Xa Ukuthanda KukaThixo Kusenzeka Emhlabeni
XA UYESU wafundisa abafundi bakhe ukuba bathandaze bathi, “Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini,” wayethetha ngento ayaziyo kuba wayekhe waphila noYise ezulwini. (Mateyu 6:10; Yohane 1:18; 3:13; 8:42) Ngaphambi kokuba uYesu abe ngumntu, wayeqhelene nexesha apho yonke into eyenzeka ezulwini nasemhlabeni yayivisisana nokuthanda kukaThixo. La yayingamaxesha amyoli omsebenzi owanelisayo.—IMizekeliso 8:27-31.
Izidalwa zokuqala zikaThixo zazizezomoya, ‘iingelosi ezomeleleyo ngamandla, nezenza ilizwi lakhe.’ ‘Zazingabalungiseleli abenza ukuthanda kwakhe,’ yaye zisengabo nangoku. (INdumiso 103:20, 21) Ngaba nganye kuzo yayikwazi ukwenza oko ikuthandayo? Ewe, kuba ekusekweni kwehlabathi, aba “nyana bakaThixo bakhwaza bencoma.” (Yobhi 38:7) Oko kuncoma kwabonisa ukukuvuyela kwabo ukuthanda kukaThixo, kwanokuba babevumelana nako.
Emva kokuseka umhlaba, uThixo walungiselela ukuba abantu bahlale kuwo waza ekugqibeleni wadala indoda nomfazi bokuqala. (Genesis, isahluko 1) Ngaba nako oku kwakufanele kunconywe? Ingxelo ephefumlelweyo ithi: “Emva koko uThixo wazibona zonke izinto awayezenzile, khangela! zilunge gqitha,” ngokwenene zazingenasiphako, zigqibelele.—Genesis 1:31.
Kwakuyintoni ukuthanda kukaThixo ngabazali bethu bokuqala kwakunye nenzala yabo? Ngokutsho kweGenesis 1:28, nako kwakulunge gqitha: “UThixo wabasikelela waza wathi kubo uThixo: ‘Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise, nibe nobukhosi kwiintlanzi zolwandle nakwizidalwa eziphaphazelayo emazulwini nakuzo zonke izidalwa eziphilayo ezinambuzelayo emhlabeni.’” Ukuze bafeze olo thumo lumangalisayo, abazali bethu bokuqala kwakuza kufuneka baqhubeke bephila—ngonaphakade—kwakunye nenzala yabo. Kwakungekho nento ebonisa ukuba babeza kujamelana nentlekele, okungekho sikweni, intlungu okanye ukufa.
Ngelo xesha ukuthanda kukaThixo kwakusenziwa ezulwini nasemhlabeni. Abo benza ukuthanda kwakhe babefumana uyolo olukhulu ekwenzeni ngolo hlobo. Konakala phi?
Ngesiquphe ukuthanda kukaThixo kwacelwa umngeni. Noko ke, olo yayingelocelomngeni lunzima. Sekunjalo, lwabangela intlungu yexesha elide, neyayiza kubangela ukudideka ngokuphathelele ukuthanda kukaThixo ngoluntu. Sonke siye sangamaxhoba alo. Luluphi olo celomngeni?
Ukuthanda KukaThixo Ebudeni Bemvukelo
Omnye ‘woonyana bakaThixo’ bokomoya wabona ikroba lokucel’ umngeni ukuthanda kukaThixo ngoluntu, ngenjongo yokuba kungenelwe yena. Njengoko esi sidalwa somoya sasicingisisa ngeli kroba, laya lisiba yinto enokwenzeka nenomtsalane. (Yakobi 1:14, 15) Kusenokwenzeka ukuba saqiqa ngelokuba, ukuba sinokwenza isibini sokuqala esingabantu siphulaphule sona kunoThixo, kwakuya kunyanzeleka ukuba uThixo anyamezele omnye umlawuli ongumceli-mngeni. Kusenokwenzeka ukuba sayicinga nento yokuba uThixo wayengayi kusibulala, kuba oko kwakuya kudiza ukusilela kwenjongo kaThixo. Kunoko, kwakuya kufuneka uYehova uThixo ayihlaziye injongo yakhe, esamkela isikhundla salo nyana wokomoya nowayeza kuthotyelwa yindalo Yakhe engabantu. Kwakufanelekile ukuba kamva, loo mvukeli abizwe ngokuba nguSathana, oko kukuthi, “uMxhathisi.”—Yobhi 1:6.
Esenza ngokuvisisana nomnqweno wakhe, uSathana waya kumfazi. Wamlukuhlela ukuba akutyeshele ukuthanda kukaThixo, esithi: ‘Ngokuqinisekileyo anisayi kufa. Niya kuba njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.’ (Genesis 3:1-5) Umfazi wakubona oku njengenkululeko, waza wakwamkela ecinga ukuba kuyeyona ndlela ilungileyo yobomi. Kamva, naye walukuhla indoda yakhe ukuba imthelele.—Genesis 3:6.
