Xelisa Oyena Menzi Wabafundi Ubalaseleyo
“Nikelani ingqalelo kwindlela eniphulaphula ngayo.”—LUKA 8:18.
1, 2. Kutheni ufanele unikele ingqalelo kwindlela uYesu awabaphatha ngayo abantu xa wayeshumayela?
UYESU KRISTU wayefeza indima yakhe njengoMfundisi Omkhulu noMenzi Wabafundi xa wathi kubalandeli bakhe: “Nikelani ingqalelo kwindlela eniphulaphula ngayo.” (Luka 8:16-18) Loo mgaqo usebenza ekushumayeleni kwakho njengomKristu. Ukuba unikela ingqalelo kwimfundiso kaThixo, uya kuyisebenzisa uze uphumelele njengomvakalisi woBukumkani. Kakade ke, akunakuliva ngokoqobo ilizwi likaYesu namhlanje, kodwa unokufunda ngoko wakwenzayo waza wakuthetha njengoko kuchazwe kwiZibhalo. Zona zithini ngendlela uYesu awayesebenzisana ngayo nabantu awayeshumayela kubo?
2 UYesu wayengumvakalisi ophum’ izandla weendaba ezilungileyo nomfundisi osemagqabini wenyaniso yeZibhalo. (Luka 8:1; Yohane 8:28) Umsebenzi wokwenza abafundi uquka ukushumayela nokufundisa, kodwa amanye amaKristu angabashumayeli abaphum’ izandla akakwazi kubafundisa kakuhle abantu. Ngoxa ukushumayela kuquka ukudlulisela isigidimi, ukufundisa abantu ngoYehova neenjongo zakhe kusoloko kufuna ukuba lowo wenza abafundi abe nolwalamano oluhle nabantu. (Mateyu 28:19, 20) Oku sinokukwenza xa sixelisa uYesu Kristu, uMfundisi Omkhulu noMenzi Wabafundi.—Yohane 13:13.
3. Ukuxelisa uYesu kunokuba naliphi igalelo kwimigudu oyenzayo yokwenza abafundi?
3 Ukuba uxelisa indlela uYesu awayefundisa ngayo, uya kuba uthobela esi siluleko sikampostile uPawulos: “Qhubekani nihamba ngobulumko ngakwabo bangaphandle, nizongela ixesha. Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.” (Kolose 4:5, 6) Ukuxelisa indlela kaYesu yokwenza abafundi kufuna umgudu, kodwa kuya kukwenza uphumelele ekufundiseni kwakho kuba kuya kukunceda ‘ukwazi ukuphendula bonke ngabanye,’ ngokweentswelo zabo.
UYesu Wayebakhuthaza Abanye Ukuba Bathethe
4. Kutheni kunokuthiwa uYesu wayephulaphula ngenyameko?
4 Esengumntwana, uYesu wayezimisela ukuphulaphula abantu aze abakhuthaze ukuba bachaze ezabo iimbono. Ngokomzekelo, xa wayeneminyaka eli-12 ubudala abazali bakhe bamfumana ephakathi kwabafundisi etempileni, “ebaphulaphule yaye ebabuza.” (Luka 2:46) UYesu akazange aye etempileni ukuze abonise abo bafundisi ukuba unolwazi ngaphezu kwabo. Wabaphulaphula nangona naye wayebabuza imibuzo. Kusenokwenzeka ukuba koko kuphulaphula kwakhe ngenyameko okwamenza wathandwa nguThixo nangabantu.—Luka 2:52.
5, 6. Sazi njani ukuba uYesu wakuphulaphula oko kwakuthethwa ngabantu awayebafundisa?
