UYehova Uthanda Okusesikweni
“Mna, Yehova, ndithanda okusesikweni.”—ISAYA 61:8.
1, 2. (a) Lithetha ukuthini igama elithi “okusesikweni” nelithi “okungekho sikweni”? (b) Ithini iBhayibhile ngoYehova nophawu lwakhe lokusesikweni?
OKUSESIKWENI kuchazwa ‘njengokungabi nakhethe, ukwenza izinto ngemilinganiselo ethe tye nelungileyo.’ Kona okungekho sikweni kuquka ukugqwetha izinto, ikhethe, ubungendawo, ukwenza izinto ezibuhlungu kwabanye bengenzanga nto.
2 Phantse kwiminyaka engama-3 500 eyadlulayo, uMoses wathi xa ethetha ngoMongami Wendalo Iphela, uYehova: “Zonke iindlela zakhe zisesikweni. NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha.” (Duteronomi 32:4) Ngaphezu kweenkulungwane ezisixhenxe kamva, uThixo waphefumlela uIsaya ukuba abhale la mazwi: “Mna, Yehova, ndithanda okusesikweni.” (Isaya 61:8) Kwandula ke ngenkulungwane yokuqala, uPawulos wathi: “Ngaba kukho okungekho sikweni kuThixo? Nakanye!” (Roma 9:14) Kwakuyo loo nkulungwane, uPetros wathi: “UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) Ngokwenene, “uYehova ngumthandi wokusesikweni.”—INdumiso 37:28; Malaki 3:6.
Okungekho Sikweni Kugqugqisile
3. Kwaqala njani okungekho sikweni emhlabeni?
3 Okusesikweni akuyonto ixhaphakileyo namhlanje. Sinokuzibona sele singamaxhoba okungekho sikweni naphi na—emsebenzini, esikolweni, kwabasemagunyeni nangezinye iindlela—nkqu nasentsatsheni. Kakade ke, ayikho ntsha into yokungabikho kokusesikweni. Izenzo zokungekho sikweni zaqala xa abazali bethu bokuqala bavukelayo baza bazizaphuli-mthetho, bephenjelelwa sisidalwa somoya esinemvukelo esaba nguSathana uMtyholi. Yayingekho sesikweni kwaphela into yokuba uAdam, uEva noSathana basebenzise kakubi isiphiwo esimangalisayo sokuzikhethela ababesinikwe nguYehova. Izenzo zabo eziphosakeleyo zaphumela ekubandezelekeni okungathethekiyo kwayo yonke intsapho yabantu.—Genesis 3:1-6; Roma 5:12; Hebhere 2:14.
4. Sekulixesha elingakanani okungekho sikweni kuthwaxa uluntu?
4 Kwiminyaka emalunga nama-6 000 emva kwemvukelo yase-Eden, bekusoloko kugquba okungekho sikweni phakathi kwabantu. Bekumele kube njalo kakade, kuba uSathana unguthixo weli hlabathi. (2 Korinte 4:4) Ulixoki noyise wabo ubuxoki, umhlebi nomxhathisi kaYehova. (Yohane 8:44) Ebesoloko ephembelela ngamandla ukungabikho kokusesikweni. Ngokomzekelo, ngenxa nje yempembelelo embi kaSathana ngaphambi koMkhukula womhla kaNowa, uThixo wabona ukuba “ububi bomntu bandile emhlabeni yaye zonke iingcamango zentliziyo yakhe zityekele ebubini ngalo lonke ixesha.” (Genesis 6:5) Kwakunjalo nangexesha likaYesu. Wathi: “Imini nganye inobayo ububi obuyilingeneyo,” into ethetha ukuba ineengxaki zayo ezibuhlungu, njengokungabikho kokusesikweni. (Mateyu 6:34) Ichan’ ucwethe ke iBhayibhile xa isithi: “Yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini de kube ngoku.”—Roma 8:22.
5. Kutheni kukho okungekho sikweni okuninzi kangaka namhlanje kunanini na ngaphambili?
5 Oku kuthetha ukuba, izinto ezibuhlungu ezibangelwa kokungekho sikweni bezisenzeka ebantwini ukutyhubela imbali yabo. Ngoku sele imandundu ngakumbi le meko. Ibangelwa yintoni? Kungenxa yokuba sele kudlule amashumi eminyaka le nkqubo yezinto ingahloneli Thixo ‘ikwimihla yayo yokugqibela,’ yaye ithwaxwa ‘ngamaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo’ njengoko isondela ekupheleni. IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba kweli xesha sikulo, abantu babeya kuba “ngabazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, abanyelisi, . . . abangenambulelo, abanganyanisekanga, abangenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abanyelisi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangathandi kulunga, abangcatshi, abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele likratshi.” (2 Timoti 3:1-5) Yile mikhwa mibi le iye yabangela zonke iintlobo zokungekho sikweni.
