ISAHLUKO SESHUMI ELINANYE
“Abalusi Ngokuvumelana Nentliziyo Yam”
1, 2. (a) Yintoni enokwenzeka xa umhlambi wezimvu ungakhuselwanga? (b) Wawuquka ntoni umsebenzi womalusi ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile?
UHIROYASU waseJapan wayeseyinkwenkwana xa unina wayethenga imazi nenkunzi yegusha. Wayezalusa, ibe loo mazi yayizala kabini ngonyaka, waza ke loo mhlambi wanda. Xa wayeneminyaka eli-12 ubudala, ezo gusha zazisele zili-12 okanye zili-13. Uthi: “Ngenye intseni ndandisalele, ndaza ndaziva zikhala. Ndazilazila ukuphuma ndiye kuzijonga. Ekugqibeleni ndade ndaya, ibe ndafika amaxhwili (izinja zasendle) sele ebaleka eshiya izisu zamatakane zidlabhukile. Ndibhuduzela ndaya kukhangela unina. Ndamfumana esarhoxoza, yaye entyumpantyumpeka egazini. Kwakusinde inkunzi kuphela. Intliziyo yam yaba lihlwili. Akwaba ndandiphume kwangoko xa ndisiva izimvu zikhala. Zange zikwazi ukuzikhusela kwezo zinja.”
2 Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, phantse wonke umntu wayeqhelene nomsebenzi womalusi. Umsebenzi wakhe yayikukukhokela umhlambi awuse emadlelweni nokuqinisekisa ukuba ufumana ukutya okwaneleyo. Wayewukhusela nakumarhamncwa aze akhangele izimvu ezilahlekileyo. (1 Sam. 17:34-36) Wayemele aqinisekise ukuba izimvu zakhe aziphazanyiswa xa ziphumle. Wayezinceda naxa zizala aze anyamekele loo matakane. Ababhali beBhayibhile abaninzi, kuquka uYeremiya, babesebenzisa umalusi ukufanekisela umntu onyamekela abantu, enoba ngumlawuli wabo okanye ngumveleli kwizinto zobuthixo.
3. UYeremiya wayebhekisela kwintoni xa wayethetha ‘ngomalusi’ ‘nokwalusa’?
3 Bambi kwibandla lamaKristu basenokucinga ukuba abadala bangabalusi kuphela xa betyelela abazalwana ukuze babancede yaye babakhuthaze. Kodwa indlela uYeremiya alisebenzisa ngayo igama elithi ‘umalusi’ nelithi ‘ukwalusa,’ isinceda sibone ukuba wawasebenzisa kuzo zonke iinkalo eziphathelele ulwalamano lwabaveleli bakwaYuda nabantu. UThixo wayesoloko ezigweba ngokuthi ngabalusi abangendawo iinkosana, abaprofeti nababingeleli bakwaYuda ngenxa yokuba babengenaxesha labantu abaqhelekileyo. (Yer. 2:8) Babeziphatha kakubi, bezilahlekisa yaye bengazikhathalelanga “izimvu” zabo ngoxa babethe phithi yiminqweno yabo yokuzingca. Abantu bakaThixo basala bekwimeko emaxongo ngokomoya. UYehova wabhengeza ‘uyeha’ nxamnye nabo balusi bobuxoki, waza waqinisekisa abantu bakhe ukuba wayeza kubanika abalusi abanenyameko ababeza kuwukhusela ngokwenene umhlambi.—Funda uYeremiya 3:15; 23:1-4.
4. Ngubani onyamekela umhlambi kaThixo namhlanje, yaye uwuphatha njani?
4 Esi sithembiso sikaThixo sazaliseka ngokuyintloko kuMalusi Oyintloko wezimvu zikaYehova, uYesu owaba yiNtloko yebandla lamaKristu. Wazibiza ngokuba ‘ungumalusi omhle,’ onovelwano ngokwenene kwabo abakhokelayo. (Yoh. 10:11-15) Namhlanje, uYehova usebenzisa abalusi abangaphantsi kukaYesu ukuze banyamekele umhlambi wakhe osemhlabeni, abo bangabazalwana abathanjisiweyo bodidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi kunye nabadala abanenkathalo ‘besihlwele esikhulu.’ (ISityhi. 7:9) Aba balusi bazabalazela ukuxelisa umoya wokuzincama awayenawo uYesu. Bafuna ukondla nokuhlaziya ibandla ngokuxelisa uKristu. Yeha kuye nabani na ongabakhathaleliyo, obagonyamelayo, ongqwabalala okanye onekratshi kubazalwana bakhe! (Mat. 20:25-27; 1 Pet. 5:2, 3) Yintoni efunwa nguYehova kubalusi abangamaKristu namhlanje? Yintoni esinokuyifunda kwiincwadi zikaYeremiya ngokuphathelele isimo sengqondo neentsusa abafanele babe nazo abadala xa benyamekela iimbopheleleko zabo? Makhe siqwalasele indima abanayo njengabancedi nabakhuseli, njengabafundisi ngaphakathi nangaphandle ebandleni nanjengabagwebi.
