Iziprofeto EzingoBukumkani BukaThixo Ziyazaliseka
“Nenza kakuhle ukunikela ingqalelo [kwilizwi lesiprofeto] njengakwisibane esikhanya kwindawo emnyama.”—2 PETROS 1:19.
1. Nguwuphi umahluko esiwubonayo ebantwini namhlanje?
LONKE ihlabathi namhlanje lintyumpantyumpeka ebunzimeni. Lijamelene neentlekele ezingokwemvelo nobugrogrisi obugqugqise umhlaba wonke, yaye kuzo zonke ezi ngxaki akubonakali ngathi kuza kubakho isicombululo. Kwaneenkonzo zehlabathi azikwazanga ukunceda. Enyanisweni, ngamaxesha amaninzi ziye zazenza zambi ngakumbi izinto ngokuba ngoontamo-lukhuni, ukuphembelela intiyo, ubuhlanga obuye babangela abantu baziintlaba-zahlukane. Ewe, kanye njengokuba kwakuxelwe kwangaphambili, ‘isithokothoko’ siwagubungele “amaqela eentlanga.” (Isaya 60:2) Noko ke, kwangaxeshanye, abantu abazizigidi bakhangele phambili kwikamva ngentembelo. Ngoba? Ngenxa yokuba banikela ingqalelo kwilizwi likaThixo lesiprofeto “njengakwisibane esikhanya kwindawo emnyama.” Bavumela “ilizwi” okanye isigidimi sikaThixo esifumaneka eBhayibhileni, ukuba salathise amanyathelo abo.—2 Petros 1:19.
2. Ngokutsho kwesiprofeto sikaDaniyeli ngokuphathelele “ixesha lesiphelo,” ngoobani kuphela abafumana ukukhanya kokomoya?
2 Ngokuphathelele “ixesha lesiphelo,” umprofeti uDaniyeli wabhala: “Abaninzi baya kuphengulula, yaye ulwazi lokwenyaniso luya kuba luninzi. Abaninzi baya kuzihlambulula, bazenze mhlophe, baze basulungekiswe. Ke bona abangendawo ngokuqinisekileyo baya kwenza ngokungendawo, bangaqondi konke konke; kodwa bona abanengqiqo baya kuqonda.” (Daniyeli 12:4, 10) Ukuqonda okungokomoya kugcinelwe kuphela abo ‘baphengululayo’ okanye abalifundisisa ngenkuthalo iLizwi likaThixo, bazithobe kwimigaqo yakhe, baze bazabalazele ukwenza ukuthanda kwakhe.—Mateyu 13:11-15; 1 Yohane 5:20.
3. Ngeminyaka yee-1870, yiyiphi inyaniso ebalulekileyo abafundi beBhayibhile bokuqala abayiqondayo?
3 Mandulo phayaa kwiminyaka yee-1870, ngaphambi kokuqalisa ‘kwemihla yokugqibela,’ uYehova uThixo waqalisa ukudlulisela ukukhanya okungakumbi ‘ngeemfihlelo ezingcwele zobukumkani bamazulu.’ (2 Timoti 3:1-5; Mateyu 13:11) Ngelo xesha iqela labafundi beBhayibhile baqonda ukuba—ngokwahlukileyo kubantu abaninzi—ukufika kukaKristu kwakungayi kubonakala. Emva kokubekwa njengenkosi ezulwini, uYesu wayeya kubuya ngengqiqo yokunikela ingqalelo emhlabeni njengoKumkani. Umqondiso oyingqokelela nongabonakaliyo wawuya kubenza abafundi bakhe baqonde ukuba ubukho bakhe obungabonakaliyo buqalile.—Mateyu 24:3-14.
Xa Kuzaliseka Oko Kwakusembonweni
4. UYehova ulomeleze njani ukholo lwabakhonzi bakhe bezi mini?
4 Umbono wokwenziwa kumila kumbi wawuyimbonakaliso eqaqambileyo kaKristu ekuzuko loBukumkani. (Mateyu 17:1-9) Loo mbono walomeleza ukholo lukaPetros, uYakobi noYohane xa abaninzi bayeka ukumlandela uYesu kuba engazange akuzalise oko babekulindele nokwakungavisisani neZibhalo. Ngokufanayo, kweli xesha lesiphelo, uYehova walomeleza ukholo lwabakhonzi bakhe bale mihla ngokudlulisela ukukhanya okungakumbi ngokuzaliseka kwaloo mbono umangalisayo neziprofeto ezininzi ezinxulumene nawo. Makhe siqwalasele ezinye zezi nyaniso zokomoya zomeleza ukholo.
