Hlala Unyulu Ngokulondoloza Intliziyo Yakho
“Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.”—IMIZEKELISO 4:23.
1-3. (a) Abantu badla ngokubonisa njani ukuba abasakuxabisi ukuhlala benyulu? Zekelisa. (b) Kutheni kubalulekile ukuhlola ixabiso lobunyulu?
LO MFANEKISO wawubonakala umdala. Mhlawumbi wawungayifaneli nendlela indlu eyayilungiswe ngayo. Phofu ke, nomniniwo wayengasawufuni. Ekugqibeleni, lo mfanekiso wathengiswa nezinto ezindala, ngeedola ezingama-29 zaseUnited States. Noko ke, kwiminyaka embalwa kamva, kwafunyaniswa ukuba uxabisa phantse iidola ezisisigidi! Ewe, kwafumaniseka ukuba lo yayingumfanekiso onqabileyo. Khawufan’ ucinge nje ngendlela awavakalelwa ngayo lowo owayesakuba ngumniniwo, ngokucinga ukuba awunaxabiso lingako!
2 Oku kudla ngokwenzeka ngobunyulu, ukuziphatha kakuhle kukabani. Abantu abaninzi namhlanje abakuboni kuyinto ebalulekileyo ukuba nyulu. Abanye bakujonga njengento ephelelwe lixesha, into engasahambisani nala maxesha. Ngenxa yoko, balahlekelwa bubo ngento nje enganamsebenzi. Abanye baphulukana nobunyulu ngenxa nje yoyolo olungokwesini lokwexeshana. Abanye balahlekelwa bubo ngenxa yokufuna ukwamkeleka koontanga babo okanye abantu besini esahlukileyo.—IMizekeliso 13:20.
3 Abaninzi bakufumanisa kamva indlela okubaluleke ngayo ukuba nyulu. Yaye ngelo xesha baba sebelahlekelwe yinto enkulu. Njengokuba iBhayibhile isitsho, imivuzo yokuziphatha kakubi ngokwesini iba njengetyhefu, ‘ikrakra njengomhlonyane.’ (IMizekeliso 5:3, 4) Ngenxa yokuziphatha okubi okwandileyo namhlanje, unokubonakalisa njani ukuba uyabuxabisa uze uhlale unyulu? Siza kukhe siqwalasele amanyathelo amathathu onokuwathabatha.
Londoloza Intliziyo Yakho
4. Yintoni intliziyo yokomfuziselo, yaye kutheni sifanele siyilondoloze?
4 Undoqo wokuhlala sinyulu kukulondoloza intliziyo. IBhayibhile ithi: “Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.” (IMizekeliso 4:23) Ibinzana elithi “intliziyo yakho” lithetha ntoni apha? Asiyontliziyo yokoqobo. Le yintliziyo yokomfuziselo. Ibhekisela kumntu onguye ngaphakathi, kuquka iingcamango, iimvakalelo neenjongo zakho. IBhayibhile ithi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke nangamandla akho onke.” (Duteronomi 6:5) UYesu wabhekisela kulo mthetho njengowona mkhulu. (Marko 12:29, 30) Ngokucacileyo, intliziyo yethu yinto ebalulekileyo. Kubalulekile ukuyilondoloza.
5. Intliziyo inokuba yinto exabiseke njani ize kwangaxeshanye iphinde ibe yingozi?
5 Noko ke, iBhayibhile iphinde ithi “intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa.” (Yeremiya 17:9) Intliziyo inokuba nenkohliso njani—ize ibe yingozi? Ngokomzekelo, imoto ibalulekile, isenokusindisa nobomi bakho xa kukho into engxamisekileyo. Kodwa ukuba umqhubi akakwazi kuyilawula, loo moto isenokuba yingozi. Ngokufanayo, ukuba akuyilondolozi intliziyo yakho, uya kulawulwa yiminqweno yakho yangaphakathi nenkanuko, yaye uya kuyicel’ ivuthiwe. ILizwi likaThixo lithi: “Okholosa ngentliziyo yakhe usisiyatha, kodwa ohamba ngobulumko uya kusinda.” (IMizekeliso 28:26) Ewe, usenokuhamba ngobulumko uze uyiphephe intlekele ukuba usebenzisa iLizwi likaThixo njengokhokelo, kanye njengokuba ubuya kujonga imaphu ngaphambi kokuba uqalise uhambo olude.—INdumiso 119:105.
