Abakhonzi BakaYehova Abanoyolo
“Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—MATEYU 5:3.
1. Kukuthini ukuba noyolo lokwenene, yaye kubonisa ntoni ukuba nalo?
ABANTU bakaYehova baluxabisa gqitha uyolo abanalo. Umdumisi uDavide wathi: “Banoyolo abantu abaThixo wabo unguYehova!” (INdumiso 144:15) Ukuba noyolo kukuziva wonwabile. Eyona nto isiyolisa ngokunzulu kukwazi ukuba uYehova uyakholiswa sithi. (IMizekeliso 10:22) Uyolo olunjalo lubonisa ukuba nolwalamano olusenyongweni noBawo wethu wasezulwini nokwazi ukuba senza ukuthanda kwakhe. (INdumiso 112:1; 119:1, 2) Okubangel’ umdla kukuba, uYesu wakhankanya iinkalo ezisithoba ezinokusenza sibe noyolo. Ukuziqwalasela ezi nkalo kweli nqaku nakwelilandelayo kuya kusinceda siqonde indlela esinokuba noyolo ngayo ukuba ngokuthembeka sikhonza uYehova ‘uThixo onoyolo.’—1 Timoti 1:11.
Ukuyiphaphela Intswelo Yethu Yokomoya
2. UYesu wathetha nini ngoyolo, yaye ayesithini amazwi akhe okuvula?
2 Ngowama-31 C.E., uYesu wanikela enye yezona ntetho zakhe zidumileyo. Kuthiwa yiNtshumayelo yaseNtabeni kuba uYesu wayinikela kwithambeka lentaba elijonge kuLwandle lwaseGalili. Incwadi yeVangeli kaMateyu ithi: “Akubona izihlwele [uYesu] wenyuka waya entabeni; yaye akuba ehleli phantsi abafundi bakhe beza kuye; waza wavula umlomo wakhe wabafundisa, esithi: ‘Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya, kuba ubukumkani bamazulu bobabo.’” Xa la mazwi eguqulelwa igama negama, amazwi kaYesu okuvula athi: “Banoyolo abangamahlwempu ngokuphathelele umoya,” okanye “Banoyolo abo bangamahlwempu emoyeni.” (Mateyu 5:1-3; umbhalo osemazantsi kwiKingdom Interlinear) IToday’s English Version yona ithi: “Banoyolo abo baziyo ukuba bangamahlwempu ngokomoya.”
3. Kutheni ukuthobeka kufak’ isandla ekubeni sibe noyolo?
3 Kwintshumayelo yakhe kwithambeka lentaba, uYesu wabonisa ukuba umntu uba noyolo ngakumbi xa esazi ukuba unentswelo engokomoya. AmaKristu athobekileyo, azi ngokupheleleyo ukuba anesono, acela uYehova ukuba awaxolele ngesizinzi sedini lentlawulelo likaKristu. (1 Yohane 1:9) Ngenxa yoko aba noxolo lwengqondo noyolo lokwenene. “Unoyolo lowo imvukelo yakhe ixolelweyo, isono sakhe esigutyungelweyo.”—INdumiso 32:1; 119:165.
4. (a) Sinokubonakalisa ngaziphi iindlela ukuba siyiphaphele intswelo yethu yokomoya neyabanye? (b) Yintoni esibangela sibe noyolo olungakumbi ukuba siyiphaphele intswelo yethu yokomoya?
4 Ukuqonda ukuba sinentswelo engokomoya kusenza sifunde iBhayibhile imihla ngemihla, sizuze ngokupheleleyo kukutya kokomoya okusasazwa “ngexesha elifanelekileyo” “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi,” size siye kwiintlanganiso zamaKristu rhoqo. (Mateyu 24:45; INdumiso 1:1, 2; 119:111; Hebhere 10:25) Uthando ngommelwane lusenza siyiqonde intswelo yabanye yokomoya luze lusenze sikhuthale ekushumayeleni nasekufundiseni iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (Marko 13:10; Roma 1:14-16) Ukuthetha nabanye ngeenyaniso ezifumaneka eBhayibhileni kusizisela uyolo. (IZenzo 20:20, 35) Siba noyolo olungakumbi xa sicamngca ngethemba elizukileyo loBukumkani neentsikelelo eziya kuziswa bobo Bukumkani. ‘Kumhlambi omncinane’ wabathanjiswa abangamaKristu, ithemba loBukumkani lithetha ubomi bokungafi ezulwini njengamalungu orhulumente woBukumkani bukaKristu. (Luka 12:32; 1 Korinte 15:50, 54) ‘Kwezinye izimvu,’ lithetha ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi olawulwa ngurhulumente woBukumkani.—Yohane 10:16; INdumiso 37:11; Mateyu 25:34, 46.
