ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi KaLuka
IVANGELI kaMateyu ibhalelwe ngokuyintloko amaYuda, ngoxa yona ekaMarko ibhalelwe abo bangengawo. Noko ke, ekaLuka ibhalelwe abantu bazo zonke iintlanga. Ekubeni yabhalwa malunga nowama-56-58 C.E., incwadi kaLuka inengxelo epheleleyo yobomi nobulungiseleli bukaYesu.
Njengogqirha oneliso elibukhali nenyameko, uLuka uzilanda ngokweenkcukacha “zonke izinto ukususela kwasekuqaleni ngokuchanileyo” aze agubungele ixesha leminyaka engama-35—ukususela ngowe-3 B.C.E. ukusa kowama-33 C.E. (Luka 1:3) Ingxelo yeVangeli kaLuka ephantse ibe ngama-60 ekhulwini ayikho kwezinye iincwadi zeVangeli.
UBULUNGISELELI BOKUQALA
Emva kokubalisa ngeenkcukacha zokuzalwa kukaYohane uMbhaptizi noYesu, uLuka usixelela ukuba uYohane waqalisa ubulungiseleli bakhe kunyaka we-15 wolawulo lukaTibheriyo Kesare, into ethetha ukuba kwakusekuqaleni kowama-29 C.E. (Luka 3:1, 2) UYesu ubhaptizwa nguYohane ngasekupheleni kwaloo nyaka. (Luka 3:21, 22) Ngowama-30 C.E., ‘uYesu ubuyela eGalili aze aqalise ukufundisa kwizindlu zabo zesikhungu.’—Luka 4:14, 15.
UYesu uqalisa ukhenketho lwakhe lokushumayela eGalili. Uxelela izihlwele oku: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko.” (Luka 4:43) Uthabatha uSimon umlobi weentlanzi nabanye abafundi bakhe aze ahambe nabo. Uthi: “Ukususela ngoku uya kubambisa abantu bephila.” (Luka 5:1-11; Mat. 4:18, 19) Kukhenketho lwakhe lwesibini esiya kushumayela eGalili, uYesu uhamba nabapostile bakhe abali-12. (Luka 8:1) Kolwesithathu, ubathuma “ukuba baye kushumayela ubukumkani bukaThixo baze baphilise.”—Luka 9:1, 2.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:35—Ngaba kwasetyenziswa iqanda lesibeleko sikaMariya ukuze akhulelwe uYesu? Ukuze umntwana kaMariya abe yimbewu yokwenene yookhokho bakhe uAbraham, uYuda noDavide, njengokuba uThixo wathembisayo, kwakumele kusetyenziswe iqanda lakhe ekukhawulweni kwaloo mntwana. (Gen. 22:15, 18; 49:10; 2 Sam. 7:8, 16) Noko ke, uYehova wasebenzisa umoya oyingcwele ukudlulisela ubomi obufezekileyo boNyana wakhe ukuze uMariya akhawule. (Mat. 1:18) Kuyabonakala ukuba oku kwaphelisa nakuphi na ukungafezeki kweqanda likaMariya kwaza kwayikhusela loo mveku isakhulayo kuyo nantoni na eyingozi.
1:62—Ngaba uZekariya waba sisimumu nesithulu? Akunjalo. Yindlela yakhe yokuthetha kuphela eyachaphazelekayo. Nakuba wayengesosithulu, kodwa abanye bambuza besebenzisa “imiqondiso” ukuba wayefuna ukumthiya gama liphi na umntwana. Umele ukuba wakuva oko kwakuthethwa ngumkakhe malunga nokuthiywa konyana wabo. Mhlawumbi abanye benza imiqondiso okanye bethetha ngezandla xa babembuza oku uZekariya. Isibakala sokuba kwafuneka kubuyiselwe indlela yakhe yokuthetha kuphela sibonisa ukuba wayengesosithulu.—Luka 1:13, 18-20, 60-64.
