Ngaba Uyalwamkela Uncedo LukaYehova?
“UYehova ungumncedi wam; andiyi koyika.”—HEBHERE 13:6.
1, 2. Kutheni kubalulekile ukulwamkela uncedo lukaYehova nolwalathiso lwakhe kubomi bethu?
KHAWUBE nomfanekiso-ngqondweni uhambahamba entabeni. Noko ke, akuhambi wedwa, kuba indoda engumalathisi eyazi kakuhle le ntaba ithembisa ukuhamba nawe. Inamava yaye inomxhino kunawe, kodwa ngomonde ihamba kufuphi nawe. Iphawula ukuba uhamba ukhubeka. Ixhalabile, yolul’ isandla sayo ukuze ikubambe kwindawo ethile eyingozi. Ngaba ubuya kusibhebhetha eso sandla? Unotshe! Kaloku ngoku ubomi bakho busengozini.
2 NjengamaKristu, sinendlela enzima esifanele sihambe kuyo. Ngaba simele sihambe sodwa kule ndlela imxinwa? (Mateyu 7:14) Akunjalo, iBhayibhile ibonisa ukuba oyena Malathisi ubalaseleyo, uYehova uThixo, uvumela abantu ukuba bahambe naye. (Genesis 5:24; 6:9) Ngaba uYehova uyabanceda abakhonzi bakhe njengokuba behamba? Uthi: “Kuba mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene, ndithi kuwe, ‘Musa ukoyika. Mna ngokwam ndiza kukunceda.’” (Isaya 41:13) Njengomalathisi kumzekeliso wethu, uYehova wolula isandla sakhe yaye wakha ubuhlobo nabo bafuna ukuhamba naye. Ngokuqinisekileyo akukho namnye kuthi ongalufuniyo uncedo lwakhe!
3. Kweli nqaku siza kuqwalasela yiphi imibuzo?
3 Kwinqaku elandulelayo, siqwalasele iindlela ezine uYehova abanceda ngazo abantu bakhe kumaxesha amandulo. Ngaba ubanceda ngeendlela ezifanayo abantu bakhe namhlanje? Yaye sinokuqiniseka njani ukuba siyalwamkela uncedo olunjalo? Makhe siqwalasele loo mibuzo. Ngokwenjenjalo, sinokuqiniseka ngakumbi ukuba ngokwenene uYehova unguMncedi wethu.—Hebhere 13:6.
Ukuncedwa Ziingelosi
4. Kutheni abakhonzi bakaThixo namhlanje benokuqiniseka ukuba baxhaswa ziingelosi?
4 Ngaba iingelosi ziyabanceda abakhonzi bakaYehova namhlanje? Ewe, ziyabanceda. Liyinyaniso elokuba, namhlanje azibonakali ukuze zihlangule abanquli bokwenyaniso engozini. Nakumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, kwakunqabile ukuba iingelosi zibonakale ngaloo ndlela. Inkoliso yoko zakwenzayo kwakungabonakali emehlweni abantu, njengokuba kunjalo nanamhlanje. Sekunjalo, abakhonzi bakaThixo abaqondayo ukuba bancedwe ziingelosi bakhuthazeka gqitha xa bekwazi oko. (2 Kumkani 6:14-17) Sinesizathu esibambekayo sokuvakalelwa ngendlela efanayo.
5. IBhayibhile ibonisa njani ukuba iingelosi zifak’ isandla kumsebenzi wokushumayela namhlanje?
5 Iingelosi zikaYehova zinomdla ngakumbi kumsebenzi okhethekileyo esinenxaxheba kuwo. Nguwuphi loo msebenzi? Impendulo ifumaneka kwiSityhilelo 14:6: “Ndabona enye ingelosi iphaphazela esazulwini sezulu, ineendaba ezilungileyo ezingunaphakade ukuba izivakalise njengesigidimi esichulumancisayo kwabo bahleli emhlabeni, nakuzo zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu.” Ezi “ndaba zilungileyo zingunaphakade” ngokucacileyo zinxulumene ‘neendaba ezilungileyo zobukumkani,’ yaye, njengokuba uYesu watsho, “ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga” ngaphambi kokuphela kwale nkqubo yezinto. (Mateyu 24:14) Phofu ke, iingelosi azishumayeli ngokuthe ngqo. UYesu wanika abantu lo msebenzi ubalulekileyo. (Mateyu 28:19, 20) Ngaba akukhuthazi ukwazi ukuba njengokuba sisenza loo msebenzi, sincedwa ziingelosi ezingcwele, izidalwa ezikrelekrele nezinamandla?