Indlela Abanokuba Noyolo Ngayo Abantu Abazilileyo
5. (a) Athetha ukuthini amazwi athi “abo bazilileyo”? (b) Abo bazilileyo bathuthuzelwa njani?
5 Amazwi alandelayo athethwa nguYesu aphathelele uyolo abonakala eziphikisa. Wathi: “Banoyolo abo bazilileyo, kuba baya kuthuthuzelwa.” (Mateyu 5:4) Umntu unokuzila njani aze kwangaxeshanye abe noyolo? Ukuze siqonde intsingiselo yamazwi kaYesu, sifanele siqonde uhlobo lokuzila awayethetha ngalo. Umfundi uYakobi uthi ukuba nesono kwethu kufanele kusenze sizile. Wabhala: “Hlambululani izandla zenu, nina boni, nisulungekise iintliziyo zenu, nina bangenazigqibo. Yibani lusizi, nizile, nilile. Ukuhleka kwenu makujikwe kube kukuzila, novuyo lwenu lube kukudakumba. Zithobeni emehlweni kaYehova, yaye uya kuniphakamisa.” (Yakobi 4:8-10) Abo balusizi kuba benesono bayathuthuzeleka xa befumanisa ukuba izono zabo zinokuxolelwa ukuba banokholo kwidini lentlawulelo likaKristu baze babonakalise ukuguquka okunyanisekileyo ngokwenza ukuthanda kukaYehova. (Yohane 3:16; 2 Korinte 7:9, 10) Ngaloo ndlela banokuba nolwalamano olusenyongweni noYehova baze babe nethemba lokuphila ngonaphakade ukuze bamkhonze baze bamdumise. Oku kubazisela uyolo olunzulu.—Roma 4:7, 8.
6. Abanye bazile ngayiphi ingqiqo, yaye bathuthuzelwa njani?
6 Kwakhona amazwi kaYesu aquka abo bazilileyo ngenxa yezinto ezingamasikizi ezenzekayo emhlabeni. UYesu wasisebenzisa kuye isiprofeto sikaIsaya 61:1, 2, esithi: “Umoya weNkosi enguMongami uYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba uYehova undithambisele ukushumayela iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo. Undithumele ukubopha abantliziyo zaphukileyo, . . . ukuthuthuzela bonke abazilileyo.” Loo myalelo usasebenza nakumaKristu athanjisiweyo asesemhlabeni, awenza loo msebenzi ngoncedo lwamaqabane abo, “ezinye izimvu.” Bonke banenxaxheba kumsebenzi wokubeka uphawu lokomfuziselo emabunzini “abantu abancwinayo nabagcumayo ngenxa yezinto ezicekisekayo ezenziwa phakathi [kweYerusalem ewexukileyo, efanekisela iNgqobhoko].” (Hezekile 9:4) Abantu abazilileyo abanjalo bathuthuzelwa ‘ziindaba zilungileyo zobukumkani.’ (Mateyu 24:14) Bayavuyiswa kukuva ukuba inkqubo yezinto engendawo kaSathana kungekudala iza kuthatyathelw’ indawo lihlabathi elitsha likaYehova lobulungisa.
