Ngaba Amazwi KaYesu Anempembelelo Kwimithandazo Yakho?
“Akuwagqiba uYesu la mazwi, zathi khamnqa izihlwele yindlela yakhe yokufundisa.”—MAT. 7:28.
1, 2. Kwakutheni ukuze izihlwele zithi khamnqa yindlela awayefundisa ngayo uYesu?
SIFANELE siwamkele amazwi okuphela koNyana ozelwe nguThixo, uYesu Kristu size siphile ngokuvisisana nawo. Ngokuqinisekileyo akakho umntu owayethetha njengaye. Kaloku, abantu basala bebamb’ ongezantsi yindlela awafundisa ngayo kwiNtshumayelo yaseNtabeni!—Funda uMateyu 7:28, 29.
2 UNyana kaYehova wayengafundisi njengababhali, ababesekela iintetho zabo kwiimfundiso zabantu abangafezekanga. UKristu wafundisa “njengomntu onegunya” ngenxa yokuba oko wayekuthetha kwakuvela kuThixo. (Yoh. 12:50) Ngoku makhe sibone indlela amanye amazwi kaYesu kwiNtshumayelo yaseNtabeni afanele abe nempembelelo ngayo kwimithandazo yethu.
Ungaze Uthandaze Njengabahanahanisi
3. Khawuthi gqaba gqaba ngomongo wamazwi kaYesu akuMateyu 6:5.
3 Umthandazo uyinkalo ebalulekileyo kunqulo lokwenyaniso, yaye sifanele sithandaze rhoqo kuYehova. Kodwa imithandazo yethu ifanele iphenjelelwe ngamazwi kaYesu eNtshumayelo yaseNtabeni. Wathi: “Xa nithandaza, nize ningabi njengabahanahanisi; ngokuba bathanda ukuthandaza bemi kwizindlu zesikhungu nakwiimbombo zeendlela eziphangaleleyo ukuze babonakale ebantwini. Inene ndithi kuni, Sebewufumene ngokupheleleyo umvuzo wabo.”—Mat. 6:5.
4-6. (a) Kwakutheni ukuze abaFarisi bathande ukuthandaza “bemi kwizindlu zesikhungu nakwiimbombo zeendlela eziphangaleleyo”? (b) Abo bahanahanisi babeza ‘kuwufumana njani ngokupheleleyo umvuzo wabo’?
4 Xa bethandaza, abafundi bakaYesu babengamele baxelise abo ‘bahanahanisi’ bangabaFarisi ababezenza amalungisa, besenzela ukuba babonwe ngabantu. (Mat. 23:13-32) Aba bahanahanisi babedla ngokuthandaza “bemi kwizindlu zesikhungu nakwiimbombo zeendlela eziphangaleleyo.” Ngoba? Ukuze “babonakale ebantwini.” AmaYuda enkulungwane yokuqala ayenesithethe sokuthandaza njengebandla ngexesha lomnikelo otshiswayo etempileni (malunga nentsimbi yesithoba kusasa neyesithathu emva kwemini). Abemi baseYerusalem babedla ngokuthandaza nesihlwele sabanquli kwintendelezo yetempile. Ngaphandle kweso sixeko, amaYuda azinikeleyo ayedla ngokuthandaza kabini ngemini ngoxa ‘emi kwizindlu zesikhungu.’—Thelekisa uLuka 18:11, 13.
5 Ekubeni abantu abaninzi babengekho kufutshane netempile okanye indlu yesikhungu ngexesha lale mithandazo ikhankanyiweyo, kusenokwenzeka ukuba babethandaza naphi na apho bakhoyo ngaloo maxesha. Abanye babethanda ukuba amaxesha omthandazo ababethele ‘bekwiimbombo zeendlela eziphangaleleyo.’ Babefuna ‘ukubonakala ebantwini’ abadlula apho. Aba bahanahanisi bazenza ngcwele babesithi “ngokunyhwalaza benze imithandazo emide” ukuze banconywe ngabantu ababukeleyo. (Luka 20:47) Asimele sikwenze oko thina.
