ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi KaNahum, KaHabhakuki, NekaZefaniya
IASIRIYA eligunya lehlabathi seyiyitshabalalisile iSamariya, ikomkhulu lobukumkani bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli. Sekulithuba eli gunya lisongela uYuda. Umprofeti uNahum wakwaYuda unesigidimi esiphathelele ikomkhulu laseAsiriya, iNineve. Le ncwadi yeBhayibhile kaNahum neyabhalwa ngaphambi kowama-632 B.C.E., iqulethe eso sigidimi.
Igunya lehlabathi eliza kulandela buBukhosi baseBhabhiloni, obabukhe bube sezandleni zookumkani bamaKhaledi. Incwadi kaHabhakuki, esenokuba yagqitywa ukubhalwa ngowama-628 B.C.E., iyixela kwangaphambili indlela uYehova aza kulisebenzisa ngayo eli gunya lehlabathi liyiBhabhiloni njengesixhobo sokohlwaya kuquka oko kuya kulehlela ekugqibeleni.
Umprofeti uZefaniya wakwaYuda waprofeta ngaphambi koNahum noHabhakuki. Kwiminyaka engaphezu kwama-40 ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E., uvakalisa isigidimi sentshabalalo kunye nesimnika ithemba uYuda. Incwadi yeBhayibhile kaZefaniya inazo nezigidimi ezinxamnye nezinye iintlanga.
“YEHA KWISIXEKO SOPHALAZO-GAZI”
“Isibhengezo nxamnye neNineve” sivela kuYehova uThixo, ‘ozeka kade umsindo nonamandla kakhulu.’ Nangona uYehova ‘eligwiba ngemini yokubandezeleka’ kwabo basabela kuye, iNineve iza kutshatyalaliswa.—Nahum 1:1, 3, 7.
“UYehova ngokuqinisekileyo uya kulihlanganisa [alibuyisele] iqhayiya likaYakobi.” Kodwa ‘njengengonyama eqwengayo,’ yona iAsiriya iye yagrogrisa isizwe sabantu bakaThixo. UYehova ‘uza kuyitshisa emsini inqwelo yokulwa yaseNineve. Yaye ikrele liya kuziqwenga iingonyama zayo ezintsha ezinesingci.’ (Nahum 2:2, 12, 13) “Yeha kwisixeko sophalazo-gazi”—iNineve. ‘Bonke abo beva ingxelo ngayo ngokuqinisekileyo baya kukuqhwabela izandla’ oko baze bachulumance.—Nahum 3:1, 19.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:9—‘Ukutshatyalaliswa kuthi tu’ kweNineve kuya kuthetha ntoni kuYuda? Kuya kuthetha ukukhululeka ngokupheleleyo kwiAsiriya; “akuyi kuvuka ukubandezeleka isihlandlo sesibini.” Ethetha ngokungathi iNineve ayisekho, uNahum uthi: “Khangela! Iinyawo zalowo uzisa iindaba ezilungileyo ezintabeni, lowo uvakalisa uxolo. Owu Yuda, bhiyozela imithendeleko yakho.”—Nahum 1:15.
2:6—Ngawaphi la “masango omlambo” avulwayo? La masango sisikroba esavulwa ngamanzi oMlambo iTigris kwiindonga zeNineve. Ngowama-632 B.C.E. xa imikhosi emanyeneyo yaseBhabhiloni neyamaMedi yeza kuhlasela iNineve, ayizange inkwantye. Ngenxa yeendonga zayo ezinde yaziva ikhuselekile, ivakalelwa kukuba isisixeko ekungekho mntu unokutyhoboza angene kuso. Kodwa, izantyalantyala zemvula zawutsho waphuphuma umlambo iTigris. Ngokutsho kombhali-mbali uDiodorus, “ezi mpuphuma zasizalisa eso sixeko zaza zashiya iindonga zithe waca umgama othile.” Aba ke ayavuleka amasango omlambo, ibe njengokuba kwakuxeliwe, iNineve yathiwa qwakaqwaka ngathi ngumlilo kwiindiza ezomileyo.—Nahum 1:8-10.
