Isahluko Sesixhenxe
Yeha Kwisidiliya Esingathembekanga!
1, 2. Yintoni ayityalayo lowo ‘uyintanda,’ kodwa imphoxa njani?
“XA KUZIWA kubuhle bolwimi nakubuciko bencoko, lo mzekeliso uhamba wodwa.” Walikhupha watsho omnye umhlalutyi weBhayibhile ebhekisela kwingabula-zigcawu kaIsaya isahluko 5. Apha uIsaya akacikozi nje ngokudlala ngamagama, kodwa usizobela umfanekiso otsho kuthi ngco ngaphakathi wendlela uYehova abanyamekela ngayo ngothando abantu bakhe. Kwangaxeshanye, ukwasilumkisa nangezinto ezingamkholisiyo.
2 Nantsi imbula-mbethe yalo mzekeliso kaIsaya: “Makhe ndivumele intanda yam ingoma yalowo ndimthandayo ngokuphathelele isidiliya sakhe. Intanda yam yaba nesidiliya ngasendulini yeziqhamo. Kwaye yemba kuso yasusa amatye yaza yatyala kuso umdiliya obomvu wohlobo, yakha inqaba phakathi kwaso. Yemba nesixovulelo sewayini kuso. Kwaye yahlala inethemba lokuba uya kuvelisa iidiliya, suka wona wavelisa iidiliya zasendle.”—Isaya 5:1, 2; thelekisa uMarko 12:1.
Ukunyanyekelwa Kwesidiliya
3, 4. Yiyiphi indlela esinyamekelwa ngayo ngokunothando esi sidiliya?
3 Asinakuqiniseka ncam ukuba uIsaya uwucula ngokoqobo lo mzekeliso okanye akunjalo, kodwa into esiyaziyo yeyokuba ubahlab’ umxhelo abaphulaphuli. Phantse inkoliso yabo ilwazi kakuhle uxanduva lokutyala isidiliya, kwaye izazi ngqo ezi zibakala achankcatha phezu kwazo uIsaya. Njengokuba kusenjalo nanamhlanje, uthi umnini-sidiliya utyala, kungekhona iimbewu zeediliya, kodwa “umdiliya obomvu,” okanye “wohlobo,” otyebileyo—unquthula isihlahla okanye ihlumelo komnye umdiliya. Aze ngokufanelekileyo, asityale isidiliya sakhe “ngasendulini yeziqhamo,” ndawo leyo esichumayo kuyo isidiliya.
4 Ubil’ izithukuthuku ukwenza isidiliya sibe nemveliso. UIsaya uthi umniniso ‘wemba umhlaba asuse namatye’—msebenzi lowo oyindinisa, noxhaphis’ amagwebu! Kusenokwenzeka ukuba kwakude kufuneke athuthe iimbokotho zamatye ukuze ‘akhe inqaba.’ Mandulo ezi nqaba zazisenzelwa ukuba abalindi baxhwarhe kuzo ukuze babek’ esweni amasela nezilwanyana.a Akugqiba, usibiyela isidiliya ngodonga lwamatye. (Isaya 5:5) Ngokuqhelekileyo injongo yoku yayikukukhusela umhlaba ungakhukuliseki.
5. Yintoni umnini-sidiliya anesizathu sokuyilindela kuso, kodwa kunoko yintoni ayifumanayo?
5 Emva kokusebenz’ agob’ umnqonqo ekhusela isidiliya sakhe, umniniso unesizathu esipheleleyo sokuthi themba mqal’ uza kuginya. Ewulinde ngamehlw’ abomvu loo mhla, uqalisa ukwemba isixovulelo. Kodwa ngaba amathemba akhe okufumana isivuno aye azaliseka? Unotshe, sisuke isidiliya sakhe samvelisela iidiliya zasendle.
Isidiliya Nomniniso
6, 7. (a) Ngubani umnini-sidiliya, yaye siyintoni sona isidiliya? (b) Nguwuphi umgwebo asibizela kuwo umniniso?
