“Akuzange Kubekho Omnye Umntu Othetha Njengalo”
“Bonke banikela ubungqina obuhle ngaye, bamangaliswa ngamazwi amnandi awayephuma emlonyeni wakhe.”—LUKA 4:22.
1, 2. (a) Kwakutheni ukuze amagosa awayethunywe ukuya kubamba uYesu abuye ephaca? (b) Yintoni ebonisa ukuba asingaloo magosa kuphela awayechukumisekile yimfundiso kaYesu?
AMAGOSA asilela ukuphumeza uthumo lwawo. Ayethunywe ukuya kubamba uYesu Kristu, kodwa abuya ephaca. Ababingeleli abaziintloko nabaFarisi bawabuza bathi: “Kutheni ningamzisanga nje?” Enyanisweni ke, yintoni eyabangela ukuba loo magosa angakwazi ukumbamba umntu owayengayi kulwa nawo? Amagosa aphendula athi: “Akuzange kubekho omnye umntu othetha njengalo.” Ayechukumiseke gqitha yimfundiso kaYesu kangangokuba aziva engakwazi ukuyibamba aze ayivalele loo ndoda inoxolo.a—Yohane 7:32, 45, 46.
2 Loo magosa asingawo kuphela awayechukumisekile yimfundiso kaYesu. IBhayibhile isixelela ukuba kwakusiza izihlwele zabantu zize kumphulaphula. Abantu bedolophu yakowabo bamangaliswa “ngamazwi amnandi awayephuma emlonyeni wakhe.” (Luka 4:22) Kangangezihlandlo eziliqela wathetha esesikhepheni nezihlwele ezazihlanganisene kunxweme loLwandle lwaseGalili. (Marko 3:9; 4:1; Luka 5:1-3) Ngesinye isihlandlo, kwabakho “isihlwele esikhulu” esahlala naye kangangeentsuku, singakhange sitye.—Marko 8:1, 2.
3. Yintoni eyenza uYesu waba ngumfundisi obalaseleyo?
3 Yintoni eyenza uYesu waba ngumfundisi obalaseleyo? Isizathu esiyintloko yaba luthando.b UYesu wayeyithanda inyaniso awayeyifundisa, yaye ebathanda nabantu awayebafundisa. Kwakhona, uYesu wayenobuchule obukhethekileyo bokufundisa. Kumanqaku afundisiswayo ale nkupho, siza kuxubusha ngezinye iindlela eziphumelelayo awazisebenzisayo nangendlela esinokumxelisa ngayo.
Ukusebenzisa Indlela Elula Necacileyo
4, 5. (a) Kwakutheni ukuze uYesu asebenzise amazwi alula kwimfundiso yakhe yaye yintoni ebalulekileyo ngokwenza kwakhe oko? (b) INtshumayelo yaseNtabeni ingumzekelo njani wendlela elula eyasetyenziswa nguYesu kwimfundiso yakhe?
4 Iqhelekile into yokuba izifundiswa zisebenzise amazwi antsonkothileyo kubaphulaphuli bazo. Kodwa ukuba abanye abakuqondi oko sikuthethayo, baya kungenelwa njani kulwazi esinalo? Ekufundiseni kwakhe, uYesu akazange asebenzise amazwi antsonkothileyo. Khawucinge nje indlela esimele ukuba sasityebe ngayo isigama awayenaso. Ukanti, phezu kwalo nje ulwazi lwakhe oluninzi, wayecingela abaphulaphuli bakhe, engacingi ngaye siqu. Wayesazi ukuba abaninzi kubo “babengabantu abangenamfundo nabaqhelekileyo.” (IZenzo 4:13) Ukuze bamve kakuhle, wasebenzisa ulwimi ababeluqonda abo bantu. Nangona wayesebenzisa amagama alula, kodwa inyaniso awayeyidlulisela yayinamandla gqitha.