3:4—INineve yayifana njani nonongogo? INineve yakhohlisa izizwe izithembisa ngobuhlobo nokuzinceda kodwa enyanisweni izicinezela. Ngokomzekelo, iAsiriya yanceda uKumkani uAhazi wakwaYuda ngandlel’ ithile kwiyelenqe leSiriya noSirayeli. Kodwa ekugqibeleni, “ukumkani waseAsiriya weza nxamnye naye [uAhazi] wambandezela.”—2 Kronike 28:20.
Oko Sikufundayo:
1:2-6. Ukuziphindezela kukaYehova kwiintshaba zakhe, ezingafuni kuzinikela ngokupheleleyo kuye, kubonisa ukuba akalwamkeli unqulo olungaphelelanga kubanquli bakhe.—Eksodus 20:5.
1:10. Iindonga ezinkulu ezinamakhulu eenqaba zange zikuthintele ukuzaliseka kwelizwi likaYehova nxamnye neNineve. Neentshaba zabantu bakaYehova namhlanje azinakubhungca kwimigwebo kaThixo.—IMizekeliso 2:22; Daniyeli 2:44.
‘ILUNGISA LIYA KUQHUBEKA LIPHILA’
Kwizahluko ezibini zokuqala zale ncwadi kaHabhakuki, lo mprofeti uncokola noYehova uThixo. Ekhathazwa koko kwenzeka kwaYuda, uHabhakuki umbuza oku uThixo: “Kutheni undenza ndibone okwenzakalisayo, uze uqhubeke ujonga inkathazo?” UYehova wamphendula wenjenje: “Ndinyusa amaKhaledi, uhlanga olunobukrakra noludyuduzelayo.” Lo mprofeti umangaliswa kukuba uThixo eza kusebenzisa “abo benza ngobuqhophololo” ukohlwaya uYuda. (Habhakuki 1:3, 6, 13) UHabhakuki uyaqinisekiswa ukuba olilungisa uya kuqhubeka ephila, kodwa olutshaba akayi kubhungca. UHabhakuki ubhala nangezinto ezintlanu ezibuhlungu eziza kwenziwa kutshaba lwamaKhaledi.—Habhakuki 2:4.
Ethandazela inceba, uHabhakuki wenza ‘isimbonono’ ngezenzo zikaYehova zokubonakalisa amandla akhe amakhulu njengakuLwandle Olubomvu, entlango naseYeriko. Lo mprofeti uxela kusengaphambili nangomsindo kaYehova xa etshabalalisa eArmagedon. Umthandazo wakhe uwuqukumbela ngala mazwi: “UYehova iNkosi enguMongami ungamandla am; yaye iinyawo zam uya kuzenza zibe njengezo zamaxhamakazi, yaye uya kundibangela ndinyathele ezindaweni zam eziphakamileyo.”—Habhakuki 3:1, 19.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:5, 6—Yintoni eyayiza kwenza kube nzima kumaYuda ukukholelwa ukuba amaKhaledi aza kunyuka aye kuhlasela iYerusalem? Xa uHabhakuki wayeqalisa ukuprofeta, uYuda wayephantsi kwempembelelo enamandla yeYiputa. (2 Kumkani 23:29, 30, 34) Nakuba iBhabhiloni yaya isiba namandla, umkhosi wayo wawungazange umoyise uFaro Neko. (Yeremiya 46:2) Enye into, itempile kaYehova yayiseYerusalem, lwabe nolawulo lookumkani bomnombo kaDavide lungazange lwaphazanyiswa. Ngelo xesha amaYuda ayengacingi tu ‘ngomsebenzi’ kaThixo wokuvumela amaKhaledi atshabalalise iYerusalem. Enoba ayengakholelwa kumazwi kaHabhakuki, wona umbono wokutshatyalaliswa kweYerusalem ngamaBhabhiloni ‘waba yinyaniso’ ngowama-607 B.C.E.—Habhakuki 2:3.