6, 7. (a) Yintoni ebonisa ukuba iingelosi ziyawuxhasa umsebenzi wethu wokushumayela? (b) Sinokuqiniseka njani ukuba iingelosi zikaYehova ziza kusixhasa?
6 Kukho ubungqina obaneleyo bokuba iingelosi ziyasixhasa kulo msebenzi wethu. Ngokomzekelo, siqhele ukuva ukuba ngoxa ayeshumayela, amaNgqina kaYehova adibana nomntu obesandul’ ukuthandaza kuThixo efuna uncedo ukuze afumane inyaniso. Oku kwenzeka izihlandlo ezininzi gqitha ukuba kungathiwa yinto nje ezenzekelayo. Ngenxa yoncedo olunjalo lweengelosi, abantu abaninzi ngakumbi bafunda ukwenza njengokuba ‘ingelosi ephaphazela esazulwini sezulu’ yavakalisa: “Moyikeni uThixo nimzukise.”—ISityhilelo 14:7.
7 Ngaba uyakunqwenela ukuxhaswa ziingelosi zikaYehova ezinamandla? Ngoko ke, zibhokoxe ekushumayeleni. (1 Korinte 15:58) Njengoko sizilahlela nofele kulo msebenzi ukhethekileyo esiwunikwe nguYehova, sinokuqiniseka ukuba iingelosi zakhe ziya kusinceda.
Uncedo Oluvela KwiSiphatha-Zingelosi
8. UYesu unasiphi isikhundla esiphakamileyo ezulwini, yaye kutheni oku kusomeleza nje?
8 Kwakhona uYehova usinika olunye uhlobo loncedo ngeengelosi. ISityhilelo 10:1 sichaza “ingelosi eyomeleleyo” eyoyikekayo ‘enobuso obunjengelanga.’ Kuyabonakala ukuba le ngelosi ikulo mbono ifanekisela uYesu Kristu ozukisiweyo enegunya lasezulwini. (ISityhilelo 1:13, 16) Ngaba ngokwenene uYesu yingelosi? Ngengqiqo ethile, uyiyo, kuba usisiphatha-zingelosi. (1 Tesalonika 4:16) UYesu ngoyena unamandla amakhulu kubo bonke oonyana bakaYehova bomoya. UYehova umnike igunya kuyo yonke imikhosi Yakhe yeengelosi. Esi siphatha-zingelosi siluncedo gqitha. Ngaziphi iindlela?
9, 10. (a) UYesu ‘ungumncedi’ wethu njani xa sisona? (b) Luluphi uncedo esinokulufumana kumzekelo kaYesu?
9 Umpostile uYohane owayesaluphele wabhala: “Ukuba nabani na uthi enze isono, sinaye umncedi kuBawo, uYesu Kristu, lowo ulilungisa.” (1 Yohane 2:1) Kwakutheni ukuze uYohane athi uYesu ‘ungumncedi’ wethu ingakumbi xa ‘senze isono’? Kaloku, sona imihla ngemihla, yaye isono sikhokelela ekufeni. (INtshumayeli 7:20; Roma 6:23) Noko ke, uYesu wanikela ngobomi bakhe njengedini lezono zethu. Yaye umi ecaleni kukaBawo wethu onenceba ukuze asingxengxezele. Sonke siyalufuna uncedo olunjalo. Sinokulufumana njani? Simele siguquke ezonweni zethu size sifune ukuxolelwa ngesizinzi sedini likaYesu. Kwakhona sifanele sikuphephe ukwenza isono ngokuphindaphindiweyo.
10 Ukongezelela ekufeni ngenxa yethu, uYesu wasimisela umzekelo ogqibeleleyo. (1 Petros 2:21) Umzekelo wakhe uyasalathisa, usinceda ukuze sikuphephe ukwenza isono esinzulu yaye sinokumkholisa uYehova uThixo. Ngaba asikuvuyeli ukufumana uncedo olunjalo? UYesu wathembisa abalandeli bakhe ukuba baya kufumana omnye umncedi.
Uncedo Lomoya Oyingcwele
11, 12. Yintoni umoya kaYehova, unamandla kangakanani, yaye kutheni siwufuna namhlanje?