5 Ngokomzekelo, cinga ngeNtshumayelo yaseNtabeni ekuMateyu 5:3–7:27. Kusenokwenzeka ukuba uYesu wathabatha imizuzu engama-20 ukunikela loo ntshumayelo. Ukanti, iqulethe iimfundiso ezinzulu, ezigubungela imibandela enjengokukrexeza, uqhawulo-mtshato, nokuthanda izinto eziphathekayo. (Mateyu 5:27-32; 6:19-34) Noko ke, ayinamazwi antsonkothileyo nanobucukubhede. Kaloku, akukho nelinye igama elingenakuqondwa ngokulula ngumntwana! Siyaqondakala ke isizathu sokuba ekuyigqibeni kwakhe loo ntshumayelo, izihlwele—ekunokwenzeka ukuba zaziquka inkitha yabalimi, abelusi, nabalobi beentlanzi—zathi ‘khamnqa yindlela yakhe yokufundisa!’—Mateyu 7:28.
6. Nika umzekelo wendlela awayelula kodwa enentsingiselo ngayo amazwi awathethwa nguYesu.
6 Esoloko esebenzisa amazwi acacileyo nambalwa, uYesu wathetha izinto ezilula nezinentsingiselo. Nangona ngelo xesha zazingekashicilelwa iincwadi, leyo yindlela yena awasibethelela ngayo isigidimi sakhe kwiingqondo nakwiintliziyo zabaphulaphuli bakhe. Phawula eminye yaloo mizekelo: “Akukho bani unokukhonza iinkosi ezimbini; . . . aninakukhonza uThixo nobuTyebi.” “Musani ukugweba ukuze ningagwetywa.” “Niya kubaqonda ngeziqhamo zabo abo bantu.” “Kubantu abasempilweni akufuneki gqirha, kodwa kwabagulayo uyafuneka.” “Bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele.” “Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.” “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”c (Mateyu 6:24; 7:1, 20; 9:12; 26:52; Marko 12:17; IZenzo 20:35) Loo mazwi akakalibaleki nanamhlanje, nangona uYesu wawathetha ngaphezu kweminyaka engama-2 000 eyadlulayo.
Ukusebenzisa Imibuzo
7. Kwakutheni ukuze uYesu abuze imibuzo?
7 UYesu wasebenzisa imibuzo ngendlela ephawulekayo. Ngokufuthi wayesenjenjalo kwanaxa engazi kuchitha xesha lide ukuze acacisele abaphulaphuli bakhe eyona ngongoma. Ngoko ke, kwakutheni ukuze abuze imibuzo? Maxa wambi, wayebuza imibuzo exhokonkx’ iingcinga ukuze abhence iintshukumisa zabachasi bakhe, ngaloo ndlela ebaval’ umlomo. (Mateyu 12:24-30; 21:23-27; 22:41-46) Noko ke, kumaxesha amaninzi wayesebenzisa imibuzo ukudlulisela inyaniso, khon’ ukuze abaphulaphuli bakhe bakhuphe oko kwakusezintliziyweni zabo, nokuze enze abafundi bakhe baqhele ukucingisisa. Makhe siqwalasele le mizekelo mibini, iphathelele umpostile uPetros.
8, 9. UYesu wayisebenzisa njani imibuzo ukuze ancede uPetros afikelele kwisigqibo esichanileyo kumbandela ophathelele ukuhlawulwa kwerhafu yasetempileni?
8 Okokuqala, cinga ngesihlandlo xa abaqokeleli berhafu babuza uPetros ukuba uYesu wayeyihlawula kusini na irhafu yasetempileni.d Engaqinisekanga uPetros, wathi “Ewe.” Noko ke, kamsinya emva koko, uYesu waqiqa naye wathi: “‘Ucinga ntoni, Simon? Ookumkani bomhlaba bazifumana kubani iimfanelo okanye irhafu yentloko? Koonyana babo okanye kwabasemzini?’ Akuthi: ‘Kwabasemzini,’ uYesu wathi kuye: ‘Ngokwenene, ke ngoko, oonyana bakhululekile kwirhafu.’” (Mateyu 17:24-27) Kumele ukuba yamcacela uPetros eyona ngongoma yemibuzo kaYesu. Ngoba?
