Isahluko Samashumi Amabini Anesixhenxe
Ukucaphuka KukaYehova Nxamnye Neentlanga
1, 2. (a) Yintoni esinokuqiniseka ngayo ngokuphathelele impindezelo kaYehova? (b) Yintoni ayifezayo uThixo ngokuziphindezelela kwakhe?
UYEHOVA UTHIXO unomonde kungekuphela nje kubakhonzi bakhe abathembekileyo, kodwa kwanakwiintshaba zakhe, xa oko kuvumelana nenjongo yakhe. (1 Petros 3:19, 20; 2 Petros 3:15) Iintshaba zikaYehova zisenokungawuqondi umonde wakhe zize zimgqale njengongenamandla okanye ongakhathaliyo. Sekunjalo, njengoko isahluko sama-34 sikaIsaya sibonisa, ekugqibeleni uYehova usoloko eziphendulisa iintshaba zakhe. (Zefaniya 3:8) Okwethutyana, uThixo wamvumela uEdom nezinye iintlanga ukuba zibachase abantu bakhe ngaphandle kwesiphazamiso. Kodwa uYehova wayenexesha lakhe elimiselweyo lempindezelo. (Duteronomi 32:35) Ngokufanayo, ngexesha lakhe elimiselweyo, uYehova uza kuziphindezelela kweli hlabathi lingendawo lale mihla elilugatyayo ulongamo lwakhe.
2 Eyona njongo iphambili yokuziphindezelela kukaThixo kukubonakalisa ulongamo lwakhe nokuzukisa igama lakhe. (INdumiso 83:13-18) Kwakhona impindezelo yakhe ithethelela abakhonzi bakhe njengabameli bakhe bokwenyaniso ize ibakhulule ebugxwayibeni. Ngaphezu koko, impindezelo kaYehova isoloko ivisisana ngokupheleleyo nokuba sesikweni kwakhe.—INdumiso 58:10, 11.
Nikelani Ingqalelo, Nina Zintlanga
3. Sisiphi isimemo uYehova asidlulisela ngoIsaya kwiintlanga?
3 Ngaphambi kokunikela ingqalelo ekuziphindezeleleni kwakhe kuEdom, uYehova ngoIsaya udlulisela isimemo esibekekileyo kuzo zonke iintlanga, esithi: “Sondelani, nina zintlanga, ukuze nive; nani maqela eentlanga, nikelani ingqalelo. Mawuphulaphule umhlaba noko kuwuzalisileyo, ilizwe elinemveliso nayo yonke imveliso yalo.” (Isaya 34:1) Kukade lo mprofeti ethetha nxamnye neentlanga ezingahloneli Thixo. Ngoku sele elungele ukushwankathela iziqalekiso zikaThixo nxamnye nazo. Ngaba ezi zilumkiso zinentsingiselo kumhla wethu?
4. (a) Yintoni iintlanga ezimenywa ukuba ziyenze, njengoko kubhalwe kuIsaya 34:1? (b) Ngaba ukugweba kukaYehova iintlanga kububungqina bokuba unguThixo okhohlakeleyo? (Bona ibhokisi kwiphepha 363.)
4 Ewe. UMongami wendalo iphela unempikiswano kunye nawo onke amabutho ale nkqubo yezinto ingahloneli Thixo. Kungako nje ‘amaqela eentlanga’ ‘nomhlaba’ emenywa ukuba eve isigidimi seBhayibhile uYehova asenze savakaliswa ehlabathini lonke. Esebenzisa amazwi afanayo nalawo akwiNdumiso 24:1, uIsaya uthi wonke umhlaba uya kusiva esi sigidimi—siprofeto eso esiye sazaliseka kumhla wethu, njengoko amaNgqina kaYehova eshumayela ukusa “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) Noko ke, iintlanga azikhange ziphulaphule. Azisithabathanga nzulu isilumkiso sokutshatyalaliswa kwazo. Kambe ke, oku akuyi kumthintela uYehova ekuphumezeni ilizwi lakhe.
5, 6. (a) Kutheni uThixo eziphendulisa nje iintlanga? (b) Kuza kwenzeka njani ukuba ‘iintaba zinyibilike ngenxa yegazi lazo’?