11 UYesu wathembisa: “Ndiza kumcela uBawo yaye uya kuninika omnye umncedi wokuba kunye nani ngonaphakade, umoya wenyaniso, lowo ihlabathi lingenakuwufumana.” (Yohane 14:16, 17) Lo “moya wenyaniso,” okanye umoya oyingcwele, awungomntu kodwa ngamandla—amandla kaYehova asebenzayo. Unamandla angenakulinganiswa nanto. Ngamandla uYehova awawasebenzisa xa wayedala indalo iphela, ekwenzeni imimangaliso, ekudluliseleni imibono ehambisana nokuthanda kwakhe. Ekubeni uYehova engawusebenzisi umoya wakhe ngezo ndlela namhlanje, ngaba kuthetha ukuba asiwufuni?
12 Akunjalo! Kula “maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,” umoya kaYehova siwufuna ngaphezu kunanini na ngaphambili. (2 Timoti 3:1) Usomeleza ukuze sikwazi ukunyamezela izilingo. Usinceda ukuze sihlakulele iimpawu ezintle ezisisondeza kuYehova nakubazalwana noodade bokomoya. (Galati 5:22, 23) Ngoko ke, sinokuzuza njani kolu ncedo luhle luvela kuYehova?
13, 14. (a) Sinokuqiniseka njani ukuba uYehova uya kuvuyela ukubapha umoya wakhe oyingcwele abantu bakhe? (b) Yintoni esinokuyenza ebonisa ukuba asisamkeli ngokunyanisekileyo isipho somoya oyingcwele?
13 Okokuqala, sifanele siwuthandazele umoya oyingcwele. UYesu wathi: “Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!” (Luka 11:13) Ewe, uYehova ngoyena Bawo onothando. Ukuba ngokholo sicela umoya wakhe oyingcwele, siqinisekile ukuba akasayi kusibandeza esi sipho. Ngoko ke, umbuzo ngulo, Ngaba siyawucela? Sinesizathu esivakalayo sokuwucela emithandazweni yethu yemihla ngemihla.
14 Okwesibini, sisifumana eso sipho ngokwenza ngokuvumelana nawo. Ukuzekelisa: Masithi umKristu othile unengxaki yokubukela imifanekiso engamanyala. Uye wathandazela umoya oyingcwele ukuba umncede axhathise lo mkhwa mbi. Uye wacela uncedo kubadala abangamaKristu, yaye bamkhuthaze ukuba athabathe inyathelo eliqinileyo, akuphephe kwaukusondela kulo mbandela ungcolileyo. (Mateyu 5:29) Kuthekani ukuba akasiphulaphuli isiluleko sabo aze azichanabe kwisilingo esingakumbi? Ngaba wenza ngokuvumelana nomthandazo wakhe ukuze umoya oyingcwele umncede? Okanye ngaba uzibeka esichengeni sokuwenza buhlungu umoya oyingcwele kaThixo aze angasifumani esi sipho? (Efese 4:30) Ngokwenene, sonke sifanele senze konke okusemandleni ethu ukuze siqiniseke ukuba siqhubeka silufumana olu ncedo luvela kuYehova.
Uncedo Olufumaneka KwiLizwi LikaThixo
15. Sinokubonisa njani ukuba iBhayibhile asiyijongi njengencwadi nje eqhelekileyo?
15 IBhayibhile ibiluncedo kubakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo kangangeenkulungwane ezininzi. Noko ke, kunokuzijonga iZibhalo Ezingcwele njengencwadi nje eqhelekileyo, sifanele sikhumbule ukuba zinamandla okusinceda. Ukuze sifumane olo ncedo kufuneka senze umgudu. Sifanele siyifunde rhoqo iBhayibhile.
16, 17. (a) INdumiso 1:2, 3 iyichaza njani imivuzo yokufunda umthetho kaThixo? (b) INdumiso 1:3 isinika njani umfanekiso wokuzibhokoxa?
16 INdumiso 1:2, 3 ithi ngomntu ohlonela uThixo: ‘Uyoliswa ngumthetho kaYehova, efunda emthethweni wakhe ngesandi esiphantsi imini nobusuku. Ngokuqinisekileyo uya kuba njengomthi otyalwe ngakwimisinga yamanzi, onika isiqhamo sawo ngexesha lawo nonamahlamvu angabuniyo, yaye konke akwenzayo kuya kuphumelela.’ Ngaba uyayibona ingongoma kwezi ndinyana? Kulula ukuwafunda loo mazwi uze ugqibe ngokuthi anikela nje umfanekiso omhle wendawo enoxolo—umthunzi womthi okhula ngasemlanjeni. Hayi indlela ekumnandi ngayo ukuthi ngqwa emva kwemini phantsi komthi onjalo! Kodwa le ndumiso ayisikhuthazi ukuba sicinge ngokuphumla. Isinika umfanekiso owahlukileyo, okhuthaza ukuzibhokoxa. Njani?
