Isixeko Esimi Entabeni
“NILUKHANYISELO lwehlabathi. Isixeko asinako ukufihlakala xa simi phezu kwentaba,” uYesu wabaxelela oku abafundi bakhe kwiNtshumayelo yakhe edumileyo yaseNtabeni.—Mateyu 5:14.
Iidolophu ezininzi zakwaYuda naseGalili zazimi phezu kweentaba kunakwiintlambo ezisezantsi. Iindawo ezisentabeni zazikhethwa ngokuyintloko ngenxa yokhuseleko. Ngaphandle kwemikhosi ehlaselayo, amatutu ayethanda ukuzihlasela iidolophu zamaSirayeli. (2 Kumkani 5:2; 24:2) Abemi abakhaliphileyo babenokulikhusela ngokulula iqela lezindlu ezimi phezu kwentaba kunedolophu esezantsi, eyayifuna udonga olukhulu lokukhusela.
Ekubeni iindonga zezindlu zamaYuda ngokufuthi zazityatyekwa ngekalika, izindlu ezininzi eziqatywe ikalika ezimi kunye entabeni zazinokubonwa lula kumgama oziikhilomitha. (IZenzo 23:3) Kwilanga eliqaqambileyo lasePalestina, ezi dolophu zisentabeni zazibengezela okomlilo osentabeni, njengokuba iidolophu ezifanayo zaseMeditera zisenjalo nakumhla wethu.
UYesu wasebenzisa le nkalo iphawulekayo yamaphandle aseGalili nakwaYuda ukuze afundise abafundi bakhe indima yomKristu wokwenyaniso. Wabaxelela esithi: “Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu emihle baze bazukise uYihlo osemazulwini.” (Mateyu 5:16) Nangona amaKristu angenzi misebenzi emihle ukuze adunyiswe ngabantu, ihambo yawo entle iyaphawulwa.—Mateyu 6:1.
Ihambo enjalo ibonakala ngokuyintloko ebudeni beendibano zesithili zamaNgqina kaYehova. Elinye iphephandaba laseSpeyin, labhekisela kwindibano yakutshanje, lisithi: “Nangona imixholo engonqulo isiya idodobala kumaqela amaninzi, akunjalo kumaNgqina kaYehova. Ekubeni esafuna iBhayibhile isebenze kuwo, asebenzisa iLizwi likaThixo.”
UThomas, umgcini webala lemidlalo elalisetyenziswa ngokufuthi ngamaNgqina kumntla-ntshona weSpeyin, wayekunandipha ukuba phakathi kwabantu abasebenzisa iLizwi likaThixo. Wakurhoxisa ukuthabatha umhlala-phantsi ngeeveki eziliqela ukuze akwazi ukubakho kwindibano yesithili yamaNgqina kaYehova. Emva kwendibano, xa ababezile abaninzi, kuquka nabaselula, baya kuye bembulela ngentsebenziswano abenayo ukutyhubela iminyaka yaye bemnqwenelela ulonwabo kumhlala-phantsi wakhe, zehla iinyembezi. Wathi: “Ukwazana nani kuye kwaba ngawona mava amnandi ebomini bam.”
Isixeko esisentabeni sitsala ingqalelo kabani kuba sibonakala lula xa usithelekisa nesibhakabhaka yaye naziphi na izindlu ezimhlophe kuso zibonakalisa ukukhanya kwelanga. Ngokufanayo, amaKristu okwenyaniso abonakala njengahlukileyo kuba azabalazela ukulandela imilinganiselo ephakamileyo yeZibhalo yokunyaniseka, yokuziphatha nokuba nemfesane.
Ukongezelela, amaKristu abonakalisa ukukhanya kwenyaniso ngomsebenzi wawo wokushumayela. Umpostile uPawulos wathi ngamaKristu enkulungwane yokuqala: “Ekubeni sinobu bulungiseleli ngokwenceba esayenzelwayo, asethi mandla . . . kodwa ngokuyibonakalisa inyaniso siyazincomela kuso sonke isazela sabantu emehlweni kaThixo.” (2 Korinte 4:1, 2) Nangona adibana nenkcaso naphi na apho ayeshumayela khona, uYehova wabusikelela ubulungiseleli bawo kangangokuba malunga nonyaka wama-60 C.E., uPawulos wayenokubhala athi iindaba ezilungileyo zazishunyayelwa “kwindalo yonke ephantsi kwezulu.”—Kolose 1:23.
Namhlanje, amaNgqina kaYehova ayithabatha nzulu imbopheleleko yokuba ‘lukhanye ukhanyiselo lwawo phambi kwabantu,’ njengoko uYesu wayalelayo. Ngomlomo nangeencwadi ezipapashiweyo, amaNgqina kaYehova asasaza iindaba ezilungileyo zoBukumkani kumazwe angama-235 ehlabathini lonke. Ukuze ukhanyiselo lwenyaniso yeBhayibhile lufikelele abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka, aye enza iimpapasho zawo zeBhayibhile zafumaneka ngeelwimi ezinokuba ngama-370.—Mateyu 24:14; ISityhilelo 14:6, 7.
Kwiindawo ezininzi, amaNgqina aye enza umsebenzi onzima wokufunda iilwimi zabantu abaye bafuduka besuka kumazwe apho umsebenzi wokushumayela uvaliweyo okanye wawuvalwe khona. Ngokomzekelo, kwizixeko ezininzi ezinkulu eMntla Merika, kuye kwathontelana abantu abaninzi abavela eTshayina naseRashiya. AmaNgqina asekuhlaleni aye enza umgudu wokufunda isiTshayina, isiRashiya nezinye iilwimi ukuze ashumayele iindaba ezilungileyo kwaba bantu batsha. Enyanisweni, kuqhutywa izifundo ngeelwimi eziliqela iindaba ezilungileyo ezinokushunyayelwa ngazo kwabanye ngoxa amasimi ‘esemhlophe ukuze kuvunwe.’—Yohane 4:35.
Umprofeti uIsaya waxela kwangaphambili esithi: “Kuya kuthi ke ekupheleni kwemihla intaba yendlu kaYehova imiselwe ngokuqinileyo encotsheni yeentaba, ize ngokuqinisekileyo ivelele ngaphezu kweenduli; kwaye ziya kuba ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga.” Ngehambo nangobulungiseleli bawo, amaNgqina kaYehova anceda abantu abakuzo zonke iindawo ukuba baze “entabeni kaYehova” ukuze bayalelwe ngeendlela zikaThixo baze bafunde ukuhamba endleleni kaThixo. (Isaya 2:2, 3) Umphumo ovuyisayo ukukuba, njengoko uYesu wabonisayo, bebonke ‘bazukisa uYise osemazulwini,’ uYehova uThixo.—Mateyu 5:16; 1 Petros 2:12.