Isahluko Samashumi Amabini
UYehova NguKumkani
1, 2. (a) Ngoobani abaza kufikelwa yingqumbo kaYehova? (b) Ngaba uYuda uza kusinda ekohlwayweni, yaye sikwazi njani oko?
IBHABHILONI, iFilisti, iMowabhi, iSiriya, iTiyopiya, iYiputa, iEdom, iTire, iAsiriya—zonke ziza kufikelwa yingqumbo kaYehova. UIsaya ulixele kwangaphambili ishwangusha eliza kufikela ezi ntlanga nezi zixeko zinobutshaba. Kodwa ke, kuthekani ngoYuda? Ngaba bona abemi bakwaYuda baza kusinda ekohlwayweni ngenxa yezenzo zabo ezingendawo? Ingxelo engokwembali ibonisa ukuba akunjalo konke konke!
2 Phawula oko kwenzekayo kwiSamariya, ikomkhulu lobukhosi bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli. Olo hlanga aluzange luwugcine umnqophiso walo noThixo. Aluzange luzinxweme kuqheliselo olungendawo lweentlanga ezilungqongileyo. Kunoko, abemi baseSamariya “baqhubeka besenza izinto ezimbi ukuze bamcaphukise uYehova . . . Ngoko ke uYehova waba nomsindo kakhulu nxamnye noSirayeli, kangangokuba wamshenxisa phambi kwakhe.” Akuba eshenxiswe ngetshova elizweni lakhe, “uSirayeli wemka emhlabeni wakhe waya ekuthinjweni eAsiriya.” (2 Kumkani 17:9-12, 16-18, 23; Hoseya 4:12-14) Oko kwenzeka kuSirayeli kungumqondiso weshwangusha eliza kwehlela ubukhosi obungudade wabo, uYuda.
UIsaya Uxela Kwangaphambili Ukuphanziswa KukaYuda
3. (a) Kutheni uYehova ebulahla nje ubukhosi bezizwe ezibini zakwaYuda? (b) Yintoni uYehova azimisele ukuyenza?
3 Bambi ookumkani bakwaYuda babethembekile, kodwa inkoliso yabo yayingenjalo. Kwanaphantsi kokumkani othembekileyo, njengoYotham, abantu abazange baluyeke ngokupheleleyo unqulo lobuxoki. (2 Kumkani 15:32-35) Incopho yobungendawo bukaYuda ibe ngethuba lokulawula kukaKumkani uManase onxanelw’ igazi, lowo, ngokutsho kwembali yamaYuda, wabulala umprofeti othembekileyo uIsaya ngokuyalela ukuba anqunqwe ngesarha. (Thelekisa amaHebhere 11:37.) Lo kumkani ongendawo “waqhubeka emlukuhla uYuda nabemi baseYerusalem ukuba benze okubi ngakumbi kuneentlanga ezo uYehova wayezibhubhisile phambi koonyana bakaSirayeli.” (2 Kronike 33:9) Phantsi kolawulo lukaManase ilizwe lonakala ngakumbi kunangethuba lokulawulwa kwalo ngamaKanan. Ngenxa yoko uYehova uvakalisa oku: “Yabona ndizisa intlekele eYerusalem nakwaYuda, ekuya kuthi ukuba nabani na uyeva ngayo zithi nzwi iindlebe zakhe zombini. . . . Ndiya kuyisula icoceke iYerusalem kanye njengoko ubani esisula sicoceke isitya esingenamqheba, esisula sicoceke aze asiqubude. Yaye ndiya kuyishiya intsalela yelifa lam ndize ndiyinikele esandleni seentshaba zayo, ize iphangwe zizo zonke iintshaba zayo, ngenxa yokuba benza okubi emehlweni am yaye babendicaphukisa ngokuqhubekayo.”—2 Kumkani 21:11-15.