9 Ngomhla kaYesu, amalungu entsapho yasebukhosini ayengayihlawuli irhafu. Ngoko ke, njengokuphela koNyana ozelwe nguKumkani wasezulwini owayenqulwa apho etempileni, uYesu wayenganyanzelekanga ukuhlawula irhafu. Phawula ukuba kunokuba amxelele nje impendulo echanileyo uPetros, ngobuchule uYesu wasebenzisa imibuzo ukuze ancede uPetros afikelele kwisigqibo esichanileyo—mhlawumbi nokuze amncede abone imfuneko yokuqale acingisise kakuhle ngaphambi kokuba athethe.
10, 11. UYesu wasabela njani xa uPetros wasusa indlebe yenye indoda ngobusuku bePasika yowama-33 C.E., yaye oku kubonisa njani ukuba uYesu wayekuqonda ukubaluleka kokusebenzisa imibuzo?
10 Umzekelo wesibini uphathelele isihlandlo esenzeka kubusuku bePasika yowama-33 C.E. xa kwafika isihlwele size kubamba uYesu. Abafundi babuza uYesu enoba babefanele balwe kusini na ukuze bamkhusele. (Luka 22:49) Engalindelanga mpendulo, uPetros wasusa indlebe yenye yaloo madoda ngekrele (nangona kusenokwenzeka ukuba uPetros wayefuna ukuyenzakalisa ngakumbi). UPetros wenza ngokuchasene nokuthanda kwenkosi yakhe, kuba uYesu wayekulungele ukuzinikezela. Wasabela njani uYesu? Njengoko wayesoloko enomonde, wabuza uPetros imibuzo emithathu wathi: “Indebe andinike yona uBawo, andifanele na ngandlela zonke ndiyisele?” “Ucinga ukuba andinako ukubongoza uBawo andibonelele ngawo lo mzuzu ngemikhosi yeengelosi engaphezu kweshumi elinesibini? Ngoko, beziya kuzaliseka njani iZibhalo ezithi kumele kwenzeke ngale ndlela?”—Yohane 18:11; Mateyu 26:52-54.
11 Khawukhe ucinge nje ngeso sihlandlo. UYesu wayengqongwe sisihlwele esinomsindo, esazi ukuba ukufa kwakhe kusondele yaye ukuthethelelwa kwegama likaYise nokusindiswa koluntu kuxhomekeke kuye. Sekunjalo, wasebenzisa elo xesha ngoko nangoko ukuze abethelele ukubaluleka kwenyaniso engqondweni kaPetros ngokusebenzisa imibuzo. Ngaba ayicacanga into yokuba uYesu wayeyiqonda indlela ekubaluleke ngayo ukusebenzisa imibuzo?
Ukusebenzisa Izibaxo
12, 13. (a) Yintoni isibaxo? (b) UYesu wazisebenzisa njani izibaxo ukuze agxininise ubuyatha bokugxeka iziphoso ezincinane zabazalwana bethu?
12 Kubulungiseleli bakhe, uYesu wayedla ngokusebenzisa nenye indlela ephumelelayo yokufundisa—izibaxo. Oku kukubaxwa kwento ngenjongo yokugxininisa. Ngokusebenzisa izibaxo, uYesu wayebenza abaphulaphuli bakhe babe nemifanekiso-ngqondweni engalibalekiyo. Makhe siqwalasele imizekelo embalwa.
13 KwiNtshumayelo yaseNtabeni, xa wayebethelela imfuneko ‘yokungabagwebi’ abanye, uYesu wathi: “Kutheni, ngoko, ukhangela udiza olukwiliso lomzalwana wakho, kodwa ungawuqwalaseli umqadi okwelakho iliso?” (Mateyu 7:1-3) Ngaba unawo umfanekiso-ngqondweni woko? Umntu othanda ukugxeka ufuna ukususa udiza nje oluncinane alubona “kwiliso” lomzalwana wakhe. Lo mgxeki usenokuthi olu diza luyamsitha umzalwana wakhe ukuze angakwazi ukwenza ugwebo olufanelekileyo. Kodwa yena kuqala lo mgxeki usithwe ‘ngumqadi’ okanye ipali. Enjani yona ukungalibaleki indlela yokugxininisa ubuyatha bokugxeka iziphoso ezincinane zabazalwana bethu ngoxa thina sineziphoso ezikhulu!