17 Phawula ukuba umthi ekuthethwa ngawo apha asingomthi womthunzi ozikhulela nje ngasemlanjeni. Ngumthi ovelisa iziqhamo, “otyalwe” ngabom kwindawo ekhethiweyo—“ngakwimisinga yamanzi.” Umthi omnye unokukhula njani ngakwimisinga emininzi? Kaloku, kwibhoma lemithi yeziqhamo, umnini-lo usenokumba amaqula okunkcenkceshela ukuze ondle iingcambu zale mithi ixabisekileyo ngamanzi. Heke-e, nantso ke ingongoma! Ukuba senza inkqubela ngokomoya njengalo mthi, kungenxa yokuba kukho umntu othile oye wazibhokoxa ukusinceda. Sinxulumene nentlangano esiphathela amanzi asulungekileyo enyaniso, kodwa nathi simele sifeze indima yethu. Sifanele sibe kwimeko yokuwafunxa la manzi axabisekileyo, sicamngce size senze uphando olufunekayo ukuze sifake iinyaniso zeLizwi likaThixo engqondweni nasentliziyweni yethu. Ngaloo ndlela nathi siya kuvelisa isiqhamo esihle.
18. Yintoni efunekayo ukuze sifumane iimpendulo zeBhayibhile kwimibuzo esinayo?
18 IBhayibhile ayisincedi nganto ukuba iqokelela nje uthuli eshelufini. Asilokhubalo—ngokungathi sinokucimela, size siyivule naphi na size silindele ukufumana isicombululo kwingxaki esinayo kwiphepha evuleke kulo. Xa sifanele senze izigqibo, sifanele sembe ukuze sifumane “ukumazi uThixo” ngokungathi bubutyebi obufihliweyo. (IMizekeliso 2:1-5) Sifanele senze uphando olunzulu nolwenyameko ukuze isiluleko seZibhalo sifikelele intswelo esinayo. Sineempapasho ezininzi ezisekelwe eBhayibhileni zokusinceda ukuze senze uphando. Njengokuba sizisebenzisa ngenkuthalo ukuze sifumane iingongoma ezibalulekileyo zobulumko beLizwi likaThixo, eneneni sisebenzisa uncedo oluvela kuYehova.
Uncedo Olufumaneka Kubazalwana Bethu
19. (a) Kutheni amanqaku eMboniselo nakaVukani! enokugqalwa njengoncedo oluvela kwamanye amakholwa? (b) Uncedwe njani linqaku elithile elikomnye woolindixesha bethu?
19 Abakhonzi bakaYehova abangabantu bebesoloko bencedana. Ngaba uYehova uguqukile? Akunjalo. Ngokungathandabuzekiyo ngamnye kuthi unokucinga ngesihlandlo awafumana ngaso uncedo ebelufuna ngexesha elifanelekileyo kwamanye amakholwa. Ngokomzekelo, ngaba uyalikhumbula inqaku elithile kwiMboniselo okanye kuVukani! elakuthuthuzelayo xa wawusengxakini okanye lakunceda ukuze usingathe ingxaki ethile ephathelele ukholo lwakho? UYehova wakunceda esebenzisa “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” elimiselwe ukuze lisinike “ukutya . . . ngexesha elifanelekileyo.”—Mateyu 24:45-47.
20. Ziziphi iindlela abadala abangamaKristu abazingqina ngayo ‘bezizipho ezingabantu’?
20 Noko ke, ngamaxesha amaninzi uncedo oluvela kwamanye amakholwa luba lolungqalileyo. Umdala ongumKristu unikela intetho echukumisayo, okanye asityelele ngenjongo yokwalusa aze asincede kwingxaki ethile, okanye anikele isiluleko sobubele esisinceda ukuze sibone size soyise ubuthathaka obuthile. Omnye umKristu onoxabiso wabhala esithi ngoncedo awalufumana kumdala othile: “Entsimini, wazinika ixesha ukuze andincede ndithethe. Kubusuku nje obungaphambili, bendithandaza kuYehova, ndicela ukuba andincede ngomntu endinokuthetha naye. Kusuku olulandelayo, lo mzalwana wathetha nam ngendlela yovelwano. Wandinceda ndabona indlela uYehova ebendinceda ngayo kangangexesha elide. Ndiyambulela uYehova ngokundithumelela lo mdala.” Ngazo zonke ezo ndlela, abadala abangamaKristu bazibonakalisa ‘bezizipho ezingabantu,’ ezivela kuYehova ngoYesu Kristu ukuze basincede sinyamezele kule ndlela esa ebomini.—Efese 4:8.