4. Yintoni aza kuyenza uYehova kuYuda, yaye sizaliseka njani esi siprofeto?
4 Njengesitya esiqutyudiweyo, saqongqothwa, baya kuqongqothwa ngokufanayo abemi belo lizwe. UIsaya uphinda aprofete ngoku kuphanziswa kukaYuda neYerusalem. Uqala ngokuthi: “Khangela! UYehova uqongqotha ilizwe, ulenza libe yinkangala, kwaye ubujijile ubuso balo waza wabachithachitha abemi balo.” (Isaya 24:1) Esi siprofeto sizaliseka xa iYerusalem netempile yayo zitshatyalaliswa yimikhosi yamaBhabhiloni ekhokelwa nguKumkani uNebhukadenetsare naxa abemi bakwaYuda bebhuqwa likrele, yindlala nayindyikitya yokufa. Inkoliso yamaYuda asindileyo ithinjelwa eBhabhiloni, yaye imbinana eseleyo isabela eYiputa. Ngaloo ndlela ilizwe lakwaYuda liyaphanziswa lize lisale lingenabemi ngokupheleleyo. Akukho nesilwanyana sasekhaya esisalayo kwelo lizwe. Liyintlango enamabhodlo ahlalwa ngamarhamncwa naziintaka kuphela.
5. Ngaba kukho nabani na oza kusinda kumgwebo kaYehova? Cacisa.
5 Ngaba kukho nabani na oza kwenzelwa inceba kwaYuda ebudeni bokufika kwalo mgwebo? UIsaya uphendula athi: “Kumele kufane ebantwini njengakumbingeleli; kufane kumkhonzi njengakwinkosi yakhe; kufane kwisicakakazi njengakwinkosikazi yaso; kufane kumthengi njengakumthengisi; kufane kumbolekisi njengakulowo ubolekayo; kufane kothabatha inzala njengakulowo uhlawula inzala. Nakanjani na ilizwe liya kuqongqothwa, ibe nakanjani na liya kuphangwa, kuba uYehova ulithethile eli lizwi.” (Isaya 24:2, 3) Ubutyebi namalungelo asetempileni akayi kwenza mahluko. Akukho namnye oza kukhethwa. Eli lizwe lonakele kangangokuba bonke abasindileyo—ababingeleli, izicaka neenkosi zazo, abathengi nabathengisi—bamele bathinjwe.
6. Kutheni uYehova eyeka nje ukulisikelela eli lizwe?
6 Ukuze aphelise nakuphi na ukungaqondi okusenokubakho, uIsaya uchaza ukuphelela kwale ntlekele izayo aze acacise isizathu sayo, esithi: “Ilizwe lizilile, liphelelwe. Ilizwe elinemveliso libunile, liphelelwe. Abo baphakamileyo ebantwini belizwe babunile. Yaye lona kanye ilizwe lingcolile phantsi kwabemi balo, kuba bayicezele imithetho, bawutshintsha ummiselo, bawaphula umnqophiso ohlala ngokungenammiselo. Kungenxa yoko le nto isiqalekiso silidle saligqiba ilizwe, nabo bangabemi kulo bagqalwa benetyala. Kungenxa yoko le nto abemi belizwe benciphile ngenani, yaye kusele abantu abafayo abambalwa kakhulu.” (Isaya 24:4-6) Xa amaSirayeli anikwa ilizwe lakwaKanan, alifumana ‘lililizwe eliqukuqela ubisi nobusi.’ (Duteronomi 27:3) Sekunjalo, aqhubeka exhomekeke kwintsikelelo kaYehova. Ukuba ayeyigcina ngokuthembekileyo imimiselo nemiyalelo yakhe, ilizwe laliya ‘kuwanika imveliso yalo,’ kodwa ukuba ayeyigatya imithetho nemiyalelo yakhe, imigudu yawo yokuhlwayela ilizwe yayiya kuba ‘lilize’ yaye nomhlaba ‘wawungayi kunika imveliso yawo.’ (Levitikus 26:3-5, 14, 15, 20) Isiqalekiso sikaYehova sasiya ‘kulidla ilizwe.’ (Duteronomi 28:15-20, 38-42, 62, 63) Ngoku uYuda umele alindele ukufika kweso siqalekiso.
