UThixo NoKristu Bawajonga Njani Amabhinqa?
SINOKUYAZI njani indlela uYehova uThixo awajonga ngayo amabhinqa? Enye indlela kukuhlolisisa isimo sengqondo sikaYesu Kristu ngokuphathelele amabhinqa nendlela awayewaphatha ngayo, lowo ‘ongumfanekiso kaThixo ongabonakaliyo’ noyibonakalisa ngokugqibeleleyo imbono kaThixo ngalo mbandela. (Kolose 1:15) Indlela uYesu awayewaphatha ngawo amabhinqa omhla wakhe ibonisa ukuba uYehova noYesu bayawahlonela amabhinqa yaye ngokuqinisekileyo abafuni aphathwe kakubi, nto leyo ixhaphakileyo kumazwe amaninzi namhlanje.
Ngokomzekelo, cinga ngesihlandlo xa uYesu wathetha nomfazi othile equleni. Ingxelo yeVangeli kaYohane ithi: “Umfazi waseSamariya weza kukha amanzi. UYesu wathi kuye: ‘Ndiphe ndisele.’” UYesu wayekulungele ukuthetha nomfazi ongumSamariya phambi kukawonke-wonke, nangona amaYuda namaSamariya ayengevani. Ngokutsho kweThe International Standard Bible Encyclopedia, kumaYuda “kwakulihlazo ukuthetha nomfazi phambi kukawonke-wonke.” Kodwa ke, uYesu wayewahlonela amabhinqa, ewaphatha kakuhle yaye engawacalucaluli. Ngokwahlukileyo, uYesu waqala kulo mfazi ukuzichaza ukuba unguMesiya.—Yohane 4:7-9, 25, 26.
Ngesinye isihlandlo kweza omnye umfazi kuYesu owayenengxaki yethombo legazi kangangeminyaka eli-12. Xa wamchukumisayo, waphiliswa ngesiquphe. “UYesu wajika waza, emphawula, wathi: ‘Yomelela, ntombi; ukholo lwakho lukuphilisile.’” (Mateyu 9:22) NgokoMthetho kaMoses, umfazi okule meko wayengamele abe phakathi kwesihlwele, singasathethi ke ngokuchukumisa abanye. Kodwa, uYesu akazange amngxolise. Kunoko, ngemfesane wamthuthuzela waza wambiza ngokuthi “ntombi.” Hayi indlela ekunokuba kwamthuthuzela ngayo oko! Yaye uYesu umele ukuba wakuvuyela gqitha ukumphilisa!
Emva kokuba uYesu evusiwe, waqala wabonwa nguMariya Magadala nomnye wabafundi bakhe, iBhayibhile ethi ‘ngomnye uMariya.’ UYesu wayenokukhetha ukubonakala kuqala kuPetros, kuYohane okanye namphi na omnye umfundi wakhe oyindoda. Kunoko, wabonisa isidima kubafazi ngokubavumela ukuba babe ngabokuqala ukumbona emva kokuvuswa kwakhe. Ingelosi yathi mabaxelele abafundi bakaYesu abangamadoda ngesi siganeko simangalisayo. UYesu wathi kwaba bafazi: “Hambani, niye kuxela kubazalwana bam.” (Mateyu 28:1, 5-10) Ngokuqinisekileyo uYesu wayengaphenjelelwa lucalucalulo olwaluxhaphakile kumaYuda omhla wakhe, kuba ngokomthetho amabhinqa ayengafanele anikele ubungqina.
Ngoko ke, kunokuba awacalucalule amabhinqa nangayiphi na indlela, uYesu wabonisa ukuba uyawahlonela yaye uyawaxabisa. Ukuwaphatha ngogonyamelo amabhinqa kwakungavisisani noko uYesu wayekufundisa nesimo sakhe sengqondo, yaye sinokuqiniseka ukuba leyo yindlela uYise, uYehova awagqala ngayo naye.