21, 22. (a) Yintoni eyenzekayo xa abo basebandleni besebenzisa isiluleko esifumaneka kwabaseFilipi 2:4? (b) Kutheni kwanezenzo ezincinane zobubele zibalulekile?
21 Ukongezelela kubadala, wonke umKristu othembekileyo ufanele asebenzise umyalelo ophefumlelweyo wokunyamekela “kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.” (Filipi 2:4) Xa abo basebandleni lamaKristu besebenzisa eso siluleko, benzelana ububele. Ngokomzekelo, enye intsapho ngequbuliso yajamelana nentlungu engathethekiyo. Indoda yayihambe nentombazanana yayo isiya evenkileni. Xa begoduka, baba kwingozi yemoto. Le ntombazana yafa; uyise wonzakala kakhulu. Yakuba iphumile esibhedlele, le ndoda yayingxwelerheke kangangokuba ekuqaleni yayingakwazi nokuzenzela nto. Umfazi wayo wayexheleke kangangokuba wayengakwazi ukuyinyamekela eyedwa indoda yakhe. Ngoko ke esinye isibini ebandleni sayithabathela ekhayeni laso le ntsapho ukuze siyinyamekele kangangeeveki eziliqela.
22 Phofu ke, asizizo zonke izenzo zobubele ezibandakanya intlekele enje nokuzincama okufanayo. Olunye uncedo esilufumanayo luncinane gqitha. Kodwa enoba sifumene uncedo oluncinane kangakanani na, siyaluxabisa, akunjalo na? Ngaba unokucinga ngezihlandlo xa umzalwana okanye udade othile wathetha ilizwi lobubele okanye wenza isenzo sothando kanye esiluncedo obulufuna? UYehova usoloko esinceda ngeendlela ezinjalo.—IMizekeliso 17:17; 18:24.
23. UYehova ukujonga njani ukufuna kwethu ukunceda abanye?
23 Ngaba ungathanda ukuba uYehova akusebenzise ukuze uncede abanye? Usenokulifumana ilungelo elinjalo. Enyanisweni, uYehova uyayixabisa imigudu oyenzayo. ILizwi lakhe lithi: “Obabala isisweli uboleka uYehova, yaye impatho yakhe uya kumbuyekeza ngayo.” (IMizekeliso 19:17) Sifumana uyolo olukhulu xa sizinikela ekuncedeni abazalwana noodade. (IZenzo 20:35) Abo bazikhetha ngabom kwabanye abalufumani uvuyo lokunikela uncedo nokhuthazo olufumaneka ngokuncedwa. (IMizekeliso 18:1) Ngenxa yoko, masithembeke ekuhlanganisaneni nabanye kwiintlanganiso zamaKristu ukuze sikhuthazane.—Hebhere 10:24, 25.
24. Kutheni singafanele sivakalelwe ngokungathi sibandezwa okuthile kuba singayiboni imimangaliso uYehova awayeyenza ngaphambili?
24 Ngaba akuyolisi ukucinga ngeendlela uYehova asinceda ngazo? Nangona singaphili kwixesha uYehova enza ngalo imimangaliso ukuze aphumeze iinjongo zakhe, asifanele sizive ngathi sibandezwe okuthile. Okubalulekileyo kukuba uYehova usinika lonke uncedo esilufunayo ukuze sihlale sithembekile. Yaye ukuba sinyamezela ndawonye elukholweni, siya kuphila ukuze sibone esona senzo sikaYehova singummangaliso embalini! Masizimisele ukwamkela size silusebenzise ngokupheleleyo uncedo lukaYehova lothando ukuze sikwazi ukuwavakalisa amazwi omxholo wethu wonyaka wama-2005 athi: “Uncedo lwam luvela kuYehova.”—INdumiso 121:2.
Ucinga Ntoni?
UYehova ulunikela njani uncedo esilufunayo namhlanje—
• ngeengelosi?
• ngomoya wakhe oyingcwele?
• ngeLizwi lakhe eliphefumlelweyo?
• ngamanye amakholwa?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Kulukhuthazo ukwazi ukuba iingelosi ziyawuxhasa umsebenzi wokushumayela
[Umfanekiso okwiphepha 21]
UYehova usenokusebenzisa elinye ikholwa ukuze asithuthuzele