Sifanele Sibaphathe Njani Abanye?
“Kanye njengoko nifuna abantu benze kuni, yenzani ngendlela efanayo kubo.”—LUKA 6:31.
1, 2. (a) Iyintoni iNtshumayelo yaseNtabeni? (b) Yintoni esiza kuyixubusha kweli nqaku nelilandelayo?
LIYINYANISO elokuba uYesu Kristu wayengoyena Mfundisi Ubalaseleyo. Xa iintshaba zakhe zonqulo zathumela amagosa ukuba aye kumbamba, abuya ephaca, esithi: “Akuzange kubekho omnye umntu othetha njengalo.” (Yoh. 7:32, 45, 46) Enye yeentshumayelo ezibalaseleyo zikaYesu yiNtshumayelo yaseNtabeni. Ibhalwe kwiVangeli kaMateyu isahluko 5 ukusa kwesesi-7, nakuLuka 6:20-49.a
2 Mhlawumbi eyona ibalaseleyo kuloo ntshumayelo yileyo ibizwa ngokuba nguMthetho Omkhulu. Uthetha ngendlela esimele sibaphathe ngayo abanye. UYesu wathi, “Kanye njengoko nifuna abantu benze kuni, yenzani ngendlela efanayo kubo.” (Luka 6:31) Naye wenzela abantu izinto ezintle. Waphilisa abagulayo wavusa nabafileyo. Abantu basikelelwa ngokukhethekileyo xa bamkela iindaba ezilungileyo awayebaxelela zona. (Funda uLuka 7:20-22.) NjengamaNgqina kaYehova, siyakuvuyela ukuba nenxaxheba kumsebenzi ofanayo wokushumayela ngoBukumkani. (Mat. 24:14; 28:19, 20) Kweli nqaku nelilandelayo, siza kuqwalasela oko uYesu akutshoyo ngalo msebenzi nezinye iingongoma ezikwiNtshumayelo yaseNtabeni ezibonisa indlela esifanele sibaphathe ngayo abanye.
Yiba Nomoya Wobulali
3. Unokukuchaza njani ukuba nomoya wobulali?
3 UYesu wathi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mat. 5:5) EZibhalweni, ukuba nomoya wobulali asikokuba buthathaka. Bubulali esiba nabo xa sisenza ukuthanda kukaThixo. Esi simo sengqondo sibonakala kwindlela esibaphatha ngayo abantu. Ngokomzekelo, ‘asibuyiseli ububi ngobubi nakubani na.’—Roma 12:17-19.
4. Yintoni ebangela ukuba babe noyolo abo banomoya wobulali?
4 Banoyolo abantu abanobulali kuba “baya kuwudla ilifa umhlaba.” UYesu, ‘owayenomoya wobulali yaye ethobekile ngentliziyo,’ ‘umiselwe njengendlalifa yezinto zonke,’ ngoko yiNdlalifa eyintloko yomhlaba. (Mat. 11:29; Heb. 1:2; INdu. 2:8) Kwaprofetwa kwathiwa ‘unyana womntu’ onguMesiya wayeza kuba nabantu alawula nabo kuBukumkani basezulwini. (Dan. 7:13, 14, 21, 22, 27) ‘Njengeendlalifa ezimanyene noKristu,’ intsalela yabali-144 000 enomoya wobulali, nayo yayiza kuwudla ilifa umhlaba kunye naye. (Rom. 8:16, 17; ISityhi. 14:1) Abanye abanomoya wobulali baya kusikelelwa ngobomi obungunaphakade emhlabeni phantsi koBukumkani.—INdu. 37:11.
5. Ukuxelisa uKristu ngokuba nobulali kubuchaphazela njani ubuntu bethu?
5 Ukuba besingqwabalala, abantu bebengayi kusithanda, ngoko bekuza kufuneka bayiphephe indawo enathi. Noko ke, ngenxa yokuba sixelisa uKristu ngokuba nobulali, abantu bayakuvuyela ukuba nathi yaye ebandleni siyabakha ngokomoya. Ubulali yinxalenye yesiqhamo esiveliswa ngamandla kaThixo asebenzayo kuthi ukuba ‘siphila size sihambe ngomoya.’ (Funda eyabaseGalati 5:22-25.) Ngokuqinisekileyo sifuna ukuba yinxalenye yabantu abanomoya wobulali abakhokelwa ngumoya oyingcwele kaYehova!
Indlela Abanoyolo Ngayo Abanenceba!