5 Emva kokuba ebhaptiziwe waza wathanjiswa njengoMesiya, uYesu waqhubeka ekuthanda ukuphulaphula abantu. Akazange agxininise koko wayekufundisa kangangokude alibale ngabantu ababeze kumphulaphula xa efundisa. Amaxesha amaninzi wayenqumama, abuze oko bakucingayo aze alindele impendulo. (Mateyu 16:13-15) Ngokomzekelo, emva kokufa komntakwaboMarta, uLazaro, uYesu wathi kuye: “Wonk’ ubani ophilayo aze abonise ukholo kum akasayi kuze afe konke konke.” Emva koko wabuza uMarta oku: “Uyakukholelwa na oku?” Yaye ngokuqinisekileyo uYesu wayephulaphule njengoko uMarta wayephendula ngelithi: “Ewe, Nkosi; ndikholiwe ukuba unguye uKristu uNyana kaThixo.” (Yohane 11:26, 27) Kumele ukuba kwakusanelisa ngokwenene ukuva uMarta evakalisa ukholo lwakhe ngaloo ndlela.
6 Xa abafundi abaninzi bamshiyayo uYesu, waba nomdla wokuva indlela abavakalelwa ngayo abapostile bakhe. Ngoko wabuza lo mbuzo: “Ngaba nani nifuna ukumka?” USimon Petros wamphendula wathi: “Nkosi, siya kumka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade; yaye sikholiwe saza safikelela ekwazini ukuba wena unguLowo Ungcwele kaThixo.” (Yohane 6:66-69) Kumele ukuba kwathi ngco ngaphakathi kuYesu akuva loo mazwi. Nawe kuya kukuvuyisa ngokwenene ukuva umfundi weBhayibhile evakalisa ukholo lwakhe ngaloo ndlela.
UYesu Wayephulaphula Ngentlonelo
7. Kwenzeka njani ukuba abaninzi kumaSamariya bakholwe kuYesu?
7 Esinye isizathu sokuba uYesu aphumelele xa esenza abafundi kukuba wayebakhathalela abantu yaye ebaphulaphula ngentlonelo. Ngokomzekelo, ngesinye isihlandlo uYesu washumayela kumfazi ongumSamariya kufutshane nomthombo kaYakobi eSikare. Ebudeni baloo ncoko, uYesu akazange athethe yedwa; waliphulaphula eli bhinqa. Ngoxa wayeliphulaphule, uYesu waphawula ukuba linomdla elunqulweni waza walixelela ukuba uThixo ufuna abo baza kumnqula ngomoya nenyaniso. UYesu wabonisa intlonelo waza waliphulaphula ngomdla kangangokuba emva koko laxelela abanye ngaye, yaye “abaninzi kumaSamariya eso sixeko bakholwa kuye ngenxa yelizwi lomfazi.”—Yohane 4:5-29, 39-42.
8. Ukuthanda kwabantu ukuveza iimbono zabo kunokukunceda njani uqalise incoko entsimini?
8 Ngokuqhelekileyo abantu bayakuthanda ukuveza izimvo zabo. Ngokomzekelo, abemi beAthene yamandulo babethanda ukuchaza izimvo zabo baze baphulaphule izinto ezintsha. Oko kwaphumela kudlwabevu lwentetho olwanikelwa ngumpostile uPawulos kwiAreyopago ekweso sixeko. (IZenzo 17:18-34) Xa uqalisa incoko nomninimzi namhlanje unokuthi, “Ndilapha namhlanje kuba ndinomdla kwimbono yakho [ngombandela othile].” Yiphulaphule imbono yakhe, uze ugqabaze ngayo okanye ubuze imibuzo ngayo. Yithi ke ngobubele uchaze oko kuthethwa yiBhayibhile ngayo.
