Luhlobo Olunjani Lwenkwenkwezi Eyakhokelela “Izazi” KuYesu?
Amabali aqhelekileyo eKrismesi adla ngokuchaza le nkwenkwezi njengomqondiso ofanelekileyo ovela ezulwini. Ngaba eneneni kunjalo?
◼ Umbhali weBhayibhile uMateyu uthi, “izazi” zabona le nkwenkwezi ingaqhelekanga yaza yazikhokelela kuYesu zivela eMpuma. (Mateyu 2:1-12, iBhayibhile YesiXhosa) Amabali aqhelekileyo eKrismesi adla ngokuchaza le nkwenkwezi njengomqondiso ofanelekileyo ovela ezulwini. Ezinye iimbekiselo zithi le nkwenkwezi iyenye “yamalungiselelo kaThixo apho . . . uYesu wayeza kubekwa aze uYise amgqale njengoNyana wakhe oyintanda.” Nengoma zeKrismesi ziyayihlonela loo nkwenkwezi. Yayiyintoni le nkwenkwezi?
Abanye bathi yayiyinto nje yokwemvelo eyenzeka esibhakabhakeni. Abaphengululi abaliqela baye bathi kukudlulana kweeplanethi. Noko ke, iThe New Bible Dictionary ithi, “loo nto akunakuthiwa ‘yinkwenkwezi.’” Iiplaneti ezininzi ezidlulanayo zizimele, aziyonkwenkwezi inye. Abanye baye bacinga ukuba zizinto nje ezisesibhakabhakeni ezinjengecomet okanye isupernova. Noko ke, akukho nokuba ibe nye kwezi enokukhokelela abantu kwisixeko esithile ize ime phezu komzi othile.
Ngaba le nkwenkwezi yazivelela okanye yayililungiselelo likaThixo? Nazi ezinye izibakala: “Izazi” zazingezonkcuba-buchopho; zingengabo nookumkani. Ngokutsho kweenguqulelo zesiNgesi zakutshanje “ngabavumisi ngeenkwenkwezi.” Zazibandakanyeke kuqheliselo olugatywayo ziZibhalo Ezingcwele. (Duteronomi 18:10-12) Phawula ukuba ngaba bavumisi ngeenkwenkwezi kuphela “ababona” loo nkwenkwezi. Ukuba le nkwenkwezi yayiyeyokwenene yayiza kuqaqamba de ibonwe ngumntu wonke. Kodwa noKumkani uHerode kwafuneka ukuba azibuze izazi ngeenkcukacha eziphathelele le nkwenkwezi. Le nkwenkwezi yaqala yazikhokelela eYerusalem, kuHerode utshaba oluyingozi lwalowo wayeza kuba nguMesiya. Wayefuna ukulubulala usana olunguYesu. Emva koko, le nkwenkwezi yazikhokelela kumazantsi eBhetelehem apho kwakukho uYesu, nto leyo eyabeka ubomi bakhe esichengeni.
Ezi zibakala zinikela ubungqina bokuba le nkwenkwezi yayivela kumthombo ongendawo, okusenokwenzeka ukuba yayinguSathana uMtyholi. IBhayibhile ithi usebenzisa ‘imiqondiso yobuxoki nemihlola.’ (2 Tesalonika 2:9) Ngoko ke ayimele iwothuse amaKristu okwenyaniso ukuba uSathana ayibonise aba bavumisi kuphela le nto ifana nenkwenkwezi aze enze loo “nkwenkwezi” izikhokelele kulo Nyana kaThixo wayefuna ukumbulala. Kambe ke, akakho umntu onokoyisa uYehova uThixo. Ngenxa yaloo nto ayisothusi into yokuba iyelenqe likaMtyholi lokubulala uYesu ngaphambi kwexesha liphanziswe.
Noko ke, kuyaqondakala ukuba uThixo wasebenzisa imimangaliso ukuze achaze ngokuzalwa kukaYesu. Ngobusuku awazalwa ngabo uYesu, kwathi gqi ingelosi kwiqela labelusi yaza yachaza ukuba kuza kuzalwa “uMsindisi.” Kwale ngelosi yabonisa abelusi indawo ababenokumtyelela kuyo uYesu. Emva koko kwabonakala inkitha yeengelosi zaza zadumisa uThixo. (Luka 2:8-14) UThixo wasebenzisa ezi ngelosi kungekhona inkwenkwezi ukuchazela abantu ngokuzalwa kukaYesu.