Ngaba uThixo Ukukhathalele Ngokwenene?
NGABA uziva uthandwa? Okanye ngaba maxa wambi uye uvakalelwe ukuba akukho mntu ukukhathaleleyo? Kweli hlabathi lanamhlanje izinto zenzeka ngokukhawuleza yaye abantu bayazingca, kunokuba lula ukucinga ukuba awubalulekanga. Ngokuvisisana nendlela iBhayibhile elichaza ngayo ihlabathi, kwixesha lethu abantu abaninzi bazicingela bodwa yaye abanaxesha labanye abantu.—2 Timoti 3:1, 2.
Kungakhathaliseki ubudala, inkcubeko, ulwimi okanye uhlanga, bonke abantu bayakufuna ukuthandwa nokuthanda. Ngokutsho kwenye ingxelo, imithambo-luvo yethu yenzelwe ukuba sive xa sithandwa naxa sisenzelwa ububele. UYehova uThixo, owasidalayo uyiqonda ngaphezu kwakhe nabani na intswelo esinayo yokuthandwa nokuxatyiswa. Ubuya kuvakalelwa njani ukuba ebenokukuqinisekisa ukuba uxabisekile kuye? Ngokuqinisekileyo ibiya kuba yeyona nto uyixabisayo. Ngaba sinokuqiniseka ukuba uYehova unomdla kubantu abangafezekanga? Ngaba ukhathalele ngamnye wethu? Ukuba kunjalo yintoni eyenza umntu athandeke kuye?
UYehova Uyakhathala
Malunga neminyaka engama-3 000 eyadlulayo umdumisi owoyika uThixo wathi khamnqa xa wabona ukuzuka kwesibhakabhaka ebusuku. Wayengabuthandabuzi ubungangamsha balowo wadala inyambalala yeenkwenkwezi. Ecamngca ngobukhulu bukaYehova nokuba mncinane kwakhe, umdumisi wachaza ukumangaliswa kwakhe luthando lukaYehova: “Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho, Inyanga neenkwenkwezi ozilungiseleleyo, Uyintoni na umntu ofayo le nto umkhumbulayo, Nonyana womntu wasemhlabeni le nto umnyamekelayo?” (INdumiso 8:3, 4) Bekuya kuba lula ukugqiba kwelokuba uMongami ukude gqitha okanye uxakeke gqitha ukuba anganexesha labantu abangafezekanga. Sekunjalo, umdumisi wayesazi ukuba nangona singabalulekanga siphila ixesha elifutshane, sibalulekile kuThixo.
Omnye umdumisi yena wathi: “UYehova uyoliswa ngabo bamoyikayo, Ngabo balindela ububele bakhe bothando.” (INdumiso 147:11) Izinto ezithethwa kwezi ndumiso zombini ziyachukumisa. Nangona ephakame kangaka akabajongeli phantsi abantu. Kunoko, ‘uya banyamekela kwaye uyayoliswa ngabo.’
Le nyaniso iphinda ibethelelwe sisiprofeto seBhayibhile esithetha ngeziganeko ezenzeka kweli xesha lethu. Ngomprofeti uHagayi, uYehova wabonisa ukuba ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kwakuza kwenziwa ehlabathini lonke. Wawuza kuba yintoni umphumo? Bona omnye wemiphumo: “Izinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga zingene; yaye ndiya kuyizalisa ngozuko le ndlu.”—Hagayi 2:7.
Zintoni ezi zinto ‘zinqwenelekayo zeentlanga’ eziqokelelwa kuzo zonke iintlanga? Ezi zinto asibobutyebi. (Hagayi 2:8) UYehova akavuyiswa yisilivere negolide. Uvuyiswa ngabantu, abathi nangona bengafezekanga bamnqule ngothando. (IMizekeliso 27:11) ‘Zizinto ezinqwenelekayo zeentlanga’ ezimzukisayo yaye uyakuxabisa ukuzibhokoxa kwazo nenzondelelo yazo enkonzweni. Ngaba uphakathi kwazo?
Inyaniso yokuba, izidalwa ezingafezekanga zinokunqweneleka kuMdali oZukileyo wendalo iphela inokubonakala ingakholeleki. Noko ke, le nyaniso ifanele isenze samkele isimemo esifudumeleyo sokusondela kuye.—Isaya 55:6; Yakobi 4:8.
“Ungonqweneleka Kakhulu”
Xa wayesele ekhulile, kwenzeka into engaqhelekanga kumprofeti uDaniyeli ngolunye urhatya. Ngoxa wayethandaza, kwafika undwendwe olukhethekileyo ngesiquphe. Igama lalo lalinguGabriyeli. UDaniyeli wayekhe wadibana nalo ngaphambili waza waqonda ukuba lwaluyingelosi kaYehova. UGabriyeli wachaza isizathu sokuba eze ngequbuliso: “Daniyeli, ndilapha nje ndize kukuvula ingqiqo ukuze uqonde . . . kuba ungonqweneleka kakhulu.”—Daniyeli 9:21-23.