6 Ngubani isidiliya, yaye ngubani umniniso? Umnini-sidiliya uphendula ngokwakhe athi: “Ke kaloku, bemi baseYerusalem nani madoda akwaYuda, ncedani nigwebe phakathi kwam nesidiliya sam. Yintoni na esenokwenziwa ngesidiliya sam endingekayenzi? Kutheni na ukuba ndibe nethemba lokuba uya kuvelisa iidiliya, suka wona uvelise iidiliya zasendle? Ke kaloku, makhe ndinazise oko ndiya kukwenza esidiliyeni sam: Ndiza kulushenxisa uthango lwaso, size sitshiswe. Ndiza kuludiliza udonga lwaso lwamatye, sibe sisisulu sokubhuqwa.”—Isaya 5:3-5.
7 Ewe, uYehova nguye umnini-sidiliya, yaye, ngokungathi kunjalo, usibizele kwinkundla yamatyala isidiliya sakhe esimphoxileyo. Siyintoni ke sona isidiliya? Umniniso uchaza athi: “Isidiliya sikaYehova wemikhosi yindlu kaSirayeli, namadoda akwaYuda sisityalo awayesithanda.”—Isaya 5:7a.
8. Yintoni ephawulekayo ngokubiza kukaIsaya uYehova ngokuthi “lowo ndimthandayo”?
8 UIsaya ubhekisela kuYehova, ongumnini-sidiliya, ngokuthi “lowo ndimthandayo.” (Isaya 5:1) Ayingomnqa into yokuthetha kukaIsaya ngolu hlobo ngoThixo kuba wayenolwalamano olusenyongweni Naye. (Thelekisa uYobhi 29:4; INdumiso 25:14.) Noko ke, uthando lwalo mprofeti ngoThixo lutsho nganeno kothando uThixo alubonakalisileyo ‘kwisidiliya’ sakhe—esiluhlanga ‘alutyalileyo.’—Thelekisa iEksodus 15:17; INdumiso 80:8, 9.
9. UYehova ulunyamekele njani uhlanga lwakhe, njengesidiliya esixabisekileyo?
9 UYehova ‘walutyala’ uhlanga lwakhe kwilizwe lakwaKanan waza walunika imithetho nemimiselo yakhe, eyayifana nodonga lokulukhusela ekonakalisweni zezinye iintlanga. (Eksodus 19:5, 6; INdumiso 147:19, 20; Efese 2:14) Ngaphezu koko, uYehova walunika nabagwebi, ababingeleli, nabaprofeti bokuluyalela. (2 Kumkani 17:13; Malaki 2:7; IZenzo 13:20) Xa uSirayeli wayephiliswa ubomi bentshontsho yimikhosi eyayimhlasela, uYehova wavelisa abahlanguli. (Hebhere 11:32, 33) Ngoko, uYehova unesizathu sokubuza athi: “Yintoni na esenokwenziwa ngesidiliya sam endingekayenzi?”
Ukufanisa Isidiliya SikaThixo Namhlanje
10. Nguwuphi umzekeliso wesidiliya owenziwa nguYesu?
10 Kusenokwenzeka ukuba uYesu wayecinga ngala mazwi kaIsaya xa wenza umzekeliso wabalimi abakhohlakeleyo, esithi: “Kwakukho umntu, umnini-ndlu, owatyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo sewayini kuso, wamisa inqaba, waqeshisa ngaso kubalimi, waza wahambela kwenye indawo.” Ngelishwa, aba balimi bamgqebh’ olungophiyo umnini-sidiliya, bada babulala nonyana wakhe. UYesu wahlabela mgama ebonisa ukuba lo mzekeliso wawungaphelelanga nje kuSirayeli wokoqobo, esithi: “Ubukumkani bukaThixo buya kuthatyathwa kuni [Sirayeli wokwenyama] buze bunikwe uhlanga oluvelisa iziqhamo zabo.”—Mateyu 21:33-41, 43.
11. Sisiphi isidiliya sokomoya esabakho ngenkulungwane yokuqala, kodwa kwenzeka ntoni emva kokufa kwabapostile?
11 Olo “hlanga” lutsha lungqineke ‘lunguSirayeli kaThixo’—uhlanga lokomoya lwamaKristu athanjisiweyo ali-144 000. (Galati 6:16; 1 Petros 2:9, 10; ISityhilelo 7:3, 4) UYesu ubafanisa aba bafundi ‘namasebe’ amiliselwe kuye, yena ‘ongumdiliya wenyaniso.’ Ngokuzenzekelayo, kulindeleke ukuba la masebe athwale isiqhamo. (Yohane 15:1-5) Amele abonise iimpawu ezifana nezikaKristu aze abe nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela ‘iindaba ezilungileyo zoBukumkani.’ (Mateyu 24:14; Galati 5:22, 23) Kodwa bathe bakufa abapostile abalishumi elinesibini, kwavumbuluka igquba loongantweni abalilisela ngelithi bangamasebe ‘omdiliya wenyaniso’—suka batsho ukuvelisa iidiliya zasendle endaweni yeziqhamo ezihle.—Mateyu 13:24-30, 38, 39.
