‘Amalungisa Aya Kuqaqamba Njengelanga’
“Aya kuthi ke amalungisa aqaqambe njengelanga ebukumkanini bukaYise.”—MAT. 13:43.
1. UYesu wasebenzisa imizekeliso ukuze achaze ziphi iinkalo ezahlukahlukeneyo zoBukumkani?
UYESU KRISTU wenza imizekeliso emininzi ukuze achaze iinkalo ezahlukahlukeneyo zoBukumkani. ‘Wayethetha ngemizekeliso kwizihlwele. Eneneni, wayengathethi kubo ngaphandle kwangomzekeliso.’ (Mat. 13:34) Kumzekeliso wakhe wokutyala imbewu yenyaniso yoBukumkani, uYesu wagxininisa ukubaluleka kwentliziyo yomntu ekwamkeleni kwakhe isigidimi, nendima kaYehova ekukhuliseni loo mbewu yokomoya. (Marko 4:3-9, 26-29) UYesu wabonisa nendlela elikhula ngayo inani labantu abaphulaphula isigidimi soBukumkani nangona ekuqaleni oko kusenokungabonakali. (Mat. 13:31-33) Waphinda wabalaselisa nokuba asingabo bonke abamkela isigidimi soBukumkani abaya kukufanelekela ukuba phantsi kobo Bukumkani.—Mat. 13:47-50.a
2. Kumzekeliso kaYesu wengqolowa nokhula, ifanekisela ntoni imbewu entle?
2 Noko ke, omnye wemizekeliso kaYesu uthetha ngokuhlanganiswa kwabo baya kulawula noYesu kuBukumkani bakhe. Lo mzekeliso udla ngokubizwa ngokuba ngumzekeliso wengqolowa nokhula yaye ufumaneka kuMateyu isahluko 13. Ngoxa komnye umzekeliso uYesu esithi imbewu ehlwayelwayo ‘lilizwi lobukumkani,’ kulo mzekeliso, uthi imbewu entle ifanekisela into eyahlukileyo—‘oonyana bobukumkani.’ (Mat. 13:19, 38) Le mbewu ayingabo abo baza kulawulwa buBukumkani kodwa “ngoonyana” okanye iindlalifa zoBukumkani.—Roma 8:14-17; funda amaGalati 4:6, 7.
Umzekeliso Wengqolowa Nokhula
3. Chaza ingxaki ejamelene nayo indoda ekumzekeliso noko iceba ukukwenza ngale ngxaki.
3 Lo mzekeliso uthi: “Ubukumkani bamazulu bufaniswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe. Kwathi ke xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka. Lithe ke lakuhluma ikhaba laza lavelisa isiqhamo, lwandula ke ukubonakala nokhula. Ngoko amakhoboka omnini-ndlu eza athi kuye, ‘Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle na entsimini yakho? Kwenzeka njani, ngoko, ukuba kubekho ukhula?’ Wathi kuwo, ‘Ngumntu olutshaba owenze oku.’ Athi kuye, ‘Ngoko, ngaba ufuna siye kuluqokelela?’ Wathi, ‘Hayi; hleze nithi, xa niqokelela ukhula, suke nincothule nengqolowa. Yekani kukhule kokubini ndawonye de kube sekuvuneni; yaye ngexesha lokuvuna ndothi kubavuni, Qokelelani ukhula kuqala, nilubophe lube zizithungu ukuze nilutshise, nandule ke nihlanganisele ingqolowa kuvimba wam.’”—Mat. 13:24-30.
4. (a) Ngubani indoda ekulo mzekeliso? (b) UYesu waqalisa nini yaye njani ukuhlwayela le mbewu?
