Ukugcoba SikuThixo Umsindisi Wethu
“Mna ke ndiya kudlamka ndikuYehova, ndigcobe ndikuThixo umsindisi wam.”—HABHAKUKI 3:18.
1. Ngumbono wantoni owabonwa nguDaniyeli ngaphambi kokuwa kweBhabhiloni ngowama-539 B.C.E.?
KWIMINYAKA engaphezu kweshumi ngaphambi kokuwa kweBhabhiloni ngowama-539 B.C.E., umprofeti uDaniyeli owayesele aluphele wabona umbono ochukumisayo. Lo mbono wawuxela kusengaphambili ngeziganeko zehlabathi ezikhokelela kuvuthondaba oluyimfazwe phakathi kweentshaba zikaYehova noKumkani wakhe omiselweyo, uYesu Kristu. Wasabela njani uDaniyeli? Wathi: “Ndaphela . . . ndamangaliswa yimbonakalo leyo.”—Daniyeli 8:27.
2. Luluphi ungquzulwano olwabonwa nguDaniyeli embonweni, yaye uvakalelwa njani njengokuba lusondele?
2 Kuthekani ngathi? Sele sihambe gqitha kumsinga wamaxesha! Sisabela njani xa sifumanisa ukuba ungquzulwano olwabonwa nguDaniyeli embonweni—imfazwe kaThixo yeArmagedon—lusondele gqitha? Sithini xa sifumanisa ukuba ubungendawo obubhencwa sisiprofeto sikaHabhakuki besamele kangangokuba intshabalalo yeentshaba zikaThixo ayinakuphepheka? Kusenokwenzeka ukuba sivakalelwa njengoHabhakuki, njengoko kuchazwe kwisahluko sesithathu sencwadi yakhe yesiprofeto.
UHabhakuki Uthandazela Inceba KaThixo
3. UHabhakuki wathandazela bani, kwaye amazwi akhe anokusichaphazela njani?
3 UHabhakuki isahluko 3 ngumthandazo. Ngokutsho kwendinyana yoku-1, lo mthandazo uyingoma evakalisa intlungu okanye isikhalo. Lo mprofeti uthandaza ngokungathi uthandazela isiqu sakhe. Ukanti, uHabhakuki uthetha egameni lohlanga lukaThixo olukhethiweyo. Namhlanje umthandazo wakhe unentsingiselo enkulu kubantu bakaThixo, abaxakeke ngumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Xa sifunda uHabhakuki isahluko 3 sicinga ngaloo nto, amazwi aso asenza sinxube kodwa sivuye kananjalo. Umthandazo okanye ingoma kaHabhakuki usinika isizathu esivakalayo sokugcoba kuYehova, uThixo wokusindiswa kwethu.
4. Kwakutheni ukuze uHabhakuki oyike, kwaye kukuphi ukusebenzisa kukaThixo amandla akhe esinokuqiniseka ngako?
4 Njengoko siye saphawula kumanqaku amabini angaphambili, iimeko zazimbi kakhulu kwelakwaYuda ngomhla kaHabhakuki. Kodwa uThixo wayengenako ukuvumela loo meko ukuba ihlale injalo. UYehova wayeza kuthabatha inyathelo, njengoko wayenzile ngaphambili. Akumangalisi ngoko ukuba lo mprofeti amemelele esithi: “Owu Yehova, ndiyivile ingxelo engawe. Ndiyawoyika, Yehova, umsebenzi wakho”! Wayethetha ukuthini? ‘Ingxelo engoYehova’ yayibhalwe kwimbali yezenzo zikaThixo ezibonakalisa amandla akhe, njengakuLwandle Olubomvu, entlango naseYeriko. UHabhakuki wayezazi kakuhle ezi zenzo, kwaye zamenza woyika kuba wayesazi ukuba uYehova wayeza kuphinda asebenzise amandla akhe amakhulu nxamnye neentshaba zakhe. Xa sibona ubungendawo boluntu namhlanje, nathi siyazi ukuba uYehova uza kwenza njengoko wenzayo mandulo. Ngaba loo nto isenza sixhalabe? Kakade! Kodwa ke sithandaza ngendlela uHabhakuki awathandaza ngayo: “Wuphilise umsebenzi wakho phakathi kweminyaka, wazise phakathi kweminyaka; ekugugumeni kwakho khumbula inceba.” (Habhakuki 3:2, thelekisa iNW.) Ngexesha lakhe elifanelekileyo, “phakathi kweminyaka,” ngamana uThixo angawasebenzisa amandla akhe angummangaliso. Kwaye ngelo xesha, ngamana angakhumbula ukuba nenceba kwabo bamthandayo!