5 Ngoku lo mprofeti uchaza imeko emfiliba yeentlanga ezingahloneli Thixo—eyahluke ngokupheleleyo kwithemba eliqaqambileyo labantu bakaThixo elichazwe kamva. (Isaya 35:1-10) Lo mprofeti uthi: “Kuba uYehova ucaphukile nxamnye nazo zonke iintlanga, yaye umsindo wakhe unxamnye nomkhosi wazo wonke. Uya kuzitshabalalisa; azinikele ekubulaweni ngogonyamelo. Yaye ababuleweyo bazo baya kuphoswa phandle, ke zona izidumbu zazo, ukunuka kwazo kakubi kuya kunyuka; neentaba ziya kunyibilika ngenxa yegazi labo.”—Isaya 34:2, 3.
6 Kutsalelw’ ingqalelo kwityala legazi lezo ntlanga. Namhlanje iintlanga zeNgqobhoko zezona zinetyala elikhulu legazi. Kwiimfazwe ezimbini zehlabathi nakwimilo emincinane, ziye zawuzalisa umhlaba ngegazi labantu. Ngubani ofanele ngokusesikweni aluphindezelele lonke olu phalazo-gazi? Akukho wumbi ngaphandle koMdali, uMniki-Bomi omkhulu. (INdumiso 36:9) Umthetho kaYehova umisele umlinganiselo wokuba: “Uze unikele umphefumlo ngomphefumlo.” (Eksodus 21:23-25; Genesis 9:4-6) Ngokuvisisana nalo mthetho, uza kwenza ukuba liphalale igazi leentlanga—zide zife. Ukunuka kwezidumbu zazo ezingangcwatywanga, kuya kuzalisa umoya—ngokwenene oko iya kuba kukufa okulihlazo! (Yeremiya 25:33) Igazi lazo lempindezelo liya kuba lininzi ngokwaneleyo ukuba lingade, ngokungathi kunjalo, linyibilikise iintaba. (Zefaniya 1:17) Njengoko iza kutshatyalaliswa yonke imikhosi yazo yemfazwe, iintlanga zehlabathi ziza kukubona ukuwa koorhulumente bazo, abo maxa wambi bachazwa eBhayibhileni njengeentaba.—Daniyeli 2:35, 44, 45; ISityhilelo 17:9.
7. Ayintoni “amazulu,” yaye uyintoni “umkhosi wezulu”?
7 Kwakhona, esizobela umfanekiso-ngqondweni othe gca, uIsaya uhlabela mgama esithi: “Uya kubola wonke umkhosi wezulu. Amazulu aya kusongwa njengomsongo wencwadi; nomkhosi wawo wonke uya kubuna, kanye njengokubuna kwamagqabi emdiliyeni nanjengokubuna kwekhiwane emkhiwaneni.” (Isaya 34:4) Ibinzana elithi “wonke umkhosi wezulu” alibhekiseli kwiinkwenkwezi nakwizijikelezi-langa zokoqobo. Indinyana 5 neyesi-6 zithetha ngekrele elitshabalalisayo eliza kumanziswa ligazi kuloo “mazulu.” Ngoko, loo mazulu amel’ ukuba afanekisela ntw’ ithile ekummandla wabantu. (1 Korinte 15:50) Ngenxa yokongama kwabo njengamagunya aphakamileyo, oorhulumente boluntu bafaniswa namazulu alawula ibutho labantu basemhlabeni. (Roma 13:1-4) Ngoko “umkhosi wezulu” ufanekisela imikhosi emanyeneyo yaba rhulumente boluntu.
8. Amazulu okomfuziselo angqineke efana njani ‘nomsongo wencwadi,’ yaye kwenzeka ntoni ‘kwimikhosi’ yawo?
8 Lo “mkhosi” uza “kubola,” njengento etshabalalayo. (INdumiso 102:26; Isaya 51:6) Xa siwajonga ngeliso lenyama amazulu okoqobo angasentla kwethu, abonakala eliceba lesangqa, njengomsongo wencwadi yamandulo, ngokuqhelekileyo ekwakubhalwa kwicala lawo elingaphakathi. Wakuba umbandela obhalwe ngaphakathi ufundiwe ngumfundi, loo msongo uyasongwa uze ubekwe ecaleni. Ngokufanayo, “amazulu aya kusongwa njengomsongo wencwadi,” ngokuthi oorhulumente babantu bafikelele esiphelweni sabo. Njengoko befikelele esiphelweni sembali yabo, bamele babhangiswe eArmagedon. ‘Imikhosi’ yabo emikhulu iza kuwa kanye njengokuwa kwamagqabi abunileyo emdiliyeni okanye njengokuwa ‘kwekhiwane elibunileyo’ emkhiwaneni. Baya kube bephelelwe lixesha.—Thelekisa ISityhilelo 6:12-14.