Yayingekokuthanda kukaThixo oku ngesi sibini. Yayikukuthanda kwaso. Yaye oku kwakuza kuphumela kwintlekele. UThixo wayesele esixelele ukuba elo khondo liza kukhokelela ekufeni. (Genesis 3:3) Sasingadalelwanga ukuba siphumelele xa sizimele geqe kuThixo. (Yeremiya 10:23) Ukongezelela, sasingazi kufezeka, yaye ukungafezeki nokufa sasiza kukudlulisela kwinzala yaso. (Roma 5:12) USathana wayengenakuyithintela loo miphumo.
Ngaba ezi nguqulelo zayitshintsha ngonaphakade injongo, okanye ukuthanda kukaThixo ngoluntu nangomhlaba? Akunjalo. (Isaya 55:9-11) Kodwa zaphakamisa imibuzo efuna ukuphendulwa: Ngaba uluntu ‘lunokufana noThixo, lwazi okulungileyo nokubi,’ njengoko uSathana wayetshilo? Ngamany’ amazwi, ukuba besinokunikwa ixesha elaneleyo, ngaba besinokuzigqibela ngokwethu okulungileyo nokubi, okuyingenelo nokuyingozi, kuzo zonke iinkalo zobomi? Ngaba uThixo ukufanele ukuthotyelwa ngokupheleleyo, elawula ngeyona ndlela ilungileyo? Ngaba sifanele sizivisisanise ngokupheleleyo nokuthanda kwakhe? Wena ubuya kuphendula uthini?
Yayinye kuphela indlela yokuzinzisa le mbambano phambi kwazo zonke izidalwa ezikrelekrele: Le yokuvumela bonke abafuna inkululeko bazame ukuzimela geqe. Ukubabulala kwakungasayi kuyizinzisa imbambano eyaphakanyiswayo. Ukuvumela uhlanga loluntu ukuba luziphilele kangangethuba elithile kwakuza kuyizinzisa le mbambano kuba izinto zaziza kusuka zizicacele. UThixo wabonisa ukuba uza kwenza ngolo hlobo xa waxelela umfazi ukuba uza kuba nabantwana. Yayiza kuqala ngolo hlobo intsapho yoluntu. Ngenxa yoko, sisaphila nanamhlanje!—Genesis 3:16, 20.
Noko ke, oku kwakungathethi ukuba uThixo uya kuvumela abantu nonyana womoya onemvukelo ukuba benze ukuthanda kwabo ngokupheleleyo. UThixo akazange alulahle ulongamo lwakhe, engazange ayiyeke nenjongo yakhe. (INdumiso 83:18) Oku wakwenza kwacaca ngokuxela kwangaphambili ukutyunyuzwa komphembeleli wemvukelo nokupheliswa kwayo yonke imiphumo emibi ekugqibeleni. (Genesis 3:15) Ngoko ke, kwasekuqaleni intsapho yabantu yathenjiswa ngesiqabu.
Kwangelo xesha, abazali bethu bokuqala kwakunye nabantwana ababeza kubazala bazikhupha kulawulo lukaThixo. Ukuze abakhusele kuyo yonke imiphumo ebuhlungu yesigqibo sabo, kwakuza kufuneka uThixo anyanzelise ukuthanda kwakhe kubo ngalo lonke ixesha. Kwakuya kufana nokuba akabanikanga kwaphela ithuba lokuzimela geqe.
Kambe ke, abantu babenokukhetha ukulawulwa nguThixo. Babenokufunda ngokuthanda kukaThixo ngabantu baze bazivisisanise nako kangangoko kunokwenzeka. (INdumiso 143:10) Noko ke, babengayi kusinda ezingxakini logama befuna ukuzimela geqe.
Imiphumo yokhetho abalwenzayo yabonakala ngokukhawuleza. Izibulo lentsapho yabantu, uKayin labulala umntakwalo uAbheli ngenxa yokuba ‘imisebenzi yalo yayingendawo, kodwa yona eyomntakwalo yayiyeyobulungisa.’ (1 Yohane 3:12) Oku yayingekokuthanda kukaThixo, kuba wayemlumkisile uKayin waza wamohlwaya kamva. (Genesis 4:3-12) UKayin wakhetha ukuzimela geqe okwakhuthazwa nguSathana; ngenxa yoko ‘wayephuma kulowo ungendawo.’ Nabanye balandela ekhondweni.