Banoyolo Abo Banomoya Wobulali
7. Yintoni engathethwa libinzana elithi ‘umoya wobulali’?
7 UYesu wahlabela mgama kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni esithi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mateyu 5:5) Maxa wambi umntu onobulali kuye kucingwe ukuba ubuthathaka. Noko ke, akunjalo. Echaza intsingiselo yegama eliguqulelwe ngokuthi ‘ubulali,’ omnye umphengululi weBhayibhile wabhala esithi: “Uphawu olubalaseleyo lomntu [onobulali] kukuba uyakwazi ukuzeyisa. Asingumntu nje ongenamqolo, uthoba sikutyele, osuka nje asong’ izandla. Unamandla kodwa uyakwazi ukuwalawula.” UYesu wathi ngaye: “Ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo.” (Mateyu 11:29) Sekunjalo, uYesu wayeyimela ngenkalipho imilinganiselo yobulungisa.—Mateyu 21:12, 13; 23:13-33.
8. Ukuba nomoya wobulali kunxulumene nantoni, yaye kutheni sifanele sibe nalo olu phawu kulwalamano lwethu nabanye?
8 Ngoko ke, ukuba nomoya wobulali kunxulumene gqitha nokukwazi ukuzeyisa. Enyanisweni, ukuba nomoya wobulali nokuzeyisa kwadweliswa ndawonye ngumpostile uPawulos xa wayebala ‘iziqhamo zomoya.’ (Galati 5:22, 23) Ngumoya oyingcwele onokusinceda ukuze sihlakulele umoya wobulali. Olu luphawu lobuKristu oluwenza abe noxolo nabantu abangakholwayo kunye nabo basebandleni. UPawulos wabhala: “Yambathani umsa wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo. Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa.”—Kolose 3:12, 13.
9. (a) Kutheni ukuba nomoya wobulali kungafuneki nje kuphela kulwalamano lwethu nabanye abantu? (b) Abanomoya wobulali baya “kuwudla ilifa” njani “umhlaba”?
9 Noko ke, ukuba nomoya wobulali akufuneki kuphela kulwalamano lwethu nabanye. Ukuzithoba kwethu kulongamo lukaYehova, sibonakalisa ukuba sinomoya wobulali. UYesu Kristu ungoyena mzekelo ubalaseleyo koku, owathi ngoxa wayesemhlabeni wabonakalisa umoya wobulali nokuzithoba kwakhe ngokupheleleyo ukuze enze ukuthanda kukaYise. (Yohane 5:19, 30) Okokuqala, uYesu uwuzuza umhlaba njengelifa, ngoba unguMlawuli wawo onyuliweyo. (INdumiso 2:6-8; Daniyeli 7:13, 14) Wabelana ngeli lifa nabali-144 000 ‘abakwaziindlalifa,’ abanyulwe “phakathi koluntu” ukuze baze “kulawula njengookumkani phezu komhlaba.” (Roma 8:17; ISityhilelo 5:9, 10; 14:1, 3, 4; Daniyeli 7:27) UKristu nabo alawula kunye nabo baya kulawula izigidi zamadoda namabhinqa anjengezimvu aya kuzaliseka kubo amazwi endumiso esisiprofeto athi: “Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:11; Mateyu 25:33, 34, 46.
Banoyolo Abo Balambele Ubulungisa
10. Abo ‘banxaniweyo nabalambele ubulungisa’ banokuhluthiswa ngayiphi indlela?
10 Inkalo elandelayo ebangela uyolo ekhankanywa nguYesu xa wayethetha kwithambeka lentaba yaseGalili yile ithi: “Banoyolo abo balambela baze banxanelwe ubulungisa, kuba baya kuhluthiswa.” (Mateyu 5:6) UYehova uwabekela amaKristu imilinganiselo yobulungisa. Ngenxa yoko, abo balambela nabanxanelwa ubulungisa enyanisweni balambela baze banxanelwe ulwalathiso lukaThixo. Abanjalo bayazi ukuba banezono kwaye abafezekanga yaye balangazelela ukuba nolwalamano olwamkelekileyo noYehova. Hayi indlela abavuya ngayo xa befunda kwiLizwi likaThixo ukuba xa beguquka baze bacele ukuxolelwa ngesizinzi sedini lentlawulelo likaKristu, baya kuba nolwalamano oluhle noThixo!—IZenzo 2:38; 10:43; 13:38, 39; Roma 5:19.
