Kubalulekile Ukubancoma Abanye
NGABA wakha wamva umntu ekhalazela ukunganconywa kwakhe ngumqeshi? Ngaba nawe wakha wanengxaki efanayo? Okanye ukuba uselula, ngaba wakha wakhalazela ukunganconywa ngabazali bakho okanye ootitshala?
Kusenokwenzeka ukuba ezinye zezi zikhalazo ziyinyaniso. Kodwa omnye umqeqeshi wabasebenzi waseJamani wathi eyona ngxaki asikokunganconywa, kodwa kukungahoywa kwabo ngabaqeshi babo. Phofu inyani yona kukuba, kungaqhuma kubasiwe. Ukuze sivane nabantu, simele sibancome yaye sibahoye.
Oku kubalulekile naselunqulweni. AmaKristu amele abe ziimvuze-mvuze ezingathumani manzi ekuncomaneni. Oku kubangelwa kukuba alandela imigaqo yeBhayibhile. Kwanaxa lukho uthando olunjalo ebandleni, sisenako ukumenza uchatha. Nantsi imizekelo esinokuyixelisa: Umzekelo kaElihu umkhonzi kaThixo wamandulo, okampostile uPawulos, nokaYesu Kristu.
Ukululeka Ngobubele Nangentlonelo
UElihu ekusenokwenzeka ukuba wayezalana noAbraham, waba negalelo ekuncedeni uYobhi aluqonde ngakumbi ulwalamano lwakhe noThixo. UElihu wayenobubele nentlonelo. Kunokusuka agxuphuleke nje athethe, waqala walinda. Enyanisweni uElihu wamluleka uYobhi, kodwa wamtyibela ngezincomo ngenxa yokuthembeka kwakhe, engafani nabahlobo bakhe abangamaqotha-qikili amtyabeka ngezinyeliso. Wamkhuthaza ngobubele njengomhlobo osenyongweni, embiza ngegama, nto leyo abangayenzanga abanye. Wamcenga esithi: “Khawuncede uve ngoku amazwi am, Yobhi, uze ukubekele indlebe konke ukuthetha kwam.” Ngentlonelo, yaye evelana noYobhi, wathi: “Khangela! Ndiyiloo nto uyiyo nam kuThixo oyinyaniso; nam, ndabunjwa ngodongwe.” Emva koko wamncoma esithi: “Ukuba kukho nawaphi na amazwi okuthetha, ndiphendule; thetha, ngokuba ndiyayoliswa bubulungisa bakho.”—Yobhi 33:1, 6, 32.
Ukubaphatha ngobubele nangentlonelo abanye, kuyenye indlela yokubancoma. Kufana ngathi uthi kubo, ‘Niyayifanelekela ingqalelo nentlonelo yam.’ Ngaloo ndlela baziva bethandwa yaye bexatyisiwe.
Ukubonisa ububele kwabanye akuthethi nje kuphela ukubaphatha ngesimilo. Ukuze sifikelele iintliziyo zabo, ububele bethu bumele busuke entliziyweni. Simele sibe nomdla nothando lokwenene kubo.
Ukuncoma Ngobuchule
Umpostile uPawulos wabonisa ukubaluleka kokuncoma ngobuchule. Ngokomzekelo, kukhenketho lwakhe lwesibini lokushumayela wafika eAthene, waza wathethelela ubuKristu phambi kwezithandi-bulumko zamaGrike. Phawula indlela awayisingatha ngobuchule ngayo loo ngxoxo ishushu. “Abathile kwizithandi-zobulumko ezamaEpikure nezamaStoyike babambana naye ngencoko, yaye bambi babeye bathi: ‘Yintoni na elingathanda ukuyixela eli pholopholo?’ Abanye bathi: ‘Ubonakala engumvakalisi wezithixo zasemzini.’” (IZenzo 17:18) Nakuba wayenyenjwa ngaloo ndlela, uPawulos wazibamba waza wathetha ngelizwi elizolileyo esithi: “Madoda aseAthene, ndiyabona ukuba ezintweni zonke nibonakala ngathi nizinikele ngakumbi ekoyikeni izithixo kunokuba abanye benjalo.” Endaweni yokubagxeka ngokunqula kwabo izithixo, uPawulos wabancoma ngokuzinikela kwabo elunqulweni.—IZenzo 17:22.