2:1, 2—Imbekiselo yebinzana elithi “olu bhaliso lokuqala” isinceda njani sazi elona xesha lokuzalwa kukaYesu? Kulawulo lukaKesare Agasto, zaba zininzi izihlandlo zobhaliso—olokuqala lwenzeka ngowe-2 B.C.E. kuzaliseka isiprofeto sikaDaniyeli 11:20 yaye olwesibini ngowe-6 okanye ngowe-7 C.E. (IZe. 5:37) UKwiriniyo wayeyirhuluneli yaseSiriya kuzo zozibini ezi zihlandlo, nto leyo ebonisa ukuba waba yirhuluneli izihlandlo ezibini. Ukubhekisela kukaLuka kubhaliso lokuqala kwenza sazi ukuba uYesu wazalwa ngowe-2 B.C.E.
2:35—“Ikrele elide” laliza kuwutyhutyha njani umphefumlo kaMariya? Oku kubhekisela kuxinezeleko awayeza kulufumana xa ebona abantu abaninzi beyigatya into yokuba uYesu unguMesiya nakwintlungu awayeza kuyifumana ngokubulawa kwakhe kabuhlungu.—Yoh. 19:25.
9:27, 28—Kutheni uLuka esithi ukwenziwa kumila kumbi kukaYesu kwenzeka malunga “neentsuku ezisibhozo” emva kokuba uYesu ethembise abafundi bakhe ukuba abathile kubo babengayi “kungcamla kufa konke konke” de bambone esiza esebukumkanini, ngoxa uMateyu noMarko besithi oko kwenzeka “kwiintsuku ezintandathu kamva”? (Mat. 17:1; Marko 9:2) Kuyabonakala ukuba uLuka uquka iintsuku ezimbini ezingakumbi—olo uYesu wenza ngalo eso sithembiso nolo lokuzaliseka kwaso.
9:49, 50—Kwakutheni ukuze uYesu angayinqandi indoda eyayikhupha iidemon, nakuba yayingenguye umlandeli wakhe? Zange ayinqande kuba lalingekasekwa ibandla lamaKristu ngoko. Ngoko kwakungeyomfuneko ukuba umntu ade ahambe noYesu ngokoqobo ukuze abe unokholo kwigama lakhe aze akhuphe iidemon.—Marko 9:38-40.
Oko Sikufundayo:
1:32, 33; 2:19, 51. UMariya wazigcina entliziyweni yakhe iziganeko namazwi awayezalisekisa iziprofeto. Ngaba nathi siyakuxabisa oko kwachazwa nguYesu ngokuphathelele ‘ukupheliswa kwenkqubo yezinto,’ sithelekisa la mazwi akhe noko kwenzekayo namhlanje?—Mat. 24:3.
2:37. Kumzekelo ka-Ana sifunda ukuba simele singayekeleli umxakatho ekukhonzeni uYehova, ‘sizingise emthandazweni,’ yaye “singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye” kwiintlanganiso zamaKristu.—Roma 12:12; Heb. 10:24, 25.
2:41-50. Ukunqula uThixo kwakuyeyona nto ibalulekileyo kuYosefu ibe wayenyamekela iintswelo zokwenyama nezokomoya zentsapho yakhe. Ngokwenjenjalo wamisela iintloko-ntsapho umzekelo omhle.
4:4. Asinakuyeka usuku ludlule singakhange sizikhathaze ngezinto zokomoya.
6:40. Umntu ofundisa iLizwi likaThixo umele abe ngumzekelo omhle kwabo abafundisayo. Umele enze oko akufundisayo.
8:15. Ukuze iLizwi likaThixo ‘siligcine size sithwale isiqhamo ngonyamezelo,’ simele siliqonde, silixabise size silibethelele ezintliziyweni zethu. Simele sicamngce size sithandaze nakanjani na xa sifunda iBhayibhile neempapasho ezisekelwe kuyo.
UBULUNGISELELI BAMVA BUKAYESU
UYesu uthumela abanye abangama-70 ukuba bamandulele ukuya kwizixeko nezinye iindawo zelakwaYuda. (Luka 10:1) Utyhutyha “izixeko ngezixeko needolophana ngeedolophana, efundisa.”—Luka 13:22.