Imini Yempindezelo
9. (a) Uvelaphi uEdom, yaye lwalunjani ulwalamano phakathi kukaSirayeli noEdom? (b) Yintoni uYehova avakalisa ukuba uza kuyenza kuEdom?
9 Ngoku esi siprofeto sibhekisela ngokungqalileyo kuhlanga oluthile lomhla kaIsaya—uEdom. AmaEdom ayinzala kaEsawu (uEdom), owathengisa ilungelo lakhe lobuzibulo kwiwele lakhe, uYakobi, ngesonka nesityu seentlumayo. (Genesis 25:24-34) Ngenxa yokuba uYakobi wathabatha ilungelo lakhe lobuzibulo, uEsawu wamthiya umntakwabo. Kamva uhlanga lwakwaEdom nohlanga lwakwaSirayeli zaba ziintshaba, nangona zaziphuma kumawele. Ngenxa yale ntiyo yakhe nxamnye nabantu bakaThixo, uEdom uye wazibizela ingqumbo kaYehova, ekungenxa yeso sizathu esithi nje ngoku: “Emazulwini ikrele lam ngokuqinisekileyo liya kuba manzi. Khangela! Liya kuhlela phezu koEdom, naphezu kwabantu endibanikele kwintshabalalo ngokusesikweni. UYehova unekrele; limele lizaliswe ligazi; limele lityetyiswe ngamanqatha, ngegazi lamatakane eegusha aziinkunzi neenkunzi zeebhokhwe, ngamanqatha ezintso zeenkunzi zeegusha. Kuba uYehova unombingelelo eBhotsera, nokuxhela okukhulu kwilizwe lakwaEdom.”—Isaya 34:5, 6.
10. (a) Ngoobani abathobayo uYehova xa esebenzisa ikrele lakhe “emazulwini”? (b) Sisiphi isimo sengqondo esiboniswa nguEdom xa uYuda ehlaselwa yiBhabhiloni?
10 UEdom ukummandla ophakamileyo weentaba. (Yeremiya 49:16; Obhadiya 8, 9, 19, 21) Noko ke, kwanaloo mmandla unqabisekileyo awuyi kumnceda nganto xa uYehova esebenzisa ikrele lakhe lomgwebo “emazulwini,” aze abathobe abalawuli bakwaEdom kwimpakamo yabo. UEdom umi kakuhle kwezomkhosi, yaye wofika imikhosi yakhe exhobileyo ijikeleza ezo ncochoyi zeentaba ukuze ikhusele elo lizwe. Kodwa enamandla enjalo uEdom, akakhange azidube nokuziduba ngokunceda uYuda xa ebehlaselwa yimikhosi yamaBhabhiloni. Kunoko, uvuye kakhulu uEdom kukubona ukubhukuqwa kobukhosi bakwaYuda waza wabahlabel’ ikhwelo abo bahlaseli. (INdumiso 137:7) Ebede uEdom awaleqe amaYuda aqhweshayo aze awanikezele kumaBhabhiloni. (Obhadiya 11-14) AmaEdom aceba ukulithabathela kuwo ilizwe lamaSirayeli elishiywe liyinkangala, kwaye ayamnyevulela uYehova.—Hezekile 35:10-15.
11. UYehova uza kuwohlwaya njani amaEdom ngenxa yobuqhophololo bawo?
11 Ngaba uYehova usibetha ngoyaba esi senzo samaEdom sokukhohlakalela abantakwabo? Akunjalo. Kunoko, uthi ngoEdom: “Kumele kuhle inqu kunye nabo, namathole eenkomo aziinkunzi kunye nabanamandla; yaye ilizwe labo limele lizaliswe ligazi, nothuli lwabo kanye luya kutyetyiswa ngamanqatha.” (Isaya 34:7) UYehova ubhekisa kwabakhulu nabancinane bolo hlanga njengenqu namathole eenkomo aziinkunzi, kwananjengamathole eenkunzi zeegusha neenkunzi zeebhokhwe. Ilizwe lolu hlanga lunetyala legazi limele lizaliswe ligazi labantu balo njengoko beza kubulawa ‘likrele’ likaYehova.
12. (a) Ngubani uYehova amsebenzisayo ekohlwayeni uEdom? (b) Uthini umprofeti uObhadiya ngoEdom?
