Isahluko 63
Isiluleko Esingakumbi Sokubalungisa
NGOXA uYesu nabafundi bakhe besesendlwini eKapernahum, kukho nto ingenye exutyushwayo ngaphandle kokubangisana kwabapostile ngalowo uya kuba ngoyena mkhulu phakathi kwabo. Kusenokwenzeka ukuba nesi siganeko senzeka xa babevela eKapernahum, xa uYesu wayengekho. Umpostile uYohane unikela le ngxelo: “Sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho, ongasilandeliyo thina samalela ke.”
Kuyabonakala ukuba uYohane ubajonga abapostile njengeqela elikhethekileyo elinesigxina sokuba ngabaphilisi. Ngoko unoluvo lokuba le ndoda yayisenza imisebenzi yamandla ngokungafanelekileyo kuba yayingeyiyo inxalenye yeqela labo.
Noko ke, uYesu unikela esi siluleko: “Musani ukumalela; kuba akukho namnye uya kwenza umsebenzi wamandla egameni lam, aze ahle abe nako ukuthetha kakubi ngam. Kuba ongachaseneyo nathi, ungecala lethu. Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu, inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe.”
Kwakungeyomfuneko ukuba lo mntu alandele uYesu ngokoqobo ukuze abe ungakwicala lakhe. Ibandla lamaKristu lalingekamiselwa, ngoko ukungabi yonxalenye yeqela labo kwakungathethi kuthi wayengowebandla elahlukileyo. Ngokwenene loo mntu wayenokholo kwigama likaYesu waza ngalo ndlela waphumelela ekukhupheni iidemon. Wayesenza into eyayinokuthelekiswa ngokufanelekileyo noko uYesu wathi kwakufanele umvuzo. UYesu ubonisa ukuba ngokwenza oku, akayi kulahlekelwa ngumvuzo wakhe.
Kodwa kuthekani ukuba loo mntu wayekhutyekiswe ngamazwi nazizenzo zabapostile? Oku kwakuya kuba yinto enzulu kakhulu! UYesu uthi: “Nothe wakhubekisa noko amnye wabancinane abakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle.”
UYesu uthi abalandeli bakhe bafanele bashenxise nantoni na kubomi babo exabiseke njengesandla, unyawo okanye iliso enokubangela ukuba bakhubeke. Kulunge ngakumbi ukuba bangabi nayo le nto ixabiseke kangaka baze bangene eBukumkanini bukaThixo kunokuba babambelele kuyo baze balahlelwe eGehena (imfumba yenkunkuma evuthayo kufutshane naseYerusalem), efuzisela intshabalalo kanaphakade.
UYesu ukwalumkisa esithi: “Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni, izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.” Wandula ke azekelise ukuxabiseka kwaba “bancinane” ngokubalisa ngendoda eneegusha ezilikhulu kodwa ilahlekelwe yiyo ibenye. UYesu ucacisa ukuba le ndoda iyazishiya ezingama-99 ize iye kufuna leyo ilahlekileyo, ize ithi yakuyifumana ivuye ngayo kunokuba ivuya ngezo zingama-99. Wandula ke uYesu aqukumbele ngokuthi, “Kwangokunjalo, asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye wa-ba bancinane.”
Ngokunokwenzeka ecinga ngempikiswano ebiphakathi kwabapostile bakhe, uYesu ubabongoza esithi: “Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye.” Izidlo ezijavujavu zenziwa zibe nencasa ngakumbi ngetyuwa. Ngaloo ndlela, ityuwa yokomfuziselo yenza ukuba oko ubani akuthethayo kwamkeleke ngokulula. Ukuba netyuwa enjalo kuya kunceda ekulondolozeni uxolo.
Kodwa ngenxa yokungafezeki kwabantu, maxa wambi kuya kuvela iimpikiswano ezinzulu. UYesu ukwanikela imigaqo ekhokelayo yokuzisingatha. Uthi, “Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba uthe wakuva, woba umzuzile umzalwana wakho.” Ukuba uthe akeva, uYesu ucebisa esithi, “buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu.”
Kukwilinge lokugqibela kuphela apho uYesu athi umcimbi wuthabathe uwuse ‘ebandleni,’ oko kukuthi, kubaveleli abanembopheleleko bebandla abanokunikela isigqibo sogwebo. Ukuba umoni akayi kuvumelana nesigqibo sabo, uYesu uqukumbela ngokuthi, “kuwe makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu.”
Ekwenzeni isigqibo esinjalo, abaveleli bemele banamathele ngokusondeleyo kwimiyalelo eseLizwini likaYehova. Ngaloo ndlela, xa befumanisa ukuba ubani unetyala yaye ufanele kukohlwaywa, eso sigwebo ‘siya kuba sele sibotshiwe emazulwini.’ Yaye xa bethe ‘basikhulula emhlabeni,’ oko kukuthi, bamfumanisa ubani lowo engenatyala, siya kuba sele ‘sikhululwe emazulwini.’ Kwiingxoxo ezinjalo zokugweba, uYesu uthi, “kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo.” Mateyu 18:6-20; Marko 9:38-50; Luka 9:49, 50.
▪ Kutheni kwakungeyomfuneko ngomhla kaYesu ukuba ubani ahambe naye?
▪ Unzulu kangakanani umcimbi wokukhubekisa omncinane, yaye uYesu ukuzekelisa njani ukubaluleka kwabo bancinane?
▪ Yintoni ngokunokwenzeka eshukumisa uYesu ukuba akhuthaze abapostile ukuba babe netyuwa phakathi kwabo?
▪ Yiyiphi intsingiselo ekhoyo kwibinzana elithi ‘okubotshiweyo’ nelithi ‘okukhululweyo’?