Isahluko 82
UYesu Usinga EYerusalem Kwakhona
NGOKUKHAWULEZA uYesu usendleleni kwakhona, efundisa kwizixeko ngezixeko nakwimizi ngemizi. Kucaca ukuba ukwisithili sasePereya, ngaphesheya koMlambo iYordan xa usuka kwelakwaYuda. Kodwa apho asinge khona kuseYerusalem.
Mhlawumbi yintanda-bulumko yamaYuda ethi linani nje eliqingqiweyo labantu abaya kusindiswa eshukumisela ukuba kubekho mntu uthile obuza athi: “Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?” Kwimpendulo yakhe, uYesu ubanyanzelela abantu ekucingeni ngoko kuyimfuneko ukuze kuzuzwe usindiso: “Zamani [oko kukuthi, zabalazani, okanye qwelani namandla okugqibela] ukungena ngesango elimxinwa.”
Umgudu wamandla onjalo ungxamisekile kuba, uYesu uyaqhubeka, “baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe.” Kungani bengayi kukwazi ukungena nje? Uchaza esithi xa ‘umninimzi sele evukile waza walutshixa ucango baza abantu abemi ngaphandle bankqonkqoza, besithi, “Nkosi, sivulele,” uya kuthi kubo: “Andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basebenzi bokungalungileyo.”’
Kubonakala ukuba abantu abatshixelwe ngaphandle beza kuphela ngexesha elibalungeleyo bona. Kodwa ngelo xesha ucango oluvulela amathuba angakumbi luvaliwe lwaza lwatshixwa. Bebemele ukuba bafike kwangethuba ukuze bangene, kwanokuba elo thuba belisenokuba alibalungele kangako bona. Eneneni, kukho umphumo olusizi olindele bonke abo bakubekela bucala ukwenza ukunqula uYehova kube yeyona njongo iphambili ebomini!
Ubukhulu becala, amaYuda lawo uYesu athunyelwe ukuya kulungiselela kuwo, asilele ukuxhakamfula ithuba lawo elimangalisayo lokwamkela ilungiselelo likaThixo losindiso. Ngoko uYesu uthi aya kukhala aze atshixizise amazinyo awo xa ephoselwa ngaphandle. Kwelinye icala, abantu abavela “empumalanga nasentshonalanga, nasentla, nasezantsi,” ewe, kuzo zonke iintlanga, baya kuza baze “bangqengqe ebukumkanini bukaThixo.”
UYesu uyaqhubeka esithi: “Bakho abokugqibela [abo bacekiswayo bangengomaYuda, kwanaloo maYuda axinzelelwe phantsi] abaya kuba ngabokuqala; bakho nabokuqala [amaYuda ajongelwa phezulu ngenxa yezinto eziphathekayo nangenxa yonqulo] abaya kuba ngabokugqibela.” Ukuba ngabokugqibela kwabo kuthetha ukuba abo bangamavila, bangenambulelo abayi kuba seBukumkanini bukaThixo konke konke.
Ngoku kufika abaFarisi kuYesu baze bathi: “Phuma umke apha; ngokuba uHerode [Antipas] ufuna ukukubulala.” Kusenokwenzeka ukuba nguHerode ngokwakhe owaqalisa olu lurhe ukubangela ukuba uYesu asabe kulo mmandla. Kusenokuba uHerode wayesoyika ukubandakanyeka ekufeni komnye umprofeti kaThixo njengoko wayebandakanyekile ekubulaweni kukaYohane uMbhaptizi. Kodwa uYesu uyabaxelela aba baFarisi: “Yiyani nithi kuloo mpungutye, Uyabona, ndikhupha iidemon, ndifinyeze iimpiliso, namhla nangomso; ndithi ngowesithathu umhla ndifeze.”
Emva kokuba ewugqibile umsebenzi wakhe apho, uYesu uyaqhubeka nohambo lwakhe oluya eYerusalem ngenxa yokuba, njengokuba echaza, “akangekhe umprofeti atshabalalele ngaphandle kweYerusalem.” Kutheni kuyinto elindelekileyo ukuba uYesu abe wayeya kubulawelwa eYerusalem? Kungokuba iYerusalem isisixeko esilikomkhulu, apho kukho inkundla ephakamileyo yamalungu eNtlanganiso Yamatyala yamadoda amakhulu angama-71 nalapho amadini ezilwanyana anikelwa khona. Ngoko ke, bekungenakwenzeka ukuba “iMvana kaThixo” ibulawelwe naphi na kungekhona eYerusalem.
“Yerusalem, Yerusalem, ebabulalayo abaprofeti, ibagibisele ngamatye abo bathunywe kuyo! Kufuthi kangakanani na ndathandayo ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amantshontsho aso ngaphantsi kwamaphiko aso, anavuma! Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize,” ulila ngelitshoyo uYesu. Ngokuchasa uNyana kaThixo, olo hlanga lugwetyelwe intshabalalo!
Njengokuba uYesu eqhubeka nohambo lwakhe olusinge eYerusalem, umenyelwa endlwini yomnye wakubaphathi babaFarisi. Kungumhla weSabatha, ibe abantu bawakhuphe amehlo aziingqanda ukumjonga oku, ekubeni kukho umntu ogula yigalimoya, engamadyungudyungu amanzi ekunokwenzeka ukuba akwiingalo zakhe nakwimilenze yakhe. UYesu ubhekisa kubaFarisi nakubaqondisi-Mthetho abakhoyo, ebuza: “Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha?”
Bonke baba ziinkuku ezisikwe imilomo. Ngoko uYesu uyamphilisa lo mntu aze amndulule. Uyandula abuze esithi: “Lelikabani na kuni apha iesile, nokuba yinkomo, eya kweyela equleni, aze angayirholi kwaoko ngomhla wesabatha?” Kwakhona, akukho namnye ophendulayo. Luka 13:22–14:6; Yohane 1:29.
▪ UYesu uthi kufuneka ntoni ukuze kuzuzwe usindiso, yaye kutheni abaninzi betshixelwa ngaphandle?
▪ Bangoobani “abokugqibela” ababa ngabokuqala, ‘nabokuqala’ ababa ngabokugqibela?
▪ Kutheni le nto kusenokuba kwathiwa nguHerode owayefuna ukubulala uYesu?
▪ Kutheni kungenakwenzeka ukuba umprofeti abulawelwe ngaphandle kweYerusalem?