14. Kutheni amazwi kaYesu aphathelele ukuhluzwa kwembuzane nokubimbilizwa kwenkamela esisibaxo esinamandla ngokukhethekileyo?
14 Ngesinye isihlandlo, uYesu wakhalimela abaFarisi esithi ‘baziinkokeli eziziimfama, ezihluza imbuzane kodwa zibimbilize inkamela.’ (Mateyu 23:24) Apha wasebenzisa isibaxo esinamandla ngokukhethekileyo. Kutheni sisitsho nje? Kaloku wawusothusa umahluko ophakathi kwembuzane nenkamela, eyayisesinye sezona zilwanyana zikhulu ezazisaziwa ngabo babephulaphule uYesu. Kuqikelelwa ukuba zingama-70 ezigidi iimbuzane ezinokulingana ubunzima benkamela! Kwakhona, uYesu wayesazi ukuba abaFarisi babehluza iwayini yabo ngesihluzo selaphu. Babebambelela ngokungqongqo kuloo mithetho ukuze baphephe ukuginya imbuzane nto leyo eyayiya kubenza bangahlambuluki. Ukanti, ngendlela efuziselayo babebimbiliza inkamela, nayo eyayingahlambulukanga. (Levitikus 11:4, 21-24) Yayicacile eyona ngongoma kaYesu. AbaFarisi babezondelela gqitha ezona nkcukacha zincinane zoMthetho, kodwa babengayinanzi imibandela ebaluleke ngakumbi—“okusesikweni nenceba nokuthembeka.” (Mateyu 23:23) Hayi indlela awakubhenca ngokucace ngayo uYesu oko babekuko!
15. Ziziphi ezinye izifundo ezafundiswa nguYesu esebenzisa izibaxo?
15 Kubo bonke ubulungiseleli bakhe, uYesu wayesoloko esebenzisa izibaxo. Khawuqwalasele le mizekelo ilandelayo. ‘Ukholo olulingana nokhozo oluncinane lwemostade’ olunokushenxisa intaba—ayikho enye indlela enamandla ngakumbi kunaleyo awayenokuyisebenzisa uYesu ukuze agxininise ukuba kwanolona kholo luncinane lunokuphumeza izinto ezinkulu. (Mateyu 17:20) Inkamela enkulu izama ukuphumela kwintunja yenaliti—hayi indlela oku okububonisa kakuhle ngayo ubunzima esijamelana nabo isityebi esizama ukukhonza uThixo ngoxa sithanda izinto eziphathekayo! (Mateyu 19:24) Ngaba akumangaliswa bobu buchule bokuthetha bukaYesu nokukwazi kwakhe ukuphumeza okukhulu ngamazwi ambalwa?
Ukuqiqa Ngendlela Engenakuphikiswa
16. UYesu wayesoloko ebusebenzisa ngayiphi indlela ubuchule bakhe bokuqiqa?
16 Ekubeni wayenengqondo egqibeleleyo, uYesu wayenobuchule obubalaseleyo bokuqiqa nabantu. Ukanti, akazange abusebenzise kakubi obo buchule. Kunoko wayesoloko eqiqa nabantu ukuze abafundise inyaniso. Maxa wambi, wayeqiqa nabantu bonqulo ababemchasa ukuze aphikise izityholo zabo zobuxoki. Kwizihlandlo ezininzi, wayeqiqa nabafundi bakhe ukuze abafundise izifundo ezibalulekileyo. Makhe siqwalasele ubuchule bukaYesu bokukwazi ukuqiqa.
17, 18. UYesu waqiqa njani nabaFarisi ukuze aphikise isityholo sabo sobuxoki?