6, 7. (a) Yintoni ubungcwele, yaye kutheni bubalulekile kubakhonzi bakaYehova? (b) Sazi njani ukuba abantu abangafezekanga basenokububonakalisa ubungcwele bukaYehova?
6 Intliziyo yethu ayisayi ngokuzenzekelayo isikhuthaze ukuba sibe nyulu. Simele siyikhokele ukuba ibe njalo. Enye indlela yokwenjenjalo kukucingisisa nzulu ngokubaluleka kobunyulu. Olu phawu lunxulumene ngokusondeleyo nobungcwele, nto leyo ethetha ukucoceka, ubunyulu, ukungabi nasono. Ubungcwele luphawu olubalulekileyo oluyinxalenye yobuntu bukaYehova uThixo. Iindinyana ezininzi zeBhayibhile zinxulumanisa olo phawu noYehova. Enyanisweni, iBhayibhile ithi “Ubungcwele bobukaYehova.” (Eksodus 28:36) Noko ke, olo phawu lubaluleke kangaka lunakuthanani nabantu abangafezekanga?
7 KwiLizwi lakhe, uYehova uyasixelela: “Nimele nibe ngcwele, ngenxa yokuba ndingcwele mna.” (1 Petros 1:16) Ewe, sinokubuxelisa ubunyulu bukaYehova; sinokuba ngabantu abacocekileyo kuye, sihlale sinyulu. Ngoko ke xa siyeka ukwenza izinto ezingcolileyo, izinto ezisingcolisayo, sizabalazela ukuba nelungelo eliphakamileyo nelimangalisayo—ukubonakalisa uphawu oluhle loThixo Oyena Uphakamileyo! (Efese 5:1) Asifanele sicinge ukuba oko sinokukwenza ngamandla ethu, kuba uYehova uyiNkosi elumkileyo nenolwazelelelo nengasoze ifune izinto ezingaphezu kwamandla ethu. (INdumiso 103:13, 14; Yakobi 3:17) Kuyavunywa ukuba, ukuhlala sizixhalabela izinto zokomoya nokuhlala sinyulu ngokuziphatha kufuna umgudu. Noko ke, umpostile uPawulos wathi ‘ukunyaniseka nobunyulu bufanele uKristu.’ (2 Korinte 11:3) Ngaba uncedo lokuhlala sinyulu ngokuziphatha asilufumani kuKristu nakuYise? Ngaphezu koko, basibonise uthando olungaphezu kwayo nantoni na esinokubabuyisela ngayo. (Yohane 3:16; 15:13) Kulilungelo lethu ukubonakalisa uxabiso ngokuphila ubomi obucocekileyo bokuziphatha. Ukuba sicinga ngobunyulu ngale ndlela, siya kubuxabisa, size silondoloze intliziyo yethu.
8. (a) Sinokuyondla njani intliziyo yokomfuziselo? (b) Incoko yethu inokutyhila ntoni ngathi?
8 Kwakhona silondoloza iintliziyo zethu ngendlela esizondla ngayo. Sifanele sondle ingqondo nentliziyo yethu rhoqo ngokutya kokomoya, sinikel’ ingqalelo kwiindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Kolose 3:2) Incoko yethu ifanele ibonakalise ukuba siyabuxabisa. Ukuba saziwa ngokuthetha ngezinto zenyama, izinto ezingcolileyo, oko kutyhila okuthile ngemeko yentliziyo yethu. (Luka 6:45) Kunoko, ngamana singaziwa njengabantu abathetha ngezinto zokomoya nezakhayo. (Efese 5:3) Ukuze silondoloze intliziyo yethu, kukho iingozi ezinzulu esimele siziphephe. Makhe sithethe ngezimbini zazo.
Sabani Kulo Uhenyuzo
9-11. (a) Kutheni abo basityeshelayo isiluleko esikweyoku-1 kwabaseKorinte 6:18 kusenokwenzeka ukuba bawele ekuziphatheni okubi okunzulu? Zekelisa. (b) Ukuba siyalusaba uhenyuzo, yintoni esiyiphephayo? (c) Indoda eyayithembekile uYobhi yasibekela wuphi umzekelo omhle?