6, 7. Ziziphi izenzo zokungekho sikweni ezingathethekiyo ezithwaxa abantu namhlanje?
6 Kule minyaka ilikhulu idluleyo, kuye kwakho okungekho sikweni okungazange kwabonwa ngaphambili. Esinye isizathu kukuba, kule minyaka kuye kwakho iimfazwe ezininzi. Ngokomzekelo, abanye ababhali-mbali, baqikelela ukuba kwiMfazwe Yehlabathi II kuphela, kwabulawa abantu abamalunga nezigidi ezingama-50 ukusa kwezingama-60, inkoliso kubo ingengomajoni—amadoda, abafazi nabantwana abamsulwa. Ukususela oko kwaphela loo mfazwe, kuye kwabulawa izigidi ezingakumbi kwimilo eyahlukahlukeneyo, nalapho inkoliso ibingabantu abangalwiyo. USathana uququzelela ezi zenzo ngenxa yokuba unomsindo omkhulu, esazi ukuba sele eza koyiswa ngokupheleleyo nguYehova. Isiprofeto seBhayibhile sikubeka ngolu hlobo oku: “Uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.”—ISityhilelo 12:12.
7 Nyaka ngamnye namhlanje, umkhosi wehlabathi uchitha malunga nezigidi zezigidi ezisisi-7,4 zeerandi. Ekubeni amakhulu ezigidi zabantu etsala nzima, unokuyiqonda indlela ibinokuba luncedo ngayo loo mali ukuba ibisetyenziswa ngendlela efanelekileyo. Malunga nabantu abaliwaka lezigidi balala ngamanzi, ngoxa abanye benentabalala yokutya. Ngokutsho komnye umthombo weZizwe Ezimanyeneyo, bamalunga nezigidi ezihlanu abantwana ababulawa yindlala minyaka le. Kokungekho sikweni okugqith’ emgceni oko! Phinda ucinge ngentlaninge yeemveku ezimsulwa eziqhomfwayo. Uqikelelo olwahlukeneyo lubonisa ukuba nyaka ngamnye, ehlabathini zifikelela kwizigidi ezingama-40 ukusa kwezingama-60 iintsana eziqhomfwayo. Ngaba ikho inkohlakalo edlula leyo?
8. Yiyiphi ekuphela kwendlela eya kuqinisekisa ukuba kukho okusesikweni kokwenene?
8 Abalawuli babantu abafumani zicombululo kwezi ngxaki zithwaxa uluntu namhlanje; ibe ayikho imigudu yabantu eya kwenza le meko ibe bhetele. ILizwi likaThixo laxela kwangaphambili ukuba kweli xesha lethu “abangendawo namabhedengu baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa yaye belahlekiswa.” (2 Timoti 3:13) Ukungabikho kokusesikweni sele kusisonka semihla ngemihla kangangokuba akakho umntu onokukuphelisa ngaphandle koThixo wokusesikweni. Nguye kuphela onokushenxisa uSathana, iidemon nabantu abangendawo.—Yeremiya 10:23, 24.
Inkxalabo Efanelekileyo
9, 10. Yintoni le yayityhafisa uAsafu?
9 Ngaphambili, nkqu nabanye ababhali beBhayibhile babezibuza isizathu sokuba uThixo engangeneleli kwimicimbi yoluntu aze azise okusesikweni kokwenene nobulungisa. Ngokomzekelo, cinga ngenye indoda eyayiphila ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Umbhalo osemantla kwiNdumiso 73 usixelela ngoAsafu, gama elo elisenokuba libhekisela kwimvumi ebalulekileyo engumLevi eyayiphila ngexesha lolawulo lukaKumkani uDavide okanye kwiimvumi zendlu awayeyintloko-ntsapho kuyo uAsafu. UAsafu nenzala yakhe baqamba iingoma ezininzi ezazisetyenziswa elunqulweni. Noko ke, ngaxa lithile kubomi bakhe, umbhali wale ndumiso wakha watyhafa ngokomoya. Wabona abantu abangendawo besiba zizityebi, ephawula nokuba basoloko bebonakala bonwabile ebomini, bengehlelwa zizinto ezibuhlungu.