12 UThixo uzimisele ukumohlwaya uEdom ngenxa yoko akwenze ngenkohlakalo kwintlangano Yakhe yasemhlabeni, ebizwa ngokuba yiZiyon. Isiprofeto sithi: “UYehova unomhla wempindezelo, unyaka wokuphindezela ngetyala elingenxa yeZiyon.” (Isaya 34:8) Kungabanga thuba lide emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E., uYehova uye waqalisa ukuziphindezelela ngobulungisa kumaEdom esebenzisa ukumkani waseBhabhiloni, uNebhukadenetsare. (Yeremiya 25:15-17, 21) Njengoko imikhosi yamaBhabhiloni ihlasela uEdom, uEdom uye watshelwa zizicheku! Ufikile ‘unyaka wempindezelo’ nxamnye nelo lizwe likummandla weentaba. UYehova uthi ngomprofeti uObhadiya: “Ngenxa yokugonyamela umntakwenu uYakobi, uya kugutyungelwa lihlazo, yaye kuya kufuneka unqunyulwe ukusa kwixesha elingenammiselo. . . . Ngendlela owenze ngayo, kuya kwenziwa ngayo nakuwe. Uhlobo lwempatho yakho luya kubuyela phezu kwentloko yakho.”—Obhadiya 10, 15; Hezekile 25:12-14.
Ikamva Elimfiliba LeNgqobhoko
13. Yintoni namhlanje efana noEdom, yaye ngoba?
13 Kule mihla, kukho intlangano efana nqwa noEdom. Yiyiphi loo ntlangano? Kaloku, ngoobani namhlanje abaye bakhokela ekunyeliseni nasekutshutshiseni abakhonzi bakaYehova? Asingabo na abefundisi beNgqobhoko? Kunjalo kanye! INgqobhoko iziphakamisile yangathi isencochoyini yentaba xa kufikelelwa kwimicimbi yeli hlabathi. Ingusomaqhuzu othile kule nkqubo yezinto yoluntu, yaye iinkonzo zayo ziyinxalenye ephambili yeBhabhiloni Enkulu. Kodwa uYehova ummisele ‘unyaka wempindezelo’ uEdom wale mihla ngenxa yokubaphatha kwakhe ngenkohlakalo abantu Bakhe, amaNgqina Akhe.
14, 15. (a) Yintoni eza kwenzeka kwilizwe lakwaEdom nakwiNgqobhoko? (b) Itela evuthayo nomsi onyuka ukusa kwixesha elingenammiselo zifanekisela ntoni, yaye yintoni ezingafanekiseli yona?
14 Ngoko, njengokuba siqhubeka nesi siprofeto sikaIsaya, masingacingi nje ngoEdom wamandulo kuphela kodwa kwanangeNgqobhoko: “Imilambo yabo iya kutshintshwa ibe yitela, nothuli lwabo lube yisalfure; nelizwe labo liya kuba njengetela evuthayo. Ebusuku okanye emini ayiyi kucinywa; umsi wayo uya kunyuka ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Isaya 34:9, 10a) Ilizwe lakwaEdom liba yingqushu ukusa kumkhamo wokuba uthuli lwalo lude lube ngathi yisalfure nemilambo yalo ibe ngathi izaliswe, kungekhona ngamanzi, kodwa yitela. Zandula ke ezi zinto zitsha ngokulula zintumekwe umlilo!—Thelekisa ISityhilelo 17:16.
15 Abanye bakugqala ukukhankanywa komlilo, itela, nesalfure njengobungqina bobukho besihogo somlilo. Kodwa uEdom akaphoselwa kuhlobo oluthile lwesihogo sasentsomini ukuze atshe ngonaphakade. Kunoko, uyatshatyalaliswa, angabikho ehlabathini ngokungathi utshiswe ngomlilo nesalfure. Njengoko esi siprofeto siqhubeka sibonisa, isiphelo sakhe, asikokuthuthunjiswa ngonaphakade, kodwa ‘kukungabi nanto, nokuba senkangala, nokuba yinto engento.’ (Isaya 34:11, 12) ‘Ukunyuka komsi wakhe ukusa kwixesha elingenammiselo’ kukubonisa ngokucacileyo oku. Xa indlu itshe yaphela, kuqhubeka kukho umsi emva kokuba amalangatye ephelile, obubungqina kubabukeli bokuba bekukho umlilo. Ekubeni amaKristu namhlanje efunda ekutshatyalalisweni kwe-Edom, kufana nokungathi umsi wokutsha kukaEdom usaqhubeka unyuka.
16, 17. Yintoni eza kwenzeka kuEdom, yaye uza kuhlala ekuloo meko ithuba elingakanani?
