19 Kubhetele ukuba lihlwempu ube ungasoleki+
Kunokuba ube sisidenge esixokayo.+
2 Umntu ongenalwazi akalunganga,+
Nomntu otyhuthuzelayo uyona.
3 Bubudenge bomntu obugqwetha indlela yakhe,
Nentliziyo yakhe iba nomsindo ngakuYehova.
4 Ubutyebi butsala abahlobo abaninzi,
Kodwa umntu ongenanto ulahlwa kwanangumhlobo wakhe.+
5 Ingqina elixokayo alizukusinda esohlwayweni,+
Nohlala exoka akazukubhungca.+
6 Abantu abaninzi bafuna ukuthandwa zizikhulu,
Ibe wonke umntu uba ngumhlobo womntu othanda ukupha.
7 Umntu ongenanto ucatshukelwa nangabantakwabo;+
Kobekisela phi ke ngabahlobo bakhe ukungamfuni!+
Uthi efuna ukubacenga, suke bamshiye apho.
8 Nabani na ofumana ubulumko uyazithanda.+
Nabani na okuxabisileyo ukuqonda uza kuphumelela.+
9 Ingqina elixokayo alizukusinda esohlwayweni,
Nohlala exoka uza kutshabalala.+
10 Ubunewunewu abusifaneli isidenge;
Kobekisela phi ke ngokuba isicaka silawule iinkosana!+
11 Ingqiqo imenza angakhawulezi acaphuke umntu,+
Ibe uyathandeka ngenxa yokungakuhoyi ukucatshukiswa.+
12 Umsindo kakumkani unjengokugquma kwengonyama,+
Kodwa ukuthandwa nguye kunjengombethe phezu kotyani.
13 Unyana osisidenge umzisela iingxaki utata wakhe,+
Nomfazi onochuku unjengophahla oluhlala luvuza.+
14 Indlu nobutyebi lilifa elivela kootata,
Kodwa umfazi osebenzisa ingqondo, uvela kuYehova.+
15 Ivila lihlala likobude ubuthongo,
Ibe umntu olinqenerha uza kubhuqwa yindlala.+
16 Umntu othobela umyalelo ukhusela ubomi bakhe;+
Yena owenza unothanda uza kufa.+
17 Umntu omphatha kakuhle osweleyo uboleka uYehova,+
Ibe uza kumhlawula ngaloo nto.+
18 Mqeqeshe unyana wakho ngoxa kusekho ithemba,+
Ungabi netyala ngokufa kwakhe.+
19 Umntu onomsindo okhawulezayo uza kuhlawuliswa;
Ukuba uyamthethelela, kuza kufuneka uhlale umthethelela.+
20 Mamela xa ucetyiswa, wamkele nengqeqesho,+
Ukuze ube sisilumko kwixesha elizayo.+
21 Maninzi amacebo asentliziyweni yomntu,
Kodwa kukuthanda kukaYehova okuza kuphumelela.+
22 Into ethandekayo emntwini kukungagungqi kwakhe eluthandweni;
Ibe kungcono ukuba lihlwempu kunokuba lixoki.+
23 Ukoyika uYehova kusa ebomini;+
Umntu omoyikayo ulala obehlayo ubuthongo, akazukwehlelwa yinto embi.+
24 Ivila lisifaka sitshone isandla kwisitya esinokutya,
Kodwa lonqena nokusikhupha oku lisise emlonyeni walo.+
25 Mbethe umgculeli,+ ukuze ongenamava alumke,+
Mohlwaye onengqondo, ukuze ongeze ulwazi.+
26 Umntu omphatha gadalala utata wakhe, agxothe nomama wakhe
Ngunyana obangela iintloni nehlazo.+
27 Nyana wam, ukuba awuyihoyi ingqeqesho,
Uza kuwalahla amazwi olwazi.
28 Ingqina elingungantweni lihlekisa ngobulungisa,+
Nomlomo wabenzi-bubi ubimbiliza izinto ezimbi.+
29 Isigwebo sigcinelwe abantu abathetha ukusa,+
Nemivumbo ilungiselelwe imiqolo yezidenge.+