6. Ziziphi iimpawu aziwa ngazo umntu ‘onenceba’?
6 Kwakule Ntshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wathetha wathi: “Banoyolo abanenceba, kuba baya kwenzelwa inceba.” (Mat. 5:7) Umntu ‘onenceba’ unomsa, unovelwano, ukanti uyabasizela abantu abangathathi ntweni. UYesu wenza ummangaliso wokukhulula abantu ababebandezelekile kuba ‘wayebasizela.’ (Mat. 14:14; 20:34) Ngoko ukuba nosizi novelwano kufanele kusenze sibe nenceba.—Yak. 2:13.
7. Ukuba nosizi kwabangela ukuba uYesu enze ntoni?
7 Xa uYesu wayesiya kuphumla, wadibana nesihlwele sabantu yaye “wasisizela, ngenxa yokuba sasinjengezimvu ezingenamalusi.” Ngenxa yoko, “wasifundisa izinto ezininzi.” (Marko 6:34) Sivuya ngokwenene xa nathi sixelela abanye ngesigidimi soBukumkani nangenceba enkulu kaThixo!
8. Yintoni ebangela ukuba abantu abanenceba babe noyolo?
8 Banoyolo abanenceba ngenxa yokuba nabo ‘benzelwa inceba.’ Xa abantu sibenzela inceba, badla ngokwenza okufanayo nakuthi. (Luka 6:38) Ngaphezu koko, uYesu wathi: “Ukuba niyabaxolela abantu izigqitho zabo, noYihlo osemazulwini uya kunixolela.” (Mat. 6:14) Banoyolo abanenceba kuba ngabo kuphela abaya kuxolelwa izono baze bamkeleke kuThixo.
Isizathu Sokuba “Abanoxolo” Babe Noyolo
9. Yintoni esiya kuyenza ukuba singabantu abanoxolo?
9 Ekhankanya esinye isizathu sokuba noyolo, uYesu wathi: “Banoyolo abanoxolo, kuba baya kubizwa ngokuba ‘ngoonyana bakaThixo.’” (Mat. 5:9) Apha igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “abanoxolo” lithetha abantu “ababangela kubekho uxolo.” Ukuba singabantu ababangela uxolo, asiyi kuyiqwabazel’ iliso okanye sibe nenxaxheba kuyo nantoni na enjengokuhleba, nto leyo ‘enokwahlukanisa abo bazanayo.’ (IMize. 16:28) Ngamazwi nangezenzo, siya kufuna ukuba noxolo nabantu abakwibandla lamaKristu kwanabo bangengomaKristu. (Heb. 12:14) Okona kubalulekileyo kukuba siya kwenza konke okusemandleni ethu ukuze sibe noxolo noYehova uThixo.—Funda eyoku-1 kaPetros 3:10-12.
10. Kutheni benoyolo nje “abanoxolo”?
10 UYesu wathi banoyolo “abanoxolo, kuba baya kubizwa ngokuba ‘ngoonyana bakaThixo.’” Ngenxa yokholo lwawo kuYesu njengoMesiya, amaKristu athanjisiweyo aye anikwa “igunya lokuba ngabantwana bakaThixo.” (Yoh. 1:12; 1 Pet. 2:24) Kuthekani ‘ngezinye izimvu’ zikaYesu ezinoxolo? Kulawulo lwakhe Lweminyaka Eliwaka, uYesu uya kuba ‘nguYise ongunaPhakade’ ekunye neendlalifa zakhe zasezulwini. (Yoh. 10:14, 16; Isa. 9:6; ISityhi. 20:6) Ekupheleni Kolawulo lwakhe Lweminyaka Eliwaka, ngengqiqo epheleleyo abo bantu boxolo baya kuba ngabantwana bakaThixo abasemhlabeni.—1 Kor. 15:27, 28.
11. Siya kusebenzisana njani nabanye ukuba sikhokelwa ‘bubulumko obuvela phezulu’?
11 Ukuze sibe nolwalamano olusondeleyo noYehova, “uThixo woxolo,” simele sixelise iimpawu zakhe, kuquka ukuba noxolo. (Fil. 4:9) Ukuba siyavuma ukukhokelwa ‘bubulumko obuvela phezulu,’ siya kusebenzisana ngoxolo nabanye. (Yak. 3:17) Ewe, siya kuba ngabenzi boxolo abanoyolo.
“Malukhanye Ukhanyiselo Lwenu”
12. (a) Wathini uYesu ngokukhanya kokomoya? (b) Sinokulukhanyisa njani ukhanyiselo lwethu?