6 UYesu wathi abo bahanahanisi “sebewufumene ngokupheleleyo umvuzo wabo.” Babelambele ukuzukiswa ngabantu—yaye leyo kuphela kwento ababeya kuyifumana. Yayiza kuba ngumvuzo wabo opheleleyo kuba uYehova wayengazi kuyiphendula imithandazo yabo yokuhanahanisa. Kwelinye icala, uThixo wayeza kuyiphendula imithandazo yabalandeli bakaKristu bokwenyaniso, njengoko kuboniswa ngamazwi angakumbi ngokuphathelele lo mbandela.
7. Sithetha ntoni isiluleko sokuthandaza ‘kumagumbi ethu angasese’?
7 “Noko ke, wena, xa uthandaza, ngena egumbini lakho langasese uze, wakuba uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; yaye uYihlo okhangela emfihlekweni uya kukubuyekeza.” (Mat. 6:6) Isibongozo sikaYesu sokuba umntu athandaze kwigumbi lakhe langasese emva kokuba evale ucango asithethi kuthi akanakuthandaza ebandleni. Esi siluleko sasenzelwe ukuthintela ukuthandaza esidlangalaleni ngenjongo yokutsalela ingqalelo kumntu othandazayo ukuze azukiswe ngabanye. Sifanele siyikhumbule loo nto xa sinikwe ilungelo lokumela abantu bakaThixo ngomthandazo esidlangalaleni. Masenze ngokuvisisana nesibongozo sikaYesu esongezelelekileyo ngokuphathelele umthandazo.
8. Ngokutsho kukaMateyu 6:7, yiyiphi indlela engafanelekanga yokuthandaza esifanele siyiphephe?
8 “Kodwa xa uthandaza, ungaphindaphindani nento enye, njengokuba besenza abantu beentlanga, kuba becinga ukuba baya kuviwa ngenxa yokusebenzisa kwabo amazwi amaninzi.” (Mat. 6:7) Ngale ndlela uYesu wakhankanya enye indlela engafanelekanga yokuthandaza—ukuphindaphinda intw’ enye. Wayengathethi kuthi asinakuphinda amazwi anyanisekileyo okubongoza nawokubulela xa sithandaza. Kumyezo waseGetsemane kubusuku bangaphambi kokufa kwakhe, uYesu waphindaphinda “ilizwi elifanayo” kumthandazo wakhe.—Marko 14:32-39.
9, 10. Kungayiphi ingqiqo esingamele senze imithandazo ephindaphindwayo?
9 Besiya kuba senza into ephosakeleyo ukuba besiya kulinganisa imithandazo ‘yabantu beentlanga’ ephindaphindwayo. ‘Ngokuphindaphindiweyo,’ bacengceleza amabinzana angeyomfuneko. Akuzange kubancede abanquli bakaBhahali ukubiza igama laloo thixo wobuxoki “ukususela kusasa de kwayimini enkulu, besithi: ‘Owu Bhahali, siphendule!’” (1 Kum. 18:26) Izigidi ngezigidi zabantu namhlanje zenza imithandazo emide nephindaphindwayo, ziziqaba ngentshongw’ emehlweni zicinga ukuba ‘ziya kuviwa.’ Kodwa uYesu usinceda siqonde ukuba ‘ukusebenzisa amazwi amaninzi’ kwimithandazo emide nephindaphindwayo kulilize kuYehova. UYesu waleka ngelithi:
10 “Ngoko, ze ningafani nabo, kuba uThixo uYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekamceli.” (Mat. 6:8) Uninzi lweenkokeli zonqulo zamaYuda zazingahlukanga nganto kubantu beeNtlanga ngenxa yemilembelele yemithandazo yazo. Imithandazo enyanisekileyo, equka ukudumisa, ukubulela nezibongozo ibaluleke gqitha kunqulo lokwenyaniso. (Fil. 4:6) Sekunjalo, bekuya kuba yinto ephosakeleyo ngathi ukuphindaphinda intw’ enye, sicinga ukuba ukwenjenjalo kuyimfuneko ukuze sichazele uThixo ngeemfuno zethu. Xa sithandaza sifanele sikhumbule ukuba sithetha nalowo ‘wazi esikusweleyo singekamceli.’
