Ngaba Ngokwenene Uyanyamezela?
NGABA wakha wacatshukiswa yihambo kabani engafanelekanga? Ngaba uyakhawuleza ukuthabatha amanyathelo xa iimpembelelo ezingafanelekanga zingena phakathi kwabahlobo bakho abasenyongweni?
Maxa wambi inyathelo elikhawulezileyo nelingqongqo liyafuneka ukuthintela ukusasazeka kwesono esinzulu. Ngokomzekelo, xa isenzo sobubi obugqithiseleyo sasisongela ukutshabalalisa amaSirayeli ngenkulungwane ye-15 B.C.E., umzukulwana ka-Aron uFinehasi wathabatha inyathelo elifanelekileyo ukuze asuse okubi phakathi kwawo. UYehova uThixo wakuncoma oko wakwenzayo, esithi: “UFinehasi . . . uyibuyisile ingqumbo yam koonyana bakaSirayeli ngokungakunyamezeli kwakhe ukusukuzana kwabo nam.”—Numeri 25:1-11.
UFinehasi wathabatha inyathelo elifanelekileyo ukuze athintele ukwanda kwesono. Kodwa kuthekani ngokucatshukiswa gqitha ziimpazamo zabanye ezincinane? Ukuba besiza kuthabatha inyathelo ngokungxama okanye ngokungeyomfuneko, besingayi kuba ngabahlobo bobulungisa njengabantu abangakunyamezeliyo ukungafezeki kwabanye. Yintoni enokusinceda siwuphephe lo mgibe?
‘UYehova Uxolela Sonke Isiphoso Sakho’
UYehova “nguThixo onekhwele (nenzondelelo); uThixo ongalunyamezeliyo usukuzwano.” (Eksodus 20:5, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) NjengoMdali, unelungelo lokufuna ukuba sizinikele kuye ngokupheleleyo. (ISityhilelo 4:11) Ukanti, uYehova uyabunyamezela ubuthathaka bethu bokwenyama. Ngoko ke, umdumisi uDavide wavuma ingoma ngaye esithi: “UYehova unenceba nobabalo, uzeka kade umsindo yaye unobubele bothando obuninzi. Akayi kuqhubeka ehlab’ amadlala ngalo lonke ixesha . . . Akenzanga kuthi kanye ngokwezono zethu; engasiziseli noko kusifaneleyo ngokweziphoso zethu.” Ewe, ukuba siyaguquka, uThixo ‘uxolela sonke isiphoso sethu.’—INdumiso 103:3, 8-10.
Ngenxa yokuba eqonda ukuba abantu batyekele esonweni, uYehova ‘akaqhubeki ehlab’ amadlala’ kubantu abenze ububi abaguqukayo. (INdumiso 51:5; Roma 5:12) Eneneni, injongo yakhe kukuphelisa isono nokungafezeki. Kude oku kube kuzaliseke ngokupheleleyo, kunokuba ‘asizisele oko kusifaneleyo,’ ngenceba yakhe uThixo uyasixolela ngesizinzi sedini lentlawulelo likaYesu Kristu. Akukho namnye kuthi obeya kusindiswa ukuba uYehova ubengabonakalisi inceba xa kufanelekile. (INdumiso 130:3) Onjani umbulelo esinokuba nawo ngenxa yokuba uBawo wethu wasezulwini, onelungelo lokufuna sizinikele kuye ngokupheleleyo, enguThixo onenceba!
Kufuneka Ulungelelwano
Ekubeni iNkosi enguMongami wendalo iphela ibonakalisa ukunyamezela xa iqhubana nabantu abangafezekanga, ngaba asifanele senze okufanayo? Ukunyamezela kunokuchazwa njengobuchule bokuphulaphula izimvo okanye ukunyamezela ngomonde izinto ezenziwa ngabanye. Ngaba sinaso isimo sengqondo esinjalo—utyekelo lokunyamezela nokuzibetha ngoyaba izinto ezithethwa nezenziwa ngabanye ezingesiso isono esinzulu kodwa mhlawumbi ezingafanelekanga ukuba zingathethwa okanye zenziwe?