12. Amazwi kaIsaya ayigweba njani iNgqobhoko, yaye anasiphi isifundo kumaKristu okwenyaniso?
12 Ngoko ke, umnwe kaIsaya owawutyityimbiselw’ uYuda, namhlanje ukhombe kwiNgqobhoko. Imbali yayo—ezaliswe kukulwa, iimfazwe zayo zomnqamlezo, nokungcungcuthekisa kwayo amakholwa—ibhenca ubumuncu beziqhamo zayo! Noko ke, isidiliya sokwenyaniso esingamaKristu athanjisiweyo namaqabane aso ‘asisihlwele esikhulu,’ simele sithobele amazwi kaIsaya. (ISityhilelo 7:9) Ukuba sifuna ukumkholisa umnini-sidiliya, simele, njengomntu ngamnye nanjengeqela, sivelise iziqhamo ezimkholisayo.
“Iidiliya Zasendle”
13. UYehova uza kusenza ntoni isidiliya sakhe ngenxa yokuvelisa kwaso iziqhamo ezibi?
13 Ekubeni uYehova ezibhokoxe ngamandla ekunyamekeleni nasekuhlakuleleni isidiliya sakhe, ngoko unelungelo lokusilindela ukuba sibe ‘sisidiliya sewayini ebilayo!’ (Isaya 27:2) Kodwa, kunokuba sivelise iziqhamo eziphucukileyo, sivelisa “iidiliya zasendle,” okuthetha ngokoqobo “izinto ezinukayo” okanye “amaqunube abolileyo.” (Isaya 5:2; umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo; Yeremiya 2:21) Ngoko, uYehova uthi uza kulushenxisa “uthango” lwakhe lokukhusela olo hlanga. Olo hlanga luza ‘kutshatyalaliswa’ luze lushiywe luyinkangala ebhuqwa yimbalela. (Funda uIsaya 5:6.) UMoses wayelulumkisile ngemiphumo enjalo ukuba lwalungawuthobeli uMthetho kaThixo.—Duteronomi 11:17; 28:63, 64; 29:22, 23.
14. Sisiphi isiqhamo uYehova asilindeleyo kuhlanga lwakhe, kodwa kunoko yintoni oluyivelisayo?
14 UThixo ululindele olu hlanga ukuba luvelise iziqhamo ezihle. Oku kungqinwa nguMika, owayephila ngexesha likaIsaya, esithi: “Yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?” (Mika 6:8; Zekariya 7:9) Noko ke, olu hlanga luyasilela ukuthobela isibongozo sikaYehova. “[UThixo] wahlala enethemba lomgwebo, kodwa, khangela! kusuke kwakho ukwaphulwa komthetho; wayenethemba lobulungisa, kodwa, khangela! kusuke kwakho isikhalo.” (Isaya 5:7b) UMoses wayexele kwangaphambili ukuba olu hlanga lungathembekanga lwaluya kuvelisa iidiliya ezinetyhefu ‘zomdiliya waseSodom.’ (Duteronomi 32:32) Ngoko ke, kusenokwenzeka ukuba ukuziphatha okubi ngokwesini kwanobufanasini, kuyinxalenye yokunxaxha kwalo eMthethweni kaThixo. (Levitikus 18:22) Ibinzana elithi “ukwaphulwa komthetho” lisekwanokuguqulelwa ngokuthi “ukuphalazwa kwegazi.” Ubundlavini obunjalo bebufanele ukubangela “isikhalo” kwabo bandlandlathekiswayo—sikhalo eso esiye safikelela ezindlebeni zoMtyali wesidiliya.—Thelekisa uYobhi 34:28.
15, 16. AmaKristu okwenyaniso angakuphepha njani ukuvelisa iziqhamo ezibi ezaveliswa nguSirayeli?