7. Umnqophiso woMthetho wawuza kuba yintsikelelo njani kumaSirayeli?
7 Malunga nama-800 eminyaka ngaphambi komhla kaIsaya, amaSirayeli enza umnqophiso wokuzithandela kunye noYehova aza avuma ukuwuthobela. (Eksodus 24:3-8) Iinkcukacha zalo mnqophiso woMthetho zazibonisa ukuthi ukuba ayeyithobela imiyalelo kaYehova, ayeza kufumana intsikelelo etyebileyo kodwa ukuba ayewaphula umnqophiso, ayeza kuthinjwa ziintshaba zawo. (Eksodus 19:5, 6; Duteronomi 28:1-68) Lo mnqophiso woMthetho, owanikelwa ngoMoses, wawumiselwe ukuba uhlale ngokungenammiselo, ngokusisigxina. Wawuza kuwalondoloza amaSirayeli de kube sekufikeni kukaMesiya.—Galati 3:19, 24.
8. (a) Abantu baye ‘bayicezela njani imithetho’ baza “bawutshintsha ummiselo”? (b) Kungaziphi iindlela abathi “abo baphakamileyo” baba ngabokuqala ‘ukubuna’?
8 Kodwa aba bantu baye “bawaphula umnqophiso ohlala ngokungenammiselo.” Baye bayicezela imithetho yobuthixo, abayisa so. Baye “bawutshintsha ummiselo,” balandela mimiselo yimbi engeyiyo leyo babeyinikwe nguYehova. (Eksodus 22:25; Hezekile 22:12) Ngenxa yoko, aba bantu baza kushenxiswa kwelo lizwe. Abayi kwenzelwa nceba kulo mgwebo uzayo. Phakathi kwabokuqala abaza ‘kubuna’ ngenxa yokuyisusa kukaYehova inkuselo nenkoloseko yakhe kubo, iza kuba ‘ngabo baphakamileyo,’ izidwangube. Oku kuzaliseka ngokuthi, ngaphambi nje kokutshatyalaliswa kweYerusalem, ookumkani bakwaYuda bakhotyokiswa ngamaYiputa kuqala kwanangamaBhabhiloni kamva. Ngoko ke, uKumkani uYehoyakin namanye amalungu entsapho yasebukhosini baba phakathi kwabokuqala ukuthinjelwa eBhabhiloni.—2 Kronike 36:4, 9, 10.
Imihlali Iyaphela Elizweni
9, 10. (a) Ulimo lunayiphi indima kwaSirayeli? (b) Kubonisa ntoni ‘ukuhlala komntu ngamnye phantsi komdiliya nomkhiwane wakhe’?
9 Uhlanga lwakwaSirayeli lungabantu abalimayo. Ukususela ekungeneni kwawo eZweni Lesithembiso, amaSirayeli ebeziphilisa ngokulima nangokufuya. Ngoko ke, ukulima kunendima ebalulekileyo kummiselo owanikwa amaSirayeli. Ayenyanzelekile ukuba agcine isabatha rhoqo ngonyaka wesixhenxe ukuvulela ithuba lokuba umhlaba uphinde uchume. (Eksodus 23:10, 11; Levitikus 25:3-7) Imisitho emithathu ngonyaka olu hlanga oluyalelwe ukuba luyibhiyozele ingqamaniswe nexesha lokulima.—Eksodus 23:14-16.