Kwiminyaka engaphezu kwe-1 500 abantu bephila, “umhlaba wawonakele emehlweni oThixo oyinyaniso yaye umhlaba wawuzaliswe lugonyamelo.” (Genesis 6:11) Kwakufuneka kuthatyathwe inyathelo ukuze kukhuselwe umhlaba ekonakaleni. UThixo walithabatha elo nyathelo ngokuzisa unogumbe ehlabathini lonke waza wakhusela intsapho enye yamalungisa eyayiphila ngelo xesha—uNowa, umfazi wakhe, oonyana bakhe nabafazi babo. (Genesis 7:1) Sonke siyinzala yabo.
Ukususela ngelo xesha, uThixo uye wanikela ulwalathiso kwabo bakufuna ngokunyanisekileyo ukwenza ukuthanda kwakhe. Waphefumlela amadoda anyanisekileyo ukuba abhale amazwi akhe esenzela nabani na ofuna ulwalathiso lwakhe. La mazwi abhalwe eBhayibhileni. (2 Timoti 3:16) Ngothando wavumela abantu abathembekileyo ukuba banandiphe ulwalamano kunye naye, besiba ngabahlobo bakhe. (Isaya 41:8) Kanti wabanika amandla abawafunayo ukuze bajamelane nezilingo ezinzima ezithwaxa uluntu ebudeni bala mawaka eminyaka yokuzimela geqe. (INdumiso 46:1; Filipi 4:13) Sinombulelo ongazenzisiyo ngako konke oku!
“Makwenzeke Ukuthanda Kwakho”—Ngokupheleleyo
Ukuthanda kukaThixo ngoluntu akuphelelanga koko sele ekuphumezile ukuza kuthi ga ngoku. Umpostile uPetros ongumKristu wabhala: “Thina ke silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) La mazwi afuziselayo abhekisela kurhulumente omtsha oza kulawula uluntu nakwibutho labantu elitsha eliza kulawulwa nguloo rhulumente.
Esebenzisa amazwi acacileyo, umprofeti uDaniyeli wabhala: “Ngemihla yabo kumkani uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. . . . Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Daniyeli 2:44) Esi siprofeto sithetha ngokuphela kwenkqubo yezinto yanamhlanje eyonakeleyo nokuthatyathelwa kwayo indawo buBukumkani, okanye urhulumente kaThixo. Ezi ndaba zimyoli ngokwenene! Umhlaba awusayi kuphinda wonakaliswe ziingxwabangxwaba nokuzingca okuzalise ihlabathi ngogonyamelo.
Kuya kwenzeka nini oku? Abafundi bakaYesu babuza: “Ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni na umqondiso wobukho bakho nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?” Ekuphenduleni uYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mateyu 24:3, 14.
Yaziwa ngumntu wonke into yokuba ngoku umsebenzi wokushumayela wenziwa ehlabathini lonke. Kusenokwenzeka ukuba sele ukubonile oku kwindawo ohlala kuyo. Kwincwadi yakhe ethi These Also Believe, uNjingalwazi uCharles S. Braden ubhala athi: “AmaNgqina kaYehova aye awugubungela ngokoqobo umhlaba enikela ubungqina. . . . Akukho nokuba lube lunye unqulo ehlabathini oluye lwabonisa inzondelelo nokuzingisa ekusasazeni iindaba ezilungileyo zoBukumkani njengokuba esenza amaNgqina kaYehova.” AmaNgqina avakalisa ezi ndaba zilungileyo ngokuzimisela kumazwe angaphezu kwama-230 nangeelwimi ezimalunga nama-400. Lo msebenzi kwakuthethwe ngawo kusengaphambili awuzange nanini na wenziwe ehlabathini lonke ngale ndlela. Obu bobunye phakathi kobungqina obuninzi bokuba ngoku sele lifikile ixesha lokuba obo Bukumkani buthabathele indawo oorhulumente babantu.
UBukumkani awathi uYesu kwakuya kushunyayelwa ngabo bobo wasifundisa ukuba sibuthandazele kumthandazo wakhe ongumzekelo othi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:10) Ewe, uThixo uya kusebenzisa obo Bukumkani ukuze azalisekise injongo nokuthanda kwakhe ngoluntu nangomhlaba.
Kuthetha ukuthini oko? Masivumele iSityhilelo 21:3, 4 siphendule: “Ndeva ilizwi elikhulu livela etroneni lisithi: ‘Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala nalo, lube ngabantu bakhe. Naye abe nguThixo walo. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.’” Emva koko ukuthanda kukaThixo kuya kwenzeka ngokwenene emhlabeni nasezulwini—ngokupheleleyo.a Ngaba ubungenakuthanda ukuba lapho?
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuba ungathanda ukufunda ngakumbi ngoBukumkani bukaThixo, nceda uqhagamshelane namaNgqina kaYehova akwindawo ohlala kuyo okanye ubhalele kwenye yeedilesi ezidweliswe kwiphepha 2 leli phephancwadi.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Ukuzimela geqe kuThixo kwazisa intlekele