15 UYehova uThixo “uthanda ubulungisa nokusesikweni.” (INdumiso 33:5) Wayalela amaYuda esithi: “Nize ningenzi okungekho sikweni ekugwebeni. Uze ungamphathi ngomkhethe osweleyo, yaye ungakhethi ubuso besikhulu. Uze usigwebe ngokusesikweni isinxulumani sakho.” (Levitikus 19:15) Ngoko simele sikuphephe ukubonisa umkhethe ekusebenzisaneni kwethu nabanye, singavumeli izinto ezinjengobuhlanga, ubudala, ubutyebi, okanye ubuhlwempu basulele indlela esibagweba ngayo abantu. (Yakobi 2:1-4) Kubaluleke ngokukodwa ukuba abo bakhonza kwizigxina zokuvelela ‘bangabi namkhethe,’ kodwa baqale bawusabele macala omabini umbandela ngaphambi kokugweba.—1 Timoti 5:21; IMizekeliso 18:13.
16 Ngapha koko, ekubeni amaKristu ephila kwihlabathi elinguvula-zibhuqe, kungalula ngawo ukutshikilela okanye ukuvukela imilinganiselo yobuthixo. Kodwa amaKristu okwenyaniso amele ‘akulungele ukuthobela’ imithetho kaThixo. (Yakobi 3:17) Phezu kwako nje ukuziphath’ okubi ngokwesini nobundlobongela bale “nkqubo yezinto engendawo yangoku,” afanele ‘ahlale ekuphaphele ngokungqongqo ukuba indlela ahamba ngayo ingabi njengeyabantu abangezozilumko kodwa ibe njengeyezilumko.’ (Galati 1:4; Efese 5:15) Amele aziphephe iimbono ezigqwethekileyo ngesini, yaye xa kuvela ukungavisisani, afanele akucombulule ngaphandle kokuba “nomsindo nengqumbo nokumemeza nokutshabhisa.” (Efese 4:31) Ngokuhlakulela kwawo ubulungisa, amaKristu okwenyaniso azukisa uThixo aze ngaloo ndlela afumane inkoliseko yakhe.
Umvuzo Wokubawa
17. Yiyiphi ihambo engendawo egxekwayo kuyeha wokuqala kaIsaya?
17 Kwindinyana 8, uIsaya akasacaphuli amazwi kaYehova. Egxeka ezinye ‘zeediliya zasendle’ ezaveliswa kwaYuda, uvakalisa ngokwakhe uyeha wokuqala kwabathandathu, esithi: “Yeha ke abo bahlanganisa indlu kwindlu, nabo bahlomela intsimi kwintsimi kude kungabikho ndawo yaye niye nahlaliswa nodwa phakathi kwelizwe! Ezindlebeni zam uYehova wemikhosi ufungile ukuba izindlu ezininzi, nangona zinkulu yaye zilungile, ziya kuba yinto yokukhwankqisa, kungekho mmi. Kuba kwaneeakile ezilishumi ziya kuvelisa umlinganiselo omnye webhate, kwanomlinganiselo wehomere yembewu uya kuvelisa umlinganiselo we-efa.”—Isaya 5:8-10.
18, 19. Abantu bomhla kaIsaya bayigatya njani imithetho kaYehova ephathelele umhlaba, kwaye uya kuba yintoni umphumo woko?
18 KuSirayeli wamandulo lonke ilizwe lalilelikaYehova. Ntsapho nganye yayinelifa eyayilabelwe nguThixo, eyayivumelekile ukuba ingaliqeshisa kodwa ingathengisi “ngalo ngonaphakade.” (Levitikus 25:23) Lo mthetho wawuthintela ukuxhaphaza, njengokuhluthwa kwamalungelo okuba nomhlaba. Kwakhona wawukhusela iintsapho ekutshoneni zwabha kubuhlwempu. Noko ke, bambi kwaYuda, ngenxa yokubawa, babeyaphula le mithetho kaThixo iphathelele umhlaba. UMika wabhala: “Banqwenele amasimi baza bawahlutha, nezindlu, baza bazithabatha; yaye baqhathe indoda eyomeleleyo nendlu yayo, indoda nelifa layo.” (Mika 2:2) Kodwa IMizekeliso 20:21 ilumkisa ngokuthi: “Ilifa lifunyanwa ngokubawa ekuqaleni, kodwa ikamva lalo aliyi kusikelelwa.”