10 Izidiliya zixhaphakile kweli lizwe. IZibhalo zithetha ngewayini, eyimveliso yomdiliya, njengesipho esivela kuThixo ‘esenza intliziyo yomntu ofayo ibe nemihlali.’ (INdumiso 104:15) Ukuhlala komntu ngamnye ‘phantsi komdiliya nomkhiwane wakhe,’ kubonisa ukubakho kwendyebo, uxolo, nonqabiseko phantsi kolawulo lukaThixo lobulungisa. (1 Kumkani 4:25; Mika 4:4) Xa isidiliya sibe nemveliso eninzi oko kugqalwa njengentsikelelo yaye kuyaculwa kugcotywe. (ABagwebi 9:27; Yeremiya 25:30) Kanti ke, xa imidiliya ibunile ize ingavelisi zidiliya zize nezidiliya zibe yinkangala enameva, oko kububungqina bokuba uYehova akasisikelelanga—ngoko iba lixesha losizi olukhulu.
11, 12. (a) UIsaya uyichaza njani imeko eya kubangelwa ngumgwebo kaYehova? (b) Ngawaphi amathemba amfiliba awachazayo uIsaya?
11 Ngokufanelekileyo ke ngoko, uIsaya usebenzisa izidiliya nemveliso yazo ukuzekelisa ngemeko ekunokuba yiyo xa uYehova eyekile ukulisikelela ilizwe, esithi: “Iwayini entsha izilile, umdiliya ubunile, bonke abo bebenentliziyo echulumancileyo bayancwina. Ukugcoba kweentambula kuphelile, ingxolo yabo banochulumanco olukhulu ayiqhubeki, ukugcoba kohadi kuphelile. Basela iwayini bengenangoma; isiselo esinxilisayo siyakrakra kwabo basiselayo. Idolophu elahliweyo idilikile; zonke izindlu zivaliwe, akungenwa. Kukho isikhalo ezitratweni kufunwa iwayini. Imihlali iphelile; ukugcoba kwelizwe kumkile. Isixeko sisele silinxuwa; isango lityunyuzwe layimvithi nje.”—Isaya 24:7-12.
12 Intambula nohadi zizixhobo zomculo omnandi ezisetyenziselwa ukudumisa uYehova nokubonisa uvuyo. (2 Kronike 29:25; INdumiso 81:2) Umculo wazo awuyi kuvakala ngeli xesha lokohlwaywa kwabo nguThixo. Akusayi kubako migcobo yesivuno seediliya. Kungayi kubakho nazandi zovuyo kumabhodlo aseYerusalem, njengoko isango layo liya kube ‘lityunyuzwe layimvithi nje’ nezindlu zayo ziya kube “zivaliwe,” ukuze kungabikho bani unokungena. Anjani wona ukuba mfiliba amathemba abemi beli lizwe elalikade lityebile ngokwemvelo!
Intsalela ‘Imemelela Ngovuyo’
13, 14. (a) Ithini imithetho kaYehova ngokuvuna? (b) UIsaya uyisebenzisa njani imithetho yokuvuna ukubonisa ukuba abanye baza kusinda kumgwebo kaYehova? (c) Nangona amaYuda athembekileyo eza kuva ubunzima, yintoni anokuqiniseka ngayo?
13 Xa evuna iminquma, amaSirayeli abetha imithi ngeentonga ukuze iziqhamo ziwe. NgokoMthetho kaThixo, ayengavumelekanga ukuba abuyele emasebeni emithi ukuze ayikhe iminquma eseleyo. Ayengafanele nokuba aqokelele iidiliya eziseleyo emva kokuvuna izidiliya zawo. Isivuno esiseleyo sishiyelwa amahlwempu—‘umphambukeli, nenkwenkwe engenayise nomhlolokazi’—ukuze babhikice. (Duteronomi 24:19-21) Esebenzisa le mithetho iqhelekileyo, uIsaya ubathuthuzela ngelokuba bakho abaza kusinda kumgwebo kaYehova ozayo, esithi: “Kuya kuba njalo phakathi kwelizwe, phakathi kwezizwana, njengokuvuthululwa komnquma, njengobhikico xa kuphelile ukuvunwa kweediliya. Baya kuliphakamisa ilizwi labo, baya kumemelela ngovuyo. Ngokongama kukaYehova ngokuqinisekileyo baya kudanduluka kabukhali beselwandle. Kungenxa yoko le nto kummandla wokukhanya bamele bamzukise uYehova, balizukise naseziqithini zolwandle igama likaYehova, uThixo kaSirayeli. Eziphelweni zelizwe sive uncuthu lwengoma oluthi: ‘Umhombiso waLowo Ulilungisa!’”—Isaya 24:13-16a.