Ngesinye isihlandlo enye yeengelosi zikaYehova yathi kuDaniyeli “unqweneleka kakhulu.” Ukuze imomeleze ingelosi yaphinda yathi: “Musa ukoyika, ndoda inqweneleka kakhulu. Ngamana ungaba noxolo.” (Daniyeli 10:11, 19) Izihlandlo ezithathu uDaniyeli uchazwa ‘njengonqweneleka kakhulu.’ Eli binzana linokuthetha ukuba “uyathandwa kakhulu,” “ubalulekile,” “ukholiwe nguwe.”
Ngokuqinisekileyo, uDaniyeli wayesele esondele kakhulu kuThixo waqonda ukuba uYehova uyakholwa yinkonzo yakhe. Kodwa la mazwi ayedluliselwa yingelosi afanele ukuba amomeleza kakhulu. Akumangalisi ukuba uDaniyeli wathi: “Undomelezile.”—Daniyeli 10:19.
Le ngxelo ikhuthazayo yendlela uYehova avakalelwa ngayo ngalo mprofeti wakhe uthembekileyo ibhalwe eLizwini likaThixo ukuze isincede. (Roma 15:4) Lo mzekelo kaDaniyeli uphinda usincede siqonde oko kumenza athandeke umntu kuBawo wethu wasezulwini onothando.
Funda ILizwi LikaThixo Rhoqo
UDaniyeli wayekukhuthalele ukufunda iZibhalo. Siyayazi loo nto kuba wabhala wathi: “Mna . . . ndakufunda ezincwadini ndaza ndakuqonda ukuzaliseka kwenani leminyaka yokuphanziswa kweYerusalem.” (Daniyeli 9:2) Iincwadi awayenazo ngeloo xesha zifanele ukuba zaziquka iincwadi eziphefumlelweyo ezazibhalwe nguMoses, uDavide, uSolomon, uIsaya, uYeremiya, uHezekile nabanye abaprofeti. Sinokuba nomfanekiso ngqondweni kaDaniyeli efunda imisongo emininzi, ngokucokisekileyo ethelekisa iincwadi ezahlukeneyo zabaprofeti ezithetha ngokubuyiselwa konqulo olunyanisekileyo eYerusalem. Engaphazanyiswa nto kwigumbi lakhe eliphezulu, umele ukuba wayecamngca nzulu ngentsingiselo yezo zicatshulwa. Ukufunda kwakhe kwalomeleza ukholo lwakhe kwaza kwamsondeza kuYehova.
Ukufunda iLizwi likaThixo kwabumba ubuntu bukaDaniyeli kwaza kwaphembelela bonke ubomi bakhe. Izibhalo awayezifundiswe ngoxa wayeselula zamenza wathobela uMthetho kaThixo wokutya ngoxa wayeselula. (Daniyeli 1:8) Kamva, wavakalisa isigidimi sikaThixo ngenkalipho kubalawuli baseBhabhiloni. (IMizekeliso 29:25; Daniyeli 4:19-25; 5:22-28) Ukukhuthala, ukunyaniseka nokuthembeka kwakhe kwakusaziwa nguye wonke ubani. (Daniyeli 6:4) Ngaphezu koko, kunokuba alalanise ukuze asindise ubomi bakhe, uDaniyeli wakholosa ngoYehova ngokupheleleyo. (IMizekeliso 3:5, 6; Daniyeli 6:23) Akumangalisi ukuba ‘anqweneleke kakhulu’ emehlweni kaThixo.
Kulula kuthi ukufunda iBhayibhile kunokuba kwakunjalo ngoDaniyeli. Endaweni yemisongo kusetyenziswa iincwadi zeBhayibhile. Ngoku sineBhayibhile epheleleyo, kuquka ingxelo ebhaliweyo ebonisa indlela ezazaliseka ngayo ezinye iziprofeto zikaDaniyeli. Sinentabalala yeencwadi ezenzelwe ukusinceda siqonde iBhayibhile.a Ngaba uya zisebenzisa ezo ncwadi? Ngaba ubekela bucala ixesha lokufunda iBhayibhile nokucamngca ngayo? Umphumo wokwenjenjalo uya kufana nakuDaniyeli. Uya kuba nokholo olomeleleyo luze lube nzulu ulwalamano lwakho noYehova. ILizwi likaThixo liya kukhokela, likuqinisekisa ukuba ukukhathalele.