11. Yintoni esifanele siyikhumbule xa sinelungelo lokuthandaza esidlangalaleni?
11 Amazwi kaYesu ngokuphathelele imithandazo engamkelekanga afanele asikhumbuze ukuba uThixo akakholiswa yimithandazo enamazwi antsonkothileyo nangeyomfuneko. Kanti sifanele sikhumbule ukuba xa sithandaza esidlangalaleni asimele sizame ukuchukumisa abaphulaphuli okanye sithandaze ixesha elide de bangaqiniseki nokuba siya kuze sithi “Amen.” Ukwenza izaziso emthandazweni okanye ukululeka abo baphulaphuleyo bekungayi kuvisisana nomongo wamazwi kaYesu kwiNtshumayelo yaseNtabeni.
UYesu Usifundisa Indlela Yokuthandaza
12. Unokuyichaza njani intsingiselo yesicelo esithi “malingcwaliswe igama lakho”?
12 Nangona uYesu walumkisa ngeendlela ezingafanelekanga zokuthandaza, wabafundisa abafundi bakhe indlela yokusebenzisa eli lungelo lizukileyo lomthandazo. (Funda uMateyu 6:9-13.) Umthandazo ongumzekelo awumele unkqaywe ngenjongo yokuba ucengcelezwe ngokuphindaphindiweyo. Kunoko, ungumzekelo wendlela thina esimele sithandaze ngayo. Ngokomzekelo, uYesu ubeka uThixo kwindawo yokuqala ngokuthi kwintshayelelo yakhe: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.” (Mat. 6:9) Kufanelekile ukuba sibize uYehova ngokuthi “Bawo wethu” ngenxa yokuba unguMdali wethu, ohlala “emazulwini,” angaphezu komhlaba. (Dut. 32:6; 2 Kron. 6:21; IZe. 17:24, 28) Ukusetyenziswa kwebinzana elithi “wethu” kufanele kusikhumbuze ukuba namaKristu esikhonza kunye nawo anolwalamano olusondeleyo noThixo. Isibongozo esithi “malingcwaliswe igama lakho” sikukucela uYehova ukuba enze okuthile ukuze acoce igama lakhe kuko konke ukungcoliswa kwalo obekuqhubeka ukususela kwimvukelo yase-Eden. Ephendula loo mthandazo, uYehova uya kushenxisa bonke ubungendawo emhlabeni, aze ngaloo ndlela azingcwalise.—Hez. 36:23.
13. (a) Siya kuzalisekiswa njani isicelo esithi “mabufike ubukumkani bakho”? (b) Ukwenziwa kokuthanda kukaThixo emhlabeni kuya kuquka ntoni?
13 “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mat. 6:10) Ngokuvisisana nesi sicelo sikumthandazo ongumzekelo, sifanele sikhumbule ukuba “ubukumkani” ngurhulumente kaMesiya wasezulwini ngaphantsi kukaKristu ‘nabangcwele’ abavusiweyo abasebenza naye. (Dan. 7:13, 14, 18; Isa. 9:6, 7) Ukuthandazela ukuba ‘bufike’ kukucela ukuba uBukumkani bukaThixo buze kutshabalalisa bonke abantu abachase ulawulo lukaThixo emhlabeni. Oko kuza kwenzeka ngokukhawuleza, kutshayelela iparadesi eya kuba semhlabeni wonke enobulungisa, uxolo nolonwabo. (INdu. 72:1-15; Dan. 2:44; 2 Pet. 3:13) Ukuthanda kukaYehova kuyenziwa ezulwini, yaye ukucela ukuba kwenziwe nasemhlabeni kukubongoza uThixo ukuba aphumeze injongo yakhe ngomhlaba, kuquka ukushenxisa abachasi bakhe namhlanje njengoko wenzayo mandulo.—Funda INdumiso 83:1, 2, 13-18.