10 Sifunda oku: “Ndabamonela abaqhayisi, xa ndandibona uxolo lwabantu abangendawo. Kuba abananimba ibulalayo; nenteshe yabo ityebile. Yaye abakho nasezinkathazweni zomntu ofayo, ibe abakhathazwa ngokufanayo nabanye abantu.” (INdumiso 73:2-8) Noko ke, ethubeni loo mbhali weBhayibhile wabona ukuba loo mbono iphum’ ecaleni. (INdumiso 73:15, 16) Lo mdumisi wazama ukulungisa iingcinga zakhe, kodwa wayengasiqondi kakuhle isizathu sokuba abantu abangendawo babonakale bebhungca ekwenzeni okubi ngoxa bona abenza izinto ezilungileyo behlala bebandezeleka.
11. Yintoni awade wayiqonda umdumisi uAsafu?
11 Le ndoda ithembekileyo yamandulo yada yasiqonda isiphelo sabangendawo—esokuba uYehova wayeza kuzilungisa izinto. (INdumiso 73:17-19) UDavide wathi: “Thembela ngoYehova ugcine indlela yakhe, uya kukuphakamisa uwudle ilifa umhlaba. Xa abangendawo benqunyulwa, uya kubona.”—INdumiso 37:9, 11, 34.
12. (a) Yintoni injongo kaYehova ngokuphathelele ubungendawo nokungekho sikweni? (b) Uvakalelwa njani wena ngendlela aya kuzicombulula ngayo iingxaki zokungekho sikweni?
12 Into esiqiniseke ngayo kukuba, yinjongo kaYehova ukuba ngexesha elifanelekileyo atshayele ubungendawo kunye nokungekho sikweni okuhambisana nako kulo mhlaba. Leyo yinto amele ahlale eyikhumbula amaKristu athembekileyo. UYehova uza kubashenxisa abo balwa nokuthanda kwakhe, aze avuze abo bakwenzayo. “Amehlo akhe ayabona, amehlo akhe aqaqambileyo ahlolisisa oonyana babantu. UYehova uhlolisisa lowo ulilungisa kwanalowo ungendawo, yaye umphefumlo Wakhe umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo. Uya kunisela phezu kwabangendawo izabatha, umlilo nesalfure nomoya onolophu . . . Kuba uYehova ulilungisa; uyazithanda izenzo zobulungisa.”—INdumiso 11:4-7.
Ihlabathi Elitsha Elinokusesikweni
13, 14. Yintoni eya kubangela ukuba ihlabathi elitsha lizaliswe bubulungisa nokusesikweni?
13 Emva kokuba uYehova etshabalalise le nkqubo yezinto izaliswe kokungekho sikweni nelawulwa nguSathana, uya kuzisa ihlabathi elitsha. Liya kulawulwa buBukumkani bakhe basezulwini, uYesu awafundisa abalandeli bakhe ukuba babuthandazele. Endaweni yobungendawo nokungekho sikweni kuya kubakho ubulungisa nokusesikweni, ngelo xesha uya kube uphendulwe ngokupheleleyo umthandazo othi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—Mateyu 6:10.
14 IBhayibhile iyasixelela ukuba luya kuba njani na olo lawulo, ulawulo abalulangazelelayo bonke abo bantliziyo zinyanisekileyo ngoku. Ngelo xesha iya kuzaliseka ngokupheleleyo iNdumiso 145:16, ethi: “Uyasivula [Yehova Thixo] isandla sakho uze wanelise umnqweno wayo yonke into ephilayo.” Naye uIsaya 32:1 uthi: “Khangela! Ukumkani [uYesu Kristu osezulwini] uya kulawula ngobulungisa; zona iinkosana [abameli bakaKristu abasemhlabeni], ziya kulawula njengeenkosana zokusesikweni.” Ethetha ngoKumkani uYesu Kristu, uIsaya 9:7 uthi: “Akayi kuyeka ukuphatha njengenkosana, noxolo aluyi kuphela etroneni kaDavide nasebukumkanini bakhe ukuze bumiselwe ngokuqinileyo nokuze buxhaswe ngokusesikweni nangobulungisa, ukususela ngoku kuse kwixesha elingenammiselo. Yona kanye inzondelelo kaYehova wemikhosi iya kukwenza oku.” Ngaba uyazibona uphantsi kolo lawulo lokusesikweni?
15. UYehova uya kubenzela ntoni abantu kwihlabathi elitsha?
15 Kwihlabathi elitsha likaThixo, asisayi kuba nasizathu sakuthetha amazwi akwiNtshumayeli 4:1 athi: “Ndabuya ke ndazibona zonke izenzo zengcinezelo ezenziwayo phantsi kwelanga, yaye, khangela! iinyembezi zabo bacinezelweyo, kodwa bengenamthuthuzeli; yaye kwicala labacinezeli kwakukho amandla, khon’ ukuze bangabi namthuthuzeli.” Yinyaniso ukuba ngenxa yokungafezeki kwethu, kunzima ukuyiqonda indlela ekuya kuba mnandi ngayo kwihlabathi elitsha lobulungisa. Ubungendawo abusayi kuphinda bubekho, kodwa suku ngalunye luya kuzaliswa zizinto ezilungileyo. Ewe, uYehova uya kulungisa yonke into engahambi kakuhle, esenjenjalo ngendlela engaphaya kokuba sinokucinga. Wayefanele uYehova uThixo ukuphefumlela umpostile uPetros ukuba athi: “Silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.”—2 Petros 3:13.