UYehova Uyahlasela!
5. ‘UThixo weza njani evela kwaTeman,’ yaye oko kubonisa ntoni ngeArmagedon?
5 Kuya kwenzeka ntoni xa uYehova esiva umthandazo wethu wenceba? Impendulo siyifumana kuHabhakuki 3:3, 4. Okokuqala, lo mprofeti uthi: “UThixo uza evela kwaTeman, oyiNgcwele evela ezintabeni zaseParan.” Emva phaya ngemihla kaMoses, iTeman neParan zazikwindlela awayeza kuhamba kuyo amaSirayeli ukutyhubela intlango esiya eKanan. Njengoko olo hlanga lukhulu lwakwaSirayeli lwaluqhubeka nemfuduko yalo, yayingathi nguYehova ngokwakhe othabatha elo nyathelo, kwaye kungekho bani unokuma phambi kwakhe. Ngaphambi nje kokuba uMoses afe, wathi: “UYehova wavela eSinayi, waphuma kwaSehire phezu kwabo; wabengezela esezintabeni zeParan, weza ephuma kwiingcwele ezimawaka [zeengelosi].” (Duteronomi 33:2) Xa uYehova ethabatha inyathelo nxamnye neentshaba zakhe eArmagedon, uza kuwabonakalisa ngendlela efanayo amandla akhe angenakuxhathiswa mntu.
6. Ukongezelela kuzuko lukaThixo, yintoni ebonwa ngamaKristu aqondayo?
6 Kwakhona uHabhakuki uthi: “Igubungele amazulu indili yakhe [uYehova], ihlabathi lizele yindumiso yakhe. Ubumhlophe bakhe busuke baba njengokukhanya.” Onjani ukubalasela umbono! Kuyinyaniso ukuba abantu abanakujonga uYehova uThixo baze baphile. (Eksodus 33:20) Noko ke, amehlo engqondo abakhonzi abathembekileyo bakaThixo ayaphandlwa xa becinga ngobungangamsha bakhe. (Efese 1:18) Kwaye amaKristu aqondayo anenye into ayibonayo ngokuphathelele uzuko lukaYehova. UHabhakuki 3:4 uthi: “Yimithi emacaleni akhe; kulapho ke ukuzimela kwamandla akhe.” Ewe, siyabona ukuba uYehova sele elungele ukuthabatha inyathelo, asebenzise isandla sakhe sokunene esomeleleyo nesinamandla.
7. Uhlaselo lukaThixo loloyiso luthetha ntoni kwabo bamvukelayo?
7 Uhlaselo loloyiso lukaThixo luthetha intlekele kwabo bamvukelayo. UHabhakuki 3:5 uthi: “Phambi kwakhe kuhamba indyikitya yokufa, kulandele icesina ezinyaweni zakhe.” Xa amaSirayeli ayekufuphi nemida yeLizwe Ledinga ngowe-1473 B.C.E., uninzi lwawo lwavukela, luziphatha kakubi yaye lunqula izithixo. Ngenxa yoko, angaphezu kwama-20 000 abulawa yindyikitya yokufa eyathunyelwa nguThixo. (Numeri 25:1-9) Kungekudala, xa uYehova ehlasela “kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla,” abo bamvukelayo baya kubandezeleka ngokufanayo ngenxa yezono zabo. Bambi basenokude babulawe yindyikitya yokufa yokoqobo.—ISityhilelo 16:14, 16.
8. Ngokutsho kukaHabhakuki 3:6, yintoni eza kwenzeka kwiintshaba zikaThixo?
8 Khawuphulaphule ke ngoku njengoko lo mprofeti enikela ubuceducedu bezenzo zikaYehova wemikhosi. KuHabhakuki 3:6, sifunda oku: “[UYehova uThixo] umi, walishukumisa ihlabathi; ukhangele, wazishukumisa iintlanga; zaba nkumenkume iintaba zanini, zasibekeka iinduli zasephakadeni; iindlela zakhe yena zisephakadeni.” Okokuqala, uYehova “umi,” njengenjengele ehlola ithafa ledabi. Iintshaba zakhe ziyangcangcazela luloyiko. Ziyabona ukuba ungubani na lo mntu zilwa naye kwaye zothukile, ziyatsibatsiba ngenxa yokudideka. UYesu waxela kwangaphambili ngexesha eziya kuthi “zonke izizwe zomhlaba zimbambazele zisenza isijwili.” (Mateyu 24:30) Ziya kuqabuka sekophulwe ukuba akukho mntu unokulwa noYehova. Iintlangano zabantu—kwanezo zibonakala zisisigxina ‘njengeentaba zanini’ kunye ‘neenduli zasephakadeni’—ziya kuwa. Kuya kwandula kube ngathi ‘ziindlela zikaThixo zasephakadeni,’ njengendlela awenza ngayo mandulo.