UKUKHUSELA
5-7. (a) Yiyiphi indlela uYehova alindele ukuba izimvu zakhe zinyanyekelwe ngayo, yaye ngoba? (b) Abadala banokubonisa njani ukuba babathanda ngokwenene abazalwana babo, kuquka abo baye baphambuka?
5 Umpostile uPetros wabiza uYehova ngokuthi ‘ngumalusi nomveleli wemiphefumlo yethu.’ (1 Pet. 2:25) UThixo uziphatha njani “izimvu zakhe”? Impendulo yalo mbuzo sinokuyifumana ngokuqwalasela oko kwakusenzeka ngomhla kaYeremiya? Emva kokugxeka kwakhe abalusi abangendawo ababewuchithachithile baza abawukhathalela umhlambi, uYehova wathi wayeza ‘kuziqokelela’ izimvu zakhe, aze azibuyisele edlelweni lazo. Wathembisa ukuba wayeza kuzimisela abalusi abalungileyo ‘ababeya kuzalusa’ baze baqinisekise ukuba abantu bakhe bakhuselekile kwiintshaba ezinogonyamelo. (Yer. 23:3, 4) Ngokwenene, uYehova wayezixabisile izimvu zakhe. Usazixabise ngolo hlobo ke nanamhlanje. Uye wazihlawulela ixabiso elingathethekiyo ukuze ziphile kakuhle ngonaphakade.—1 Pet. 1:18, 19.
6 Njengabalusi bokoqobo, abaveleli abangamaKristu bamele bangayenzi nakancinane impazamo yokungalikhathaleli ibandla. Ukuba ungumdala, ngaba uzabalazela ukuphaphela nantoni ebonisa ukuba abazalwana bakho banengxaki yaye ukulungele ukubanceda ngokukhawuleza? UKumkani uSolomon osisilumko wathi: “Umele uyazi imbonakalo yomhlambi wakho. Beka intliziyo yakho emihlambini yakho.” (IMize. 27:23) Le ndinyana ibalaselisa ukukhuthala kwabalusi bokoqobo; ukanti umgaqo okuyo unokubhekisela nakwindlela abalusi bokomoya abalinyamekela ngayo ibandla. Ukuba ungumdala, ngaba ukuzabalazela ngamandla ukulwa notyekelo lokufuna ukongamela abanye? Isibakala sokuba uPetros wakhankanya into yokungabi “ziinkosi phezu kwabo balilifa likaThixo” sibonisa ukuba kunokuba lula ngomdala ukwenza oko. Yintoni onokuyenza ukuze uphumeze oko kuchazwe kuYeremiya 33:12? (Funda.) Abazali abangenawo amaqabane, abahlolokazi, iintsapho ezinabazali abangengabomtshato wokuqala, abalupheleyo nabaselula kusenokufuneka bancedwa ngokukhethekileyo kwiinkalo ezithile.
7 Kanye njengokuba umalusi esenza kwimvu yokoqobo, maxa wambi umalusi webandla kusenokufuneka azikhangele izinto anokubanceda kuzo abo baye bathi ngezizathu ezahlukahlukeneyo baphambuka emhlambini. Oku kuya kufuna ukuba azincame yaye athobeke. Ngomonde uchitha ixesha enyamekela iintswelo zabo aphathiswe ilungelo lokuba abanyamekele. Kuya kuba kuhle gqitha ukuba abadala bebandla bazibuze oku: ‘Ndikuzabalazela kangakanani ukukhuthaza nokwakha endaweni yokuhlaba amadlala? Ngaba ndikuzabalazela ngokunyanisekileyo ukuphucula?’ Maxa wambi kusenokufuneka imigudu ephindaphindiweyo ukuze ubani abone izinto ngendlela kaThixo. Ukuba umzalwana okanye udade umadolw’ anzima ukwamkela isiluleko seZibhalo (kungekhona imbono nje yomntu), khumbula uMalusi noMveleli Ophakamileyo, uYehova. Ngomonde ‘wahlala ethetha’ yaye ezama ukubanceda abantu bakhe ababephambuka. (Yer. 25:3-6) Inkoliso yabantu bakaThixo namhlanje ayenzi zinto zimbi, kodwa xa kufuneka belulekiwe, umdala umele abaluleke njengoYehova.
