Amabhinqa Awayivuyisayo Intliziyo KaYehova
“Wanga uYehova angayivuza indlela owenza ngayo, yaye kwanga unganomvuzo ogqibeleleyo ovela kuYehova.”—RUTE 2:12.
1, 2. Sinokuzuza njani ngokuqwalasela imizekelo eseBhayibhileni yamabhinqa avuyisa intliziyo kaYehova?
AMABHINQA amabini akazange amthobele uFaro ngenxa yokuhlonela kwawo uThixo. Ukholo lwabangela unongogo ukuba abeke ubomi bakhe esichengeni ukuze akhusele iintlola ezimbini ezingamaSirayeli. Ukusebenzisa ingqiqo nokuthobeka xa kukho ingxaki kwanceda umfazi othile ukuba asindise ubomi babantu abaninzi aze ancede umthanjiswa kaYehova ukuba angabi netyala legazi. Ukuba nokholo kuYehova uThixo nomoya wokubuk’ iindwendwe kwabangela umhlolokazi othile nonomntwana ukuba aphise ngokutya kwakhe kokugqibela kumprofeti kaThixo. Le yenye nje yemizekelo emininzi yamabhinqa ekuthethwa ngawo eZibhalweni avuyisa intliziyo kaYehova.
2 Indlela uYehova awajonga ngayo la mabhinqa nendlela awasikelela ngayo ibonisa ukuba eyona nto akholiswa yiyo ziimpawu zokomoya, enoba loo mntu yindoda okanye libhinqa. Kwihlabathi lanamhlanje, eligxininisa kakhulu kwizinto zokwenyama, kunzima kakhulu ukunikela ingqalelo kwizinto zokomoya. Kodwa loo ngxaki inokoyiswa, njengoko kuboniswa ngamabhinqa amaninzi ahlonel’ uThixo ayinxalenye enkulu yabantu bakaThixo namhlanje. La mabhinqa angamaKristu axelisa ukholo, ingqiqo, ukubuk’ iindwendwe, nezinye iimpawu ezintle ezabonakaliswa ngamabhinqa ahlonel’ uThixo ekuthethwe ngawo eBhayibhileni. Phofu ke, nawo amadoda angamaKristu azabalazela ukuxelisa iimpawu ezabonakaliswa ngala mabhinqa amandulo ayimizekelo. Ukuze sibone indlela esinokukwenza ngayo oku ngomlinganiselo omkhulu, makhe siqwalasele ngokweenkcukacha iingxelo zeBhayibhile ezingala mabhinqa ekuthethwe ngawo ekuqaleni.—Roma 15:4; Yakobi 4:8.
Amabhinqa Angazange Amthobele UFaro
3, 4. (a) Kwakutheni ukuze uShifra noPuwa bangamthobeli uFaro xa wayalela ukuba babulale onke amakhwenkwe asandul’ ukuzalwa amaSirayeli? (b) UYehova wabavuza njani aba bazalisikazi babini ngenkalipho nokuhlonela kwabo uThixo?
3 Kumatyala achotshelwa eNuremberg, eJamani emva kweMfazwe Yehlabathi II, abaninzi abamangalelwa ngokubulala abantu abaninzi bazama ukuzithethelela ngokuthi bona babethobela nje imiyalelo. Khawuthelekise aba bantu namabhinqa amabini angabazalisikazi abangamaSirayeli, uShifra noPuwa, ababehlala kwiYiputa yamandulo ngexesha lokulawula koFaro othile ongabizwanga ngagama nowayekhohlakele. Esoyika ukuba amaHebhere ayeza kwanda gqitha, lo Faro wayalela aba bazalisikazi babini baqiniseke ukuba babulala bonke abantwana abangamakhwenkwe abazalwayo abangamaHebhere. Yintoni ayenzayo la mabhinqa ngalo myalelo oyinkohlakalo? ‘Akazange enze ngokokuthetha kukakumkani waseYiputa kuwo, kodwa abayeka baphila abantwana abangamakhwenkwe.’ Kwakutheni ukuze la mabhinqa angangcangcazeliswa luloyiko? Kungenxa yokuba ‘ayesoyika uThixo oyinyaniso.’—Eksodus 1:15, 17; Genesis 9:6.