5. Ngubani ongqineke eliKhwezi, yaye ‘waphuma’ nini yaye njani?
5 Ebhekisela kumbono wokwenziwa kumila kumbi, umpostile uPetros wabhala: “Ngenxa yoko sinelizwi lesiprofeto elenziwa laqiniseka ngakumbi; yaye nenza kakuhle ukunikela ingqalelo kulo njengakwisibane esikhanya kwindawo emnyama, kude kube ngesifingo kuphume nekhwezi, ezintliziyweni zenu.” (2 Petros 1:19) Elo Khwezi lokomfuziselo, okanye ‘ikhwezi eliqaqambileyo lokusa,’ nguYesu Kristu ozukisiweyo. (ISityhilelo 22:16) ‘Waphuma’ ngowe-1914 xa uBukumkani bukaThixo bazalwa ezulwini, buqalisa ixesha elitsha. (ISityhilelo 11:15) Kumbono wokwenziwa kumila kumbi, uMoses noEliya babonakala bekunye noYesu, bencokola naye. Aba bafuzisela bani?
6, 7. Ngoobani abafuziselwa nguMoses noEliya kumbono wokwenziwa kumila kumbi, yaye ziziphi iinkcukacha ezibalulekileyo ezityhilwa ziZibhalo ngabo babafuziselayo?
6 Ekubeni uMoses noEliya benesabelo noKristu kuzuko lwakhe, loo mangqina mabini athembekileyo amele ukuba afuzisela abo balawula noYesu kuBukumkani bakhe. Ingcamango yokuba uYesu ulawula nabanye ivisisana nombono osisiprofeto kaMesiya obekwe esihlalweni owabonwa ngumprofeti uDaniyeli. UDaniyeli wabona “uthile onjengonyana womntu” esamkela “ulawulo oluhlala ngokungenammiselo” “kuNyangelemihla,” uYehova uThixo. Kodwa phawula oko uDaniyeli akuboniswa kanye emva koko. Uyabhala: “Ubukumkani nolawulo nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke bunikwe abangcwele baLowo uPhakamileyo.” (Daniyeli 7:13, 14, 27) Ewe, kwiinkulungwane ezingaphezu kwezintlanu ngaphambi kombono wokwenziwa kumila kumbi, uThixo watyhila ukuba abathile “abangcwele” baya kulawula noKristu kubukumkani bakhe obuzukileyo.
7 Ngoobani aba bangcwele embonweni kaDaniyeli? UPawulos wayebhekisa kwaba bantu xa wathi: “Umoya lowo ngokwawo ungqinelana nomoya wethu ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba, ngoko, singabantwana, sikwaziindlalifa: eneneni iindlalifa zikaThixo, kodwa iindlalifa ezimanyene noKristu, ukuba nje sibandezeleka ndawonye naye ukuze sizukiswe ndawonye naye.” (Roma 8:16, 17) Abangcwele ngabafundi bakaYesu abathanjiswe ngomoya. KwiSityhilelo, uYesu uthi: “Lowo woyisayo ndiza kumnika ukuba ahlale nam phantsi kwitrone yam, kwanjengoko nam ndoyisayo ndaza ndahlala phantsi noBawo kwitrone yakhe.” Aba bali-144 000 ‘boyisayo’ bavusiweyo kunye noYesu, baya kulawula phezu kwawo wonke umhlaba.—ISityhilelo 3:21; 5:9, 10; 14:1, 3, 4; 1 Korinte 15:53.