8. Abalusi bokomoya banokuwuxelisa njani umzekelo kaYeremiya?
8 Ngoxa wayesenethemba lokuba amaYuda akowabo ayenokubuyela kuYehova, uYeremiya wawathandazela. Wathi kuThixo: “Khumbula ukuma kwam phambi kwakho ukuze uthethe okulungileyo ngokuphathelele bona, ukuze ubuyise umsindo wakho kubo.” (Yer. 18:20) Kula mazwi akhe sibona kakuhle ukuba uYeremiya wayekhangela izinto ezintle kubazalwana bakhe kunokuba abacingele kakubi. Nabo abaveleli abangamaKristu namhlanje bamele baxelise uYeremiya de kubekho ubungqina obucacileyo bokuba ubani akazimiselanga kuguquka. Kuhle ukubancoma abanye ngezinto ezintle abazenzayo, ukubathandazela uze uphinde uthandaze nabo.—Mat. 25:21.
Esebenzisa uYeremiya, uThixo wabathembisa ntoni abalusi bokomoya? Abaveleli abangamaKristu banokuzikhusela njani izimvu?
“NGOKUQINISEKILEYO BAYA KUNONDLA”
9, 10. Yintoni ebangela ukuba kuthiwe ukuba ngumalusi olungileyo (umdala webandla) kuthetha ukuba ngumfundisi?
9 Ngokuvisisana noku sikufunda kuYeremiya 3:15, abaveleli abangamaKristu bamele ‘bondle abanye ngolwazi nangengqiqo,’ nto leyo ethetha ukuba babe ngabafundisi. (1 Tim. 3:2; 5:17) UYehova wathembisa abantu bakhe ukuba abalusi abalungileyo babeza kukwenza oku. Waphinda wakhuthaza amaYuda ukuba avume ukulungiswa ngumprofeti uYeremiya. (Funda uYeremiya 6:8.) Ukuze izimvu ziphile, kufuneka zondliwe. Ngokufanayo, ukuze abantu bakaThixo bahlale bephilile ngokomoya, kufuneka bafumane ulwalathiso lweZibhalo baze bondliwe ngokomoya.
10 Xa kufikelelwa kumbandela wokufundisa, abadala badlala iindima ezimbini—eyokunceda amalungu ebandla neyokunceda abo bangekabi ngawo amaKristu. Kumbandela wokunceda abo bangekabi ngawo, khumbula: Esinye sezizathu ezibalulekileyo zokubakho kwebandla lamaKristu kukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ngenxa yesi sizathu, abadala bamele babe ngabashumayeli abanenzondelelo. (Yer. 1:7-10) Ngokwenjenjalo, baphumeza imbopheleleko abayithwaliswe nguThixo ngoxa kwelinye icala bemisela abazalwana babo umzekelo omhle. Ukuba ungumdala, ngaba ukushumayela rhoqo nabazalwana noodade abahlukahlukeneyo akukuniki ithuba lokubanceda baphucule izakhono zabo zokufundisa ngoxa nawe uphucula esakho? Xa uzibhokoxa kumsebenzi wokushumayela, ukhuthaza abazalwana, nto leyo iya kubangela inkqubela ebandleni.
11, 12. Umdala ofuna ukuba ngumalusi olungileyo umele anikele ingqalelo kweyiphi inkalo?
11 Izinto ezifundiswa ngabadala ebandleni zimele zisekelwe eBhayibhileni; ngaloo ndlela ziya kuba kukutya kokomoya okunesondlo. Ngoko ke, ukuze abalusi bebandla babe ngabafundisi abaphumelelayo, bafanele babe ngabafundi beLizwi likaThixo abanenzondelelo. Oku kwahluke gqitha koko kwathethwa nguYeremiya ngesizathu sokuba iinkokeli zomhla wakhe zisilele ukubaphatha kakuhle abantu bakowabo esithi: “Abalusi baziphethe ngokungenangqiqo, kwaye abamfunanga uYehova. Kungenxa yoko le nto bengenzanga ngengqiqo, yaye zonke izilwanyana zabo ezisemadlelweni zichithachithekile.” (Yer. 10:21) Abo babefanele babe ngabafundisi, babengalandeli imigaqo yeZibhalo yaye bengazikhathazi ngokufuna uThixo. Yiloo nto bengazange babe nobulumko bokwenene. UYeremiya wavakalisa isigidimi somgwebo esiqatha nxamnye nabo babebizwa ngokuba ngabaprofeti.—Funda uYeremiya 14:14, 15.