9 UYehova waphefumlela umpostile uPawulos ukuba abhale isiluleko esiye sanceda abantu abaninzi ukuba balondoloze intliziyo yabo baze bahlale benyulu. UPawulos wathi: “Sabani kulo uhenyuzo.” (1 Korinte 6:18) Phawula ukuba wathetha into engaphezu nje kokuthi, “Luphepheni uhenyuzo.” AmaKristu afanele enze into engaphezu kwaleyo. Afanele azisabe izenzo zokuziphatha okubi, kanye ngendlela ebeya kusaba ngayo kwingozi enokuwabulala. Ukuba siyasityeshela eso siluleko, sandisa amathuba okuziphatha okubi okunzulu nokulahlekelwa yinkoliseko kaThixo.
10 Ukuzekelisa: Umama usandul’ ukuhlamba inkwenkwana yakhe waza wayinxibisa elungiselela isiganeko esithile esibalulekileyo. Le nkwenkwana icela ukuya kudlala phandle ngaphambi kokuba kuhanjwe, yaye umama uyavuma—kodwa uyayiyala. Uthi: “Ungasondeli eludakeni. Ukuba ukhe wazingcolisa, ndakukubetha.” Noko ke, kwangoko, ubona le nkwenkwana isondela eludakeni. Ayikazingcolisi. Kodwa, iyawutyeshela umyalelo wokungasondeli eludakeni, yaye ngokuqinisekileyo iza kungena engxakini. (IMizekeliso 22:15) Ulutsha nabantu abadala abaqolileyo bafanele bakuphephe ukwenza impazamo efanayo. Njani?
11 Kula maxesha xa abaninzi baye bazinikela “kwinkanuko yesini elihlazo,” kuye kwaqala ishishini elikhulu lokukhuthaza ukuziphatha okubi ngokwesini. (Roma 1:26, 27) Imifanekiso engamanyala yande ngokungathethekiyo kumaphephancwadi, ezincwadini, kwiividiyo nakwi-Internet. Abo bakhetha ukufaka le mifanekiso ezingqondweni zabo abalusabi uhenyuzo. Bakhasela kulo, betyeshela isilumkiso seBhayibhile. Kunokulondoloza intliziyo yabo, bayondla ngetyhefu ngemifanekiso engalibaleki msinya. (IMizekeliso 6:27) Masifunde kuYobhi owayethembekile, owenza umnqophiso—isivumelwano namehlo akhe, ukungawenzi akhangele into eza kumhenda ukuze enze okubi. (Yobhi 31:1) Lowo, ngumzekelo nathi esifanele siwulandele!
12. Izibini ezingamaKristu ‘zilusaba njani uhenyuzo’ ebudeni bokuthandana ngaphambi komtshato?
12 Kubaluleke nangakumbi ‘ukusaba kulo uhenyuzo’ ebudeni bokuthandana ngaphambi komtshato. Eso ifanele ibe sisihlandlo solonwabo nesizaliswe lithemba nolangazelelo, kodwa ezinye izibini eziselula ziyasonakalisa ngokuziphatha okubi. Ngokwenjenjalo, zonakalisa isiseko somtshato omhle—ulwalamano olusekelwe kuthando lokungazingci, ukuzeyisa, nokuthobela uYehova uThixo. Esinye isibini esingamaKristu saziphatha kakubi ebudeni bokuthandana ngaphambi komtshato. Emva kokuba sitshatile, umfazi wavuma ukuba utyiwa sisazela, nto leyo eyamenza akonwaba nangosuku lomtshato. Wavuma: “Ndicele uxolo kuYehova amaxesha amaninzi, kodwa nangona sekudlule iminyaka esixhenxe ngoku, isazela sam sisanditya.” Kubalulekile ukuba abo benza izono ezinjalo bacele uncedo kubadala abangamaKristu. (Yakobi 5:14, 15) Noko ke, izibini ezininzi ezingamaKristu zisebenzisa ubulumko yaye ziyaziphepha iingozi ezibakho ebudeni bokuthandana ngaphambi komtshato. (IMizekeliso 22:3) Uthando lwabo abalubonakalisi nangayiphi na indlela. Basoloko benempelesi yaye bayakuphepha ukuba kunye kwindawo esitheleyo.