8. Abafundi bakaYesu abathanjisiweyo baye basebenza njani njengoMoses noEliya, yaye oku kube nayiphi imiphumo?
8 Noko ke, kutheni amaKristu athanjisiweyo efuziselwa nguMoses noEliya? Isizathu sikukuba loo maKristu, ngoxa esesenyameni, enza umsebenzi onjengalowo wenziwa nguMoses noEliya. Ngokomzekelo, aba ngamangqina kaYehova, kwanaxa ayejamelene nentshutshiso. (Isaya 43:10; IZenzo 8:1-8; ISityhilelo 11:2-12) NjengoMoses noEliya, ngenkalipho abhenca unqulo lobuxoki ngoxa ebongoza abo banyanisekileyo ukuba bazinikele kuThixo ngokupheleleyo. (Eksodus 32:19, 20; Duteronomi 4:22-24; 1 Kumkani 18:18-40) Ngaba umsebenzi wabo uye wavelisa iziqhamo? Kunjalo kanye! Phezu kwako nje ukunceda ukuhlanganiswa kwabo bonke abathanjisiweyo, baye banceda “ezinye izimvu” ezizigidi ukuba zimthobele ngokuzithandela uYesu Kristu.—Yohane 10:16; ISityhilelo 7:4.
UKristu Uphelelisa Uloyiso Lwakhe
9. ISityhilelo 6:2 siyichaza njani imeko uYesu akuyo namhlanje?
9 UYesu akasenguye nje umntu okhwele kwithole le-esile, ngoku unguKumkani onamandla. Uchazwa njengokhwele ihashe—umqondiso weBhayibhile wemfazwe. (IMizekeliso 21:31) ISityhilelo 6:2 sithi: “Khangela! ndabona nalo ihashe elimhlophe; lowo wayehleli phezu kwalo wayenesaphetha; yaye wanikwa isithsaba, waza waphuma esoyisa nokuze akuphelelise ukoyisa kwakhe.” Ukongezelela, ethetha ngoYesu, umdumisi uDavide wabhala: “Intonga yamandla akho uYehova uya kuyithumela iphuma eZiyon, esithi: ‘Hamba usoyisa phakathi kweentshaba zakho.’”—INdumiso 110:2.
10. (a) Uloyiso lukaYesu ekhwele ihashe lwaqala njani kakuhle? (b) Uloyiso lukaKristu lokuqala lwaluchaphazela njani ihlabathi ngokubanzi?
10 Okokuqala uYesu woyisa ezona ntshaba zakhe zinamandla—uSathana needemon. Wazigxotha ezulwini, ezithobela emhlabeni. Isazi ukuba ayinaxesha lingako liseleyo, le mimoya ingendawo ikhuphele umsindo wayo ebantwini, ibangela usizi olukhulu. Le ntlekele inkulu ifanekiselwa kwiSityhilelo ngabakhweli bamahashe abangakumbi abathathu. (ISityhilelo 6:3-8; 12:7-12) Ngokuvumelana nesiprofeto sikaYesu esiphathelele “umqondiso wobukho [bakhe] nowokupheliswa kwenkqubo yezinto,” ukukhwela kwabo amahashe kuye kwaphumela kwimfazwe, indlala nezifo ezingubhubhani. (Mateyu 24:3, 7; Luka 21:7-11) Njengeentlungu zokoqobo zenimba, ‘inimba’ yeenkxwaleko ngokungathandabuzekiyo iza kuya iqina de uKristu “akuphelelise ukoyisa kwakhe” ngokutshabalalisa nawuphi na umzila wentlangano kaSathana ebonakalayo.a—Mateyu 24:8.
11. Imbali yebandla lamaKristu ilingqina njani igunya likaKristu lokulawula?
11 Kwakhona igunya likaYesu lokulawula libonakala kwisibakala sokuba walilondoloza ibandla lamaKristu ukuze lifeze injongo yalo yokushumayela isigidimi soBukumkani ehlabathini liphela. Phezu kwako nje ukuchaswa ngokukrakra yiBhabhiloni Enkulu—ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki—nangoorhulumente abanolunya, umsebenzi wokushumayela awuqhubekanga nje kuphela kodwa uye wenziwa ngeyona ndlela isemagqabini kwimbali yehlabathi. (ISityhilelo 17:5, 6) Obu bubungqina obunamandla bokuba uKristu uyalawula!—INdumiso 110:3.