12 Ngokungafaniyo nabo balusi bobuxoki, abaveleli abangamaKristu bayafundisisa baze baxelise umzekelo kaYesu. Ngenxa yoko, baba ngabalusi abalumkileyo. Kusenokuba nzima kubo ukulandela ucwangciso abanalo lokufundisisa rhoqo, ngakumbi xa ucinga ngezinto ezininzi ezifuna ixesha nengqalelo yabo. Kodwa ukuba ungumdala, ngaba uqinisekile ukuba izinto ozifundisayo zinokuba yingenelo yaye ziyinyaniso, zibonisa ulwazi nokuqonda kuphela xa zisekelwe kwiLizwi likaThixo nolwalathiso oluvela kudidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi? Xa uphawula ukuba akusafundisisi rhoqo njengangaphambili, yintoni oya kuyenza ukuze uhlale wahlukile kubalusi bobuxoki bomhla kaYeremiya?
13. Yintoni eyanceda uYeremiya ukuze abe ngumfundisi olungileyo, yaye abalusi abangamaKristu banokufunda ntoni kuye namhlanje?
13 Enye into eyayisenza uYeremiya abe ngumfundisi ophumelela ngokukhethekileyo yayikukusebenzisa imizekeliso. Kaloku, wayeyalelwa nguYehova. Yayingenakulibaleka kwaphela into yokumbona ephahlaza isitya sodongwe emhlabeni aze avakalise into yokuba iYerusalem nabantu bayo babeza kuphahlazwa ngendlela efanayo. (Yer. 19:1, 10, 11) Omnye umzekelo ngowokuba uYeremiya wenza idyokhwe yomthi waza wayigaxa entanyeni ebonisa indlela ababeza kubandezeleka ngayo abantu bakowabo xa bezithoba kwiBhabhiloni. (Yer., isahluko 27-28) Abadala abasebandleni lakho abalathiswanga nguThixo ukuba benze izinto ezinjalo ukuze babethelele ingongoma ethile. Sekunjalo, ngaba akuyixabisi indlela abayisebenzisa ngayo imizekeliso namava xa befundisa? Liyinyaniso elokuba unokuchukumiseka uze ukhuthazeke xa usiva amazwi acingisiswe kakuhle nemizekeliso efanelekileyo.
14. (a) Yintoni eyayibangela ukuba uYeremiya athethe ‘ngebhalsam yaseGiliyadi’? (b) Abadala abangamaKristu banokubakhuthaza njani abazalwana babo ngokomoya?
14 Simele sibe nombulelo ongazenzisiyo ngemfundiso esiyifumana kubalusi abangamaKristu. Ngomhla wakhe, uYeremiya wayibona imfuneko yokuba abantu bancedwe ngokomoya. Wabuza: “Akukho bhalsam na eGiliyadi? Okanye akukho mphilisi na apho?” (Yer. 8:22) EGiliyadi, inxalenye yakwaSirayeli ekwimpuma yeYordan, kwakukho ibhalsam yokoqobo. Le oli yesityalo esinevumba elimnandi yayisaziwa ngokunyanga, ngoko yayidla ngokusetyenziswa ekunyangeni amanxeba. Kodwa yayingabanyangi abantu ngokomoya. Ngoba? UYeremiya wathi: “Abaprofeti okunene baprofeta ubuxoki; ke bona ababingeleli, bahamba besoyisa ngokwamandla abo. Kwaye abantu bam bathande ngaloo ndlela.” (Yer. 5:31) Kuthekani namhlanje? Ngaba akuvumi ukuba ikho ‘ibhalsam yaseGiliyadi’ ebandleni lakho? Ibhalsam ephilisayo sinokuyifanisa nentuthuzelo esiyifumana kubalusi abangamaKristu xa besalathisa abazalwana ngemigaqo yeZibhalo, bebakhuthaza, bebathandazela yaye bethandaza nabo.—Yak. 5:14, 15.
Ziziphi iinkalo zokufundisa ozithanda ngokukhethekileyo kubadala bebandla lakho? Yintoni ebangela ukuba baphumelele xa befundisa?