13. Kutheni amaKristu angafanele athandane nomntu ongamkhonziyo uYehova?
13 AmaKristu aqalisa ukuthandana nabantu abangamkhonzi uYehova asenokuzifaka ezingxakini ezinkulu. Ngokomzekelo, unokuzimanya njani nomntu ongamthandiyo uYehova uThixo? Kubalulekile ukuba amaKristu azimanye kuphela nabantu abamthandayo uYehova nabayihlonelayo imigaqo yakhe yobunyulu. ILizwi likaThixo lithi: “Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo. Kuba bunabudlelane buni na ubulungisa nokuchas’ umthetho? Okanye kunakwabelana kuni na ukukhanya nobumnyama?”—2 Korinte 6:14.
14, 15. (a) Yiyiphi ingcamango ephosakeleyo abathile abanayo ngokuphathelele “uhenyuzo”? (b) “Uhenyuzo” luquka ziphi izenzo, yaye amaKristu ‘anokulusaba njani uhenyuzo’?
14 Ulwazi nalo lubalulekile. Asinakulubaleka ngokufanelekileyo uhenyuzo ukuba asilwazi ngokwenene into oluyiyo. Bambi namhlanje baye banengcamango engachananga ngoko kuthethwa ‘luhenyuzo.’ Bacinga ukuba banokuwanelisa umnqweno wabo wesini bengatshatanga, ngoxa bekuphepha ukuba neentlobano zesini. Kwanamaziko athile empilo ahlonelwayo anenjongo yokunciphisa amanani abantu abaselula abakhulelwayo bengafuni, aye akhuthaza abantu abaselula ukuba babe neentlobano zesini ngendlela etenxileyo eziza kwenza ukuba bangakhulelwa. Oko kukuziqaba intshongo emehlweni. Ukuphepha ukukhulelwa kuba ungatshatanga akufani nokuhlala unyulu, yaye intsingiselo yokwenene ‘yohenyuzo’ ayithethi loo nto kuphela.
15 Igama lesiGrike elithi por·neiʹa, eliguqulelwa ngokuthi “uhenyuzo” linentsingiselo ebanzi. Eli gama lithetha ukuba neentlobano zesini kwabantu abangatshatanga yaye ligxininisa ekusetyenzisweni kwamalungu esini. Ipor·neiʹa iquka ukuba neentlobano zesini emlonyeni, ezimpundu, nokuphulula amaphambili nomnye umntu—nto ezo ngokuqhelekileyo ezenziwa kwiindawo zoonongogo. Abantu abacinga ukuba ukwenjenjalo asikuko “ukuhenyuza” bayazikhohlisa yaye babanjiswe ngamanye amaqhinga kaSathana. (2 Timoti 2:26) Ngaphezu koko, ukuhlala sinyulu kuthetha okungakumbi nje kunokuziphepha izenzo zokuhenyuza. ‘Ukusaba kuhenyuzo,’ kuthetha ukuziphepha zonke izenzo zokungcola okungokwesini nokuziphatha okuvakalala okunokusikhokelela kwisono esinzulu esiyipor·neiʹa. (Efese 4:19) Ngaloo ndlela sihlala sinyulu.
Ziphephe Iingozi Zokudlala Ngothando
16. Ukubonisa uthando kufaneleke kwiyiphi imeko, njengoko kuzekeliswa nguwuphi umzekelo weZibhalo?
16 Ukuba sifuna ukuhlala sinyulu, enye ingozi esifanele siyilumkele kukudlala ngothando. Abanye basenokugxininisa bathi ukudlala ngothando akunanjongo zimbi, yaye akuyongozi, ngumdlalo nje ophakathi kwabantu ababini besini esahlukileyo. Kuyavunywa ukuba, likho ixesha lokubonakalisa uthando. UIsake noRebheka babonwa ‘bonwabile’ kunye, yaye kwabonakala nakwabanye abantu abababonayo ukuba yayingengomntu nodade wabo. (Genesis 26:7-9) Kunoko, yayiyindoda nomfazi wayo. Ukubonisana uthando kwakuyinto efanelekileyo kubo. Ukudlala ngothando yenye into.
17. Kukuthini ukudlala ngothando, yaye le ngxaki inokulawulwa njani?
17 Ukudlala ngothando kusenokuchazwa ngokuthi: kukubonakalisa umdla ongokwesini ngoxa kungekho njongo zokwenene zokutshata. Umntu akunakumgqiba, ngoko ke zininzi iindlela zokudlala ngothando, ezinye zazo akulula ukuziqonda. (IMizekeliso 30:18, 19) Ngoko ke, akunakubekwa mithetho ingqongqo ukusingatha lo mbandela. Ngoko ke, sifanele senze okungakumbi kunoko—sizigocagoce ngokunyaniseka nokuzimisela sisebenzisa imigaqo yeBhayibhile.
