Habhakuki
3 Umthandazo oyingoma yokuzila kaHabhakuki umprofeti:
2 Owu Yehova, ndiyivile ingxelo ngawe.
Ndiyawoyika umsebenzi wakho Yehova.
Phakathi kweminyaka* wenze uphile!
Phakathi kweminyaka* wenze waziwe.
Kwanga ungakhumbula ukuba nenceba ngexesha lokuphazamiseka.+
Uzuko lwakhe logquma amazulu,+
Umhlaba wagcwala indumiso yakhe.
4 Ukuqaqamba kwakhe kwakunjengokukhanya.+
Kwakulanyaza imitha emibini esandleni sakhe,
Apho ayefihlwe khona amandla akhe.
5 Kwakuphuma isifo esingubhubhani phambi kwakhe,+
Nomkhuhlane otshisayo wawulandela ezinyaweni zakhe.
6 Wema ngxi washukuma umhlaba.+
Ngokuzijonga nje wazenza zaxhuma iintlanga.+
Iintaba ezingunaphakade zadilizwa,
Neenduli zakudala zaqubuda.+
Ezi ziindlela zakhe zakudala.
7 Ndazibona zisenkathazweni iintente zakwaKushan.
Amalaphu eentente zelizwe lakwaMidiyan angcangcazela.+
8 Ngaba yimilambo, Yehova,
Ngaba umsindo wakho wenziwa yimilambo?
Okanye ngaba umsindo wakho wenziwa lulwandle?+
9 Wasikhupha waza wasilungiselela ukutola isaphetha sakho.
Iintonga* zakho zihamba ngesifungo. (Selah)
Wawucanda ngemilambo umhlaba.
10 Zathi zakukubona iintaba zagcuma yintlungu.+
Kwadlula izantyalantyala zamanzi.
Amanzi asenzulwini agquma ngelizwi lawo.+
Aziphakamisela phezulu izandla zawo.
11 Ilanga nenyanga zema ezindaweni zazo zokuhlala eziphakamileyo.+
Iintolo zakho zaphuma njengokukhanya.+
Ukumenyezela komkhonto wakho kwakhazimla.
12 Wahamba-hamba emhlabeni ucaphukile.
Ngomsindo wanyathela* iintlanga.
13 Waphuma ukuze usindise abantu bakho, usindise lowo ukhethiweyo wakho.
Wayityumza inkokheli* yendlu yabangalunganga.
Yabhencwa ukususela kwisiseko ukuya kutsho phezulu.* (Selah)
14 Wahlaba amagorha akhe entloko ngezixhobo zakhe zokulwa*
Xa ayehamba ngesivuthuvuthu ukuze andichithachithe.
Ayekuvuyela ukuqwenga osentlungwini kwindawo efihlakeleyo.
15 Wanyathela ulwandle ngamahashe akho,
Kumanzi amaninzi alatyuzayo.
Ukubola kwaqalisa ukungena emathanjeni am,+
Imilenze yam yayingcangcazela.
Kodwa ngokuzola ndilindele imini yobunzima,+
Kuba iza ebantwini abasihlaselayo.
17 Nangona umthi wamafiya* usenokungatyatyambi,
Aze namasimi eediliya angabi naziqhamo,
Nangona umthi womnquma usenokusilela,
Namasimi angavelisi kutya,
Nangona imihlambi isenokumka ebuhlanti iduke,
Kungabikho zinkomo esibayeni,
18 Kodwa mna, ndiza kuvuya ngoYehova,
Ndiza kuvuyiswa nguThixo wosindiso lwam.+
19 UYehova iNkosi enguMongami ungamandla am,+
Iinyawo zam uza kuzenza zibe njengezo zexhamakazi,
Yaye uza kundenza ndinyathele kwiindawo eziphakamileyo.+
Kumalathisi, ngemirhubhe yam.