Kakade ke, sifanele sikuphephe ukunyamezela ngokugqithiseleyo. Ngokomzekelo, kwenzeka umonakalo omkhulu xa iinkokeli zonqulo zinyamezela izinto ezenziwa ngabefundisi abangenavelwano abaqhubeka bexhaphaza amakhwenkwe namantombazana. Omnye umchola-choli weendaba waseIreland wathi: “Ngenxa yokuba zigqala oko kwenziwa kwaba bantwana njengezihlandlo nje zokuwela esonweni, iinkokeli zonqulo zasuka nje zamfudusa loo mfundisi wenze eso sono zamsa kwenye indawo.”
Ngaba ukufudusa indoda enjalo ngumzekelo wonyamezelo olufanelekileyo? Nakanye! Masithi iqumrhu loogqirha bezonyango liye lavumela ugqirha wotyando ongenankathalo ukuba aqhubeke esebenza, limsusa kwesinye isibhedlele limse kwesinye, nangona ebulala okanye eshiya abantu abanyangayo beziingxwelerha. Ukufuna ukulondoloza ulwalamano olungafanelekanga koogqirha kunokubangela “ukunyamezela” okunjalo. Kodwa kuthekani ngamaxhoba aye aphulukana nobomi bawo okanye aye achaphazeleka kakhulu ngenxa yokungakhathali okanye ngenxa yezenzo ezingekho mthethweni?
Kukwakho nengozi yokungakhathali okubaxiweyo. Xa uYesu wayelapha emhlabeni, amaYuda athile aziwa ngokuba ngamaZealot azama ukusebenzisa umzekelo kaFinehasi ngendlela engafanelekanga ukuze athethelele izenzo zawo. Esinye isenzo sokugabadela esenziwa ngamanye amaZealot “yayikukuzihlanganisa nezihlwele eYerusalem ebudeni bemibhiyozo nangezinye izihlandlo ezifana nezo aze ahlab’ abantu abangabathandiyo ngeencula bengacingelanga.”
NjengamaKristu, asinakuze sigabadele sifane namaZealot side sihlasele abo bangasikholisiyo. Kodwa ngaba umlinganiselo othile wokunganyamezeli ubangela ukuba sihlasele abo bangasikholisiyo ngezinye iindlela—mhlawumbi sithethe izinto ezinyelisayo ngabo? Ukuba ngokwenene siyanyamezela, asinakubhenela ekusebenziseni iintetho ezihlabayo ngolo hlobo.
AbaFarisi benkulungwane yokuqala yayilelinye iqela elingakwaziyo ukunyamezela. Babesoloko bebagxeka abanye yaye bengabacingeli njengabantu abangafezekanga. AbaFarisi abanekratshi babebajongela phantsi abantu abaqhelekileyo, bebanyelisa bebajonga ‘njengabantu abaqalekisiweyo.’ (Yohane 7:49) Ngesizathu esivakalayo, uYesu wabagxeka abantu abazenza amalungisa ngolo hlobo, esithi: “Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba ninikela isishumi setyeleba nesedile nesekumin, kodwa niye nayigatya imibandela enzima ngakumbi yoMthetho, eyile, okusesikweni nenceba nokuthembeka. Ezi zinto kwakubophelelekile ukuzenza, kanti kungamele kugatywe ezinye izinto.”—Mateyu 23:23.
Xa wayethetha la mazwi, uYesu wayengakujongeli phantsi ukubaluleka kokugcina uMthetho kaMoses. Kuphela wayebonisa ukuba “imibandela enzima,” okanye izinto ezibaluleke kakhulu, zoMthetho zazifuna ukusetyenziswa ngolungelelwano nangenceba. Enjani indlela uYesu nabafundi bakhe abahluka ngayo kubaFarisi namaZealot anganyamezeliyo!
UYehova uThixo okanye uYesu Kristu akabuqwabazel’ iliso ububi. Kungekudala, ‘impindezelo iza kuziswa kwabo bangamaziyo uThixo nabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo.’ (2 Tesalonika 1:6-10) Noko ke, kwinzondelelo yakhe ngobulungisa, uYesu akaze asilele ukubonakalisa umonde, inceba kunye nenkxalabo enothando ngabo bafuna ukwenza okulungileyo nto leyo ebonakaliswa nguYise wasezulwini. (Isaya 42:1-3; Mateyu 11:28-30; 12:18-21) Onjani ukuba mhle umzekelo uYesu asibekele wona!
