Isahluko 45
Umfundi Ongaqhelekanga
ONJANI wona ukoyikisa umbono njengoko uYesu esihla elunxwemeni! Kumangcwaba akufuphi kuphuma abantu ababini aboyikeka ngokungaqhelekanga begidima ukuza kuye. Baphethwe ziidemon. Ekubeni omnye wabo kubonakala ukuba udlongodlongo ngakumbi kunomnye yaye eye wabandezeleka ithuba elide elawulwa ziidemon, kuthi ke kunikelwe ingqalelo kuye kuqala.
Kangangethuba elide olu sizana lomntu belubetha ngesuti yesele phakathi kwamangcwaba. Yonke imihla, emini nasebusuku, luyakhala luze luzijece ngamatye. Ludlongodlongo gqitha ngokokude kungabikho bani unenkalipho yokuhamba ngendlela edlula apho. Iye yenziwa imizamo yokulubopha, kodwa luyayijaca imixokelelwane luze luwaqhawule amakhamandela asezinyaweni zalo. Akukho bani unamandla okuloyisa.
Njengokuba lo mntu esiza kuYesu aze awe ezinyaweni zakhe, iidemon ezimphetheyo zimenza adanduluke athi: “Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiyakufungisa uThixo ukuba ungandithuthumbisi.”
UYesu uthi, “Phuma emntwini apho, moyandini ungcolileyo.” Kodwa uYesu uthi abuze oku: “Ungubani na wena igama?”
Impendulo ithi, “NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi.” Kuyazivuyisa iidemon ukubona ukubandezeleka kwabo zikwaziyo ukubaphatha, kubonakala ukuba ziyakuvuyela ukubahlasela zinomoya wobugwala njengehlokondiba. Kodwa zakudibana noYesu, ziyacela ukuba zingasiwa enzonzobileni. Kwakhona siyabona ukuba uYesu wayenamandla amakhulu; wakwazi ukoyisa kwaneedemon ezineengcwangu. Oku kukwatyhila ukuba iidemon ziyayiqonda into yokuba ukuphoswa kwazo enzonzobileni nenkokeli yazo, uSathana uMtyholi, kungumgwebo wokugqibela kaThixo kuzo.
Ngasentabeni kukho ugxuba lweehagu ezidlayo ezimalunga nama-2 000. Ngoko iidemon zithi: “Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo.” Kuyabonakala ukuba iidemon zifumana uyolo oluthile olungelolwemvelo nolwenkohlakalo ekuhlaseleni imizimba yezidalwa zokwenyama. Xa uYesu ezivumela ukuba zingene ezihagwini, zonke ezi hagu zingama-2 000 ziyaphaphatheka zisihla eliweni zize zirhaxwe elwandle.
Xa abo balusa ezi hagu bekubona oku, bayagidima besiya kubika ezi ndaba esixekweni nasemaphandleni. Ngelo xesha, abantu bayeza ukuza kubona okwenzekileyo. Xa befika, babona umntu ebekuphume kuye iidemon. Khangela, wambathisiwe yaye usezingqondweni, uhleli ngasezinyaweni zikaYesu!
Abantu abazibonele ngokwabo oku baxelela abantu indlela loo mntu aphiliswe ngayo. Bakwabaxelela nangokufa okungaqhelekanga kweehagu. Bakukuva oku, boyika kakhulu, baze babongoze uYesu ukuba emke kummandla wabo. Ngoko uyavuma ukuhamba aze akhwele emkhombeni. Lo mntu ubeneedemon ubongoza uYesu ukuba amvumele ahambe naye. Kodwa uYesu umxelela oku: “Hamba, uye endlwini yakho kwabakowenu, ubabikele oko zingako ukuba zinkulu izinto ekwenzele zona iNkosi, yaba nenceba engaka kuwe.”
Abo abaphilisayo uYesu udla ngokubaxelela ukuba bangaxeleli bani, ekubeni engafuni ukuba abantu benze izigqibo ezisekelwe kwiingxelo ezichwayitisayo abazivayo. Kodwa ukuqhuba kwakhe ngendlela eyahlukileyo ngoku kufanelekile ngenxa yokuba lo ubesakuba needemon uya kube enikela ubungqina phakathi kwabantu mhlawumbi ngoku uYesu angayi kuba nathuba lokubafikelela. Ngaphezu koko, ubukho balo mntu buya kunikela ubungqina ngamandla kaYesu okusebenza okulungileyo, buphelisa nayiphi na ingxelo engentle esenokusasazwa ngokufa kweehagu.
Ethobela umyalelo kaYesu, lo ubesakuba needemon uyahamba. Uqalisa ukuzivakalisa kulo lonke elaseDekapoli zonke izinto uYesu amenzele zona, yaye abantu bamangaliswa ngokupheleleyo. Mateyu 8:28-34; Marko 5:1-20; Luka 8:26-39; ISityhilelo 20:1-3.
▪ Mhlawumbi kutheni le nto, kunikelwa ingqalelo kumntu omnye oneedemon ngoxa kukho ababini?
▪ Yintoni ebonisa ukuba iidemon zinento eziyaziyo ngokuphoswa kwazo enzonzobileni kwixesha elizayo?
▪ Kubonakala ukuba siyintoni isizathu sokuba iidemon zithande ukungena ebantwini nakwizilwanyana?
▪ Kutheni le nto uYesu eqhuba ngendlela eyahlukileyo kumntu owayesakuba needemon, emyalela ukuba axelele abanye oko Yena amenzele kona?