4 Ewe, aba bazalisikazi babekholose ngoYehova, yaye naye wazingqina ‘elikhaka’ kubo, ebakhusela kwingqumbo kaFaro. (2 Samuweli 22:31; Eksodus 1:18-20) Kodwa uYehova akazange abasikelele ngaloo ndlela kuphela. UShifra noPuwa wabavuza ngeentsapho ezizezabo. Wade wabazukisa aba bafazi ngokwenza amagama abo nezenzo zabo zibhalwe kwiLizwi lakhe eliphefumlelweyo ukuze izizukulwana ezizayo zifunde ngabo, ukanti igama likaFaro laphelel’ emoyeni.—Eksodus 1:21; 1 Samuweli 2:30b; IMizekeliso 10:7.
5. Amabhinqa amaninzi angamaKristu namhlanje awubonisa njani umoya onjengokaShifra noPuwa, yaye uYehova uya kuwavuza njani?
5 Ngaba akho amabhinqa anjengoShifra noPuwa namhlanje? Kunjalo kanye! Nyaka ngamnye, amabhinqa amaninzi ashumayela isigidimi seBhayibhile esinik’ ubomi ngenkalipho kumazwe apho “umyalelo wokumkani” ongakuvumeliyo oko, ngaloo ndlela bezibeka esichengeni sokubanjwa okanye sokubulawa. (Hebhere 11:23; IZenzo 5:28, 29) Ngenxa yothando lwawo ngoThixo nommelwane, la mabhinqa anenkalipho akavumeli nabani na awayekise ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ngenxa yoko, amabhinqa amaninzi angamaKristu ajamelana nenkcaso nentshutshiso. (Marko 12:30, 31; 13:9-13) NjengoShifra noPuwa, uYehova uziqonda ngokupheleleyo izenzo zala mabhinqa abalaseleyo nakhaliphileyo, yaye uya kubonakalisa uthando lwakhe kuwo ngokuwagcina amagama awo ebhaliwe “kwincwadi yobomi,” ukuba ahlala ethembekile kude kube sekupheleni.—Filipi 4:3; Mateyu 24:13.
Owayesakuba Ngunongogo Uvuyisa Intliziyo KaYehova
6, 7. (a) Yintoni uRahabhi awayeyazi ngoYehova nangabantu bakhe, yaye olo lwazi lwamchaphazela njani? (b) URahabhi uzukiswa njani kwiLizwi likaThixo?
6 Ngowe-1473 B.C.E., uRahabhi ongunongogo wayehlala kwisixeko saseYeriko, eKanan. Kuyabonakala ukuba uRahabhi wayeyazi imbali. Xa iintlola ezimbini ezingamaSirayeli zizimela endlwini yakhe, wazibalisela ngokweenkcukacha IMfuduko engummangaliso yamaSirayeli esuka eYiputa, nangona oko kwakwenzeke kwiminyaka engama-40 eyadlulayo! Kwakhona wayezazi iindaba zamva ezingokoyisa kwamaSirayeli ooKumkani bama-Amori, uSihon no-Ogi. Phawula indlela olo lwazi lwamchaphazela ngayo. Kwezo ntlola, wathi: “Ndiyazi ukuba uYehova ngokuqinisekileyo uza kuninika eli lizwe, . . . kuba uYehova uThixo wenu nguThixo emazulwini phezulu nasemhlabeni phantsi.” (Yoshuwa 2:1, 9-11) Ewe, into uRahabhi awayiva ngoYehova nezenzo zakhe kuSirayeli yamchukumisa yaza yamenza wanokholo kuye.—Roma 10:10.