19 UYehova uthembisa ukuba uza kuwohlutha la mabawa loo nzuzo yawo yobuqhetseba. Ezo zindlu baziphangileyo aziyi ‘kuba nammi.’ Naloo mihlaba bayirhwaphilizileyo ayiyi kuba namveliso. Ukuba esi siqalekiso siya kuzaliseka njani yaye nini akuchazwanga. Kusenokwenzeka ukuba, ngokuyinxenye sibhekisela kubugxwayiba obuya kubangelwa kukuthinjelwa kwabo eBhabhiloni kwixesha elizayo.—Isaya 27:10.
20. AmaKristu namhlanje anokukuphepha njani ukuxelisa isimo sengqondo sokubawa esaboniswa ngabathile kuSirayeli?
20 AmaKristu namhlanje amele akucekise ukunyoluka okwabonakaliswa ngamaSirayeli athile ngelo xesha. (IMizekeliso 27:20) Xa izinto eziphathekayo zisiba yeyona nto ibalulekileyo kuthi, kuba lula ukurhwebesheleka koondlela-mnyama bokufumana imali. Ubani angade azibone sele erhintyeleke kushishino olungacacanga okanye kwiindlela zobuqhinga zokungenisa imali ngokukhawuleza. “Ongxamela ukuzuza ubutyebi akayi kuhlala emsulwa.” (IMizekeliso 28:20) Ngoko, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukwanela koko sinako!—1 Timoti 6:8.
Umgibe Wokuzonwabisa Okuthandabuzekayo
21. Ziziphi izono ezigxekwayo kuyeha wesibini kaIsaya?
21 Ngoku uIsaya udanduluka ngoyeha wakhe wesibini, esithi: “Yeha ke abo bavuka ekuseni ukuze bafune nje isiselo esinxilisayo, abazilazila kude kuhlwe ekutshoneni kwelanga ukuze batshiswe yiwayini! Kubakho uhadi, nomrhubhe, nentambula, nembande, ndawonye newayini emathekweni abo; kodwa umsebenzi kaYehova abawukhathalele, nomsebenzi wezandla zakhe abawubonanga.”—Isaya 5:11, 12.
22. Kukuphi ukuswela ukuzeyisa okuphawulekayo kuSirayeli, yaye oko kuza kuba nawuphi umphumo kolo hlanga?
22 UYehova ‘unguThixo onoyolo’ yaye akananxa nokuzonwabisa kwabakhonzi bakhe ngomlinganiselo ofanelekileyo. (1 Timoti 1:11) Kodwa ke, bona aba bathandi bezisusa batsibe ilitye likaPhungela! “Abo banxilayo ngokuqhelekileyo banxila ebusuku,” itsho njalo iBhayibhile. (1 Tesalonika 5:7) Kodwa bona aba bavukeli abachazwe kwesi siprofeto, bavukel’ ezindywaleni kwangentseni, baqhubeke bezinkcinkca lide liye kutshona! Baziphethe ngokungathi akukho Thixo, ngokungathi abazukuphenduliswa ngezenzo zabo. UIsaya ubalumkisa kwangaphambili ukuba amasi abekw’ elangeni. “Kuya kufuneka abantu bam baye ekuthinjweni ngenxa yokuswela ulwazi; nozuko lwabo luya kuba ngabantu ababhuqwe yindlala, nesihlwele sabo siya kutsha lunxano.” (Isaya 5:13) Ngenxa yokwala kwabo ukwenza ngokuvisisana nolwazi lokwenyaniso, abantu bakaThixo bomnqophiso—abakhulu nabancinane—baya kuginywa yiShiyol.—Funda uIsaya 5:14-17.
23, 24. Yiyiphi imibandela amaKristu abongozwa ukuba abonise ukuzeyisa nobungcathu kuyo?
23 Naphakathi kwamaKristu enkulungwane yokuqala, ayekho awayenengxaki ‘yeziyunguma’ okanye “amatheko anengxolo.” (Galati 5:21; Byington; 2 Petros 2:13) Ngoko ayimangalisi into yokuba nanamhlanje esekho amaKristu azinikeleyo anobuthathaka bokugcina ulungelelwano xa kuziwa kumbandela weembutho zokuzonwabisa. Wambi, ngenxa yokutshela ebhotileni, aye axokozele ethethela phezulu. (IMizekeliso 20:1) Amanye athi akuziw’ entloko butywala azibhakaxe ekuziphatheni okubi, yaye kwezinye iziyunguma kududw’ ubusuku bonke, nto leyo ephazamisana nemisebenzi yawo yobuKristu ngosuku olulandelayo.
