixo ezenza ntsha zonke izinto, abemi bomhlaba baya kuba nolwazi oluchanileyo ngaye nangokuthanda kwakhe. Oko kuya kuquka okungakumbi kunokufunda kwizilwanyana ezidaliweyo. Kubandakanyeke iLizwi lakhe eliphefumlelweyo. Ngokomzekelo, cinga ukuba kungakanani oko siye sakubona ekuhlolisiseni iziprofeto ezine nje ezithetha ‘ngamazulu amatsha nomhlaba omtsha.’ (Isaya 65:17; 66:22; 2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:1) Unesizathu esibambekayo sokufunda iBhayibhile yonke imihla. Ngaba leyo yinkalo yocwangciso lwakho? Ukuba akunjalo, luluphi uhlengahlengiso onokulwenza ukuze suku ngalunye ufunde inxalenye yoko kuthethwa nguThixo? Uya kufumanisa ukuba ngaphandle kokukhangela phambili ekunandipheni ubomi kwihlabathi elitsha, uya kufumana uyolo olongezelelekileyo kanye ngoku, kanye njengokuba kwakunjalo nangomdumisi.—INdumiso 1:1, 2.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona i-Insight on the Scriptures, Umqulu 1, iphepha 906, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kutheni sinokugqiba kwelokuba uIsaya 66:22-24 uprofeta ngoko kusaza kwenzeka?
• Kwizinto ezikhankanywe kwisiprofeto esikuIsaya 66:22-24 nakuIsaya 65:20-25 yiyiphi okhangele phambili kuyo ngokukhethekileyo?
• Ziziphi izizathu ezikwenza ube nethemba ngekamva lakho?
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
UIsaya, uPetros noYohane baprofeta ngeenkalo ‘zamazulu amatsha nomhlaba omtsha’