7 Ukholo uRahabhi awayenalo lwamenza wathabath’ amanyathelo. Wazamkela iintlola ezingamaSirayeli “ngoxolo,” yaye wayithobela imiyalelo eyayiza kusindisa ubomi bakhe xa amaSirayeli ehlasela iYeriko. (Hebhere 11:31; Yoshuwa 2:18-21) Alithandabuzeki elokuba imisebenzi kaRahabhi yokholo yayivuyisa intliziyo kaYehova, kuba waphefumlela umfundi ongumKristu uYakobi ukuba igama lakhe alibhale ecaleni kwelika-Abraham, umhlobo kaThixo, njengomzekelo amaKristu afanele awuxelise. UYakobi wabhala: “Ngokufanayo akazange na noRahabhi ihenyukazi avakaliswe elilungisa ngemisebenzi, emva kokuba wabamkela ngomoya wokubuk’ iindwendwe abathunywa waza wabakhupha ngandlela yimbi?”—Yakobi 2:25.
8. UYehova wamsikelela njani uRahabhi ngenxa yokholo lwakhe nokuthobela?
8 UYehova wamvuza uRahabhi ngeendlela ezininzi. Okokuqala, wamsindisa ngokungummangaliso nabo bonke abazimela ekhayeni lakhe—oku kukuthi, “nendlu kayise nabo bonke abangabakhe.” Aba ke wabavumela ukuba bahlale “phakathi koSirayeli,” apho kwakufuneka baphathwe njengabemi balapho. (Yoshuwa 2:13; 6:22-25; Levitikus 19:33, 34) Kodwa akuphelelanga apho. Kwakhona uYehova wajizeka uRahabhi ngewonga lokuba ngukhokhokazi kaYesu Kristu. Le yindlela ebalaseleyo yokubonisa ububele bothando kwibhinqa elingumKanan elalifudula linqula izithixo.a—INdumiso 130:3, 4.
9. Indlela uYehova amjonga ngayo uRahabhi namanye amabhinqa angamaKristu ngenkulungwane yokuqala, inokuwakhuthaza njani amanye amabhinqa namhlanje?
9 NjengoRahabhi, wambi amabhinqa angamaKristu, ukususela kwinkulungwane yokuqala ukuza kuthi ga ngoku, aye alishiya ikhondo lawo lokuziphatha okubi ukuze akholise uThixo. (1 Korinte 6:9-11) Alithandabuzeki elokuba wambi kuwo aye akhulela kwimeko enjengeyaseKanan yamandulo, apho kwakuphilwa ngokuziphatha okubi, yaye kugqalwa njengento eqhelekileyo. Ukanti sekunjalo, aziguqula iindlela zawo ngenxa yokholo olwalusekelwe kulwazi oluchanileyo lweZibhalo. (Roma 10:17) Ngenxa yoko, kusenokuthiwa kumabhinqa anjalo ‘uThixo akanazintloni ngawo, ukuba abizwe ngokuba unguThixo wawo.’ (Hebhere 11:16) Eli lilungelo elizuke ngokwenene.
Wasikelelwa Ngenxa Yokusebenzisa Kwakhe Ingqiqo
10, 11. Kwenzeka ntoni phakathi kukaNabhali noDavide nto leyo ebangela ukuba uAbhigali athabathe amanyathelo?
10 Amabhinqa amaninzi amandulo athembekileyo abonisa ngendlela ekhethekileyo ukuba nengqiqo, nto leyo eyawenza abaluleka kakhulu kubantu bakaYehova. Elinye laloo mabhinqa yayinguAbhigali, umfazi wendoda esisityebi neyayinomhlaba omkhulu kwaSirayeli, uNabhali. Ukuba nengqiqo kuka-Abhigali kwafak’ isandla ekusindisweni kwabantu abaninzi kwaza kwanceda uDavide, owayeza kuba ngukumkani kwaSirayeli, ukuba angabi netyala legazi. Sinokuzifundela ingxelo ka-Abhigali kweyoku-1 kaSamuweli isahluko 25.