4 Ngubani le ndoda eyahlwayela imbewu entle entsimini yayo? Impendulo ifumaneka kumazwi kaYesu awathethayo xa wayecacisela abafundi bakhe: “Umhlwayeli wembewu entle nguNyana womntu.” (Mat. 13:37) UYesu, ‘onguNyana womntu,’ walima umhlaba elungiselela ukutyala kwiminyaka emithathu enesiqingatha yobulungiseleli bakhe basemhlabeni. (Mat. 8:20; 25:31; 26:64) Ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E waqalisa ukuhlwayela imbewu entle—‘oonyana bobukumkani.’ UYesu ongummeli kaYehova, waqalisa ukuhlwayela xa wathulula umoya oyingcwele kubafundi bakhe, ebathambisa njengoonyana bakaThixo.b (IZe. 2:33) Imbewu entle yakhula yaba yingqolowa elungele ukuvunwa. Eyona njongo yokuhlwayela imbewu entle yayikukuba ekugqibeleni kuhlanganiswe inani elipheleleyo labo baza kuba ziindlalifa kunye noYesu eBukumkanini bakhe.
5. Ngubani utshaba kulo mzekeliso yaye ngoobani abafanekisela ukhula?
5 Ngubani utshaba yaye ngoobani ukhula? UYesu uthi utshaba “nguMtyholi.” Ukhula kuthiwa “ngoonyana bongendawo.” (Mat. 13:25, 38, 39) Kusenokwenzeka ukuba uYesu wayebhekisela kukhula olubizwa ngokuba yibearded darnel. Esi sityalo siyityhefu siyafana nengqolowa xa sisaqala ukuntshula. Lo mzekeliso ubafanekisela kakuhle gqitha abo bazibiza ngokuba bangamaKristu, abo bathi bangoonyana boBukumkani kodwa babe bengavelisi siqhamo sifanelekileyo! La maKristu ahanahanisayo azibiza ngokuba ngabalandeli bakaKristu ayinxalenye ‘yembewu’ kaSathana uMtyholi.—Gen. 3:15.
6. Lwaqala nini ukuvela ukhula, yaye abantu ‘babelele’ ngayiphi indlela?
6 La maKristu afana nokhula aqala nini ukubonakala? UYesu uthi: “Xa baleleyo abantu.” (Mat. 13:25) Kwenzeka nini oku? Impendulo siyifumana kula mazwi kampostile uPawulos xa wayebhalela abadala base-Efese: “Ndiyazi ukuba emva kokumka kwam kuya kungena iingcuka ezicinezelayo phakathi kwenu yaye aziyi kuwuphatha ngemfesane umhlambi, kwaye phakathi kwenu kuya kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo ukuze abatsale abafundi emva kwawo.” (IZe. 20:29, 30) Emva koko wabongoza abo badala ukuba bahlale bephaphile ngokomoya. Emva kokuba abapostile ‘ababethintela’ uwexuko, belele ukufa, amaKristu amaninzi alala ngokomoya. (Funda eyesi-2 yabaseTesalonika 2:3, 6-8.) Lwaqalisa ngelo xesha ke uwexuko olukhulu.
7. Ngaba enye ingqolowa yajika yaba lukhula? Chaza.
7 UYesu akazange athi ingqolowa yayiya kujika ibe lukhula kodwa wathi ukhula lwaluya kuhlwayelwa phakathi kwengqolowa. Ngoko lo mzekeliso awubhekiseli kumaKristu okwenene ashiya inyaniso. Kunoko ubhekisela ekufakeni kukaSathana abantu abangendawo kwibandla lamaKristu ngenjongo yokulonakalisa. Olu wexuko lwalusele lubonakala ngexesha lokwaluphala kompostile wokugqibela uYohane.—2 Pet. 2:1-3; 1 Yoh. 2:18.
“Yekani Kukhule Kokubini Ndawonye De Kube Sekuvuneni”
8, 9. (a) Kutheni abo babephulaphule uYesu babenokukuqonda oko kwakuthethwa yiNkosi kumakhoboka ayo? (b) Kwazaliseka njani ukukhula kwengqolowa nokhula ndawonye?