UYesu Wayeyazi Into Amakayithethe
9. Wenza ntoni uYesu ngaphambi kokuvulela uKleyopa nabahlobo bakhe ‘eZibhalweni ngokupheleleyo’?
9 UYesu wayengaphelelwa yinto yokuthetha. Ngaphandle kokuphulaphula ngenyameko, wayesoloko ekwazi oko kucingwa ngabantu yaye wayekwazi kakuhle oko amele akuthethe. (Mateyu 9:4; 12:22-30; Luka 9:46, 47) Ngokomzekelo: Emva nje kokuba uYesu evusiwe, ababini kubafundi bakhe babesuka eYerusalem besiya e-Emawusi. Ingxelo yeVangeli ithi: “Njengoko babencokola yaye bexubusha, uYesu wasondela waza wahamba nabo; kodwa amehlo abo ayebanjiwe ukuba bangamqondi. Wathi kubo: ‘Zizinto zini na ezi nihamba nixambulisana ngazo?’ Kwaye bema ngxi belusizi ebusweni. Ekuphenduleni omnye ogama linguKleyopa wathi kuye: ‘Nguwe wedwa na umphambukeli eYerusalem ukuba ungazazi izinto ezenzekileyo kuyo ngezi mini?’ Waza wathi kubo: ‘Ziphi na izinto?’” UMfundisi Obalaseleyo waphulaphula njengoko babechaza ukuba uYesu umNazarete, wafundisa abantu, wenza imimangaliso waza wabulawa. Ngoko babesele bekho ababesithi uvusiwe kwabafileyo. UYesu wamvumela uKleyopa nomhlobo wakhe ukuba baveze izimvo zabo. Emva koko wachaza oko bamele bakwazi, ‘ebavulela ngokupheleleyo eZibhalweni.’—Luka 24:13-27, 32.
10. Unokuyifumanisa njani imbono yonqulo yomntu odibana naye entsimini?
10 Usenokuba akuyazi imbono yonqulo yomninimzi. Ukuze uyazi, usenokumxelela ukuba wena uyakunandipha ukuphulaphula oko kucingwa ngabantu ngomthandazo. Emva koko unokubuza, “Ngaba ngokwenene ucinga ukuba ukho umntu ophulaphula imithandazo?” Indlela aphendula ngayo inokuchaza lukhulu ngembono yaloo mntu nonqulo aluthandayo. Ukuba utyekele elunqulweni, unokufumana okungakumbi ngembono yakhe ngokumbuza lo mbuzo, “Ucinga ukuba uThixo uphulaphula yonke imithandazo, okanye mhlawumbi ikho angayamkeliyo?” Imibuzo enjalo inokukhokelela kwincoko emnandi. Xa kufanelekile ukufaka iSibhalo, umele ukwenze oko ngobuchule, ungazihlaseli iimbono zomninimzi. Ukuba uyathanda ukukuphulaphula, unokukuvumela ukuba uphinde ubuye. Kodwa kuthekani ukuba ubuza umbuzo ongenakuwuphendula? Unokwenza uphando uze ubuye sele ulungele ukuphendula ‘wonk’ ubani ofuna isizathu sethemba elikuwe, kodwa usenjenjalo ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.’—1 Petros 3:15.
UYesu Wafundisa Abafanelekayo
11. Yintoni eya kukunceda ufumane abo bakufanelekelayo ukufundiswa?
11 UYesu ofezekileyo wayenengqiqo eyamenza wakwazi ukubona abantu abakufanelekelayo ukufundiswa. Kuba lucelomngeni gqitha ukukhangela abo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.’ (IZenzo 13:48) Babenjalo nabapostile uYesu awathi kubo: “Nakusiphi isixeko okanye idolophana eningena kuyo, funisisani ukuba ngubani na ofanelekayo kuyo.” (Mateyu 10:11) Kanye njengabapostile bakaYesu, ufanele ufunisise abantu abakulungeleyo ukuphulaphula nokufundiswa inyaniso yeZibhalo. Ukuze ubafumane abafanelekayo, ufanele uphulaphule mntu ngamnye othetha naye ngenyameko, ujonge nesimo sengqondo anaso.