12. Kutheni inkoliso yabantu ingabuqondi ubukho bukaKristu obungabonakaliyo?
12 Noko ke, abantu abaninzi kuquka abazizigidi abazibiza ngokuthi bangamaKristu, abayiboni intsingiselo yeziganeko ezihlasimlisayo ezenzeka emhlabeni. Bayabagculela abo bavakalisa uBukumkani bukaThixo. (2 Petros 3:3, 4) Ngoba? Ngenxa yokuba uSathana uzimfamekisile iingqondo zabo. (2 Korinte 4:3, 4) Enyanisweni, waqala wagubungela abo bathi bangamaKristu ngobumnyama bokomoya kwiinkulungwane ezininzi ngaphambili, ebenza ukuba balilahle nethemba labo elizukileyo loBukumkani.
Ukulahlwa Kwethemba LoBukumkani
13. Ukugutyungelwa bubumnyama obungokomoya kwakhokelela entwenini?
13 UYesu waxela kwangaphambili ukuba abawexuki, njengokhula olutyalwe phakathi kwengqolowa, babeya kungena phakathi kwebandla lamaKristu baze balahlekise abaninzi. (Mateyu 13:24-30, 36-43; IZenzo 20:29-31; Yude 4) Ekuhambeni kwexesha, aba babezibiza ngokuthi bangamaKristu bamkela imisitho, izenzo, neemfundiso zabahedeni, bade bazibiza ngokuthi “zezobuKristu.” Ngokomzekelo, iKrismesi yaqala ngamasiko aquka ukunqulwa koothixo babahedeni uMithra noSaturn. Kodwa yintoni eyaphembelela abo bathi bangamaKristu ukuba bamkele le mibhiyozo engeyoyabuKristu? IThe New Encyclopædia Britannica (1974) ithi: “IKrismesi, umsitho wokuzalwa kukaYesu Kristu, yayilwa xa abantu baphelelwa ngumonde wokulinda ukubuya kukaKristu okwakulindelwe.”
14. Imfundiso kaOrigen neka-Augustine yayichasene njani nenyaniso engoBukumkani?
14 Kwakhona phawula indlela eyagqwethwa ngayo intsingiselo yegama elithi “ubukumkani.” Incwadi ethi The Kingdom of God in 20th-Century Interpretation ithi: “NguOrigen [umfundisi wenkulungwane yesithathu] owatshintsha indlela alalisetyenziswa ngayo ngamaKristu igama elithi ‘ubukumkani’ laza lathetha ulawulo lukaThixo ngaphakathi ezintliziyweni zabantu.” UOrigen wayeyisekele entwenini le mfundiso yakhe? Wayengayisekelanga eZibhalweni kodwa “kwintanda-bulumko nakwingcamango yehlabathi eyahluke gqitha kwindlela uYesu namalungu ebandla lokuqala ayecinga ngayo.” Kwincwadi yakhe ethi De Civitate Dei (IsiXeko sikaThixo), uAugustine waseHippo (354-430 C.E.) wathi icawa ngokwayo ibuBukumkani bukaThixo. Loo ngcamango engavumelaniyo neZibhalo yabangela ukuba iicawa zeNgqobhoko zibe nesizathu sonqulo sokwamkela igunya lobupolitika. Zaba negunya elinjalo kangangeenkulungwane ezininzi, yaye ngokufuthi zilawula ngegqudu.—ISityhilelo 17:5, 18.
15. AmaGalati 6:7 azaliseka njani kwiicawa ezininzi zeNgqobhoko?
15 Noko ke, namhlanje iicawa zivuna ezikuhlwayeleyo. (Galati 6:7) Ezininzi kubonakala ngathi zilahlekelwa ligunya nangamarhamente. Leyo yinto ephawuleka gqitha eYurophu. Ngokutsho kolindixesha iChristianity Today, “ngoku izindlu ezinkulu zecawa eYurophu [azisasetyenziswa] njengezindlu zonqulo kodwa njengeemyuziyam, ezisoloko zizele ngabakhenkethi.” Loo nto inokubonwa nakwamanye amazwe ehlabathi. Oku kuthetha ntoni kunqulo lobuxoki? Ngaba luya kusuka nje luthi shwaka kuba lungasaxhaswa? Yaye oku kuya kuluchaphazela njani unqulo lokwenyaniso?