17 Khawucinge ngesihlandlo apho uYesu waphilisa indoda enedemon eyayiyimfama yaye isisimumu. Besakuva ngoko abaFarisi bathi: “Lo mfo akazikhuphi iidemon ngaphandle kwangoBhelezebhubhe [uSathana], umlawuli weedemon.” Phawula ukuba abaFarisi bavuma ukuba kwakufuneka amandla angaphezu kwawabantu ukuze kukhutshwe iidemon zikaSathana. Noko ke, ukuze benze abantu bangakholelwa kuYesu, bathi amandla akhe ayevela kuSathana. Ebonisa ukuba abazange bakucingisise oko babekuthetha, uYesu waphendula wathi: “Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa buyaphanza, yaye sonke isixeko okanye indlu eyahlulelene yodwa ayiyi kuma. Ngokufanayo, ukuba uSathana ukhupha uSathana, wahlulelene yedwa; ngoko, buya kuma njani ubukumkani bakhe?” (Mateyu 12:22-26) Enyanisweni, eyona nto wayeyithetha uYesu yile: ‘Ukuba, njengoko nisitsho, bendithunywe nguSathana, ukuba ndichithe oko akwenzileyo, ngoko uSathana ebeya kuba ulwa neminqweno yakhe yaye ebeya kuwa kungekudala.’ Obu yayibubuchule obubalaseleyo bokuqiqa, akunjalo?
18 Wandula ke uYesu waqiqa ngakumbi ngalo mbandela. Wayesazi ukuba abanye kubaFarisi babezikhupha iidemon. Ngoko wabuza umbuzo olula kodwa owabaxakanisayo, wathi: “Ukuba iidemon ndizikhupha ngoBhelezebhubhe, bazikhupha ngabani bona oonyana [okanye abafundi] benu?” (Mateyu 12:27) Nantsi eyona ngongoma kaYesu: ‘Eneneni, ukuba mna ndizikhupha ngamandla kaSathana iidemon, ngoko nabafundi benu bamele ukuba basebenzisa kwaloo mandla afanayo.’ Babeza kuthini abaFarisi? Babengenakuze bavume ukuba abafundi babo babesebenzisa amandla kaSathana. Eqiqa ngendlela engenakuphikiswa, uYesu wasenza isityholo sabo savakala sibubudenge.
19, 20. (a) Yiyiphi indlela uYesu awayisebenzisa ngayo ingqiqo? (b) UYesu wawasebenzisa njani amazwi athi ‘wobeka phi na ke yena’ xa wayephendula abafundi bakhe kwisicelo sabo sokufundiswa indlela yokuthandaza?
19 Ukongezelela ekusebenziseni ingqiqo ukuze avale umlomo abo babemchasa, uYesu wayisebenzisa nasekufundiseni inyaniso echukumis’ intliziyo ngoYehova. Kangangezihlandlo eziliqela, xa eqiqisa abaphulaphuli bakhe wayedla ngokusebenzisa amazwi athi ‘wobeka phi na ke yena,’ ukuze abancede bayiqonde ngakumbi inyaniso. Makhe siqwalasele imizekelo emibini nje kuphela.
20 Xa wayephendula abafundi bakhe kwisicelo sabo sokubafundisa indlela yokuthandaza, uYesu wenza umzekeliso wendoda okwathi ‘ukuzingisa’ kwayo kwashukumisela umhlobo wayo owayesala ukuba ayinike oko yayikucela. Kwakhona uYesu wachaza indlela abazali abakulungele ngayo ‘ukunika abantwana babo izipho ezilungileyo.’ Emva koko waqukumbela wathi: “Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!” (Luka 11:1-13) UYesu wayengathethi ngokufana phakathi koThixo nabantu kodwa wayebhekisela kumahluko ophakathi kwabo. Ukuba loo mhlobo wayesala wada wamnceda ummelwane wakhe, yaye abazali abangafezekanga bayabanyamekela abantwana babo, kuya kubekela phi na ke ngoBawo wethu onothando wasezulwini ukubanika umoya oyingcwele abakhonzi bakhe abathembekileyo xa bethandaza kuye ngokuzithoba!