“UTSHO UYEHOVA UKUTHI”
15, 16. Yintoni ebangela ukuba izimvu zokoqobo nezokomoya zifune ukunyanyekelwa?
15 Khawube nomfanekiso-ngqondweni wendlela avuya ngayo umalusi xa umsebenzi wakhe wexesha elide nonzima uvuzwa ngokuzalwa kwamatakane angumqabaqaba. Sekunjalo, uyazi ukuba kusafuneka awanyamekele ukuze akhule kakuhle. Kufuneka aqinisekise ukuba ayondleka. Amatakane azalwa enemisila emide esenokurhuqa emhlabeni ize ingcole. Umalusi ufuna imfuyo yakhe ihlale icocekile yaye isempilweni, ngoko usenokuyinqumla loo misila, esenjenjalo ngobuchule ukuze ingaqaqanjelwa ngokungeyomfuneko. Nabo ke abalusi bokomoya bazinyamekela ngothando izimvu, ezingamalungu ebandla abakulo. (Yoh. 21:16, 17) Abadala bavuya gqitha xa bebona abantu abanomdla besiba ngamaKristu okwenyaniso. Abaveleli abangamaKristu bafuna zonke izimvu, ezincinane nezikhulileyo ukuba zibe sempilweni yaye zondliwe kakuhle, ngoko abayeki ukuzinyamekela nokuzinceda xa kuyimfuneko. Ngokuqinisekileyo oku kuquka ukukhumbuza abazalwana babo ngoko ‘akutshoyo uYehova,’ oko kukuthi, ngoko kufundiswa ziZibhalo.—Yer. 2:2, 5; 7:5-7; 10:2; Tito 1:9.
16 UYeremiya kwakufuneka abe nesibindi ukuze avakalise isigidimi sikaThixo. Benjenjalo ke nabaveleli bamabandla, ngokukodwa xa kufuneka bathethe ukuze bakhusele abazalwana babo. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba umalusi wokomoya ubona kufanelekile ukuba angenelele ukuze ancede ‘itakane’ okanye “imvu” ekhulileyo ekubeni ingcoliswe lihlabathi elimdaka likaSathana. Kusenokwenzeka ukuba loo mvu isengozini ayiqondi ukuba ifuna ukuncedwa. Ngaba umalusi onenyameko angayenza into yokuma asonge izandla ngoxa ebona ukuba ilungu lomhlambi wakhe lingena engozini? Kakade ke akanakuyenza loo nto. Akayenzi nento yokuyibetha ngoyaba loo meko, enze ngathi izinto zihamba kakuhle ngoxa ebona ukuba akunjalo yaye oko kunokuphumela ekubeni omnye umkhonzi aphulukane noxolo analo noYehova.—Yer. 8:11.
17. Kuxa kutheni apho umalusi efanele ancede ngokukhethekileyo imvu ethile yaye umele akwenze njani oko?
17 Ukuba imvu engalumkanga ibhadulela kude nomhlambi, umalusi ophaphileyo uyakhawuleza ukuyibuyisela emhlambini. (Funda uYeremiya 50:6, 7.) Ngokufanayo, maxa wambi umveleli kusenokufuneka athethe qatha kodwa ngothando nabo baphambukela engozini. Ngokomzekelo, usenokuphawula ukuba isibini esithembisene umtshato sichitha ixesha kunye ngaphandle kwempelesi kwiindawo ekunokuba lula ukuba siziphathe kakubi kuzo. Umdala onothando nobacingelayo abanye abantu usenokusinceda eso sibini siphephe ukuzichanaba kwiimeko ezinjalo. Ngoxa emele alumke angabi ngathi uyasityhola, usenokusinceda sibone indlela ekunokuba lula ngayo ukwenza izinto azithiyileyo uYehova. NjengoYeremiya, abadala abathembekileyo abazifuni izinto ezingafunwayo nguThixo. Xa besenjenjalo, baxelisa uYehova owathi nakuba engekho ngqwabalala wababongoza abantu bakhe esebenzisa umprofeti esithi: “Ncedani, musani ukuyenza le nto icekisekayo nendiyithiyileyo.” (Yer. 5:7; 25:4, 5; 35:15; 44:4) Ngaba uyixabisa ngokwenene inkxalabo eboniswa ngabalusi abanothando emhlambini?