Ngaba uPawulos wayebagwexa? Akunjalo. Wayesazi ukuba asikokwakhe ukugweba abanye; wayeyiqonda nento yokuba naye wakhe wafathula ebumnyameni engayazi inyaniso. Wayethunywe ukushumayela isigidimi sikaThixo, kungekhona ukugweba abanye. Wayibona kuye into efunyaniswe ngamaNgqina kaYehova amaninzi namhlanje, yokuba: Abantu abazifake zatshona iinzipho kunqulo lobuxoki badla ngokulumela ngokuqinileyo unqulo lokwenyaniso.
UPawulos wabangena ngobuchule, yaye oko kwaba nemiphumo emihle. “Amadoda athile azinikela aba ngamakholwa, ekwakukho phakathi kwawo noDiyonisiyo, umgwebi wenkundla yaseAreyopago, nomfazi ogama linguDamari, nabanye kunye nabo.” (IZenzo 17:34) Hayi indlela awayelumke ngayo uPawulos ngokuwancoma ama-Athene ngokunyaniseka kwawo elunqulweni—nangona ilunqulo lobuxoki—kunokuba awagxeke ngokuswela kwawo ulwazi oluchanileyo! Abantu abaphambukayo ngenxa yokukhohliswa, badla ngokuba nentliziyo entle.
Naxa kwafuneka ezithethelele phambi kukaHerode Agripa II, nalapho uPawulos waba nobuchule. Yayisaziwa into yokuba uHerode wayelala nodadewabo uBhernike, nto leyo egatywa ngokupheleleyo liLizwi likaThixo. Sekunjalo, uPawulos akazange amgwebe. Kunoko, wacinga ngento anokumncoma ngayo uHerode. “Ngokuphathelele zonke izinto endimangalelwa ngazo ngamaYuda, Kumkani Agripa, ndizibalela ekuthini ndinoyolo ekubeni ndiza kuzithethelela phambi kwakho ngalo mhla, ngokukodwa njengoko uyingcali kuwo onke amasiko kwakunye neembambano eziphakathi kwamaYuda.”—IZenzo 26:1-3.
Hayi indlela ekububulumko ngayo ukuba sisebenzise ubuchule obufanayo xa sithetha nabanye abantu! Ukuncoma ummelwane, umntu ofunda naye, okanye osebenza naye kunokwenza kubekho imvisiswano entle phakathi kwenu. Ngokubancoma kwethu abanye, sinokufikelela iintliziyo zabo size sikwazi ukunceda abo banyanisekileyo ukuba bashiye iingcamango zabo zobuxoki baze bamkele ulwazi oluchanileyo.
Umzekelo Ogqibeleleyo KaYesu Wokuncoma Abanye
UYesu wabancoma abanye. Ngokomzekelo, emva kokunyukela kwakhe ezulwini, eyalelwa nguThixo, uYesu wathetha namabandla asixhenxe aseAsior Minor esebenzisa umpostile uYohane. Wawancoma lawo ayeqhuba kakuhle. Ibandla lase-Efese walincoma wathi: “Ndiyazazi izenzo zakho, nokusebenza nonyamezelo lwakho, nokuba akunako ukubathwala abantu ababi,” kwelasePergamo wathi: “Uhlala ulibambe nkqi igama lam, yaye akuzange ulukhanyele ukholo lwakho kum,” waza kwelaseTiyatira wathi: “Ndiyazazi izenzo zakho, nothando nokholo nobulungiseleli nonyamezelo lwakho, nokuba izenzo zakho zamva zingaphezulu kwezo zangaphambili.” Kwanakwibandla laseSardesi, elalifanelwe sisiluleko esiqatha, uYesu wabancoma abo babeqhuba kakuhle, wathi: “Noko ke, unawo amagama ambalwa eSardesi abo bangazenzanga nqambi izambatho zabo zangaphezulu, bona baza kuhamba nam ngezimhlophe, ngenxa yokuba befanelekile.” (ISityhilelo 2:2, 13, 19; 3:4) Onjani wona ukuba mhle umzekelo asimisele wona uYesu!