Lulungele Usuku Olukhulu LukaThixo
16. Kutheni ukungathandwa okwandayo kweBhabhiloni Enkulu kubalulekile?
16 Kanye njengokuba umsi nothuthu oluphuma kwintaba-mlilo enethuba yayeka ukudubula usenokuthetha ukuba kungekudala iza kudubula, intiyo eyandayo ngonqulo kwimimandla emininzi yehlabathi ibonisa ukuba unqulo lobuxoki sele luza kutshatyalaliswa. Kungekudala, uYehova uza kubangela ukuba imibutho yobupolitika yehlabathi imanyane ekubhenceni nasekuliphanziseni ihenyukazi elingokomoya, iBhabhiloni Enkulu. (ISityhilelo 17:15-17; 18:21) Ngaba amaKristu okwenyaniso afanele asoyike eso siganeko noko kuza kwenzeka ‘kwimbandezelo enkulu’ eza kulandela? (Mateyu 24:21) Akunjalo! Aza kuba nezizathu zokuvuya xa uThixo ephelisa ubungendawo. (ISityhilelo 18:20; 19:1, 2) Khawucinge ngomzekelo weYerusalem yenkulungwane yokuqala namaKristu ayephila apho.
17. Kutheni abakhonzi bakaYehova abathembekileyo benokujamelana nokuphela kwale nkqubo ngentembelo?
17 Xa imikhosi yamaRoma yayirhangqa iYerusalem ngowama-66 C.E., amaKristu aphaphileyo ngokomoya akazange othuke okanye oyike. Ekubeni ayelifunda ngenkuthalo iLizwi likaThixo, ayesazi “ukuba kusondele ukuphanziswa kwayo.” (Luka 21:20) Kwakhona ayesazi ukuba uThixo wayeya kuvula ithuba lokuba abalekele kwindawo ekhuselekileyo. Kwathi kwakwenzeka oko, amaKristu abaleka. (Daniyeli 9:26; Mateyu 24:15-19; Luka 21:21) Ngokufanayo namhlanje, abo bamaziyo uThixo nabathobela uNyana wakhe banokujamelana nesiphelo sale nkqubo benentembelo. (2 Tesalonika 1:6-9) Enyanisweni, xa kuqalisa imbandezelo enkulu, ngovuyo ‘baya kuma nkqo baze baziphakamise iintloko zabo, kuba baya kube besazi ukuba iyasondela intlangulo yabo.’—Luka 21:28.
18. Yintoni eya kwenzeka xa uGogi ebahlasela ngamandla abakhonzi bakaYehova?
18 Emva kokutshatyalaliswa kweBhabhiloni Enkulu, njengoGogi wakwaMagogi, uSathana uya kuwahlasela ngamandla amaNgqina kaYehova athanda uxolo. Esiza “njengamafu agubungele ilizwe,” amahlakani kaGogi aza kulindela ukoyisa ngokulula kolu hlaselo. Hayi indlela aza kothuka ngayo! (Hezekile 38:14-16, 18-23) Umpostile uYohane uyabhala: “Ndabona izulu livulekile, yaye khangela! nalo ihashe elimhlophe. Lowo wayehleli kulo ubizwa ngokuba nguThembekile, nguNyaniso . . . Emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elide elibukhali, ukuze azixabele ngalo iintlanga.” Lo “Kumkani wookumkani” uliqhawe, uya kubahlangula abakhonzi bakaYehova abathembekileyo aze azitshabalalise zonke iintshaba zabo. (ISityhilelo 19:11-21) Le iya kuba yinzaliseko emangalisayo yombono wokwenziwa kumila kumbi!
19. Uloyiso lukaKristu olupheleleyo luya kubachaphazela njani abafundi bakhe abanyanisekileyo, yaye yintoni abafanele bazabalazele ukuyenza ngoku?
19 ‘Ngaloo mini baya kumangaliswa bonke ababonisa ukholo’ kuYesu. (2 Tesalonika 1:10) Ngaba ufuna ukuba phakathi kwabo baya kumangaliswa xa bebona uloyiso loNyana kaThixo? Ngoko ke, qhubeka usomeleza ukholo lwakho uze ‘uhlale ulungile, kuba uNyana womntu uza ngelixa ongacinganga ukuba lilo.’—Mateyu 24:43, 44.