18. Yintoni ebangela abanye badlale ngothando lwabanye, yaye kutheni ukudlala ngothando kuyingozi?
18 Ukuba sinyanisekile, inkoliso yethu iya kuvuma ukuba siyavuya xa siphawula ukuba umntu wesinye isini ubonakalisa umdla kuthi. Oko kungokwemvelo. Kodwa ngaba sidlala ngothando ukuze sifumane ingqalelo enjalo—ukuze sizive nje sixabisekile okanye ukuze omnye abonakalise ukuba uyasithanda? Ukuba kunjalo, ngaba sakha sacinga ngentlungu esinokuyibangela? Ngokomzekelo, IMizekeliso 13:12 ithi: “Ulindelo olubanjezelweyo lugulisa intliziyo.” Ukuba ngabom sidlala ngothando lomnye umntu, mhlawumbi asazi indlela loo mntu avakalelwa ngayo. Kusenokwenzeka ukuba ulindele ukuba siza kuthandana naye ngenjongo yokutshata. Ukuphoxeka xa oko kungenzeki kuyingozi. (IMizekeliso 18:14) Ukudlala ngeemvakalelo zabanye ngabom kukukhohlakala.
19. Ukudlala ngothando kunokuba yingozi njani kwimitshato yamaKristu?
19 Kubaluleke nangakumbi ukukuphepha ukudlala ngothando kwabantu abatshatileyo. Ukubonakalisa uthando kumntu otshatileyo—okanye xa umntu otshatileyo ebonakalisa uthando kumntu angatshatanga naye—kuphosakele. Okulusizi kukuba, amanye amaKristu aye ngempazamo acinga ukuba kwamkelekile ukubonakalisa uthando kumntu wesini esahlukileyo ongelilo iqabane lawo lomtshato. Abanye baye bazityand’ igila kulowo bathi “ngumhlobo,” bade bamxelele nezinto eziyimfihlo abangazithethiyo kumaqabane abo. Ngenxa yoku, kuye kwakhula uthando olubangela ukuba omnye axhomekeke komnye ngokweemvakalelo nto leyo ede idilize nomtshato. Kubalulekile ukuba amaKristu atshatileyo asikhumbule isiluleko sikaYesu esingokukrexeza—kuqala entliziyweni. (Mateyu 5:28) Ngoko ke, masilondoloze intliziyo size siziphephe iimeko ezinokuphumela kwintlekele enjalo.
20. Sifanele sizimisele ukukujonga njani ukuhlala sinyulu?
20 Kuyavunywa ukuba, akulula kweli hlabathi lanamhlanje lingcolileyo ukuhlala sinyulu. Noko ke, sifanele sikhumbule ukuba kulula gqitha ukuhlala sinyulu kunokuphinda sibe nyulu xa siye salahlekelwa bubo. Noko ke, uYehova ‘unokuxolela ngokukhulu’ yaye uyakwazi ukubahlambulula abo baguquka ngokwenene kwizono zabo. (Isaya 55:7) Phofu ke, uYehova akabakhuseli abo baziphatha kakubi ngokwesini kwimiphumo yezenzo zabo. Imiphumo isenokuhlala iminyaka, kwanobomi bonke. (2 Samuweli 12:9-12) Yenza konke okusemandleni ukuze uhlale unyulu ngokulondoloza intliziyo. Kujonge kuyinto exabiseke gqitha ukuhlala ucocekile, yaye unyulu phambi koYehova uThixo—yaye ungaze uvumele oko kukulahlekele!
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kukuthini ukuba nyulu, yaye kutheni kubaluleke kangaka?
• Sinokuyilondoloza njani intliziyo yethu?
• Yintoni ebandakanyekileyo ekusabeni kuhenyuzo?
• Kutheni sifanele sikuphephe ukudlala ngothando?
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Imoto isenokuba yingozi ukuba ayiqhutywa kakuhle
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
Yintoni enokwenzeka ukuba siyazityeshela izilumkiso?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ukuthandana ngaphambi komtshato okunyulu kuluyolo yaye kuzukisa uThixo