Amabhinqa Kwilungiselelo LikaThixo
“KwiMeditera yamandulo okanye kuMbindi Mpuma amabhinqa ayengakhululekanga njengokuba ekhululekile eNtshona namhlanje. Amabhinqa ayemele abe ngaphantsi kwamadoda, njengokuba amakhoboka ayengaphantsi kwabantu abakhululekileyo, nabantwana bengaphantsi kwabantu abadala . . . . Abantwana abangamakhwenkwe babephakanyiselwa phezulu kunamantombazana, yaye maxa wambi iintsana ezingamantombazana zazishiywa nje zize zife.” Le yindlela esinye isichazi-magama seBhayibhile esiyichaza ngayo indlela abantu ababewajonga ngayo amabhinqa kumaxesha amandulo. Kwiimeko ezininzi, ayegqalwa njengamakhoboka.
IBhayibhile yabhalwa kanye ngelo xesha xa abantu babeneso simo sengqondo. Sekunjalo, imithetho kaThixo eseBhayibhileni yayibonisa ukuwaxabisa amabhinqa, nto leyo eyayahluke mpela kwisimo sengqondo sabaninzi ngelo xesha.
Indlela uYehova awaxhalabele ngayo amabhinqa ibonakala kwizihlandlo awabathethelela ngazo abakhonzi bakhe abangamabhinqa. Kabini wangenelela ukuze akhusele umfazi omhle ka-Abraham, uSara, ukuze angadlwengulwa. (Genesis 12:14-20; 20:1-7) UThixo wamenzela inceba umfazi kaYakobi owayengathandwa kangako, uLeya, ‘ngokusivula isibeleko sakhe,’ waza wazala unyana. (Genesis 29:31, 32) Xa abazalisikazi ababini bamaSirayeli ababesoyika uThixo babeka ubomi babo esichengeni ukuze basindise abantwana abangamakhwenkwe abangamaHebhere ekubulaweni eYiputa, uYehova wabavuza, “wabavelisela iintsapho.” (Eksodus 1:17, 20, 21) Kwakhona waphendula umthandazo osuk’ entliziyweni kaHana. (1 Samuweli 1:10, 20) Yaye xa umhlolokazi womnye umprofeti wajamelana nombolekisi owayeza kuthabatha abantwana bakhe njengamakhoboka ukuze ahlawule ityala lakhe, uYehova akazange amshiye enyanyeni. Ngothando, uThixo wabangela umprofeti uElisha ukuba ayandise ioli yaloo mhlolokazi ukuze akwazi ukuhlawula elo tyala aze akwazi nokuba neoli eyaneleyo yentsapho yakhe. Ngaloo ndlela walondoloza intsapho yakhe nesidima sakhe.—Eksodus 22:22, 23; 2 Kumkani 4:1-7.
Ngokuphindaphindiweyo abaprofeti babekugxeka ukuxhatshazwa kwamabhinqa nokuphathwa kwawo ngogonyamelo. Ethetha egameni likaYehova, umprofeti uYeremiya wathi kumaSirayeli: “Yenzani okusesikweni nobulungisa, nimhlangule ophangwayo esandleni soqhathayo; ningamdlakazelisi umphambukeli, inkwenkwe engenayise okanye umhlolokazi. Ningabagonyameli. Ningaphalazi naliphi na igazi elimsulwa kule ndawo.” (Yeremiya 22:2, 3) Kamva, izityebi nabasemagunyeni kwaSirayeli bagxekwa ngenxa yokugxotha amabhinqa ezindlwini zawo baza babaphatha kakubi abantwana bawo. (Mika 2:9) UThixo osesikweni uyakubona yaye akakuthandi ukubandezeleka kwamabhinqa nabantwana bawo.
“Umfazi Ofanelekileyo”
Imbono efanelekileyo ngokuphathelele umfazi ichazwa kakuhle ngumbhali wamandulo weMizekeliso. Ekubeni le nkcazelo intle yendima nesikhundla somfazi yaqukwa kwiLizwi likaYehova, singaqiniseka ukuba uyakholiswa yiyo. Kunokuba angcungcuthekiswe okanye ajongelwe phantsi, umfazi onjalo uyaxatyiswa, uyahlonelwa yaye uyathenjwa.