9, 10. Yintoni esiyikhunjuzwa nguHabhakuki 3:7-11?
9 ‘Umsindo kaYehova uyavutha’ nxamnye neentshaba zakhe. Kodwa ziziphi izixhobo azisebenzisayo kwimfazwe yakhe enkulu? Phulaphula njengoko lo mprofeti ezichaza, uthi: “Sizihlubile sazihluba isaphetha sakho; zifungelwe ilizwi iintonga zokohlwaya. Ihlabathi uligqobhoza imilambo. Zikubonile, ziyankwantya iintaba, kudlule isiphango samanzi; amanzi anzongonzongo akhupha isandi sawo, aziphakamisela phezulu izandla zawo. Latshona ilanga nenyanga ekhayeni lazo, ngokukhanya kweentolo zakho ezihambayo, ngobumhlophe bokubengezela kwezikhali zakho.”—Habhakuki 3:7-11.
10 Ngemihla kaYoshuwa, uYehova wabangela ukuba ilanga nenyanga zime njengoko wayebonakalisa amandla ngendlela emangalisayo. (Yoshuwa 10:12-14) Isiprofeto sikaHabhakuki sisikhumbuza ukuba ikwangaloo mandla afanayo aza kusetyenziswa nguYehova eArmagedon. Ngowe-1513 B.C.E., uYehova wabonakalisa ukuba uyakwazi ukuwalawula amanzi anzongonzongo asemhlabeni xa wasebenzisa uLwandle Olubomvu ukuze atshabalalise imikhosi kaFaro. Kwiminyaka engama-40 kamva, umlambo iYordan owawuzele awuzange uxabe endleleni yohlaselo loloyiso lwamaSirayeli kwiLizwe Ledinga. (Yoshuwa 3:15-17) Ngemihla yomprofetikazi uDebhora, izantyalantyala zemvula zakhukulisa iinqwelo zokulwa zikaSisera owayelutshaba lukaSirayeli. (ABagwebi 5:21) Ikwangala mandla manye ezikhukula, izantyalantyala zemvula kunye namanzi anzongonzongo aza kube elungele ukusetyenziswa nguYehova eArmagedon. Neendudumo kunye nemibane zisesandleni sakhe, njengomkhonto okanye umphongolo ozele iintolo.
11. Yintoni eza kwenzeka xa uYehova esebenzisa amandla akhe amakhulu?
11 Ngokwenene, kuya kuba ngumbono owoyikekayo xa uYehova esebenzisa amandla akhe amakhulu. Amazwi kaHabhakuki abonisa ukuba ubusuku buya kujika bube yimini ize imini ikhanye ngaphezu kokuba ilanga linokuyikhanyisa. Enoba esi siprofeto siphefumlelweyo esichaza iArmagedon siya kuzaliseka ngokoqobo okanye siyafuzisela, inye nje kuphela into esiqiniseke ngayo—uYehova uya kuphumelela, angavumeli nolunye utshaba ukuba lusabe.
Usindiso Luyaqinisekiswa Kubantu BakaThixo!
12. Yintoni eza kwenziwa nguThixo kwiintshaba zakhe, kodwa ngoobani abaza kusindiswa?
12 Lo mprofeti uyaqhubeka echaza izenzo zikaYehova xa etshabalalisa iintshaba Zakhe. KuHabhakuki 3:12, sifunda oku: “Ulinyathela ilizwe ubhavuma, unyhashe iintlanga unomsindo.” Ukanti, uYehova akayi kubulala nje kwanto ephilayo. Abanye abantu baza kusindiswa. UHabhakuki 3:13 uthi: “Uphuma ukuba usindise abantu bakho, ukuba usindise umthanjiswa wakho.” Ewe, uYehova uza kusindisa abakhonzi bakhe abathembekileyo abangabathanjiswa. Kuya kube kugqityiwe ukutshatyalaliswa kweBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. Noko ke, namhlanje iintlanga zizama ukutshayela unqulo olunyulu. Kungekudala, abakhonzi bakaYehova baza kuhlaselwa yimikhosi kaGogi welizwe lakwaMagogi. (Hezekile 38:1–39:13; ISityhilelo 17:1-5, 16-18) Ngaba olo hlaselo olunobusathana luza kuphumelela? Unotshe! UYehova uya kuzinyhasha ngomsindo iintshaba zakhe, azinyathele oku kweenkozo ezisesingqushweni. Kodwa uya kubasindisa abo bamnqula ngomoya nangenyaniso.—Yohane 4:24.