14 Kanye njengokuba ezinye iziqhamo zisala emthini okanye emdiliyeni emva kokuvuna, ngoko bakho abaza kusala emva kokufika komgwebo kaYehova—“njengobhikico xa kuphelile ukuvunwa kweediliya.” Njengoko kuboniswe kwindinyana 6, umprofeti sele ethethile ngabo aba, esithi “kusele abantu abafayo abambalwa kakhulu.” Ngoko bakho abaza kusinda kwintshabalalo yeYerusalem nelakwaYuda, nakuba bembalwa nje, yaye kamva le ntsalela iza kubuya ekuthinjweni iye ezweni layo. (Isaya 4:2, 3; 14:1-5) Nangona abantliziyo zilungileyo beza kuva ubunzima, kodwa banokuqiniseka ukuba balindelwe luvuyo lokuhlangulwa ngaphambili. Abo basindileyo baza kukubona ukuzaliseka kwamazwi kaYehova esiprofeto baze baqonde ukuba uIsaya ebengumprofeti wokwenyaniso kaThixo. Baya kuba novuyo olungathethekiyo njengoko bezibonela ngawabo amehlo utshintsho ekuprofetwe ngalo. Naphi na apho baya kube besasazeke khona—enoba kuseziqithini zeMeditera eNtshona, eBhabhiloni ‘engummandla wokukhanya’ (engasempumalanga, okanye eMpuma), okanye nawuphi na omnye ummandla othe qelele—baza kumdumisa uThixo ngenxa yokuba behlangulwe, yaye baza kucula bathi: “Umhombiso waLowo Ulilungisa!”
Akakho Onokuwusaba Umgwebo KaYehova
15, 16. (a) Uvakalelwa njani uIsaya ngoko kuza kwenzeka kubantu bakowabo? (b) Yintoni eza kwenzeka kubemi abangathembekanga belizwe?
15 Noko ke, ngoku alikafiki ixesha lemihlali. UIsaya ubabuyisela abantu bomhla wakhe kwixesha lokuphila kwabo, esithi: “Kodwa ndithi: ‘Kum kukubhitya, kum kukubhitya! Yeha ke mna! Amaqhophololo aqhubene ngobuqhophololo. Ngobuqhophololo kanye amaqhophololo aqhubene ngobuqhophololo.’ Ukunkwantya nomgongxo nesibatha kuphezu kwakho, wena mmi welizwe. Kuya kuthi ke nabani na osabileyo esandini sento enkwantyisayo awele emgongxweni, kuthi nabani na onyukayo ephuma emgongxweni abanjiswe sisibatha. Kuba wona kanye amasango ezikhukula aphezulu okunene aya kuvuleka, neziseko zomhlaba ziya kunyikima. Ilizwe licandeke ngokupheleleyo, ilizwe ligungqiswe ngokupheleleyo, ilizwe lishukunyiswe ngokupheleleyo. Ilizwe ligxadazela ngokupheleleyo njengomntu onxilileyo, yaye liyahexahexa njengephempe. Kwaye ukunxaxha kwalo kuye kwaba nzima phezu kwalo, yaye limele liwe, lingayi kuvuka kwakhona.”—Isaya 24:16b-20.