8 Amakhoboka achazela iNkosi yawo ngale ngxaki aze abuze athi: “Ngaba ufuna siye kuluqokelela [ukhula]?” (Mat. 13:27, 28) Impendulo yakhe isenokuvakala isothusa. Uthi mawayeke ingqolowa nokhula zikhule zombini de kube lixesha lokuvuna. Abafundi bakaYesu babeya kuwuqonda lo myalelo. Babeya kuyiqonda indlela ekwakunzima ngayo ukwahlula ingqolowa ekhuleni. Abo banolwazi ngezolimo bayayiqonda into yokuba iingcambu zebearded darnel zidla ngokuphinyela kwezengqolowa.c Kungenxa yoko le nto iNkosi isithi mawalinde!
9 Ngokufanayo ukutyhubela iinkulungwane, amahlelo awahlukahlukeneyo eNgqobhoko aye avelisa ukhula oluninzi—okokuqala kumaRoma Katolika nakwiicawa zobuOthodoki, emva koko lwavela nakumaqela amaninzi obuProtestanti. Kwangaxeshanye, kwahlwayelwa imbewu yengqolowa kwintsimi elihlabathi. Umnini-ntsimi osemzekelisweni walinda ngomonde ixesha elide ngoxa izityalo zikhula de kwafika ixesha lokuvuna elifutshane ngentelekiso.
Ixesha Lokuvuna Ekudala Lilindelwe
10, 11. (a) Linini ixesha lokuvuna? (b) Ingqolowa yokomfuziselo ihlanganiselwa njani kuvimba kaYehova?
10 UYesu uthi: “Ukuvuna kukupheliswa kwenkqubo yezinto, yaye abavuni ziingelosi.” (Mat. 13:39) Kwimihla yokugqibela yale nkqubo yezinto ingendawo, kuyahlulwa—oonyana boBukumkani baqokelelwa ndawonye baze bahlulwe kuye nabani na onjengokhula. Umpostile uPetros uthi xa ethetha ngoku: “Lixesha lokuba umgwebo uqale ngendlu kaThixo. Ukuba ke uqala ngathi kuqala, siya kuba yintoni na isiphelo sabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo zikaThixo?”—1 Pet. 4:17.
11 Emva nje kokuqalisa kwemihla yokugqibela, okanye ‘ukupheliswa kwenkqubo yezinto,’ kwaqalisa umgwebo wabo babezibiza ngokuba bangamaKristu okwenyaniso—ukuze babonakale enoba ‘bangoonyana bobukumkani’ okanye ‘oonyana bongendawo’ kusini na. ‘Okokuqala,’ kwawa iBhabhiloni Enkulu, ‘kwandula’ ke kwaqokelelwa ndawonye oonyana boBukumkani ekuqaleni kwesivuno. (Mat. 13:30) Kodwa ingqolowa yokomfuziselo ihlanganiselwa njani kuvimba kaYehova? Aba sele bevuniwe babuyiselwa kwibandla lamaKristu elivuselelweyo apho bakhuselweyo nguThixo okanye bafumane umvuzo wabo wasezulwini.
12. Isivuno sithabatha ixesha elingakanani?
12 Uthabatha ixesha elingakanani umgwebo? UYesu wathetha ‘ngelixa’ lokuvuna, elidla ngokuqhubeka ixesha elide. (ISityhi. 14:15, 16) Abo bathanjisiweyo baqhubeka begwetywa kweli xesha lesiphelo. Lo mgwebo uya kuqhubeka de ekugqibeleni batywinwe.—ISityhi. 7:1-4.