11 Eli bali liqala ngoDavide namahlakani akhe bemise iintente zabo kufuphi nomhlambi kaNabhali, abawukhusela imini nobusuku bengahlawulwa bebonisa ububele kumzalwana wabo uNabhali, ongumSirayeli. Xa uDavide ephelelwa kukutya, uthumela abafana abalishumi kuNabhali ukuba baye kumcelela ukutya. Ngoku uNabhali ufumana ithuba lokubonakalisa uxabiso analo ngoDavide nokumzukisa njengomthanjiswa kaYehova. Kodwa uNabhali wenza okwahlukileyo. Efutha ngumsindo, uyamthuka uDavide aze abagxothe abo bafana engabanikanga nto. Xa uDavide esiva ngale nto, uhlanganisa amadoda axhobileyo angama-400 aze aye kulwa. UAbhigali uyeva ngendlela erhabaxa umyeni wakhe amphendule ngayo uDavide aze ngokukhawuleza nangobulumko amcenge ngokumthumelela ukutya okuninzi. Wandula ke naye aye kuDavide.—Indinyana 2-20.
12, 13. (a) UAbhigali wazingqina njani enengqiqo yaye enyanisekile kuYehova nakumthanjiswa wakhe? (b) Yintoni uAbhigali ayenzayo akufika ekhaya, yaye izinto zimhambela njani?
12 Xa uAbhigali edibana noDavide, ukumcenga kwakhe ngokuzithoba kubonisa intlonelo enzulu anayo ngalo mthanjiswa kaYehova. Uthi: “UYehova uya kuyenzela inkosi yam indlu ehlala ihleli, ngenxa yokuba inkosi yam ilwa iimfazwe zikaYehova,” yaye wongezelela ngokuthi uYehova uya kummisa uDavide njengenkokeli kaSirayeli. (Indinyana 28-30) Kwangaxeshanye, uAbhigali ubonakalisa inkalipho emangalisayo ngokuxelela uDavide ukuba umoya anawo wokuziphindezela, ukuba akawulawuli, uya kuphumela kwityala legazi. (Indinyana 26, 31) Ukuthobeka, intlonelo enzulu nokuba nengqiqo kuka-Abhigali kumbuyisela ezingqondweni uDavide. Uphendula ngokuthi: “Makabongwe uYehova uThixo kaSirayeli, okuthumeleyo ngale mini wandihlangabeza! Makubongwe nokuba nengqiqo kwakho, kubongwe nawe ondithinteleyo ngale mini ndingangeni etyaleni legazi.”—Indinyana 32, 33.
13 Akuba ebuyele ekhaya, uAbhigali ngenkalipho uzama ukuxelela umyeni wakhe ngesipho asinike uDavide. Kodwa ufika “enxile eludaka.” Ngoko ke uyamlinda de aqabuke andule ke amxelele. Uziva njani uNabhali? Wothuka abe ngathi ufa isiqaqa. Kwiintsuku ezilishumi kamva ubethwa nguThixo aze afe. Xa uDavide esiva ukuba uNabhali ufile, ucel’ umtshato kuAbhigali ekubonakala ukuba uyamthanda yaye umhlonela ngokunzulu. UAbhigali uyavuma ukutshata noDavide.—Indinyana 34-42.
Ngaba Unokumxelisa UAbhigali?
14. Ziziphi iimpawu uAbhigali awayenazo esifuna ukuzihlakulela ngomlinganiselo omkhudlwana?
14 Ngaba nina madoda namabhinqa nibona iimpawu ezithile kuAbhigali—eningathanda ukuzihlakulela ngomlinganiselo omkhudlwana? Mhlawumbi ninqwenela ukusebenzisa ubulumko nengqiqo engakumbi xa kuvela iingxaki. Okanye nifuna ukuthetha ngokuzolileyo nangendlela esengqiqweni xa abanye becaphukile. Ukuba kunjalo, kutheni ningawuthandazeli kuYehova lo mbandela? Uthembisa ukubanika ubulumko, nokuqonda, namandla okucinga bonke abo ‘baqhubeka becela ngokholo.’—Yakobi 1:5, 6; IMizekeliso 2:1-6, 10, 11.