2:5—Ngubani “indoda eyomeleleyo,” ibe kutheni ingayi “kulufikelela usukelo lwayo”? YiBhabhiloni, eyayinobuchule bokulwa yoyise ezinye iintlanga, ebumba le “ndoda yomeleleyo.” Ukoyisa kwayo kwayenza yafana nomntu onxiliswe yiwayini. Yayingayi kukwazi ukuthimbela kuyo zonke iintlanga, kuba uYehova wayeya kuyibhukuqa esebenzisa amaMedi namaPersi. Namhlanje, le “ndoda” ibunjwa ngamagunya ezopolitiko. Nawo anxilile kukuzithemba nekratshi nokunyolukela ukurhwaphiliza. Kodwa akalufikeleli usukelo lwawo ‘lokuhlanganisela kuwo zonke iintlanga.’ BuBukumkani bukaThixo kuphela obuya kumanyanisa lonke uluntu.—Mateyu 6:9, 10.
Oko Sikufundayo:
1:1-4; 1:12–2:1. UHabhakuki wabuza imibuzo enyanisekileyo, ibe uYehova wamphendula. UThixo oyinyaniso uyayiphulaphula imithandazo yabakhonzi bakhe abathembekileyo.
2:1. NjengoHabhakuki, simele sihlale siphaphile ngokomoya yaye sixakekile enkonzweni kaYehova. Simele sihlale sikulungele nokuhlengahlengisa iingcamango zethu ukuze zivumelane naso nasiphi na ‘isohlwayo,’ okanye isiluleko esisifumanayo.
2:3; 3:16. Njengoko silindele ngokholo ukufika kwemini kaYehova, masingaze silahlekelwe yimvo yongxamiseko.
2:4. Ukuze sisinde kwimini ezayo yomgwebo kaYehova, simele sihlale sithembekile.—Hebhere 10:36-38.
2:6, 7, 9, 12, 15, 19. Nakanjani na akakho onokubhungca kule ntlekele ngoxa enyolukele inzuzo yokunganyaniseki, ethanda ugonyamelo, eziphethe kakubi, okanye enqula izithixo. Simele siqinisekise ukuba siyaziphepha izenzo nemikhwa enjengale.
2:11. Ukuba asibubhenci ngokwethu ubungendawo beli hlabathi, “kuya kukhala ilitye kalusizi.” Kubalulekile ukuba siqhubeke sishumayela isigidimi soBukumkani ngesibindi.
3:6. Ayikho into enokuba ngumqobo kuYehova xa ephumeza umgwebo wakhe, nkqu neentlangano zabantu ezibonakala zingenakugungqiswa njengeentaba neenduli.
3:13. Siqinisekile ukuba kwintshabalalo yeArmagedon akuyi kufa wonke umntu. UYehova uya kubahlangula abakhonzi bakhe abathembekileyo.
3:17-19. Nakuba sisenokuva ubunzima ngaphambi kweArmagedon naxa iqhubeka, siqinisekile ukuba uYehova uya kusipha “amandla” njengoko siqhubeka simkhonza ngovuyo.
“IMINI KAYEHOVA IKUFUPHI”
Unqulo lukaBhahali lugqugqisile kwaYuda. Ethetha ngomprofeti wakhe uZefaniya, uYehova uthi: “Ndiza kolulela isandla sam kuYuda nakubo bonke abemi baseYerusalem.” UZefaniya ulumkisa athi: “Imini kaYehova ikufuphi.” (Zefaniya 1:4, 7, 14) Ngabo benza ukuthanda kukaThixo kuphela abaya “kufihlwa” ngaloo mini.—Zefaniya 2:3.
“Yeha . . . isixeko esicinezelayo”—iYerusalem! “‘Hlalani nilindele kum,’ utsho uYehova, ‘de ibe yimini yokuvuka kwam ukuba ndithimbe, kuba isigwebo sam kukuhlanganisa iintlanga . . . ukuze ndithululele kuzo isiqalekiso sam.’” Kodwa uThixo wenza esi sithembiso: “Ndiya kunenza nibe ligama nendumiso phakathi kwezizwana zonke zomhlaba, ekubabuyiseni kwam abathinjiweyo benu phambi kwamehlo enu.”—Zefaniya 3:1, 8, 20.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:13, 14—‘Lilizwi likabani eli liya kuvuma’ kwiNineve eyinkangala? Ekubeni iNineve yayiza kuba yindawo yamarhamncwa asendle neentaka, ilizwi elaliya kuvuma libhekisela kwingoma yeentaka mhlawumbi kuquka nesandi somoya obetha kwiifestile zezo zakhiwo zazikhala umoya.