13. UHabhakuki 3:13 uza kuzalisekiswa njani?
13 Ukutshatyalaliswa ngokucokisekileyo kwabangendawo kuxelwe kwangaphambili ngala mazwi: “[Yehova] uphaluse intloko endlwini yongendawo, usihlube isiseko sakhe, ude use entanyeni.” (Habhakuki 3:13) Le ‘ndlu’ yinkqubo engendawo eye yavela phantsi kwempembelelo kaSathana uMtyholi. Iza kudilizwa. “Intloko,” okanye iinkokeli ezinxamnye noThixo, iza kutyunyuzwa. Iyonke nje loo nkqubo iza kubhangiswa kwanezo ziseko zayo. Ayisayi kubakho. Esinjani sona isiqabu!
14-16. Ngokutsho kukaHabhakuki 3:14, 15, yintoni eza kwenzeka kubantu bakaYehova nakwiintshaba zabo?
14 EArmagedon, abo bazama ukutshabalalisa “umthanjiswa” kaYehova baza kwenziwa badideke. Ngokutsho kukaHabhakuki 3:14, 15, lo mprofeti uthetha noThixo esithi: “Uyihlaba ngeentonga zakhe intloko yezimpi zakhe, ezigalelekayo zisiza kundichitha; ezikuvuyelela kwazo ngathi ziza kudla olusizana entsithelweni. Unyathela ulwandle ngamahashe akho, isiyaluyalu samanzi amaninzi.”
15 Xa umprofeti uHabhakuki esithi ‘izimpi zakhe zigaleleka zisiza kundichitha,’ uthetha egameni labakhonzi bakaYehova abathanjisiweyo. Njengezihange ezilalele umntu, iintlanga ziya kubatsibela abanquli bakaYehova zifuna ukubatshabalalisa. Ezi ntshaba zikaThixo nabantu bakhe ziya “kuvuyelela,” ziqinisekile ukuba ziza kuphumelela. AmaKristu athembekileyo aya kubonakala ebuthathaka, ‘njengosizana.’ Kodwa xa imikhosi elwa noThixo ihlasela, uYehova uya kubangela ukuba izixhobo zayo zenzakalise kwayona. Iya kusebenzisa izixhobo zayo, okanye ‘iintonga,’ kwakwamanye amajoni ecala layo.
16 Kodwa ke akuphelelanga apho. UYehova uza kusebenzisa imikhosi yomoya enamandla angaphezu kwawomntu ukuze itshabalalise iintshaba zakhe. “Ngamahashe” emikhosi yakhe yasezulwini ephantsi kukaYesu Kristu, uya kufunza phambili ngoloyiso etyhubela “ulwandle” kunye ‘nesiyaluyalu samanzi,’ ngamany’ amazwi, inyambalala yabantu abaziintshaba. (ISityhilelo 19:11-21) Emva koko abangendawo baya kushenxiswa emhlabeni. Enjani ukuba nkulu imbonakaliso yamandla nokusesikweni kukaThixo!
Imini KaYehova Iyeza!
17. (a) Kutheni sinokuba nentembelo kwinzaliseko yamazwi kaHabhakuki? (b) Sinokufana njani noHabhakuki njengoko silinde imini enkulu kaYehova?
17 Sinokuqiniseka ukuba amazwi kaHabhakuki aza kuzaliseka kungekudala. Akayi kulibazisa. Uthini ke njengokuba uyazi kusengaphambili loo nto? Khumbula ukuba uHabhakuki wayebhala ephefumlelwe nguThixo. UYehova uza kuthabatha inyathelo, kwaye kuza kuba ngumbhodamo nje emhlabeni xa esenjenjalo. Akumangalisi ngoko ukuba lo mprofeti abhale esithi: “Ndithe ndakuva, saxuxuzela isisu sam, umlomo wam wabebezela seso sithonga; kwangena impehla emathanjeni am, ndagungqa apho ndimi khona; ukuba ndilindele imini yembandezelo, eza ebantwini oya kubangenela.” (Habhakuki 3:16) Isisu sikaHabhakuki saxuxuzela—phofu siyaqondakala isizathu soko. Kodwa ngaba ukholo lwakhe lwagungqiswa? Nakanye! Wayekulungele ukulinda imini enkulu kaYehova ezolile. (2 Petros 3:11, 12) Ngaba nathi sineso simo sengqondo? Ngokuqinisekileyo sinaso! Sinokholo ngokupheleleyo ukuba isiprofeto sikaHabhakuki siza kuzalisekiswa. Noko ke, de kube lelo xesha, siza kulinda ngomonde.