Hlalani Niphaphile
20. (a) Sinokubonakalisa njani ukuba sinombulelo ngelungiselelo likaThixo ‘lekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’? (b) Yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona?
20 “Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” lisoloko libabongoza abantu bakaThixo ukuba bahlale bephaphile ngokomoya yaye bathi qwa. (Mateyu 24:45, 46; 1 Tesalonika 5:6) Ngaba unombulelo ngala mazwi azizikhumbuzo afika ngexesha elifanelekileyo? Ngaba uyawasebenzisa ukubeka izinto eziza kuqala ebomini? Kutheni ungazibuzi: ‘Ngaba ndinombono oqaqambileyo ngokomoya ondenza ndimbone uNyana kaThixo elawula ezulwini? Ngaba ndimbona sele ekulungele ukugweba iBhabhiloni Enkulu nayo yonke inkqubo kaSathana?’
21. Kutheni kusenokwenzeka ukuba abanye baye bavumela umbono wabo ongokomoya wafiphala, yaye yintoni abafanele bakhawuleze bayenze?
21 Abanye abanxulumana nabantu bakaYehova baye bavumela umbono wabo ongokomoya wafiphala. Ngaba kusenokwenzeka ukuba baphelelwe ngumonde okanye ukunyamezela, kanye njengokuba kwakunjalo ngabanye babafundi bakaYesu bokuqala? Ngaba baye baphazanyiswa ngamaxhala obomi, ukuthanda izinto eziphathekayo, okanye intshutshiso? (Mateyu 13:3-8, 18-23; Luka 21:34-36) Mhlawumbi abanye baye bakufumanisa kunzima ukuyiqonda inkcazelo ethile epapashwe ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ Ukuba kwenzeke enye yezi zinto, sikubongoza ukuba uphinde ulifundisise iLizwi likaThixo ngenzondelelo uze uthandaze kuYehova ukuba uphinde uzuze ulwalamano olomeleleyo nolusenyongweni naye.—2 Petros 3:11-15.
22. Ukuqwalasela umbono wokwenziwa kumila kumbi nezinye iziprofeto ezinxulumene nawo kukuchaphazela njani?
22 Abafundi bakaYesu baboniswa umbono wokwenziwa kumila kumbi xa babefuna ukhuthazo. Namhlanje sinento ebaluleke ngakumbi yokusomeleza—ukuzaliseka kweso siprofeto simangalisayo nezinye ezininzi ezinxulumene naso. Njengokuba sicamngca ngezi nyaniso zizukileyo nokubaluleka kwazo kwexesha elizayo, ngamana nathi singawavakalisa ngokusuk’ entliziyweni amazwi avakaliswa ngumpostile uYohane xa wathi: “Amen! Yiza, Nkosi Yesu.”—ISityhilelo 22:20.
[Umbhalo osemazantsi]
a NgesiGrike santlandlolo, igama eliguqulelwe ngokuthi ‘inimba yeenkxwaleko’ ngokoqobo lithetha “iintlungu zokubeleka.” (Mateyu 24:8, Kingdom Interlinear) Oku kuthetha ukuba njengenimba, iingxaki zehlabathi ziza kuya zisiba ninzi, zisiba nzima, yaye zithabatha ixesha elide, nto leyo eya kuphumela kwimbandezelo enkulu.
Ngaba Usakhumbula?
• Kwiminyaka yee-1870, yintoni elayiqondayo iqela elincinane labafundi beBhayibhile ngokubuya kukaKristu?
• Umbono wokwenziwa kumila kumbi uye wazaliseka njani?
• Ukukhwela kukaYesu ihashe esoyisa kuye kwalichaphazela njani ihlabathi nebandla lamaKristu?
• Yintoni esifanele siyenze ukuze sibe phakathi kwabo baya kusinda xa uYesu ephelelisa uloyiso lwakhe?
[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]
Oko kwakusembonweni kuyazaliseka
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Ngaba uyakwazi okwenzekayo xa uKristu waqalisa uloyiso lwakhe?