16. “Amazulu amatsha” amiselwe njani, yaye kungayiphi ingqiqo esinokuthi kwenziwa amalungiselelo ‘omhlaba omtsha’ namhlanje?
16 Eneneni, “amazulu amatsha,” urhulumente kaThixo wasezulwini olawulwa nguKristu, sele emiselwe kakade. Abo baya kuba sisiseko ‘somhlaba omtsha,’ abantu abantliziyo zifanelekileyo abasemhlabeni, sele behlanganiswa kule mihla yokugqibela. Sele bemalunga nezigidi ezisixhenxe, ubuncinane kumazwe angama-235 kumabandla amalunga ne-100 000. Ezi zigidi ziye zafunda iindlela zikaYehova zobulungisa nokusesikweni, ibe ngenxa yoko, ehlabathini lonke zimanyaniswe luthando lobuKristu. Umanyano lwazo lolona lwaziwayo noluluqilima kwimbali yehlabathi, umanyano olungaphaya kwayo nantoni na ekhe yafunyanwa ngabo balawulwa nguSathana. Olo thando nomanyano isengamaqalela nje amaxesha amnandi azayo ehlabathi elitsha likaThixo, eliya kulawulwa ngobulungisa nokusesikweni.—Isaya 2:2-4; Yohane 13:34, 35; Kolose 3:14.
USathana Uya Kufa Namthanyana
17. Kutheni eza kuwa phantsi nje uSathana kwilinge lakhe lokuhlasela abantu bakaYehova?
17 Kungekudala uSathana namahlakani akhe baza kulwa nabanquli bakaYehova kwilinge lokubatshayela. (Hezekile 38:14-23) Elo xesha liya kuba yinxalenye yoko uYesu wakubiza ngokuthi ‘yimbandezelo enkulu ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku, nekungasayi kubakho injengayo kwakhona.’ (Mateyu 24:21) Ngaba olo hlaselo lukaSathana luya kuphumelela? Unotshe! ILizwi likaThixo lisiqinisekisa lisithi: “UYehova ngumthandi wokusesikweni, yaye akayi kubashiya abanyanisekileyo bakhe. Ngokuqinisekileyo baya kulindwa ukusa kwixesha elingenammiselo; kodwa yona inzala yabo bangendawo iya kunqunyulwa. Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:28, 29.
18. (a) UThixo uya kusabela njani xa uSathana ehlasela abantu Bakhe? (b) Yintoni oye wancedakala kuyo ngokuhlolisisa le nkcazelo iseBhayibhileni yokoyisa kokusesikweni?
18 Uhlaselo lukaSathana namahlakani akhe kubakhonzi bakaYehova luya kuba sisithuko sokugqibela. UYehova wachaza kwangaphambili esebenzisa uZekariya wathi: “Ochukumisa nina uchukumisa ukhozo lweliso lam.” (Zekariya 2:8) Kuya kuba ngathi ebenyola uYehova ngomnwe esweni. UYehova akayi kuphozisa maseko ukutshayela abo bagculeli. Abakhonzi bakaYehova ngabona bantu bathandekayo, bamanyeneyo, baseluxolweni nabathobela umthetho emhlabeni. Ngoko olo hlaselo lukaSathana luya kuba yeyona nto ingafanelekanga nengekho sikweni. ‘Umthandi wokusesikweni’ omkhulu akayi kukunyamezela oko. Ukubalwela kwakhe kuya kuthetha intshabalalo engunaphakade kwiintshaba zabantu bakhe, ukoyisa kokusesikweni, nokusindiswa kwabo banqula okuphela koThixo oyinyaniso. Ziya kumangalisa ngokwenene ezi ziganeko ibe sele kumbovu ukuba zenzeke!—IMizekeliso 2:21, 22.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kutheni kugquba kangaka nje okungekho sikweni?
• UYehova uya kukuphelisa njani okungekho sikweni emhlabeni?
• Yintoni eye yakuchukumisa ngokufunda ngokoyisa kokusesikweni?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ubungendawo babugqugqisile ngaphambi koMkhukula, ibe busenjalo nakule “mihla yokugqibela”
[Umfanekiso okwiphepha 24, 25]
Ihlabathi elitsha likaThixo liya kuzaliswa kokusesikweni nobulungisa, endaweni yobungendawo