11, 12. (a) AmaKristu athanjisiweyo aba ngamalungisa njani? (b) Ukunxanelwa ubulungisa kwamaqabane abathanjiswa kwaneliswa njani?
11 UYesu wathi abanjalo baya kuba noyolo, ekubeni beya “kwaneliswa.” (Mateyu 5:6; IBhayibhile yesiXhosa, yowe-1996) AmaKristu athanjisiweyo abizelwa ukuze “alawule njengookumkani” noKristu ezulwini evakaliswa “engamalungisa afanelwe bubomi.” (Roma 5:1, 9, 16-18) UYehova uwamkela njengoonyana bokomoya. Aba ziindlalifa noKristu, yaye aba ngookumkani nababingeleli kurhulumente wasezulwini woBukumkani.—Yohane 3:3; 1 Petros 2:9.
12 Amaqabane abathanjiswa akakavakaliswa engamalungisa afanelwe bubomi. Noko ke, uYehova uwavakalisa engamalungisa ngomlinganiselo othile ngenxa yokuba nokholo kwigazi likaKristu elaphalalayo. (Yakobi 2:22-25; ISityhilelo 7:9, 10) Agqalwa engamalungisa njengabahlobo bakaYehova abasenokusindiswa “embandezelweni enkulu.” (ISityhilelo 7:14) Ukunxanelwa kwawo ubulungisa kuya kwaneliswa xa, ‘kumazulu amatsha’ eya kuba yinxalenye yomhlaba omtsha apho “kumi ubulungisa.”—2 Petros 3:13; INdumiso 37:29.
Banoyolo Abanenceba
13, 14. Ziziphi iindlela esinokubonakalisa ngazo inceba, yaye siya kuzuza ntoni ngenxa yoko?
13 Ehlabela mgama neNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wathi: “Banoyolo abanenceba, kuba baya kwenzelwa inceba.” (Mateyu 5:7) Ngokwasemthethweni, inceba yaziwa njengetarhu elibonakaliswa ngumgwebi ngokungadluliseli isohlwayo esipheleleyo kubani ngobubi obenzileyo. Noko ke, njengoko esetyenziswa eBhayibhileni, amagama antlandlolo aguqulelwa ngokuthi “inceba” ubukhulu becala abhekisela kulwazelelelo okanye imfesane ebonakaliswa kwabo basengxakini. Ngoko ke, abo banenceba babonakalisa uvelwano. Umzekeliso kaYesu womSamariya onothando ngommelwane unikela umzekelo omhle womntu ‘owamenzela inceba’ umntu othile owayesengxakini.—Luka 10:29-37.
14 Ukuze sifumane uyolo lokubonakalisa inceba, kufuneka sibenzele ububele abo basweleyo. (Galati 6:10) UYesu wasikwa yimfesane ngabantu awababonayo. ‘Wabasizela, ngenxa yokuba babenjengezimvu ezingenamalusi. Yaye wabafundisa izinto ezininzi.’ (Marko 6:34) UYesu waqonda ukuba eyona nto inkulu abantu abayisweleyo kukutya kokomoya. Nathi sibonakalisa uvelwano nenceba ngokudlulisela ebantwini eyona nto bayifuna kakhulu—‘iindaba ezilungileyo zobukumkani.’ (Mateyu 24:14) Kwakhona sinokunikela uncedo kwamanye amaKristu asele ekhulile, abahlolokazi, neenkedama size ‘siyithuthuzele imiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tesalonika 5:14; IMizekeliso 12:25; Yakobi 1:27) Oku akusayi kusizisela nje uyolo kodwa kuya kumenza uYehova abonakalise inceba kuthi.—IZenzo 20:35; Yakobi 2:13.