“Umfazi ofanelekileyo” okwiMizekeliso isahluko 31 ngumsebénzi ozibhokoxayo nokhutheleyo. Uyazibhokoxa kuyo yonke into “eziyoliswa yiyo izandla zakhe” aze abandakanyeke nakushishino. Ubona umhlaba aze awuthenge. Wenza izambatho zangaphantsi aze azithengise. Uthengisela abarhwebi amabhanti. Uyazibhokoxa yaye ukhuthele. Ngaphezu koko, ayaxatyiswa amazwi obulumko nobubele bakhe bothando. Ngenxa yoko, uyaxatyiswa ngumyeni wakhe, nangoonyana bakhe, yaye okubaluleke nangakumbi, nguYehova.
Amabhinqa akamele acinezelwe ngamadoda, aphathwe kakubi okanye axhatshazwe. Kunoko, umfazi otshatileyo ufanele onwabe aze abe “ngumphelelisi” onobuchule womyeni wakhe.—Genesis 2:18.
Banikeni Imbeko
Xa wayebhalela amadoda angamaKristu ngendlela amele abaphathe ngayo abafazi bawo, umbhali ophefumlelweyo uPetros wabongoza amadoda ukuba axelise isimo sengqondo sikaYehova noYesu Kristu. Wabhala wathi: “Nina madoda, qhubekani . . . nibanika imbeko.” (1 Petros 3:7) Ukumnika imbeko umntu kuthetha ukuba uyamxabisa yaye umhlonela gqitha. Ngoko ke indoda emnika imbeko umfazi wayo ayimhlazisi, imjongele phantsi okanye imphathe ngogonyamelo. Kunoko, ibonisa ngamazwi nangezenzo zayo—ekuhleni nangasese—ukuba iyamxabisa yaye iyamthanda.
Ngokuqinisekileyo ukumnika imbeko umfazi kukhokelela kumtshato owonwabileyo. Makhe siqwalasele umzekelo kaCarlos noCecilia. Emva kwexesha elithile betshatile, babedla ngokuxambulisana bangade bafumane sicombululo. Maxa wambi, babede bangathethisani. Babengazi ukuba bangazicombulula njani iingxaki zabo. UCarlos wayendlongondlongo; uCecilia wayezinyanzelisa izinto yaye enekratshi. Kodwa ke, zaqalisa ukuba bhetele izinto xa baqalisa ukufunda iBhayibhile baza bakusebenzisa oko bakufundayo. UCecilia uthi: “Ndiyaqonda ukuba iimfundiso zikaYesu nomzekelo awasishiyela wona ziye zabuguqula ubuntu bam nobomyeni wam. Ngenxa yomzekelo kaYesu, ndiye ndathobeka ndaza ndaba novelwano. Ndiye ndafuna uncedo kuYehova ngomthandazo, njengokuba uYesu wenzayo. UCarlos uye wafunda ukuyekelela nokuzibamba—ukumnika imbeko umfazi wakhe njengokuba uYehova efuna.”
Banazo iingxaki, kodwa umtshato wabo womelele. Kwiminyaka yakutshanje baye bajamelana neengxaki ezininzi—uCarlos waphelelwa ngumsebenzi yaye kwafuneka enze utyando ngenxa yomhlaza. Sekunjalo, ezi ngxaki azizange ziliphelise iqhina lomtshato, kodwa zalomeleza.
Ukususela ekubeni umntu wonayo, amabhinqa kwiindawo ezininzi aye aphathwa kakubi. Aye axhatshazwa emzimbeni, engqondweni nangokwesini. Kodwa uYehova akafuni aphathwe ngaloo ndlela. Ingxelo yeBhayibhile ibonisa ngokucacileyo ukuba ingakhathaliseki indawo ahlala kuyo amabhinqa, afanele aphathwe ngembeko nangentlonelo. Elo lilungelo alinikwe nguThixo.
[Umfanekiso okwiphepha 4, 5]
UmSamariyakazi
[Umfanekiso okwiphepha 4, 5]
Umfazi ogulayo
[Umfanekiso okwiphepha 4, 5]
UMariya Magadala
[Umfanekiso okwiphepha 6]
UYehova wamkhusela kabini uSara
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Umtshato kaCarlos noCecilia wawusemngciphekweni
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UCarlos noCecilia namhlanje