3:9—Luyintoni “ulwimi olusulungekileyo,” ibe luthethwa njani? Yinyaniso kaThixo efumaneka kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. Luquka zonke iimfundiso zeBhayibhile. Siluthetha ngokukholelwa inyaniso, ngokuyifundisa abanye ngokuchanileyo, nangokuphila ngokuvisisana nentando kaThixo.
Oko Sikufundayo:
1:8. Kubonakala ukuba bambi ngomhla kaZefaniya babefuna ukwamkeleka kwiintlanga ezibangqongileyo ‘ngokunxiba isinxibo sasemzini.’ Ibiya kuba bubuyatha gqitha ukuba abanquli bakaYehova namhlanje bebenokuyekelela kwihlabathi ngokwenza oko.
1:12; 3:5, 16. UYehova waqhubeka ethumela abaprofeti bakhe ukuba balumkise abantu ngezigwebo zakhe. Waqhubeka esenjenjalo nakuba amaYuda amaninzi ayeqhubeka neendlela zawo kanye njengeentsipho ezizinze kumazantsi efatyi yewayini engenaxesha leso sigidimi sakhe. Njengoko imini enkulu kaYehova isondela, kunokuba sivumele isimo sengqondo sokungakhathali sabantu ‘siwise izandla zethu,’ simele siqhubeke sivakalisa isigidimi soBukumkani ngaphandle kokuyekelela.
2:3. NguYehova kuphela onokusisindisa ngemini yomsindo wakhe. Ukuze akholiswe sithi, kufuneka ‘simfune uYehova’ ngokulifundisisa ngenyameko iLizwi lakhe, iBhayibhile; sithandaze sicela ukuba asikhokele; size sisondele kuye. Simele ‘sifune ubulungisa’ ngokuziphatha kakuhle siphile ubomi obucocekileyo. Simele ‘sifune nolulamo’ ngokuzabalazela ukululama nokuzithoba.
2:4-15; 3:1-5. Ngemini yomgwebo kaYehova, iNgqobhoko nazo zonke iintlanga eziye zacinezela abantu bakaThixo, ziya kwehlelwa seso sehlela iYerusalem yamandulo kunye neentlanga eziyingqongileyo. (ISityhilelo 16:14, 16; 18:4-8) Simele sityhalele phambili sivakalisa imigwebo kaThixo ngaphandle koloyiko.
3:8, 9. Njengoko silindele imini kaYehova, silungiselela ukusinda ngokufunda ukuthetha “ulwimi olusulungekileyo” ‘nangokubiza egameni likaThixo,’ ngaloo ndlela sizinikela kuye. Sikhonza uYehova “ngaxhatha linye” nabantu bakhe size sinikele isipho kuye, “umbingelelo wendumiso.”—Hebhere 13:15.
“Ikhawuleza Kakhulu”
Umdumisi wathi: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo; uya kuyikhangela indawo yakhe, abe engekho.” (INdumiso 37:10) Xa sicinga ngoko kwathethwa ngeNineve kwincwadi kaNahum nangoko kwathethwa ngeBhabhiloni noYuda owexukileyo kwincwadi kaHabhakuki, sitsho siqiniseke ukuba la mazwi omdumisi aya kuzaliseka. Kodwa simele silinde ixesha elingakanani?
UZefaniya 1:14 uthi: “Imini enkulu kaYehova ikufuphi. Ikufuphi, yaye ikhawuleza kakhulu.” Incwadi kaZefaniya isibonisa nendlela esinokusitheliswa ngayo ngaloo mini noko simele sikwenze ngoku ukuze silungele ukusinda. Ngokwenene, “ilizwi likaThixo liphilile, linamandla.”—Hebhere 4:12.
[Imifanekiso ekwiphepha 8]
Iindonga eziphakamileyo zaseNineve azizange zikuthintele ukuzaliseka kwesiprofeto sikaNahum
[Inkcazelo]
Randy Olson/National Geographic Image Collection