Isahluko 85
Ukufunwa Kwabalahlekileyo
UYESU ulangazelela ukufuna nokufumana abo baya kumkhonza ngokuthobekileyo uThixo. Ngoko uyabafuna aze kubo bonke abantu athethe ngoBukumkani, kuquka nakuboni abadumileyo. Ngeli thuba abantu abanjalo basondela kufutshane baze kumphulaphula.
Ekubeni bebona oku, abaFarisi nababhali bayamgxeka uYesu ngokusoloko ephakathi kwabantu ababajonga bengabalulekanga. Bayambombozela besithi: “Lo wamkela aboni, adle nabo.” Hayi indlela okubathoba ngayo isidima oko! AbaFarisi nababhali babaphatha abantu abaqhelekileyo njengokungcola okuphantsi kweenyawo zabo. Enyanisweni, basebenzisa ibinzana lesiHebhere elithi ‛am ha’aʹrets, “Abantu beli lizwe [bomhlaba],” ukubonisa ukucekisa kwabo abanjalo.
Kwelinye icala, uYesu yena uphatha wonke umntu ngesidima, ngobubele nangemfesane. Ngenxa yoko, uninzi lwaba bantu bathobekileyo, kuquka abantu abadume ngokuba ngabenzi bobubi, balangazelela ukumphulaphula. Kodwa kuthekani ngokugxeka kwabaFarisi uYesu ngenxa yokwenza eyona migudu ukulungiselela abo babajonga bengaxabisekanga?
UYesu uphendula amazwi abo okuchasa ngokusebenzisa umzekeliso. Uthetha ngembono yabaFarisi, yokuba besithi bangamalungisa yaye bekhuselekile ebandleni likaThixo, ngoxa ii‛am ha’aʹrets ziye zakhukuliseka zaza zakwimeko yokulahleka. Phulaphula njengoko ebuza:
“Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, angazishiyi, ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane? Athi ke akuyifumana, ayibeke emagxeni akhe, evuya. Athi akufika ekhaya, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile.”
Wandula ke uYesu abonise indlela elisebenziseka ngayo ibali lakhe, ecacisa: “Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.”
AbaFarisi bazicingela bengamalungisa yaye ngaloo ndlela kungekho mfuneko yokuba baguquke. Xa abanye babo bagxeka uYesu kwiminyaka embalwa ngaphambili ngokudla nababuthi berhafu naboni, wabaxelela oku: “Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke.” AbaFarisi abazicingela bengamalungisa, abangayiboniyo imfuneko yokuba baguquke, abazisi luvuyo ezulwini. Kodwa bona aboni abaguquke ngokwenyaniso benjenjalo.
Ukugxininisa ngamandla ingongoma yokuba ukubuyiselwa kwaboni abalahlekileyo kubangela uvuyo olukhulu, uYesu ubalisa omnye umzekeliso. Uthi: “Nguwuphi na umfazi eneedrarhima ezilishumi, ongethi, ukuba ithe yalahleka enye idrarhima, alumeke isibane, ayitshayele indlu, afune enyamekile, ade ayifumane? Athi akuyifumana, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene idrarhima ebindilahlekile.”
Wandula ke uYesu athethe ngendlela efanayo okusebenza ngayo oku. Uqhubeka athi: “Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.”
Hayi indlela ephawuleka ngayo le nkxalabo enothando yezithunywa zezulu zikaThixo ngenxa yokubuyiselwa kwaboni abalahlekileyo! Ngokukhethekileyo oku kunjalo ekubeni aba babekhe bangabantu abakumgangatho ophantsi, ii‛am ha·’aʹrets ezidelekileyo ekugqibeleni baye bakuluhlu lokuba ngamalungu eBukumkanini bukaThixo basezulwini. Ngenxa yoko, bazuze isigxina ezulwini esingaphezu kweso sezithunywa zezulu ngokwazo! Kodwa kunokuba zizive zinomona okanye zidelekile, izithunywa zezulu ziyasiqonda ngokuthobekileyo isibakala sokuba aba bantu banesono baye bajamelana baza ebomini boyisa iimeko ezinokubaxhobisela ukukhonza njengookumkani nababingeleli basezulwini abanovelwano nemfesane. Luka 15:1-10; Mateyu 9:13; 1 Korinte 6:2, 3; ISityhilelo 20:6.
▪ Kutheni uYesu enxulumana naboni abaziwayo, yaye oko kubangela ukuba bamgxeke ngelithini abaFarisi?
▪ AbaFarisi babajonga njani abantu abaqhelekileyo?
▪ UYesu usebenzisa yiphi imizekeliso, yaye sinokufunda ntoni kuyo?
▪ Kutheni le nto ukuvuya kwezithunywa zezulu kuyinto ephawulekayo?