18. Yiyiphi imiphumo ekhuthazayo efumaneka ngenxa yemigudu yabalusi bokomoya?
18 Kakade ke, asingabo bonke abantu abamphulaphulayo uYeremiya xa wayebaluleka. Kodwa bakho abamphulaphulayo. Ngokomzekelo, xa uBharuki owayengumhlobo nonobhala wakhe kwakufuneka amluleke qatha, uYeremiya wakwenza ngokukhululekileyo oko. (Yer. 45:5) Waba yintoni umphumo? UBharuki wamkholisa uThixo waza wasinda xa kwakutshatyalaliswa iYerusalem. Ngokufanayo namhlanje, imiphumo emihle inokukhuthaza abadala bebandla ukuba ‘baqhubeke bezibhokoxa ekubongozeni nasekufundiseni’ okusindisa ubomi.—1 Tim. 4:13, 16.
UKUQEQESHA “UKUSA KUMLINGANISELO OFANELEKILEYO”
19, 20. Yiyiphi imbopheleleko abanayo abadala ngokuphathelele abenzi bobubi?
19 Enye indima abanayo abaveleli namhlanje kukuba ngabagwebi bokomoya. Nakuba kungafane kwenzeke, kusenokufuneka ukuba abadala basingathe imibandela yabathile abona ngabom, bezama ukubanceda baguquke. Ngobubele kodwa ngokungqalileyo, uYehova ukhuthaza aboni ukuba bazishiye iindlela zabo ezimbi. (Yer. 4:14) Kakade ke, ukuba umntu osebandleni akafuni kuguquka kwisono sakhe, abaveleli bamele bawukhusele umhlambi kwimpembelelo asenokuba nayo embi. Njengokuba iZibhalo zibonisa, kusenokufuneka ukuba bamgxothe ebandleni. UYehova ulindele ukuba abadala bayisingathe ngokusesikweni imicimbi enjalo. UKumkani uYosiya olungileyo wamisela umzekelo omhle kule nkalo. “Waligweba ibango elisemthethweni loxhwalekileyo nehlwempu.” Wayexelisa uThixo ngokuthanda okusesikweni. Ngoko, ngokuphathelele izenzo zikaYosiya uYehova wabuza: “Ibingekuko ukundazi na oko?” Ngenxa yokugweba kwakhe ngokusesikweni nangobulungisa, “kwahamba kakuhle” kuye. Ngaba akuziva ukhuseleke ngakumbi xa abadala bebandla lakho bezabalazela ukuxelisa umzekelo kaYosiya?—Yer. 22:11, 15, 16.
20 Qiniseka ukuba uYehova ubaqeqesha “ngomlinganiselo ofanelekileyo” abenzi bobubi. (Yer. 46:28) Kakade ke, iimeko nesimo sengqondo esiboniswa ngabazalwana sinokubangela ukuba abadala babaluleke, bababongoze okanye babohlwaye. Kusenokude kufuneke bamsuse kubudlelane umenzi bubi ongaguqukiyo. Xa kunjalo, abadala abamthandazeli phambi kwebandla lowo ugxothiweyo noqhubeka esenza isono; bekungayi kuba sengqiqweni ukwenjenjalo.a (Yer. 7:9, 16) Noko ke, baxelisa uThixo ngokumbonisa indlela anokubuyela ngayo kuThixo loo mntu. (Funda uYeremiya 33:6-8.) Nangona kusenokuba buhlungu ukususwa komntu kubudlelane, sinokuqiniseka ukuba imilinganiselo kaThixo yeyobulungisa, isesikweni yaye iluncedo kubantu bonke.—IZili. 1:18.
21. Imele ibe njani imeko yomhlambi kaThixo, yaye unokusifaka njani isandla kuyo?
21 Xa abalusi bebandla beyazi baze bayisebenzise imilinganiselo kaThixo, umhlambi uyondleka, ube sempilweni uze ukhuseleke. (INdu. 23:1-6) UYeremiya usixelela okuninzi ngesimo sengqondo neenjongo (ezifanelekileyo nezingafanelekanga) eziluncedo kubaveleli abangamaKristu njengoko bephumeza imbopheleleko enkulu yokunyamekela izimvu zikaThixo. Ngoko ke, ngamnye wethu umele azibuze oku, ‘Ngaba ndiza kuqhubeka ndilixabisa ilungiselelo likaYehova lokufundisa, lokwalathisa, nelokukhusela abantu bakhe ngokuxhasa abalusi “abalusa” umhlambi “ngolwazi nangengqiqo”?’—Yer. 3:15; 23:4.
Ziziphi iimeko abaveleli abamele babe nesibindi kuzo? UYehova ulindele ntoni kubadala abangamaKristu xa begweba?