24 Noko ke, wona amaKristu alungeleleneyo avelisa iziqhamo zobuthixo, yaye akenzi nje uvula-zibhuqe kodwa aba ngcathu ekuzonwabiseni. Athobela icebiso likaPawulos elifumaneka kumaRoma 13:13, elithi: “Njengakwixesha lasemini masihambe ngokundilisekileyo, kungekhona kwiziyunguma nasezindywaleni.”
Ukuthiya Isono Nokuthanda Inyaniso
25, 26. Yiyiphi ingcamango engendawo yamaSirayeli ayibhencayo uIsaya kuyeha wakhe wesithathu nowesine?
25 Ngoku khawubek’ indlebe kulo yeha wesithathu nowesine kaIsaya: “Yeha ke abo batsala isiphoso ngeentsontelo zokungabi nanyaniso, nesono ngokungathi kungeentambo zenqwelo; abo bathi: ‘Mawungxame umsebenzi wakhe; mawuze ngokukhawuleza, ukuze siwubone; necebo laLowo Ungcwele kaSirayeli malisondele lize lifike, ukuze silazi!’ Yeha ke abo bathi okulungileyo kubi nokubi kulungile, abo babeka ubumnyama endaweni yokukhanya nokukhanya endaweni yobumnyama, abo babeka ubukrakra endaweni yobumnandi nobumnandi endaweni yobukrakra!”—Isaya 5:18-20.
26 Asikuko nokuba apha uluthi thaca elubala uqheliselo lwabo lwesono! Barhuqa isono oku kweqegu lirhuqa inqwelo. Aboyiki nomhla lo womgwebo. Kunoko basuka banyevule bathi: “Mawuze ngokukhawuleza [umsebenzi kaThixo]!” Kunokuba bathobele uMthetho kaThixo, babhidanis’ iikomityi, bathi “okulungileyo kubi nokubi kulungile.”—Thelekisa uYeremiya 6:15; 2 Petros 3:3-7.
27. AmaKristu namhlanje anokuyiphepha njani ingcamango efana neyamaSirayeli?
27 Namhlanje amaKristu amele enze konke okusemandleni ukuphepha isimo sengqondo esinjalo. Ngokomzekelo, akayamkeli imbono yehlabathi yokulugqala uhenyuzo nobufanasini njengento eyamkelekileyo. (Efese 4:18, 19) Liyinyaniso elokuba, umKristu ‘usenokuqutyulwa sisiphoso’ aze enze isono esinzulu. (Galati 6:1) Abadala bebandla bahlala bekulungele ukubanceda abo bawileyo nabafuna uncedo. (Yakobi 5:14, 15) Ngoncedo lomthandazo nesiluleko esisekelwe eBhayibhileni, banako ukuhlaziyeka kwakhona ngokomoya. Kungenjalo, basengozini yokuba ‘ngamakhoboka esono.’ (Yohane 8:34) Kunokuba agculele uThixo aze angayikhathaleli imini yakhe yomgwebo ezayo, amaKristu azabalazela ukuhlala ‘engenabala nasiphako’ phambi koYehova.—2 Petros 3:14; Galati 6:7, 8.
28. Ziziphi izono ezigxekwayo kooyeha bokugqibela bakaIsaya, yaye amaKristu namhlanje anokuziphepha njani izono ezinjalo?
28 Ngoko utyaphile uIsaya ngokongeza aba yeha bokugqibela, esithi: “Yeha ke abo bazizilumko kwawabo amehlo nabaziingqondi phambi kobuso babo! Yeha ke abo banamandla ekuseleni iwayini, namadoda anamandla okuphithikeza isiselo esinxilisayo, abo bavakalisa ongendawo elilungisa ngokunikela ingqalelo kwisinyobo, nabo basusa ubulungisa belungisa kulo!” (Isaya 5:21-23) Kubonakala ukuba la mazwi ayebhekiswa kwabo babekhonza njengabagwebi elizweni. Abadala bebandla namhlanje bayakuphepha ukuba “zizilumko kwawabo amehlo.” Basamkela ngokuthobekileyo isiluleko esivela kwabanye abadala baze banamathele ngokusondeleyo kwimiyalelo yentlangano. (IMizekeliso 1:5; 1 Korinte 14:33) Bangcathu ekusebenziseni iziselo ezinxilisayo, yaye abaziseli xa beza kuphumeza iimbopheleleko zebandla. (Hoseya 4:11) Kwakhona abadala bayakuphepha ukwenza nantoni na esenokubenza babonakale benomkhethe. (Yakobi 2:9) Hayi indlela abahluke ngayo kubefundisi beNgqobhoko! Abaninzi babo bazinyathelela phantsi izono zamalungu adumileyo nazizinhanha ezikunye nabo, besenza kanye okuchaseneyo noko umpostile uPawulos alumkisa ngako kwabaseRoma 1:18, 26, 27; 1 Korinte 6:9, 10; nakwabase-Efese 5:3-5.