21, 22. (a) Yiyiphi indlela yokuqiqa awayisebenzisayo uYesu xa wayenikela isiluleko sokujamelana nokuxhalela izinto eziphathekayo? (b) Emva kokuhlolisisa iindlela ezimbalwa zikaYesu zokufundisa, sisiphi isigqibo esifikelela kuso?
21 UYesu wasebenzisa indlela efanayo yokuqiqa xa wayenikela isilulelo sokujamelana nokuxhalela izinto eziphathekayo. Wathi: “Phawulani kakuhle ukuba amahlungulu akahlwayeli mbewu yaye akavuni, yaye akanasisele navimba, ukanti uThixo uyawondla. Nixabiseke kangakanani ke nina kuneentaka? Phawulani kakuhle indlela ezikhula ngayo iinyibiba; azibulaleki yaye azisonti . . . Ukuba, ke, uThixo wenjenjalo ukubambesa utyani basendle obuthi bubekho namhlanje buze ngomso buphoswe eontini, wobeka phi na ke ukunambesa nina, nina nilukholo luncinane!” (Luka 12:24, 27, 28) Ewe, ukuba uYehova uyazinyamekela iintaka neentyatyambo, uya kubekela phi ke ukunyamekela abakhonzi bakhe! Ngokuqinisekileyo loo ndlela yokuqiqa yazichukumisa iintliziyo zabaphulaphuli bakaYesu.
22 Emva kokuhlolisisa iindlela ezimbalwa zikaYesu zokufundisa, sinokufikelela ngokulula kwisigqibo sokuba loo magosa angazange akwazi ukumbamba ayengazibaxi izinto xa athi: “Akuzange kubekho omnye umntu othetha njengalo.” Kodwa indlela yokufundisa asenokuba yeyona aziwa ngayo uYesu kukusebenzisa imizekeliso, okanye amabali. Kwakutheni ukuze asebenzise loo ndlela? Yaye yintoni eyabangela ukuba iphumelele imizekeliso yakhe? Le mibuzo iza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kusenokwenzeka ukuba la yayingamagosa eSanhedrin awayephethwe ngababingeleli abaziintloko.
b Bona inqaku elithi “Ndinibekela Umzekelo” nelithi “Qhubekani Nindilandela,” kwinkupho yeMboniselo ka-Agasti 15, 2002.
c La mazwi okugqibela, akwiZenzo 20:35, acatshulwe ngumpostile uPawulos kuphela, nangona umongo wawo ufumaneka kwiincwadi zeVangeli. Kusenokwenzeka ukuba uPawulos wawaxelelwa (mhlawumbi ngomnye umfundi owaweva kuYesu okanye kuYesu owayevusiwe) okanye wawatyhilelwa nguThixo.—IZenzo 22:6-15; 1 Korinte 15:6, 8.
d AmaYuda kwakufuneka ahlawule irhafu yasetempileni yonyaka eziidrarhma ezimbini (malunga nomvuzo weentsuku ezimbini). Loo mali yerhafu yayisetyenziselwa ukuhlaziywa kwetempile, iinkonzo ezazisenziwa apho nemibingelelo yemihla ngemihla eyayisenzelwa olo hlanga.
Ngaba Usakhumbula?
• Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba iimfundiso zikaYesu zazilula yaye zicacile?
• Kwakutheni ukuze uYesu asebenzise imibuzo ekufundiseni kwakhe?
• Yintoni isibaxo, yaye uYesu wayisebenzisa njani le ndlela yokufundisa?
• UYesu wayisebenzisa njani ingqiqo ukuze afundise abafundi bakhe iinyaniso ezichukumis’ intliziyo ngoYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
UYesu wasebenzisa ulwimi olulula olwaluqondwa ngabantu abaqhelekileyo
[Umfanekiso okwiphepha 10]
AbaFarisi ‘babehluza imbuzane kodwa babimbilize inkamela’