16 Isiprofeto sikaIsaya sihlabela mgama, sibonisa ukuba abantu bakwaEdom baza kuthatyathelw’ indawo zizilwanyana zasendle, nto leyo ethetha ukuphanziswa kwabo ngokupheleleyo: “Izizukulwana ngezizukulwana liya kubharha; ngonaphakade kanaphakade akuyi kudlula mntu kulo. Liya kuba lilifa lengcwangube nencanda, kuhlale kulo amafubesi namahlungulu; kwaye uya kolulela phezu kwalo ulutya lokulinganisa lwendawo engenanto namatye asenkangala. Izidwangube zalo—akukho nasinye apho abaya kusibizela ebukumkanini, yaye zona kanye iinkosana zalo zonke ziya kuba yinto engento. Kwiinqaba zalo zokuhlala kumele kuphume ameva, irhawu nokhula olunameva kwiindawo zalo ezinqatyisiweyo; yaye limele libe yindawo yokuhlala oodyakalashe, intendelezo yeenciniba. Nabemi bemimandla engumqwebedu bamele baqubisane nezilwanyana ezenza umkhulungwane, kwanedemon emilise okwebhokhwe iya kuya kwiqabane layo. Ewe, udebeza ngokuqinisekileyo uya kuhlala ngokukhululeka apho aze azifumanele indawo yokuphumla. Apho inyoka ejubayo izenzele indlwane, izale namaqanda.”—Isaya 34:10b-15.a
17 Ewe, ilizwe lakwaEdom liya kusala lingenanto. Liya kuba senkangala kuhlale kulo kuphela izilwanyana zasendle, iintaka neenyoka. Eli lizwe liya kuhlala libharhile “ngonaphakade kanaphakade,” njengoko indinyana 10 isitsho. Alisayi kuze lihlaziywe.—Obhadiya 18.
Ngokuqinisekileyo Ilizwi LikaYehova Liza Kuzaliseka
18, 19. Iyintoni ‘incwadi kaYehova,’ yaye yintoni egcinelwe yona iNgqobhoko ngokutsho kwale “ncwadi”?
18 Elinjani lona ukunganiki themba ikamva likaEdom wanamhlanje, iNgqobhoko! Izingqine ilutshaba olukhulu lukaYehova uThixo, yaza yawatshutshisa ngenkohlakalo amaNgqina akhe. Yaye ngokungathandabuzekiyo uYehova uza kuliphumeza ilizwi lakhe. Nabani na ohlolisisa ukuzaliseka kwesi siprofeto, uya kufumanisa kunjengokuba kanye sisitsho—njengokuba kanye ngokuqinisekileyo ngasinye sezidalwa ezikwelo lizwe liphanzileyo lakwaEdom ‘sineqabane laso.’ Ebhekisela kwabo baza kufunda esi siprofeto seBhayibhile kwixesha elizayo, uIsaya uthi: “Ziphandeleni encwadini kaYehova nize nifunde ngokuvakalayo: akukho nanye eya kusala kuzo; akukho nanye engayi kuba neqabane layo, kuba ngumlomo kaYehova onikele umyalelo, yaye ngumoya wakhe oziqokelele ndawonye. Kwaye nguYe ozenzele iqashiso, nesandla sakhe sizahlulele indawo leyo ngolutya lokulinganisa. Ziya kuyidla ilifa ukusa kwixesha elingenammiselo; ziya kuhlala kuyo izizukulwana ngezizukulwana.”—Isaya 34:16, 17.
19 Intshabalalo ezayo yeNgqobhoko ixelwe kwangaphambili “encwadini kaYehova.” Le ‘ncwadi kaYehova’ iyichaza ngokweenkcukacha indlela uYehova aza kuziphendulisa ngayo iintshaba zakhe ezingenatarhu nezithe gqolo zibandezela abantu bakhe. Oko kwakubhaliwe ngoEdom wamandulo kwazaliseka, yaye oko kuyiqinisa ngakumbi intembelo yethu yokuba isiprofeto esibhekiswa kwiNgqobhoko, uEdom wanamhlanje, naso siza kuzaliseka ngokufanayo. Ubukho bolawulo lukaYehova, olufana ‘nolutya lokulinganisa,’ busisiqinisekiso sokuba le ntlangano esethunzini lokufa ngokomoya iza kuba yinkangala ebharhileyo.