Zingisa Emthandazweni
UDaniyeli wayekukhuthalele ukuthandaza. Wenza izicelo ezifanelekileyo kuThixo. Xa wayesengumfana, ubomi bakhe babusesichengeni ukuba wayengakwazi ukulawula iphupha likaKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni. Akazange alibazise uDaniyeli wabongoza uYehova ukuba amxhase aze amkhusele. (Daniyeli 2:17, 18) Emva kweminyaka emininzi, eqonda ukuba ungumntu onesono, lo mprofeti uthembekileyo wavuma isono sakhe nesabantu bakowabo waza wabongoza uYehova ukuba abaxolele. (Daniyeli 9:3-6, 20) Xa uDaniyeli wayengaziqondi izinto awayezinikwe ngombono, wacela uncedo kuThixo. Ngesinye isihlandlo, ingelosi eyayimtyelele ukuze imnike ingqiqo yathi kuye: “Amazwi akho avakele.”—Daniyeli 10:12.
UDaniyeli othembekileyo, wenza okungakumbi kunokubongoza nje uThixo. UDaniyeli 6:10 uthi: “Izihlandlo ezithathu ngemini . . . wathandaza, edumisa uThixo wakhe, njengoko wayeqhele ukwenjenjalo.” UDaniyeli wayenezizathu ezininzi zokubulela nokudumisa uYehova. Wayesenjenjalo rhoqo. Umthandazo wawuyinxalenye ebalulekileyo yonqulo lwakhe kangangokuba wayengakulungelanga ukuyeka nokuba ubomi bakhe busemngciphekweni. Ukungagungqi kwakhe kwamenza wathandeka kuYehova.
Esinjani ukumangalisa isipho somthandazo. Ingaze iphele imini ungakhange uthethe noYihlo wasezulwini. Ungalibali ukumbulela nokumdumisa ngokulunga kwakhe. Mchazele zonke izinto ezikukhathazayo. Cinga ngendlela eye yaphendulwa ngayo imithandazo yakho uze ubulele. Xa sizityand’ igila kuYehova ngomthandazo, siye singcamle uthando lwakhe. Kuyakhuthaza ngokwenene ‘ukuzingisa emthandazweni.’—Roma 12:12.
Zukisa Igama LikaYehova
Abukho ubuhlobo obunokuze bomelele ukuba omnye umntu uyazingca. Kunjalo nangolwalamano lwethu noYehova. UDaniyeli wayeyiqonda le nkalo. Khawubone indlela awayekukhuthalele ngayo ukuzukiswa kwegama likaYehova.
Wathi uThixo esakuwuphendula umthandazo wakhe ngokumtyhilela intsingiselo yephupha likaNebhukadenetsare, wathi uDaniyeli: “Malibongwe igama likaThixo ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo, kuba bobakhe ubulumko namandla.” Kamva xa wayechazela uNebhukadenetsare intsingiselo yephupha, uDaniyeli wayesoloko ezukisa uYehova, egxininisa ukuba nguye kuphela ‘umtyhili weemfihlelo.’ Ngendlela efanayo xa wayethandazela ukuxolelwa nokuhlangulwa uDaniyeli wathandaza wathi: “Thixo wam, kuba isixeko sakho nabantu bakho babizwa ngalo igama lakho.”—Daniyeli 2:20, 28; 9:19.
Sinamathuba amaninzi okuxelisa uDaniyeli kule nkalo. Xa sithandaza sinokuchaza umnqweno wethu wokuba ‘igama likaThixo lingcwaliswe.’ (Mateyu 6:9, 10) Asifuni indlela esiziphatha ngayo izise ugculelo kwigama likaYehova elingcwele. Kunoko, masisoloko simzukisa uYehova ngokwabelana nabanye ngezinto esizifundayo ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bakhe.
Kuyavunywa ukuba, kwihlabathi esiphila kulo, lunqabile uthando nenkathalo. Noko ke, sinokuthuthuzelwa kukwazi ukuba uYehova ubakhathalele ngokwenene abanquli bakhe. Njengokuba umdumisi esitsho: “uYehova uyakholiswa ngabantu bakhe. Uyabahombisa abalulamileyo ngosindiso.”—INdumiso 149:4.
[Umbhalo osemazantsi]
a AmaNgqina kaYehova apapasha uncwadi oluninzi olunokwenza ufundo lweBhayibile lube luncedo. Ukuba uyazifuna ezo ncwadi, unokuzicela kwelinye lamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 21]
UThixo wabonisa ukuba wayemthanda uDaniyeli ngokuthumela ingelosi uGabriyeli ukuba ize kumomeleza
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 23]
Ukukhuthalela kukaDaniyeli ukufunda nokuthandaza kwaphucula ubuntu bakhe waza wathandeka nakuThixo