15. Ukubonisa iimpawu ezabonakaliswa nguAbhigali kubaluleke ngakumbi kweziphi iimeko kubafazi abangamaKristu?
15 Iimpawu ezintle zibaluleke gqitha ukuba umfazi utshate nendoda engakholwayo yaye ayiyikhathalele imigaqo yeBhayibhile. Kusenokwenzeka ukuba iyanxila. Sinethemba lokuba amadoda anjalo aya kuziguqula iindlela zawo. Amaninzi aye enjenjalo—ngamaxesha amaninzi esenziwa kukuzithoba kwabafazi bawo, enentlonelo enzulu nehambo enyulu.—1 Petros 3:1, 2, 4.
16. Enoba zinjani na iimeko zakhe ekhaya, udade ongumKristu unokubonisa njani ukuba uluxabisa ngaphezu kwayo nantoni na ulwalamano lwakhe noYehova?
16 Enoba ujamelana naziphi na iingxaki ekhaya, khumbula ukuba uYehova uya kusoloko ekuxhasa. (1 Petros 3:12) Ngoko ke, zabalazela ukuhlala womelele ngokomoya. Thandazela ubulumko nentliziyo ezolileyo. Ewe, sondela kuYehova ngokufunda iBhayibhile rhoqo, ngokuthandaza, ngokucamngca nangokunxulumana namanye amaKristu. Ukungabi namdla komyeni wakhe kwizinto zokomoya akuzange kumenze uAbhigali aphelelwe luthando awayenalo ngoThixo nendlela awayemjonga ngayo umkhonzi wakhe othanjisiweyo. Wenza ngokuvisisana nemigaqo yobulungisa. Nakwintsapho enendoda engumkhonzi kaThixo ongumzekelo, umfazi ongumKristu uyaqonda ukuba ufanele aqhubeke ezibhokoxa ukwakha nokulondoloza ukholo lwakhe. Liyinyaniso elokuba, indoda yakhe inembopheleleko engokweZibhalo yokumnyamekela ngokomoya nangokwenyama, kodwa ekugqibeleni, ufanele asebenzele ‘usindiso lwakhe ngoloyiko nangokungcangcazela.’—Filipi 2:12; 1 Timoti 5:8.
Wafumana “Umvuzo Womprofeti”
17, 18. (a) Yintoni le ingaqhelekanga eyavavanya ukholo lomhlolokazi waseTsarefathi? (b) Lo mhlolokazi wasisingatha njani isicelo sikaEliya, yaye uYehova wamvuza njani ngenxa yoko?
17 Indlela uYehova amnyamekela ngayo umhlolokazi owayelihlwempu ngexesha lomprofeti uEliya ibonisa ukuba ubaxabisa ngokunzulu abo baxhasa unqulo lokwenyaniso ngokunikela amandla nobuncwane babo. Ngenxa yembalela eyayikho ixesha elide ngomhla kaEliya, abaninzi babethwaxwa yindlala, kuquka umhlolokazi waseTsarefathi nonyana wakhe oselula. Xa kanye ukutya kwabo kwakuza kuphela, bafikelwa lundwendwe—umprofeti uEliya. Wacela into engaqhelekanga. Nangona wayeyazi inkxwaleko awayekuyo lo mfazi, wacela ukuba amenzele “iqebengwana elibusazinge elincinane” esebenzisa ioli nomgubo wakhe wokugqibela. Kodwa wongezelela esithi: “Kuba naku okuthethwe nguYehova uThixo kaSirayeli, ‘Ingqayi enkulu yomgubo ayiyi kuphela, nengqayi encinane yeoli ayiyi kuphela kude kube yimini uYehova aya kunisa ngayo izantyalantyala zemvula phezu komhlaba.’”—1 Kumkani 17:8-14.