Ngomonde Qhubekani Ninyamezelana
Nangona sinokuba sinenzondelelo ngento elungileyo, masisebenzise icebiso lompostile uPawulos elithi: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye. Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.” (Kolose 3:13; Mateyu 6:14, 15) Ukunyamezelana kuquka ukunyamezela iintsilelo neempazamo zabanye kweli hlabathi linabantu abangafezekanga. Sifanele silungelelane ngoko sikulindeleyo kwabanye.—Filipi 4:5.
Ukunyamezela akuthethi kuthi sifanele sivumele ubungendawo okanye sizibethe ngoyaba iimpazamo zabanye. Elinye ikholwa lisenokucinga okanye lenze izinto ngendlela engahambisani nemigaqo kaYehova. Nangona ukuphambuka kule migaqo kunokungabi kukhulu kangako kangangokuba kubangele ubani angamkeleki kuThixo, kunokuba sisilumkiso esibonisa ukuba kufuneka kulungelalaniswe okuthile. (Genesis 4:6, 7) Olunjani uthando olubonakaliswayo xa abo bafanelekayo ngokomoya bezama ukulungisa ngomoya wobulali lowo unxaxhayo! (Galati 6:1) Noko ke, ukuze loo mzamo uphumelele, kufuneka ubani aqhutywe yinkathalo kungekhona umoya wokugxeka.
“Ngomoya Wobulali Nentlonelo Enzulu”
Kuthekani ngokuba nomonde ngabantu abaneembono zonqulo ezahlukileyo kwezethu? Uxwebhu olwalubizwa ngokuthi “Isifundo Sikawonke-wonke” olwaluxhonywe kuzo zonke IZikolo zaseIreland ngowe-1831 lwalufundeka ngolu hlobo: “UYesu Kristu akazange afune ukuba unqulo lwakhe lunyanzelwe kwabanye abantu ngogonyamelo. . . . Ukuxabana nabamelwane bethu nokubaxhaphaza asiyondlela yokubenza babone ukuba sichanile yaye bona abachananga. Kunoko yeyona ndlela yokubenza baqiniseke ukuba asinawo umoya wobuKristu.”
UYesu wafundisa waza wenza izinto ngendlela eyatsalela abantu kwiLizwi likaThixo, nathi sifanele senjenjalo. (Marko 6:34; Luka 4:22, 32; 1 Petros 2:21) Njengomntu ofezekileyo owayenobulumko obuvela kuThixo, wayekwazi okusezintliziyweni zabantu. Ngoko ke, xa kuyimfuneko, uYesu wayekwazi ukuzigxeka kabukhali iintshaba zikaYehova. (Mateyu 21:13-33) Wakwenza oku kungekuko ukubonisa ukungabanyamezeli abanye.
Ngokungafaniyo noYesu, asikwazi ukubona okusentliziyweni yomntu. Ngenxa yoko, sifanele silandele icebiso lompostile uPetros owathi: “Ngcwalisani uKristu njengeNkosi ezintliziyweni zenu, nisoloko nikulungele ukuzithethelela phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna kuni isizathu sethemba elikuni, kodwa nisenjenjalo ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.” (1 Petros 3:15) Njengabakhonzi bakaYehova, sifanele sikumele oko sikukholelwayo kuba kusekelwe ngokupheleleyo kwiLizwi likaThixo. Kodwa sifanele sikwenze oku ngendlela ebonisa intlonelo ngabanye nangeenkolelo zabo ababambelele ngokuqinileyo kuzo. UPawulos wabhala: “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.”—Kolose 4:6.
KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni edumileyo, uYesu wathi: “Zonke izinto . . . enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” (Mateyu 7:12) Ngoko ke, ngomonde masinyamezelane size sibonakalise intlonelo ngabo sishumayela iindaba ezilungileyo kubo. Ngokulungelelanisa inzondelelo yethu ngobulungisa kunye nonyamezelo olusekelwe eBhayibhileni, siya kukholisa uYehova yaye ngokwenene sibe ngabantu abanyamezelayo.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Wuphephe umoya wokunganyamezeli wabaFarisi
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UYesu wabonakalisa umoya kaYise wokunyamezela. Ngaba wena uyawubonakalisa?