Gcina Iliso Lakho Lingenakumbi
1. Kuthetha ukuthini ukuba neliso elingenakumbi, yaye kutheni kubalulekile nje?
1 KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu watsalel’ ingqalelo kwimpembelelo engathethekiyo enokubangelwa liliso lokoqobo okanye elokomoya ebomini bethu. Wathi: “Ukuba ngoko, iliso lakho alinakumbi, umzimba wakho uphela uba sekukhanyeni, kodwa ukuba iliso lakho lingendawo, umzimba wakho uphela uba sebumnyameni.” (Mat. 6:22, 23) Iliso elingenakumbi litsoliswa kwinjongo enye—ukwenza ukuthanda kukaThixo—aliphandlwa ngamaxhala angenamsebenzi ezinto eziphathekayo. (Mat. 6:19-21, 24-33) Yintoni enokusinceda ukuze iliso lethu lihlale lingenakumbi?
2. ILizwi likaThixo likhuthaza ukuba nayiphi imbono ngezinto eziphathekayo?
2 Ukuhlakulela Ukwaneliseka: Ukuzinyamekela ngokufanelekileyo iimfuno zentsapho yimbopheleleko esiyinikwa ziZibhalo. (1 Tim. 5:8) Kodwa oku akusinyanzeli ukuba siqhubeke nephulo lokufuna izinto ezisemgangathweni nezisexesheni. (IMize. 27:20; 30:8, 9) Kunoko, iZibhalo ziyasibongoza ukuba saneliseke zizinto eziyimfuneko ebomini, ‘isixhaso nesambatho.’ (1 Tim. 6:8; Heb. 13:5, 6) Ukuthobela esi siluleko kunokusinceda sigcine iliso lethu litsoliswe kwizinto ezifanelekileyo.
3. Yintoni enokusinceda sikuphephe ukuzithwalisa uxanduva?
3 Siya kuba silumkile ukuba siyakuphepha ukuzithwalisa uxanduva ngamatyala angeyomfuneko nangezikhundla okanye imisebenzi efuna ixesha elininzi nengqalelo. (1 Tim. 6:9, 10) Sinokukwenza njani oku? Xa siceba ukwenza okuthile, masikuthandazele size ngokunyaniseka sikuhlolisise ukuba akunakuphazamisana nezinto zokomoya kusini na. Zimisele ukugcina izinto zokomoya zikwindawo yokuqala ebomini bakho.—Fil. 1:10; 4:6, 7.
4. Kutheni sifanele sikhangele iindlela zokuphila ubomi obulula?
4 Phila Ubomi Obulula: Enye indlela yokukwazi ukumelana namandla okutsaleleka kwizinto eziphathekayo kukukhangela iindlela zokuphila ubomi obulula. Omnye umzalwana owafumanisa ukuba intsapho yakhe yayinokuphila kakuhle ngaphandle kokuba nezinto eziphathekayo ezingaphaya kweziyimfuneko wathi: “Ngoku ndinokwenza okungakumbi ebandleni ukuze ndikhonze abazalwana bam. Ndeyisekile kukuba uYehova uyabasikelela abakhonzi bakhe xa bebeka unqulo lokwenyaniso ngaphambi kwezilangazelelo zabo.” Ngaba unokunandipha iintsikelelo ezingakumbi ngokuphila ubomi obulula?
5. Kutheni kufuneka siqhubeke sisenza umgudu ukuze sigcine iliso lethu lingenakumbi?
5 Kufuneka siqhubeke sisenza umgudu wokuphepha impembelelo kaSathana, ihlabathi lakhe elithe phithi zizinto eziphathekayo kwanokungafezeki kwethu. Kunokuba sivumele amehlo ethu alaqaze, masiwatsolise ekwenzeni ukuthanda kukaThixo nakwithemba lethu elixabisekileyo lobomi obungunaphakade.—IMize. 4:25; 2 Kor. 4:18.