Daniyeli
10 Ngonyaka wesithathu kaKumkani uKoreshi+ wasePersi, uDaniyeli ogama linguBheleteshatsare,+ wafumana umyalezo. Lo myalezo wawuyinyaniso, ibe wawuthetha ngomlo omkhulu. Wawuqonda lo myalezo, wawuqonda nombono awawubonayo.
2 Ngaloo mihla, mna Daniyeli, ndazila+ iiveki ezintathu. 3 Andizange nditye zimuncumuncu, ndingazange ndifake nyama okanye wayini emlonyeni wam, ibe zange ndithambise nokuthambisa de kwaphela iiveki ezintathu. 4 Ngomhla we-24 wenyanga yokuqala, ngoxa ndandimi ngakumlambo omkhulu, iTigris,*+ 5 ndawaphakamisa amehlo ndaza ndabona indoda eyayinxibe ilinen,+ ibhinqe ibhanti legolide yaseUfazi esinqeni sayo. 6 Umzimba wayo wawunjengelitye lekrizolite,+ ubuso bayo bufana nombane, amehlo ayo efana nezikhuni zomlilo, iingalo zayo neenyawo zayo zifana nekopolo emenyezelisiweyo,+ ilizwi layo linjengengxolo yabantu abaninzi. 7 Lo mbono ke wabonwa ndim ndedwa, mna Daniyeli. Amadoda awayekunye nam awazange awubone.+ Asuka aphakuzela, aza abaleka ayokuzifihla.
8 Ndashiyeka ndedwa, yaye xa ndawubonayo lo mbono mkhulu, ndaphelelwa ngamandla, ubuso bam baphatsha ndaza ndatyhafa.+ 9 Emva koko, ndayiva ithetha. Ndathi ndisamamele, ndalala yoyi ngobuso emhlabeni.+ 10 Kodwa ndeva ndichukunyiswa sisandla,+ sandiphakamisa ndaguqa ngamadolo ndaza ndaxhathisa ngezandla. 11 Yathi kum:
“Daniyeli, wena ndoda exabiseke kakhulu,*+ mamelisisa la mazwi ndiza kukuxelela wona. Sukuma, yima ngeenyawo, kuba ndithunywe kuwe.”
Ithe yakutsho ndaphakama, ndingcangcazela.
12 Yathi kum: “Sukoyika+ Daniyeli, amazwi akho avakele, ukususela kumhla wokuqala owafuna ukuba intliziyo yakho iqonde nasekuzithobeni kwakho phambi koThixo wakho. Ngoko ke ndize ngenxa yamazwi akho.+ 13 Kodwa inkosana+ yommandla wobukhosi basePersi yema endleleni yam, yajijisana nam iintsuku eziyi-21. Kodwa uMikayeli,*+ omnye weenkosana ezibalaseleyo,* weza kundinceda. Ndema apho ecaleni kookumkani basePersi. 14 Ngoku ndize kukucacisela izinto eziza kwehlela abantu bakowenu ekupheleni kwemihla,+ kuba izinto ezikulo mbono ziza kwenzeka kwixesha elizayo.”+
15 Ithe ke yakutsho, ndajonga phantsi andakwazi ukuthetha. 16 Emva koko, uthile ofana nomntu wachukumisa imilebe yam,+ ndaza ndawuvula umlomo wam ndathi kulowo wayemi phambi kwam: “Nkosi yam, lo mbono unditsho ndatyhwatyhwa, ndaphelelwa ngamandla.+ 17 Ngoko umkhonzi wenkosi yam, angakwazi njani ukuthetha nenkosi yam?+ Okwangoku ndisaphelelwe ngamandla, kunzima nokuphefumla oku.”+
18 Waphinda wandichukumisa lowo ufana nomntu, wandomeleza.+ 19 Wathi kum: “Sukoyika,+ ndoda exabiseke kakhulu.*+ Kwanga ungaba noxolo.+ Yomelela, ewe, yomelela.” Njengoko wayethetha nam, ndomelela ndaza ekugqibeleni ndathi: “Ungathetha nkosi yam kuba undomelezile.”
20 Ngoko wathi: “Uyayazi na ukuba kutheni ndize kuwe? Ngoku ndiyajika ndiyokulwa nenkosana yasePersi.+ Xa ndisimka inkosana yaseGrisi nayo iza kuza kum. 21 Kodwa ke, ndiza kukuxelela izinto ezibhalwe phantsi encwadini yenyaniso, yaye akukho namnye undixhasayo kwezi zinto ngaphandle kukaMikayeli,+ inkosana yenu.+