20. NjengoEdom wamandulo, yintoni eza kwenzeka kwiNgqobhoko?
20 INgqobhoko yenza wonke unako nako wokuzixolelanisa nabahlobo bayo bezobupolitika, kodwa itsho phantsi! Ngokutsho kweSityhilelo isahluko 17 nese-18, nguThixo onguSomandla, uYehova, oya kuphembelela iintliziyo zabo ukuze bayihlasele iBhabhiloni Enkulu, kuquka iNgqobhoko. Iya kuba kukuphela kobuKristu bobuxoki oko emhlabeni wonke. Imeko yeNgqobhoko iya kuba njengaleyo emfiliba echazwe kuIsaya isahluko 34. Iya kube ingasekho kwaukubakho ebudeni ‘bemfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla’! (ISityhilelo 16:14) NjengoEdom wamandulo, iNgqobhoko iya kube ibhangiswe ngokupheleleyo emhlabeni, “ngonaphakade kanaphakade.”
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngexesha likaMalaki, esi siprofeto sasisele sizalisekile. (Malaki 1:3) UMalaki uthi amaEdom ayenethemba lokubuyela ezweni lawo eliphanzileyo. (Malaki 1:4) Noko ke, oko kwakungekuko ukuthanda kukaYehova, ngoko kamva sizwe simbi, samaNabhataya, sahlala kwelo lizwe lakwaEdom.
[Ibhokisi ekwiphepha 363]
Ngaba UnguThixo Onengcwangu?
Amabinzana afana nalawo afumaneka kuIsaya 34:2-7 enze abaninzi bacinga ukuba uYehova, uchazwa kwiZibhalo zesiHebhere, njengoThixo okhohlakeleyo nonengcwangu. Ngaba kunjalo?
Akunjalo. Nangona maxa wambi uThixo eyibonakalisa ingqumbo yakhe, kodwa isoloko ithetheleleka. Isoloko isekelwe kwimigaqo, kungekhona kwiimvakalelo ezingalawulekiyo. Ngaphezu koko, isoloko ivisisana nelungelo loMdali lokufuna uzinikelo olupheleleyo kwanokunamathela kwakhe ngokungaguquguqukiyo enyanisweni. Ingqumbo yobuthixo isekelwe ekuthandeni kukaThixo ubulungisa nasekuthandeni kwakhe abo baqhelisela ubulungisa. UYehova ubona zonke iinkalo ezibandakanyekileyo yaye unolwazi olupheleleyo nolungalinganiselwanga ngemeko nganye. (Hebhere 4:13) Ujonga intliziyo; abone umkhamo wokungazi, nowokungakhathali, okanye wokona ngabom; kunjalo nje akakhethi buso bamntu.—Duteronomi 10:17, 18; 1 Samuweli 16:7; IZenzo 10:34, 35.
Noko ke, uYehova uThixo ‘uzeka kade umsindo yaye unobubele bothando obuninzi.’ (Eksodus 34:6) Ubenzela inceba abo bamoyikayo baze bazabalazele ukwenza ubulungisa, kuba uSomandla uyakuqonda ukungafezeki esikuzuz’ ilifa. Namhlanje uThixo ukwenza oko ngedini likaYesu. (INdumiso 103:13, 14) Ngexesha elifanelekileyo, uYehova uyayisusa ingqumbo yakhe kwabo bazivumayo izono zabo, baguquke, baze bamkhonze ngokunyanisekileyo. (Isaya 12:1) Ngokusisiseko, uYehova akangoThixo unengcwangu kodwa nguThixo owonwabileyo, ongeneka lula, oseluxolweni, nozolileyo kwabo bamhlonelayo. (1 Timoti 1:11) Oku kwahluke ngokupheleleyo kubuntu obungenanceba nobukhohlakeleyo boothixo bobuxoki babahedeni nobubonakala kwimifanekiso yabo thixo.
[Imaphu ekwiphepha 362]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Ulwandle Olukhulu
IDamasko
ISidon
ITire
KWASIRAYELI
KwaDan
Ulwandle LwaseGalili
Umlambo IYordan
IMegido
IRamoti-giliyadi
ISamariya
IFILISTI
KWAYUDA
IYerusalem
ILibhena
ILakishe
IBher-shebha
IKadeshe-bharneya
Ulwandle Lwetyuwa
IAMONI
IRabha
KWAMOWABHI
IKire-hareseti
IEDOM
IBhotsera
ITeman
[Imifanekiso ekwiphepha 359]
INgqobhoko izalise umhlaba ngegazi
[Umfanekiso okwiphepha 360]
“Amazulu aya kusongwa njengomsongo wencwadi”