18. Nangona uHabhakuki wayelindele ubunzima, sasinjani isimo sengqondo sakhe?
18 Imfazwe isoloko isizisa ubunzima, nkqu nakwabo baza kuphumelela ekugqibeleni. Ukutya kusenokuphela. Basenokulahlekelwa zizinto zabo. Umgangatho wokuphila usenokuhla. Ukuba loo nto inokwenzeka kuthi, siza kusabela njani? UHabhakuki wayenesimo sengqondo esingumzekelo, kuba wathi: “Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba, kungabikho ndyebo emidiliyeni; nokuba isiqhamo somnquma asiyi kuba siso, amasimi angabi nakudla, iphele esibayeni impahla emfutshane, kungabikho nkomo esitalini: Mna ke ndiya kudlamka ndikuYehova, ndigcobe ndikuThixo umsindisi wam.” (Habhakuki 3:17, 18) Ngokusengqiqweni uHabhakuki wabulindela ubunzima, mhlawumbi indlala. Ukanti akazange alahlekelwe luvuyo lwakhe kuYehova owayengumsindisi wakhe.
19. Bubuphi ubunzima obukhoyo kumaKristu amaninzi, kodwa yintoni esinokuqiniseka ngayo ukuba sibeka uYehova kuqala kubomi bethu?
19 Namhlanje, nangona ingekaqalisi imfazwe kaYehova nxamnye nabangendawo, abaninzi sele bebandezeleka. UYesu waxela kusengaphambili ukuba iimfazwe, iindlala, iinyikima zomhlaba, kunye neendyikitya zokufa zaziza kuba yinxalenye ‘yomqondiso wobukho bakhe’ ekumandla asebukhosini. (Mateyu 24:3-14; Luka 21:10, 11) Uninzi lwabo sikholwa nabo luphila kumazwe athwaxwa yinzaliseko yaloo mazwi kaYesu, kwaye lutsala nzima ngenxa yoko. Amanye amaKristu asenokuchaphazeleka ngendlela efanayo kwixesha elizayo. Kuninzi lwethu, inokwenzeka into yokuba ‘umkhiwane ungatyatyambi’ de isiphelo sifike. Noko ke, siyasazi isizathu sokuba ezi zinto zenzeke, ibe loo nto iyasomeleza. Ngaphezu koko, sifumana inkxaso. UYesu wathembisa: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe [uThixo], yaye zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.” (Mateyu 6:33) Esi ayisosiqinisekiso sokuba siza kuphila tofotofo, kodwa sisiqinisekiso sokuba, ukuba sibeka uYehova kuqala ebomini bethu, uya kusinyamekela.—INdumiso 37:25.
20. Phezu kwabo nje ubunzima bokwexeshana, yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?
20 Enoba bubuphi na ubunzima bokwexeshana ekufuneka sijamelane nabo, asiyi kuphelelwa lukholo kumandla kaYehova okusindisa. Uninzi lwabazalwana noodade wethu baseAfrika, eMpuma Yurophu nakwezinye iindawo bajamelana nobunzima obugqithisileyo, kodwa bayaqhubeka ‘bedlamka bekuYehova.’ Njengabo, ngamana nathi singangaze siyeke ukwenza oko. Khumbula ukuba iNkosi enguMongami uYehova inguMthombo ‘wamandla.’ (Habhakuki 3:19) Akayi kusiphoxa. Ngokuqinisekileyo iArmagedon iyeza, kwaye ihlabathi elitsha elithenjiswe nguThixo liza kulandela nokuba sekumnyam’ entla. (2 Petros 3:13) Emva koko “ihlabathi liya kuzala kukwazi ubuqaqawuli bukaYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.” (Habhakuki 2:14) De kufike elo xesha lobumnandi, masilandeleni umzekelo omhle kaHabhakuki. Masihlale ‘sidlamkile kuYehova, sigcobe kuThixo umsindisi wethu.’
Ngaba Uyakhumbula?
• Umthandazo kaHabhakuki unokusichaphazela njani?
• Kutheni uYehova ehlasela nje?
• Sithini isiprofeto sikaHabhakuki ngosindiso?
• Sifanele sibe nasiphi isimo sengqondo njengoko silinde imini enkulu kaYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ngaba uyayazi imikhosi eza kusetyenziswa nguThixo nxamnye nabangendawo eArmagedon?