16 UIsaya usentlungwini enkulu ngenxa yoko kuza kwehlela abantu bakowabo. Imeko ayibonayo ekuhlaleni imenza agule aze anxunguphale. Amaqhophololo maninzi yaye ayabankwantyisa abemi belizwe. Xa uYehova engasabakhuseli, abemi abangathembekanga bakwaYuda baza kutyhwatyhwa imini nobusuku. Baza kuphila ubomi bentshontsho. Abanakuyisaba intlekele eza kubafikela ngenxa yokugatya kwabo imiyalelo kaYehova nokungabunanzi kwabo ubulumko bobuthixo. (IMizekeliso 1:24-27) Liza kufika lona ishwangusha nangona amaqhophololo aselizweni esebenzisa ubuxoki nokuqhatha ekweyiseleni abantu ekukholelweni ukuba izinto ziza kulunga, ngaloo ndlela ebakhokelela entshabalalweni. (Yeremiya 27:9-15) Iintshaba ezivela ngaphandle ziza kufika zibaphange zize zibathimbe. Konke oku kuyamdandathekisa uIsaya.
17. (a) Kutheni le nto kungenakubakho bani usindayo? (b) Xa umgwebo kaYehova onamandla usihla emazulwini, yintoni eza kwenzeka elizweni?
17 Sekunjalo, lo mprofeti unyanzelekile ukuba achaze ukuba akukho namnye oza kusinda. Naphi na apho abantu bazama ukusabela khona, baza kubanjwa. Bambi basenokusinda kwelinye ishwangusha, kodwa baza kubanjwa kwelinye—akuyi kubakho lunqabiseko. Baya kufana nje nesilwanyana esizingelwayo esithi sisinde ekuweleni emngxunyeni kodwa sibanjwe sisibatha. (Thelekisa uAmosi 5:18, 19.) Umgwebo kaYehova onamandla uya kuhla emazulwini ufike uzigungqise iziseko zelizwe. Njengomntu onxilileyo, ilizwe liza kugxadazela liwe, lisindwa kukunxaxha kwalo lize lingakwazi ukuphakama kwakhona. (Amosi 5:2) Umgwebo kaYehova awunakuguqulwa. Eli lizwe liza kutshatyalaliswa ngokupheleleyo lize libe ngamabhodlo.
UYehova Uza Kulawula Ngozuko
18, 19. (a) Usenokuba ubhekisela entwenini “umkhosi wendawo ephakamileyo,” yaye uvalelwa njani “entolongweni”? (b) Ngokunokwenzeka, “umkhosi wendawo ephakamileyo” uza kunikwa njani ingqalelo “emva kwemihla emininzi”? (c) UYehova ubanika njani ingqalelo “ookumkani bomhlaba”?
18 Ngoku isiprofeto sikaIsaya sigxininisa ngakumbi, sisalatha ekuzalisekeni kokugqibela kwenjongo kaYehova, sisithi: “Kuya kuthi ngaloo mini uYehova aphethulele ingqalelo yakhe kumkhosi wendawo ephakamileyo kwindawo ephakamileyo, nakookumkani bomhlaba emhlabeni. Kwaye ngokuqinisekileyo baya kuhlanganiswa ngokuhlanganiswa okunjengokwamabanjwa emhadini, baze bavalelwe entolongweni; yaye emva kwemihla emininzi kuya kunikelwa ingqalelo kubo. Inyanga ehlangeneyo idanile, nelanga eliqaqambileyo lineentloni, kuba uYehova wemikhosi uye waba ngukumkani eNtabeni yeZiyon naseYerusalem naphambi kwamadoda akhulileyo akhe ngozuko.”—Isaya 24:21-23.
