Isahluko 26
Ukubuyela Ekhaya EKapernahum
NGOKU udumo lukaYesu lunwenwele kulo lonke, yaye abantu abaninzi bathabatha uhambo oluya apho ahlala khona kwiindawo ezisemaphandleni. Phofu ke, emva kweentsuku ezithile, ubuyela eKapernahum ehamba ngakuLwandle lwaseGalili. Ngokukhawuleza iindaba zokuba ubuyele ekhaya zisasazeka esixekweni ngokubanzi, yaye inyambalala yabantu iza kuloo ndlu akuyo. AbaFarisi nabaQondisi-mthetho beza bevela kwiindawo ezikude njengaseYerusalem.
Esi sihlwele sikhulu kangangokuba sivala umnyango, yaye akukho ndawo yokuba kungene abantu abangakumbi. Imeko ilungele isiganeko esiphawulekayo ngenene. Okwenzeka ngesi sihlandlo kubaluleke kakhulu, kuba kusinceda siqonde ukuba uYesu unamandla okuphelisa unobangela wokubandezeleka koluntu nawokubabuyisela empilweni bonke abanyulayo.
Ngoxa uYesu efundisa isihlwele, amadoda amane aza nendoda enedumbe eyithwele ngokhuko. Afuna uYesu aphilise lo mhlobo wawo, kodwa ngenxa yesihlwele, awakwazi ukungena ngaphakathi. Hayi indlela adane ngayo! Sekunjalo awancami. Akhwela phezulu eluphahleni olusithabazi, aze avule ikroba kulo, aze ke ehlise ngokhuko indoda enedumbe kanye ngakuYesu.
Ngaba uYesu uyacaphuka kuba ephazanyiswa? Akunjalo konke konke! Kunoko, uchukumiseka kakhulu lukholo lwawo. Uthi konedumbe: “Uzixolelwe izono zakho.” Kodwa eneneni ngaba uYesu unako ukuxolela izono? Ababhali nabaFarisi abacingi njalo. Bathi ezintliziyweni zabo: “Yini na ukuba lo enjenje ukuthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, mnye kwaphela, nguThixo?”
Ezazi iingcinga zabo, uYesu uthi kubo: “Yini na ukuba nicamange ezi zinto ezintliziyweni zenu? Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi konedumbe, Uzixolelwe izono; kukho nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe?”
Emva koku, uYesu wenza ukuba isihlwele, kuquka nabo bamgxekayo, sibone imbonakaliso ephawulekayo eya kutyhila ukuba unegunya lokuxolela izono emhlabeni nokuba ungoyena mntu ubalaseleyo owakhe waphila. Uguqukela konedumbe aze amyalele athi: “Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.” Yaye ngokukhawuleza wenza oko, aphume nokhuko lwakhe phambi kwabo bonke! Bekhwankqisiwe abantu bayamzukisa uThixo bekhuza besithi: “Asizange sikubone okunje”!
Ngaba uphawule ukuba uYesu uthetha ngezono aze azinxulumanise nokugula nokuba ukuxolelwa kwezono kuhlobene nokufunyanwa kwempilo yasemzimbeni? IBhayibhile icacisa ukuba umzali wethu wokuqala, uAdam, wona nokuba sonke ngabanye sayizuz’ ilifa imiphumo yeso sono, eyile, ukugula nokufa. Kodwa phantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo, uYesu uya kuxolela izono zabo bonke abo bamthandayo uThixo baze bakhonze Yena, yaye konke ukugula kuya kushenxiswa. Hayi indlela ekuya kuba kuhle ngayo oko! Marko 2:1-12; Luka 5:17-26; Mateyu 9:1-8; Roma 5:12, 17-19.
▪ Yayinjani imeko ngexesha lokwenzeka kwesiganeko esiphawuleka ngokwenene?
▪ Onedumbe wafikelela njani kuYesu?
▪ Kutheni sonke sinesono nje, kodwa uYesu walinikela njani ithemba lokuba ukuxolelwa kwezono zethu nempilo efezekileyo zizinto ezinokwenzeka?