13. Abo bafana nokhula bakhubekisa njani yaye bakwenza njani oko kuchasene nomthetho?
13 Ngoobani abaya kukhutshwa eBukumkanini yaye kuthetha ukuthini ukuthi bazizikhubekiso yaye benza okuchasene nomthetho? (Mat. 13:41) Abefundisi beNgqobhoko baye balahlekisa izigidi zabantu ukutyhubela iinkulungwane. Baye bakwenza oku ngokufundisa iimfundiso ezinyelisa igama likaThixo, “izikhubekiso,” ezifana nemfundiso yokuthuthunjiswa ngonaphakade kwisihogo somlilo nemfundiso kaBathathu Emnye entsonkothileyo nedidayo. Iinkokeli zonqulo ezininzi ziye zamisela umzekelo ombi kwizimvu zazo ngokuba nobuhlobo neli hlabathi nangokuziphatha kwazo okulihlazo. (Yak. 4:4) Ngaphezulu, iNgqobhoko iye yavumela ukuziphatha okubi kwamalungu ayo. (Funda uYude 4.) Nakuba kunjalo, ziyaqhubeka zizenza ngathi zinyanisekile yaye ziyamhlonela uThixo. Oonyana boBukumkani bayavuya kuba bengeyonxalenye yaloo mpembelelo ifana nokhula neemfundiso ezigqwethekileyo nezikhubekisayo!
14. Kuthetha ukuthini ukuthi abo bafana nokhula bayalila yaye batshixizisa amazinyo?
14 Kuthetha ukuthini ukuthi abo bafana nokhula bayalila yaye batshixizisa amazinyo? (Mat. 13:42) ‘Oonyana bongendawo’ abafana nokhula bakhathazwa yinto yokuba ‘oonyana bobukumkani’ beye babhenca indlela abayityhefu ngayo ngokomoya. Bakwalilela nento yokuba bengaxhaswa ngamalungu eecawa zabo nokuba bengasakwazi ukulawula amarhamente abo.—Funda uIsaya 65:13, 14.
15. Kuthetha ukuthini ukuqokelelwa kokhula nokutshiswa kwalo emlilweni?
15 Kuthetha ukuthini ukuqokelelwa kokhula nokutshiswa kwalo emlilweni? (Mat. 13:40) Oku kubhekisela kwisiphelo sokhula. Ukuphoswa kwabo kwiziko elivutha umlilo kubonisa ukuba balindelwe yintshabalalo kanaphakade. (ISityhi. 20:14; 21:8) AmaKristu angabahanahanisi afana nokhula, nangabakhohlisi aya kutshayelwa kuthi tu ‘ngembandezelo enkulu.’—Mat. 24:21.
Baya ‘Kuqaqamba Njengelanga’
16, 17. Waprofeta wathini uMalaki ngetempile kaThixo yaye oku kwaqalisa nini ukuzaliseka?
16 Abo bafana nengqolowa baya ‘kuqaqamba nini njengelanga’? (Mat. 13:43) Xa ethetha ngokucocwa kwetempile kaThixo, uMalaki waprofeta wathi: “‘Iya kuza ngequbuliso etempileni Yayo, iNkosi yokwenyaniso, leyo niyifunayo, engumthunywa womnqophiso eniyoliswayo nguye. Khangela! Ngokuqinisekileyo uya kuza,’ utsho uYehova wemikhosi. ‘Kodwa ngubani na oya kuyinyamezela imini yokuza kwakhe, yaye ngubani na oya kuma xa ebonakala? Kuba uya kuba njengomlilo womsulungekisi nanjengesoda yomcoci weempahla. Umele ahlale njengomsulungekisi nomcoci wesilivere yaye umele abahlambulule oonyana bakaLevi; kwaye umele abacikize njengegolide nanjengesilivere, yaye ngokuqinisekileyo kuYehova baya kuba ngabantu abanikela umnikelo osisipho ngobulungisa.’”—Mal. 3:1-3.
17 Kweli xesha siphila kulo, kubonakala ukuba esi siprofeto saqalisa ukuzaliseka ngowe-1918 xa uYehova kunye ‘nomthunywa womnqophiso,’ uYesu Kristu, behlola itempile yokomoya. UMalaki usixelela oko kuya kwenzeka emva kokucocwa kwetempile: “Ngokuqinisekileyo nina niya kuwubona kwakhona umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi kwalowo ukhonza uThixo nalowo ungamkhonzanga.” (Mal. 3:18) Ukusebenza ngokuzimisela kwamaKristu okwenyaniso kubonisa ukuba elo yayilixesha lokuqalisa kokuvuna.