18 Ngewawutheni ukuba sasenziwe kuwe esi sicelo sikhethekileyo? Kubonakala ukuba umhlolokazi waseTsarefathi waqonda ukuba uEliya ngumprofeti kaYehova, waza “wenza ngokwelizwi likaEliya.” Wenza ntoni uYehova ngenxa yesi senzo sakhe sokubuk’ iindwendwe? Ngokungummangaliso wenza ukuba loo mfazi, unyana wakhe noEliya bafumane ukutya ebudeni bembalela. (1 Kumkani 17:15, 16) Ewe, uYehova wamnika umhlolokazi waseTsarefathi “umvuzo womprofeti,” nangona wayengenguye umSirayeli. (Mateyu 10:41) UNyana kaThixo naye wamzukisa lo mhlolokazi xa wamkhankanya njengomzekelo kubantu ababengenalukholo bedolophu yakokwabo, iNazarete.—Luka 4:24-26.
19. Amabhinqa amaninzi angamaKristu namhlanje awubonakalisa njani umoya onjengowomhlolokazi waseTsarefathi, yaye uYehova uvakalelwa njani ngawo?
19 Namhlanje amabhinqa amaninzi angamaKristu abonakalisa umoya awayenawo umhlolokazi waseTsarefathi. Ngokomzekelo, veki nganye, oodade abangamaKristu abanomoya wokupha—uninzi lwabo bangamahlwempu yaye baneentsapho abafanele bazondle—babonakalisa umoya wokubuk’ iindwendwe kubaveleli abahambahambayo nakubafazi babo. Abanye babamemela esidlweni abo bakwinkonzo yexesha elizeleyo, bancede abasweleyo, okanye ngandlel’ ithile banikele ngamandla nangobuncwane babo ukuze baxhase umsebenzi woBukumkani. (Luka 21:4) Ngaba uYehova uyakuphawula ukuzincama okunjalo? Kunjalo kanye! “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe, ngokuthi nilungiselele abangcwele yaye nisaqhubeka nibalungiselela.”—Hebhere 6:10.
20. Yintoni eza kuqwalaselwa kwinqaku elilandelayo?
20 Kwinkulungwane yokuqala, amabhinqa ahlukahlukeneyo ahlonel’ uThixo aba nelungelo lokulungiselela uYesu nabapostile bakhe. Kwinqaku elilandelayo, siza kuthetha ngendlela la mabhinqa ayivuyisa ngayo intliziyo kaYehova, yaye siza kuqwalasela nomzekelo wamabhinqa anamhlanje akhonza uYehova ngentliziyo iphela, nakwiimeko ezinzima.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kumnombo wokuzalwa kukaYesu, njengoko uchazwe nguMateyu, kukhankanywa amabhinqa amane ngamagama—uTamare, uRahabhi, uRute noMariya. Onke abalulekile kwiLizwi likaThixo.—Mateyu 1:3, 5, 16.
Impinda
• Amabhinqa alandelayo ayivuyisa njani intliziyo kaYehova?
• UShifra noPuwa
• URahabhi
• UAbhigali
• Umhlolokazi waseTsarefathi
• Ukucamngca ngemizekelo eyamiselwa ngala mabhinqa kunokusinceda njani thina? Zekelisa.
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
Amabhinqa amaninzi athembekileyo aye akhonza uThixo phezu kwawo nje “umyalelo wokumkani”
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Kutheni uRahabhi engumzekelo omhle womntu onokholo?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ziziphi iimpawu ezabonakaliswa nguAbhigali wena ofuna ukuzixelisa?
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Amabhinqa amaninzi angamaKristu namhlanje abonakalisa umoya awayenawo umhlolokazi waseTsarefathi