19 “Umkhosi wendawo ephakamileyo” usenokuba ubhekisela kwiidemon ‘ezingabalawuli behlabathi bobu bumnyama, imikhosi yoomoya abangendawo kwezasezulwini iindawo.’ (Efese 6:12) Zibe nempembelelo enamandla kumagunya ehlabathi. (Daniyeli 10:13, 20; 1 Yohane 5:19) Usukelo lwazo kukushenxisa abantu kuYehova nakunqulo lwakhe olunyulu. Hayi indlela eziye zaphumelela kakuhle ngayo ekulukuhleni uSirayeli ukuba alandele uqheliselo olungendawo lweentlanga ezimngqongileyo, ngaloo ndlela ezibizela umgwebo kaThixo! Kodwa uSathana needemon zakhe bamele baphendule kuThixo xa ekugqibeleni ephethulela ingqalelo yakhe kubo nakubalawuli bomhlaba, “ookumkani bomhlaba emhlabeni,” abaye babaphembelela ukuba bamfulathele uThixo baze bayigatye imithetho yakhe. (ISityhilelo 16:13, 14) Ethetha ngokomfuziselo, uIsaya uthi baza kuhlanganiswa baze “bavalelwe entolongweni.” “Emva kwemihla emininzi,” mhlawumbi xa uSathana needemon zakhe (kodwa kungekhona “ookumkani bomhlaba emhlabeni”) bekhululwa okwexeshana ekupheleni koLawulo Lwewaka Leminyaka lukaYesu Kristu, uThixo uza kubazisela isohlwayo sokugqibela esibafaneleyo.—ISityhilelo 20:3, 7-10.
20. Kumaxesha amandulo nawale mihla, uYehova ube nguye njani yaye nini “ukumkani”?
20 Ngoko le nxalenye yesiprofeto sikaIsaya yawashiya amaYuda enesiqinisekiso esimangalisayo. Ngexesha lakhe elifanelekileyo, uYehova wayeza kuyiwisa iBhabhiloni yamandulo aze abuyisele amaYuda ezweni lawo. Ngowama-537 B.C.E., xa ebonakalisa igunya nolongamo lwakhe ngale ndlela ngenxa yabantu bakhe, ngokwenene kunokuthiwa kubo: ‘UThixo wenu uye waba ngukumkani!’ (Isaya 52:7) Kumaxesha anamhlanje, uYehova “uye waba ngukumkani” ngowe-1914 xa wamisela uYesu Kristu njengoKumkani kuBukumkani Bakhe basezulwini. (INdumiso 96:10) Kwakhona “uye waba ngukumkani” ngowe-1919 xa wabonakalisa igunya lokulawula kwakhe njengokumkani ngokukhulula uSirayeli wokomoya kumakhamandela eBhabhiloni Enkulu.
21. (a) ‘Iza kuba neentloni njani inyanga ehlangeneyo nelanga eliqaqambileyo’? (b) Sisiphi isibhengezo esiza kuzaliseka ngokupheleleyo?
21 Kwakhona uYehova uza ‘kuba ngukumkani’ xa ephelisa iBhabhiloni Enkulu nayo yonke le nkqubo ingendawo yezinto. (Zekariya 14:9; ISityhilelo 19:1, 2, 19-21) Emva koko, ulawulo loBukumkani bukaYehova luza kubalasela kangangokuba nokukhazimla kwenyanga ebusuku kwanokuqaqamba kwelanga emin’ emaqanda akunakuthelekiswa nalo ngozuko. (Thelekisa ISityhilelo 22:5.) Ngokungathi kunjalo, ziya kuba neentloni zokuzithelekisa nokuzuka kukaYehova wemikhosi. UYehova uya kulawula ngokongamileyo. Igunya nozuko lwakhe olongamileyo luya kubonakala kubo bonke. (ISityhilelo 4:8-11; 5:13, 14) Elinjani lona ukumangalisa ithemba! Ngelo xesha, isibhengezo esikwiNdumiso 97:1 siya kuzaliseka ngokupheleleyo emhlabeni wonke, sona esithi: “UYehova uthe waba ngukumkani! Mawuvuye umhlaba. Iziqithi ezininzi mazibe nemihlali.”
[Umfanekiso okwiphepha 262]
Ukucula nemihlali akusayi kuphinda kuviwe elizweni
[Umfanekiso okwiphepha 265]
Bambi baza kusinda kumgwebo kaYehova, njengokuba kusibakho iziqhamo ezisalayo emthini emva kokuvuna
[Umfanekiso okwiphepha 267]
UIsaya usentlungwini enkulu ngenxa yoko kuza kwehlela abantu bakowabo
[Umfanekiso okwiphepha 269]
Ilanga nenyanga azinakuthelekiswa nozuko lukaYehova