Sinokumxelisa uYesu ngokuthi singagxeki lonke iqela labantu ngenxa yokusilela nje kwabambalwa okanye sinikele isiluleko ngaphandle kokuncoma. Noko ke, kuhle ukukhumbula ukuba ukuncoma kuphela xa uza kunikela isiluleko kunokwenza ukuba zingahoywa izincomo zakho. Yiba yimvuze-mvuze ngezincomo kangangoko kunokwenzeka! Ngoko, xa kufuneka unikele isiluleko, siya kwamkelwa ngokulula.
Abadala Abancoma Ngokufanelekileyo
UCornelia olibhinqa elingumKristu, nokhonza kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova eYurophu, uthi ekuqaleni kweminyaka yee-1970 wabuzwa ngumveleli ohambahambayo ukuba wayeqhuba njani na ekwenzeni ufundisiso lobuqu nasekufundeni amaphephancwadi. Uthi: “Ndandifile ziintloni.” Kodwa wavuma ukuba kwakunzima ukufunda nqaku ngalinye lamaphephancwadi. Uthi: “Akazange andigxeke, kunoko wandincoma ngokufunda lawo ndandikwazi ukuwafunda. Andikhuthaza gqitha loo mazwi okuncoma, kangangokuba ndazimisela ukuwafunda onke amanqaku.”
URay, okhonza kwiofisi yesebe laseYurophu, ukhumbula ukuqala kwakhe ngqa ukuba nguvulindlela. Umveleli owongamelayo ebandleni, oyindoda eneshishini nentsapho kwanezinye iimbopheleleko ezininzi ebandleni, wathi engena nje eHolweni yoBukumkani ngaloo ngokuhlwa wangqala kuRay waza wambuza wathi: “Belunjani usuku lwakho lokuqala kwinkonzo yobuvulindlela?” Ngoku sekudlule iminyaka ephantse ibe ngama-60, kodwa uRay usakukhumbula ukunconywa kwakhe nguloo mdala.
Njengoko sibonile kule mizekelo mibini, ukubancoma ngosuk’ entliziyweni abanye ngoko bakwenzileyo—ngaphandle kokunkwalambisa—kunokuba nemiphumo emihle gqitha. Ebandleni lamaKristu, sinezizathu ezininzi zokubancoma abo sikhonza kunye nabo. Sinokubancoma ngemizamo abayenzayo ekukhonzeni uYehova, ngamagqabaza abo alungiselelwe kakuhle, ngokoyisa kwabo uloyiko lokunikela intetho okanye lokugqabaza ezintlanganisweni, ngenzondelelo yabo ekushumayeleni nasekufundiseni, nangemizamo yabo yokubeka kuqala izilangazelelo zoBukumkani neyokuzibekela usukelo lokomoya. Xa sincoma abanye, singenelwa kakhulu. Siziva sonwabile yaye kuthe ngco kuthi ngaphakathi.—IZenzo 20:35.
Kubalulekile ukuba abadala balincome ibandla ngomsebenzi omhle eliwenzayo. Yaye xa kufuneka benikele isiluleko, bamele basinikele ngothando. Kwelinye icala, bamele bakuphephe ukulindela ukuba abanye benze izinto ngokugqibeleleyo ngokokude xa besilela ukwenjenjalo babagqale njengabanobuthathaka obunzulu.
Xa abadala abangamaKristu bebonisa intlonelo nobubele njengoElihu, babonise nobuchule njengoPawulos, kwanenkxalabo yothando njengoYesu, baya kuba lukhuthazo lokwenene kubazalwana babo. Ukubancoma abanye kubenza bazimisele ngakumbi, yaye kwenza kubekho uvuyo nemvisiswano. Hayi indlela amele ukuba wavuya ngayo uYesu xa weva uYise emncoma ekubhaptizweni kwakhe esithi: “UnguNyana wam, oyintanda; ndikholisiwe nguwe”! (Marko 1:11) Ngamana sigazivuyisa iintliziyo zabazalwana bethu ngokuthi sibancome ngokunyanisekileyo.
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Ukuthetha ngobuchule kwaba nemiphumo emihle kuPawulos, yaye kunokuba njalo nakuthi
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Ukuncoma ngokunyanisekileyo kunokuba nemiphumo emihle.