14. Kutheni kufanelekile ukucela “isonka sethu sale mini”?
14 “Siphe namhlanje isonka sethu sale mini.” (Mat. 6:11; Luka 11:3) Ngokuthandaza ngale ndlela, sicela uThixo ukuba asinike ‘ukutya kwale mini’ okuyimfuneko. Oku kubonisa ukuba sinokholo lokuba uYehova uyakwazi ukunyamekela iimfuno zethu zemihla ngemihla. Lo asingomthandazo wokutya okongezelelekileyo. Oku kucela iimfuno zethu zemihla ngemihla kusikhumbuza umyalelo kaThixo kumaSirayeli wokuba “ngamnye abuthe isabelo sakhe semini” semana.—Eks. 16:4.
15. Chaza oko kuthethwa sisicelo esithi ‘sixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.’
15 Isicelo esilandelayo kumthandazo ongumzekelo siphethulela ingqalelo yethu kwenye into esimele siyenze. UYesu wathi: “Uze usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.” (Mat. 6:12) IVangeli kaLuka ibonisa ukuba la “matyala” ‘zizono.’ (Luka 11:4) Kuxa sele ‘sibaxolele’ abo basonayo kuphela esinokuthi nathi silindele ukuxolelwa nguYehova. (Funda uMateyu 6:14, 15.) Sifanele sibaxolele ngesisa abanye.—Efe. 4:32; Kol. 3:13.
16. Simele siziqonde njani izicelo eziphathelele isihendo nokuhlangulwa kongendawo?
16 “Ungasingenisi ekuhendweni, kodwa sihlangule kulowo ungendawo.” (Mat. 6:13) Sifanele siziqonde njani ezi zicelo zibini zihlobeneyo kumthandazo kaYesu ongumzekelo? Siqinisekile ukuba: UYehova akasihendeli esonweni. (Funda uYakobi 1:13.) USathana—‘lowo ungendawo’—ngoyena ‘Mhendi.’ (Mat. 4:3) Noko ke, iBhayibhile ithi uThixo wenza izinto ezithile ngoxa eneneni ezivumela nje kuphela. (Rute 1:20, 21; INtshu. 11:5) Ngenxa yoko, xa sisithi “ungasingenisi ekuhendweni” sicela uYehova ukuba angasivumeli ukuba sinikezele xa sihendelwa ukuba singamthobeli. Ekugqibeleni, xa sicela ukuba ‘asihlangule kulowo ungendawo’ sibongoza uYehova ukuba angavumeli uSathana ukuba asoyise. Yaye singaqiniseka ukuba ‘uThixo akayi kusiyekela sihendwe ngaphaya koko sinokukuthwala.’—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:13.
‘Qhubekani Nicela, Nifuna, Ninkqonkqoza’
17, 18. Kuthetha ukuthini ‘ukuqhubeka sicela, sifuna yaye sinkqonkqoza’?
17 Umpostile uPawulos wabongoza amanye amaKristu ngelithi: “Emthandazweni zingisani.” (Roma 12:12) UYesu wanikela umyalelo ofanayo xa wathi: “Qhubekani nicela, niya kunikwa; qhubekani nifuna, niya kufumana; qhubekani ninkqonkqoza, niya kuvulelwa. Kuba wonk’ ubani ocelayo uyamkela, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.” (Mat. 7:7, 8) Kufanelekile ‘ukuqhubeka sicela’ nantoni na evisisana nokuthanda kukaThixo. Ngokuvisisana namazwi kaYesu, umpostile uYohane wabhala wathi: “Sinentembelo yokuba, kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, [uThixo] uyasiva.”—1 Yoh. 5:14.