Abasulungekileyo Entliziyweni Nabanoxolo
15. Sinokusulungeka njani entliziyweni size sibe seluxolweni?
15 UYesu wakhankanya inkalo yesithandathu neyesixhenxe yokuba noyolo esithi: “Banoyolo abasulungekileyo entliziyweni, kuba baya kumbona uThixo. Banoyolo abanoxolo, kuba baya kubizwa ngokuba ‘ngoonyana bakaThixo.’” (Mateyu 5:8, 9) Intliziyo esulungekileyo ayihlambulukanga nje kuphela kodwa kwakhona ayinabala ngokomoya yaye imanyene ekuzinikeleni kuYehova. (1 Kronike 28:9; INdumiso 86:11) Ngokolwimi lwantlandlolo igama elithi “banoxolo” ngokoqobo lithetha “ukuba ngumxolelanisi.” Umntu onoxolo uphilisana ngoxolo nabazalwana bakhe abangamaKristu yaye, kangangoko kunokwenzeka nabamelwane bakhe. (Roma 12:17-21) ‘Bafuna uxolo, baze baluphuthume.’—1 Petros 3:11.
16, 17. (a) Kutheni abathanjiswa bebizwa ngokuba “ngoonyana bakaThixo,” yaye ‘bambona njani uThixo’? (b) “Ezinye izimvu” ‘zimbona njani uThixo’? (c) Ngengqiqo epheleleyo, “ezinye izimvu” ziya kuba “ngoonyana bakaThixo” njani yaye nini?
16 Abo banoxolo nabasulungekileyo entliziyweni, bathenjiswa ukuba baya “kubizwa ngokuba ‘ngoonyana bakaThixo’” yaye baya “kumbona uThixo.” AmaKristu athanjisiweyo azelwe ngomoya yaye amkelwa nguYehova ‘njengoonyana’ ngoxa esesemhlabeni. (Roma 8:14-17) Xa evuselwa ukuba abe kunye noKristu ezulwini, akhonza phambi koYehova yaye ayambona.—1 Yohane 3:1, 2; ISityhilelo 4:9-11.
17 “Ezinye izimvu” ezinoxolo zikhonza uYehova ngaphantsi koMalusi Olungileyo, uKristu Yesu, oba ‘nguBawo wazo ongunaPhakade.’ (Yohane 10:14, 16; Isaya 9:6) Abo baphumelelayo kuvavanyo lokugqibela emva koLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka baya kwamkelwa njengoonyana bakaYehova basemhlabeni baze bafumane ‘inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’ (Roma 8:21; ISityhilelo 20:7, 9) Bekhangele phambili koku, bambiza uYehova njengoYise, ekubeni bebohlulele kuye ubomi babo, bemgqala njengoMniki-bomi. (Isaya 64:8) NjengoYobhi noMoses wamandulo, ‘banokumbona uThixo’ ngamehlo okholo. (Yobhi 42:5; Hebhere 11:27) ‘Ngamehlo abo entliziyo’ nangolwazi oluchanileyo ngoThixo, bayaziqonda iimpawu ezintle zikaYehova yaye bazabalazela ukumxelisa ngokwenza ukuthanda kwakhe.—Efese 1:18; Roma 1:19, 20; 3 Yohane 11.
18. Ngokuvumelana neenkalo ezisixhenxe zokuqala zokuba noyolo ezikhankanywe nguYesu, ngoobani abafumana uyolo lokwenene namhlanje?
18 Sibonile ukuba abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya, abo bazilileyo, abanomoya wobulali, abo balambele nabanxanelwe ubulungisa, abanenceba, abahlambulukileyo entliziyweni nabanoxolo bafumana uyolo lokwenene ekukhonzeni uYehova. Sekunjalo, aba basoloko bechaswa, bade batshutshiswe. Ngaba oku kubenza baphelelwe luyolo? Loo mbuzo uza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.
Impinda
• Luluphi uyolo olufunyanwa ngabo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya?
• Abo bazilileyo bathuthuzelwa ngaziphi iindlela?
• Sikubonakalisa njani ukuba nomoya wobulali?
• Kutheni sifanele sibe nenceba, sisulungeke entliziyweni size sibe noxolo?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
“Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya”
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
“Banoyolo abo balambela baze banxanelwe ubulungisa”
[Umfanekiso okwiphepha 10]
“Banoyolo abanenceba”