12 Sisebenzisana kakuhle kakhulu nabantu xa sibanceda bafumane ukukhanya okuvela kuThixo. (INdu. 43:3) UYesu waxelela abafundi bakhe ukuba ‘balukhanyiselo lwehlabathi’ waza wababongoza ukuba balukhanyise ukhanyiselo lwabo ukuze abantu babone ‘imisebenzi yabo emihle,’ okanye izinto ezintle ababezenzela abantu. Oku kwakuza kubangela ukuba ‘abantu’ bakhanyiselwe ngokomoya, okanye bangenelwe. (Funda uMateyu 5:14-16.) Namhlanje, sikhanyisa ukhanyiselo lwethu ngokubenzela okulungileyo abamelwane bethu size sibe nesabelo kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo “kulo lonke ihlabathi,” oko kukuthi, “kuzo zonke iintlanga.” (Mat. 26:13; Marko 13:10) Kulilungelo ngokwenene ukwenza lo msebenzi!
13. Yintoni esaziwa ngayo?
13 UYesu wathi: “Isixeko asinako ukufihlakala xa simi phezu kwentaba.” Nasiphi na isixeko esakhiwe entabeni sibonakala nakuthathatha. Ngokufanayo, njengabavakalisi boBukumkani, saziwa ngemisebenzi yethu emihle nangeempawu ezifana nokuba ngcathu nobunyulu.—Tito 2:1-14.
14. (a) Unokuzichaza njani izibane zenkulungwane yokuqala? (b) Kuthetha ukuthini ukuthi asisifihli ngaphantsi ‘kwengobozi yokulinganisa’ isibane sokomoya?
14 UYesu wathetha ngokukhanyisa isibane uze usibeke, kungekhona phantsi kwengobozi, kodwa phezu kwesiphatho sezibane ukuze sikhanyisele bonke abasendlwini. Ngenkulungwane yokuqala kwakuxhaphake isibane esenziwe ngodongwe nesinomtya ofunxa ulwelo (ngokuqhelekileyo ioli yomnquma) ukuze isibane sivuthe. Sasidla ngokubekwa phezu kwesiphatho somthi okanye esenziwe ngesinyithi, size ‘sikhanyisele bonke abasendlwini.’ Abantu babengenakukhanyisa isibane baze basibeke ngaphantsi “kwengobozi yokulinganisa”—inkonkxa enkulu enobunzima obuzii-9L. UYesu wayengafuni ukuba abalandeli bakhe bafihle isibane sabo sokomoya ngaphantsi kwengobozi yokulinganisa yokomfuziselo. Ngoko simele sivumele isibane sethu sikhanye, singavumeli inkcaso okanye intshutshiso isibangele ukuba sifihle inyaniso yeZibhalo okanye isenze sival’ imilomo.
15. ‘Imisebenzi yethu emihle’ ibachaphazela njani abanye?
15 Emva kokuthetha ngesibane esikhanyisayo, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu emihle baze bazukise uYihlo osemazulwini.” Ngenxa ‘yemisebenzi yethu emihle,’ abanye ‘bazukisa’ uThixo ngokuba ngabakhonzi bakhe. Nathi siyakhuthazwa ukuba siqhubeke ‘sikhanya njengezikhanyiso ehlabathini’!—Fil. 2:15.
16. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze sibe “lukhanyiselo lwehlabathi”?
16 Ukuze sibe “lukhanyiselo lwehlabathi” kufuneka sibe nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi. Kodwa kukho nenye into ekufuneka siyenze. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Qhubekani nihamba njengabantwana bokukhanya, kuba sona isiqhamo sokukhanya sikuko konke ukulunga nobulungisa nenyaniso.” (Efe. 5:8, 9) Kufuneka sibe ngumzekelo ngehambo yokuhlonela uThixo. Sifanele sithobele isiluleko sikampostile uPetros owathi: “Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga, ukuze, nokuba zithetha kakubi ngani njengabenzi-bubi, zithi ngokubona imisebenzi yenu emihle, zimzukise uThixo ngemini yokuvelela kwakhe.” (1 Pet. 2:12) Kodwa sifanele senze ntoni xa kukho ukungavisisani phakathi kwethu nomnye umKristu?
‘Xolelana Nomzalwana Wakho’
17-19. (a) Sasiyintoni “isipho” ekuthethwa ngaso kuMateyu 5:23, 24? (b) Kubaluleke kangakanani ukuxolelana nomzalwana wakho, yaye uYesu wayibonisa njani indlela ekubaluleke ngayo?
17 KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu walumkisa abafundi bakhe ngokuzonda nokudelela abazalwana. Kunoko, kwakufuneka bakhawuleze baxolelane nabazalwana abanendawo ngakubo. (Funda uMateyu 5:21-25.) Cingisisa nzulu ngesi siluleko sikaYesu. Ukuba wawusithi xa uzise isipho esibingelelweni ukhumbule ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe, kwakufuneka wenze ntoni? Kwakufuneka ushiye eso sipho ngaphambi kwesibingelelo uze uye kuxolelana nomzalwana wakho. Emva kokuba ukwenzile oko, wawunokubuyela esibingelelweni nesipho eso.