12. Unokuqhubeka njani unceda umntu onomdla?
12 Emva kokuba umshiyile umntu oye wanomdla kwisigidimi soBukumkani, kuya kuba kuhle ukuba uqhubeke ucinga ngeemfuno zakhe zokomoya. Ukuba ukubhala phantsi oko uye wakufumanisa emva kokuncokola nomntu othile ngeendaba ezilungileyo, oku kuya kukunceda uqhubeke umnceda lo mntu ngokomoya. Xa ubuyela, kuya kufuneka umphulaphule ngenyameko ukuze wazi iinkolelo, isimo sengqondo okanye iimeko zakhe.
13. Yintoni enokukunceda uqonde indlela avakalelwa ngayo umntu ngeBhayibhile?
13 Unokubakhuthaza njani abantu ukuba bakuxelele indlela abavakalelwa ngayo ngeLizwi likaThixo? Kwezinye iimeko, kuya kuba luncedo ukubuza lo mbuzo, “Ngaba uye wafumanisa ukuba kunzima ukuyiqonda iBhayibhile?” Impendulo yaloo mbuzo idla ngokudiza isimo sengqondo somntu ngezinto zokomoya. Enye indlela onokuyisebenzisa kukufunda isibhalo uze ubuze lo mbuzo, “Sivakala njani?” Kanye njengoYesu, unokwenza okungakumbi kumsebenzi wokushumayela ngokubuza imibuzo. Noko ke, simele silumke.
UYesu Wayisebenzisa Kakuhle Imibuzo
14. Ngaphandle kokubaphanda abantu, unokuwubonisa njani umdla kwiimbono zabo?
14 Yiba nomdla kwiimbono zabantu ngaphandle kokubenza bangakhululeki. Sebenzisa indlela eyasetyenziswa nguYesu. Wayengabi ngathi uyaphanda, kodwa wayesebenzisa imibuzo eyenza abantu bacinge. UYesu wayengumphulaphuli onobubele owayebahlaziya abantu abanyanisekileyo aze abenze bakhululeke. (Mateyu 11:28) Zonke iindidi zabantu zazisiya kuye ngokukhululekileyo zize zimchazele ngeengxaki ezinazo. (Marko 1:40; 5:35, 36; 10:13, 17, 46, 47) Ukuba ufuna abantu bathethe nawe ngokukhululeka ngeBhayibhile neemfundiso zayo, umele ukuphephe ukubagocagoca ngathi uyabaphanda.
15, 16. Unokubenza njani abantu bathethe ngemibandela yonqulo?
15 Ukongezelela ekusebenziseni imibuzo ngendlela eyiyo, unokukhuthaza ukuba incoko iqhubeke ngokuthetha ngombandela othile obangela umdla uze ulindele impendulo. Ngokomzekelo, uYesu wathi kuNikodemo: “Ngaphandle kokuba nabani na azalwe kwakhona, akanakububona ubukumkani bukaThixo.” (Yohane 3:3) Loo mazwi ayebangel’ umdla kangangokuba kwaba nzima ukuba uNikodemo angaphosi awakhe aze aphulaphule uYesu. (Yohane 3:4-20) Unokusebenzisa loo ndlela ukuze wenze abantu bancokole.
16 Namhlanje, indlela eziyiyo iicawa ezininzi ezintsha idla ngokuvusa incoko kwiindawo ezinjengeAfrika, iMpuma Yurophu, neLatin America. Kwezi ndawo unokuqalisa incoko ngokuthi: “Iyandixhalabisa into yokuba kubekho iicawa ezininzi kangaka. Kodwa ndinethemba lokuba kungekudala abantu bazo zonke iintlanga baza kumanyana kunqulo lokwenyaniso. Ngaba nawe ungathanda ukuba kube njalo?” Ngokuthetha ngento ethile emangalisayo ngethemba onalo, unako ukwenza abantu baveze izimvo zabo. Yaye kudla ngokuba lula ukuphendula xa kukho iimpendulo ezimbini umntu anokuzitsho. (Mateyu 17:25) Emva kokuba umninimzi echaze izimvo zakhe ngombuzo wakho yiphuhlise loo ngongoma ngesibhalo esinye okanye ezibini. (Isaya 11:9; Zefaniya 3:9) Xa uphulaphula ngenyameko uze uphawule indlela abasabela ngayo abantu unokukwazi ukubona oko ninokukuxubusha kutyelelo olulandelayo.