29. Liliphi ishwangusha esilindelwe lilo isidiliya sikaYehova esinguSirayeli?
29 UIsaya uqukumbela ngokuchaza ishwangusha eliza kwehlela abo ‘bawugatyileyo umthetho kaYehova’ baza basilela ukuvelisa iziqhamo zobulungisa. (Isaya 5:24, 25; Hoseya 9:16; Malaki 4:1) Uthi: “[UYehova] uphakamisele uhlanga olukhulu nolukude umqondiso, walubethela umlozi lusesiphelweni somhlaba; yaye, khangela! luya kungena ngokukhawuleza.”—Isaya 5:26; Duteronomi 28:49; Yeremiya 5:15.
30. Ngubani oza kuhlanganisela kwindawo yembutho “uhlanga olukhulu” nxamnye nabantu bakaYehova, yaye uza kuba yintoni umphumo woko?
30 Mandulo phayaa kwakudla ngokumiswa isibonda endulini ephakamileyo ‘njengomqondiso,’ okanye indawo yembutho, yabantu okanye yemikhosi. (Thelekisa uIsaya 18:3; Yeremiya 51:27.) Ngoko uYehova ngokwakhe uza kuhlanganisela kwindawo yembutho “uhlanga olukhulu” olungabizwanga ngagama ukuba luphumeze umgwebo wakhe.b Uza ‘kulubethela umlozi,’ oko kukuthi, uza kutsalela ingqalelo yalo kubantu bakhe abaphum’ izithuba ukuze lubahlasele luboyise. Ngoku lo mprofeti uchaza indlela ehambis’ umzimba aba bahlaseli abaya kuluthi qwaka-qwaka ngayo njengengonyama uhlanga lukaThixo, ‘babambe amaxhoba bemke nawo ekhuselekile’ ukuwasa ekuthinjweni. (Funda uIsaya 5:27-30a.) Hayi indlela embi ngayo into eya kwenzeka kwilizwe labantu bakaYehova! “Okunene ubani uya kondela emhlabeni, kwaye khangela! kukho ubumnyama obubandezelayo; kwanokukhanya kuye kwaba mnyama ngenxa yokusithwa ngamafu.”—Isaya 5:30b.
31. AmaKristu okwenyaniso anokukuphepha njani ukufumana isohlwayo esafunyanwa sisidiliya sikaYehova esinguSirayeli?
31 Ewe, isidiliya awasityalayo uThixo, wasithanda, sizingqine siyinkqantosi—kungekho nto yimbi isifaneleyo ngaphandle kokutshatyalaliswa. Esinjani sona ukuba namandla isifundo amazwi kaIsaya asidlulisela kubo bonke abakhonzi bakaYehova banamhlanje! Ngamana bangazabalazela ukuvelisa iziqhamo ezihle kuphela, ukuze kuzukiswe uYehova nabo basindiswe!
[Imibhalo esemazantsi]
a Bambi abaphengululi bakholelwa ukuba izakhiwo zokwexeshana, ezinjengamaphempe, okanye amatyotyombe, zaziqheleke ngakumbi kuneenqaba zamatye. (Isaya 1:8) Ngoko ukwakhiwa kwenqaba ‘esidiliyeni’ kwakubonisa ukuba umniniso uzibhokoxe ngokupheleleyo.
b Kwezinye iziprofeto, uIsaya uyichaza iBhabhiloni njengohlanga oluphumeza umgwebo kaYehova wokuphanzisa uYuda.
[Umfanekiso okwiphepha 83]
Isono sinamathele kumoni njengenqwelo etsalwa liqegu
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 85]