18 Isiluleko sikaYesu ‘sokuqhubeka sicela yaye sifuna’ sithetha ukuba sifanele sithandaze ngokuzingisileyo singayeki. Kanti kufuneka ‘siqhubeke sinkqonkqoza’ ukuze singene eBukumkanini size sinandiphe iintsikelelo neengenelo zabo. Kodwa ngaba sinokuqiniseka ukuba uThixo uya kuyiphendula imithandazo yethu? Ngokwenene, sinokuqiniseka ukuba sithembekile kuYehova, kuba uKristu wathi: “Wonk’ ubani ocelayo uyamkela, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.” Maninzi amava abakhonzi bakaYehova abonisa ukuba ngokwenene uThixo ‘ungumphulaphuli wemithandazo.’—INdu. 65:2.
19, 20. Ngokutsho kwamazwi kaYesu akuMateyu 7:9-11, uYehova ufana njani nobawo onothando?
19 UYesu wafanisa uThixo nobawo onothando olungiselela abantwana bakhe izinto ezintle. Masithi wawukho kwiNtshumayelo yaseNtabeni waza weva uYesu esithi: “Akukho mntu phakathi kwenu onokuthi ukuba unyana wakhe ucela isonka—asuke amnike ilitye, andibi kunjalo? Okanye, mhlawumbi, ukuba ucela intlanzi—akayi kumnika inyoka, andibi kunjalo? Ngoko ke, ukuba nina, nangona ningendawo, niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osemazulwini ukubanika izinto ezilungileyo abo bamcelayo!”—Mat. 7:9-11.
20 Ubawo ongumntu, nangona ‘engendawo’ ngokomlinganiselo othile ngenxa yesono asizuz’ ilifa, ubathanda ngemveli abantwana bakhe. Akasayi kumqhatha umntwana wakhe kodwa uya kuzama ukumnika “izipho ezilungileyo.” Ngendlela ebeya kwenza ngayo ubawo ongumntu, uBawo wethu onothando wasezulwini usinika “izipho ezilungileyo,” esinye sazo esingumoya wakhe oyingcwele. (Luka 11:13) Loo moya unokusomelezela ukunikela inkonzo eyamkelekileyo kuYehova, uMniki waso “sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo.”—Yak. 1:17.
Qhubeka Uzuza Kumazwi KaYesu
21, 22. Yintoni ephawulekayo ngeNtshumayelo yaseNtabeni, yaye wena uvakalelwa njani ngala mazwi kaYesu?
21 Ngokwenene iNtshumayelo yaseNtabeni yeyona ntetho ibalaseleyo yakha yanikelwa emhlabeni. Eyona nto iyenza ibalasele koko ikufundisayo ngoThixo nendlela ecace ngayo. Njengoko sele sizibonile iingongoma zayo ezichazwe kolu ngcelele lwamanqaku, sinokungenelwa gqitha ukuba sisebenzisa isiluleko esikuzo. La mazwi kaYesu anokuphucula ubomi bethu ngoku aze asinike ithemba lokonwaba kwixesha elizayo.
22 Kula manqaku, siye sahlolisisa intwana nje yobuncwane bokomoya obukwiNtshumayelo kaYesu yaseNtabeni. Ayisimangalisi into yokuba abo babephulaphule le ntetho yakhe ‘bathi khamnqa yindlela yakhe yokufundisa.’ (Mat. 7:28) Ngokungathandabuzekiyo siya kuvakalelwa ngendlela efanayo nathi xa sisondla iingqondo neentliziyo zethu ngala mazwi axabisekileyo nangezinye iimfundiso zoMfundisi Omkhulu, uYesu Kristu.
Unokuphendula Uthini?
• Wathini uYesu ngemithandazo yokuhanahanisa?
• Kutheni sifanele sikuphephe ukuphindaphinda intw’ enye xa sithandaza?
• Ziziphi izicelo ezikumthandazo kaYesu ongumzekelo?
• ‘Sinokuqhubeka njani sicela, sifuna yaye sinkqonkqoza’?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UYesu wabagxeka abahanahanisi ababethandaza ngenjongo yokubonwa baze beviwe ngabanye abantu
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ngaba uyasazi isizathu sokuba sifanele sithandazele isonka sethu semihla ngemihla?