18. UDaniyeli waprofeta ukuba kuya kwenzeka ntoni ngomhla wethu?
18 Umprofeti uDaniyeli wayethetha ngomhla wethu xa wathi: “Abo ke banengqiqo baya kukhanya njengokuqaqamba kwesibhakabhaka; baze abo bakhokelele abaninzi ebulungiseni bakhazimle njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.” (Dan. 12:3) Ngoobani abo bakhanya ngokuqaqambe kangaka? NgamaKristu athanjisiweyo, ayingqolowa yokwenene uYesu awathetha ngayo kumzekeliso wakhe wengqolowa nokhula! ‘Ukuqokelelwa’ kwabantu abazenza amaKristu abafana nokhula kuye kwabonwa nasisihlwele esikhulu esandayo esinjengezimvu. Xa sinxulumana nentsalela yoSirayeli wokomoya, esi sihlwele esiza kuba phantsi kolawulo loBukumkani naso silukhanyiso kweli hlabathi lisebumnyameni.—Zek. 8:23; Mat. 5:14-16; Fil. 2:15.
19, 20. Yintoni ‘oonyana bobukumkani’ abayilindele ngolangazelelo yaye yintoni esiza kuyixubusha kwinqaku elilandelayo?
19 Namhlanje, ‘oonyana bobukumkani’ balindele ngolangazelelo umvuzo wabo ozukileyo wasezulwini. (Roma 8:18, 19; 1 Kor. 15:53; Fil. 1:21-24) Noko ke, de lifike elo xesha, bafanele bahlale bethembekile, baqhubeke bekhanya ngokuqaqambileyo baze bahluke ngokupheleleyo ‘koonyana bongendawo.’ (Mat. 13:38; ISityhi. 2:10) Sonke sifanele sibe novuyo ngelungelo esinalo lokubona ‘ukuqokelelwa’ kokomfuziselo kokhula kumhla wethu!
20 Kodwa luluphi ulwalamano abanalo aba nyana boBukumkani nesihlwele esikhulu esandayo sabo banethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni abaza kuba phantsi kolawulo loBukumkani? Inqaku elilandelayo liza kuwuphendula lo mbuzo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane iinkcukacha ngale mizekeliso, funda IMboniselo kaJulayi 15, 2008, iphepha 12-21.
b Kulo mzekeliso, ukulima akufanekiseli umsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi abaya kufundiswa baze babe ngamaKristu athanjisiweyo. Xa wayethetha ngembewu entle ehlwayelwe emasimini, uYesu wathi: “Ngoonyana bobukumkani,” akazange athi iya kuba ngoonyana bobukumkani. Ukuhlwayela kubhekisela ekuthanjisweni kwaba nyana boBukumkani kwintsimi elihlabathi.
c Iingcambu zolu khula zizithandela kwezengqolowa kangangokuba xa unokuzincothula ngaphambi kwexesha lokuvuna, ungancothula nengqolowa.—Funda i-Insight on the Scriptures, Umqulu 1, iphepha 1178.
Ngaba Uyakhumbula?
Kumzekeliso kaYesu wengqolowa nokhula, zithetha ukuthini ezi zinto kuthethwe ngazo kulo mzekeliso?
• Imbewu entle
• Indoda eyahlwayela imbewu
• Ukuhlwayelwa kwembewu
• Utshaba
• Ukhula
• Ixesha lesivuno
• Uvimba
• Ukulila nokutshixiza kwamazinyo
• Iziko elivutha umlilo
[Imifanekiso ekwiphepha 20]
NgePentekoste yowama-33 C.E. kwaqaliswa ukuhlwayelwa kwembewu entle
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ingqolowa yokomfuziselo ngoku iziswa kuvimba kaYehova
[Inkcazelo]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.