UYesu Wayebaphulaphula Abantwana
17. Yintoni ebonisa ukuba uYesu wayenomdla ebantwaneni?
17 UYesu akazange aphelele ekubeni nomdla kubantu abakhulileyo kodwa wayenomdla nasebantwaneni. Wayeyazi imidlalo yabo nezinto ababedla ngokuzithetha. Wayekhe acele abantwana ukuba beze kuye. (Luka 7:31, 32; 18:15-17) Phakathi kwezihlwele ezaziphulaphula uYesu kwakubakho nabantwana. Xa amakhwenkwana adandulukayo ezukisa uMesiya, uYesu wakuphawula oko waza watsho ukuba iZibhalo zakuchaza kwakudala oko. (Mateyu 14:21; 15:38; 21:15, 16) Namhlanje, abantwana abaninzi baba ngabafundi bakaYesu. Ngoko unokubanceda njani?
18, 19. Unokumnceda njani umntwana wakho ngokomoya?
18 Ukuze uncede umntwana wakho ngokomoya, umele umphulaphule. Umele uqonde iimbono zakhe ekusenokwenzeka ukuba ziyangqubana nezikaYehova. Enoba uthini umntwana wakho, kububulumko ukuqala umncome. Emva koko unokusebenzisa izibhalo ezifanelekileyo ukuze umncede aqonde imbono kaYehova ngezinto.
19 Nemibuzo ibalulekile. Kodwa abantwana abafuni kuphandwa kanye njengabantu abakhulileyo. Kunokuba uthwalise umntwana wakho umthwalo wokuphendula imibuzo emininzi enzima, kutheni ungakhe uthethe okuthile ngawe? Kuxhomekeka koko nikuthethayo, usenokutsho ukuba wawudla ngokuvakalelwa ngendlela ethile uze uchaze nesizathu soko. Emva koko usenokubuza, “Ngaba uvakalelwa ngaloo ndlela nawe?” Indlela asabela ngayo umntwana wakho inokukhokelela kwingxubusho yeZibhalo eya kumnceda ize imkhuthaze.
Qhubeka Uxelisa UMenzi Wabafundi Obalaseleyo
20, 21. Kutheni ufanele uphulaphule ngenyameko xa usenza abafundi?
20 Enoba uxubusha okuthile nomntwana wakho okanye omnye umntu, kubalulekile ukuba uphulaphule ngenyameko. Eneneni, oko kuluphawu lothando. Xa uphulaphula, ubonisa ukuthobeka, yaye unika umntu othetha naye imbeko nenkxalabo enothando. Kambe ke, ukuphulaphula kufuna unikele ingqalelo kumazwi akhe.
21 Njengoko ushumayela, qhubeka ubaphulaphula ngenyameko abaninimzi. Ukuba ubaphulaphula ngenyameko, uya kukwazi ukubona iinkalo zenyaniso yeBhayibhile ezibangela umdla ngakumbi kubo. Emva koko, zama ukubanceda ngokusebenzisa iindlela ezahlukeneyo ezasetyenziswa nguYesu. Njengoko usenjenjalo, uya kufumana uvuyo nolwaneliseko kuba uxelisa uMenzi Wabafundi Obalaseleyo.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• UYesu wabakhuthaza njani abanye ukuba baveze izimvo zabo?
• Kwakutheni ukuze uYesu abaphulaphule abo wayebafundisa?
• Unokuyisebenzisa njani imibuzo xa ushumayela?
• Unokwenza ntoni ukuze uncede abantwana ngokomoya?
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Xa ushumayela, qiniseka ukuba uyaphulaphula
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Sixelisa uYesu xa sinceda abantwana ngokomoya