18 ‘Isipho’ sasidla ngokuba ngumbingelelo onyuswayo owawusisiwa etempileni kaYehova. Amadini ezilwanyana ayebaluleke ngokwenene, kuba kuMthetho kaMoses uThixo wayeyalele ukuba abe yinxalenye yonqulo lwamaSirayeli. Kodwa ukuba uye wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe, kwakubalulekile ukuba ulungise loo ngxaki kuqala ngaphambi kokuba use isipho. UYesu wathi: ‘Sishiye isipho sakho apho phambi kwesibingelelo, uze uhambe. Uye kuxolelana nomzalwana wakho kuqala, wandule ke, wakubuya, unikele isipho sakho.’ Kwakufuneka uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ke unikele umbingelelo owawufuneka eMthethweni.
19 UYesu wayengathethi nje ngeminikelo nezigqitho ezithile. Ngoko, kwakufuneka umntu anganikeli nawuphi na umbingelelo xa eye wakhumbula ukuba kukho umzalwana onendawo ngakuye. Ukuba umnikelo wawusisilwanyana esiphilayo, kwakufuneka asishiye “phambi kwesibingelelo” somnikelo otshiswayo okwintendelezo yababingeleli esetempileni. Emva kokuba ingxaki ilungisiwe, loo mzalwana wonileyo wayenokubuyela esibingelelweni aze kwenza umnikelo.
20. Kutheni sifanele sikhawuleze ukulungisa ingxaki xa sicatshukiswe ngumzalwana?
20 KuThixo, ulwalamano lwethu nabazalwana bethu yinxalenye ebalulekileyo yonqulo lokwenyaniso. Imibingelelo yezilwanyana yayililize kuYehova xa abo bayinikelayo bengabaphathi kakuhle abazalwana babo. (Mika 6:6-8) Yiloo nto uYesu wabongoza abafundi bakhe ukuba ‘balungisane ngokukhawuleza.’ (Mat. 5:25) Ngokufanayo, uPawulos wabhala: “Qumbani, kodwa ningoni; malingatshoni ilanga nicaphukile, ningamvuleli indawo uMtyholi.” (Efe. 4:26, 27) Ukuba sinesizathu sokuqumba, sifanele siyilungise ngokukhawuleza loo ngxaki ukuze singaqhubeki sicaphukile size ngaloo ndlela sibe zizisulu zikaMtyholi.—Luka 17:3, 4.
Qhubeka Ubahlonela Abanye
21, 22. (a) Sinokusisebenzisa njani esi siluleko sikaYesu sisandul’ ukuxubusha ngaso? (b) Yintoni esiza kuyixubusha kwinqaku elilandelayo?
21 Ukuhlolisisa inxalenye yengxelo yeNtshumayelo kaYesu yaseNtabeni kufanele kusincede sibaphathe ngobubele nangentlonelo abanye. Nangona sonke singafezekanga, sinokusisebenzisa isiluleko sikaYesu kuba yena noYise osezulwini abalindelanga okungaphaya koko sinokukwenza. Ngomthandazo, imigudu yethu enyanisekileyo kunye noncedo lukaYehova uThixo, sinokuba nobulali, inceba noxolo. Sinokuzisa ukukhanya kokomoya okukhanyisa ukuze kuzukiswe uYehova. Ngaphezu koko, sinokuxolelana nabazalwana bethu.
22 Unqulo olwamkelekileyo kuYehova lubandakanya ukubaphatha kakuhle abamelwane bethu. (Marko 12:31) Kwinqaku elilandelayo, siza kuxubusha ngenye ingxelo yeNtshumayelo yaseNtabeni eza kusinceda singayeki ukwenza okulungileyo kwabanye. Noko ke, emva kokuba sicamngce ngeengongoma zentshumayelo kaYesu edumileyo, sisenokuzibuza, ‘Ndibaphatha njani abanye?’
[Umbhalo osemazantsi]
a Mhlawumbi uya kukufumanisa kuyingenelo ngokwenene ukuzifundela ezi ndinyana ngaphambi kokuba ufunde eli nqaku nelilandelayo.
Unokuphendula Uthini?
• Kuthetha ntoni ukuba nobulali?
• Kutheni benoyolo nje “abanoxolo”?
• Sinokulukhanyisa njani ukhanyiselo lwethu?
• Kutheni sifanele sikhawuleze ‘sixolelane nabazalwana bethu’?
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Indlela ebalulekileyo yokukhanyisa ukhanyiselo lwethu kukuvakalisa isigidimi soBukumkani
[Umfanekiso okwiphepha 5]
AmaKristu amele amisele umzekelo wehambo yobuthixo
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Yenza konke okusemandleni akho ukuze uxolelane nomzalwana wakho