Kwiintsuku ezintlanu ngaphambi kwePasika yowama-33 C.E., uYesu ungena eYerusalem ekhwele inkonyana le-esile. Ngoku lifikile ilixa lokuzaliseka kwamazwi awawathetha kubafundi bakhe esithi: “UNyana womntu umele eve iimbandezelo ezininzi aze agatywe ngamadoda amakhulu nangababingeleli abaziintloko nangababhali, abulawe, aze ngomhla wesithathu avuswe.”—Luka 9:22, 44.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
10:18—UYesu wayebhekisela entwenini xa waxelela abafundi bakhe abangama-70 oku: “Ndiqalisile ukumbona uSathana sele ewile ezulwini njengombane”? Wayengathethi ukuba uSathana sele ekhutshelwe ngaphandle kwamazulu. Wakhutshwa emva nje kokuba uKristu ebekwe njengoKumkani wasezulwini ngowe-1914. (ISityhi. 12:1-10) Nakuba singenakubetha ngenqindi phantsi, ngokubhekisela kwakhe kweso siganeko sasiseza kwenzeka ngokungathi sele senzekile, kuyabonakala ukuba uYesu wayeqinisekisa ukuba sasiza kwenzeka nakanjani na.
14:26—Abalandeli bakaKristu ‘bazithiya’ ngayiphi ingqiqo izalamane zabo? EBhayibhileni igama elithi ‘ukuthiya’ linokuthetha ukuthanda umntu okanye into ngomlinganiselo ongaphantsi kwenye. (Gen. 29:30, 31) AmaKristu amele ‘athiye’ izalamane zawo ngengqiqo yokuba ethanda uYesu ngaphezu kwazo.—Mat. 10:37.
17:34-37—Ngoobani “iinkozi,” ibe uyintoni wona “umzimba” ezihlanganisana kuwo? Abo ‘bathatyathwayo,’ okanye bahlangulwayo, bafaniswa neenkozi ezibona kude. “Umzimba” abahlanganisana kuwo nguKristu wokwenene kubukho bakhe obungabonakaliyo nokutya kokomoya abalungiselela kona uYehova.—Mat. 24:28.
22:44—Yintoni le yayimngcungcuthekisa kangaka uYesu? Ziliqela izinto ezazibangela oko. Wayexhalatyiswa yindlela awayeza kuchaphazeleka ngayo uYehova uThixo negama lakhe kukufa kwakhe njengesaphuli-mthetho. Ukongezelela koko, uYesu wayesazi kakuhle ukuba ithemba lokuba aphile ngonaphakade kunye noluntu lonke kwakuxhomekeke ekugcineni kwakhe ingqibelelo.
23:44—Ngaba ilanga lasithwa yinyanga kangangeeyure ezintathu? Akunjalo. Ilanga lisithwa yinyanga xa isentsha, kungekhona xa iphezulu njengokuba kusiba njalo ngePasika. Ubumnyama obenzeka ngemini yokufa kukaYesu babungummangaliso owenziwa nguThixo.
Oko Sikufundayo:
11:1-4. Xa sithelekisa le miyalelo namazwi ahluke kancinane omthandazo wenkosi owachazwa nguYesu kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni malunga neenyanga ezili-18 ngaphambilana, sibona kakuhle ukuba imithandazo yethu ayimele ibe kukuphindaphindwa nje kwamazwi afanayo.—Mat. 6:9-13.
11:5, 13. Nakuba uYehova ekulungele ukuphendula imithandazo yethu, simele sizingise xa sithandaza.—1 Yoh. 5:14.
11:27, 28. Ulonwabo lokwenene lufumaneka ngokuthembeka sisenza ukuthanda kukaThixo kungekhona kulwalamano esinalo nentsapho okanye kwizinto zethu eziphathekayo.
11:41. Izipho zethu zenceba zifanele ziphume entliziyweni ngokuzithandela.
12:47, 48. Umntu onembopheleleko enkulu aze angayiphumezi unetyala ngakumbi kunalowo ungakwazi kakuhle okanye ungakuqondiyo oko amele akwenze.
14:28, 29. Siya kuba senza ngobulumko ukuba siphila ngokuvisisana namandla ethu.
22:36-38. UYesu akazange athi abafundi bakhe mabaphathe ikrele ukuze bazikhusele. Kodwa, ukuphatha kwabo ikrele ngobo busuku bokufa kwakhe kwamnceda wakwazi ukubafundisa esi sifundo sibalulekileyo: “Bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele.”—Mat. 26:52.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
UYosefu wazimisela umzekelo omhle gqitha iintloko-ntsapho
[Umfanekiso okwiphepha 32]
ULuka wabhala eyona ngxelo ineenkcukacha ngobomi nobulungiseleli bukaYesu