Ukufunda Kwintsapho YakuloYesu Yasemhlabeni
YINTONI oyaziyo ngamalungu entsapho yakuloYesu, awaphila nawo emhlabeni iminyaka engama-30 de wabhaptizwa? Yintoni ezisixelela yona iincwadi zeVangeli? Yintoni esinokuyifunda kwintsapho yakowabo? Unokuzuza lukhulu kwiimpendulo zale mibuzo.
Ngaba uYesu wayezalwa zizinhanha? Uyise owamkhulisayo uYosefu wayengumchweli. Lo msebenzi wawufuna azibhokoxe, agawule imithi. Xa abazali bakhe baya eYerusalem kwiintsuku ezingama-40 emva kokuba ezelwe, banikela umbingelelo ochazwe eMthethweni. Ngaba banikela ngenkunzi yegusha kunye nehobe okanye ivukuthu, njengoko kuchazwe eMthethweni? Akunjalo. Kubonakala ukuba babengakwazi ukufikelela ezo zinto. Ukanti, eMthethweni kwakukho ilungiselelo labantu abangenanto. Ngokuvisisana nalo, uYosefu noMariya banikela ‘ngamahobe amabini asendle okanye amantshontsho amavukuthu amabini.’ Ukunikela kwabo ngezilwanyana zemali encinane kwabonisa ukuba intsapho yabo ayithathi ntweni.—Luka 2:22-24; Levitikus 12:6, 8.
Unokubona ukuba uYesu Kristu, oza kuba nguMlawuli woluntu lonke kwixa elizayo, wazalwa ngabantu abahlelelekileyo ababesebenza nzima ukuze bafumane izinto zokuphila. Wakhula waba ngumchweli, njengoyise owamkhulisayo. (Mateyu 13:55; Marko 6:3) “Nangona [uYesu] wayesisityebi” esaphila njengesidalwa sokomoya ezulwini, iBhayibhile ithi “waba lihlwempu” ngenxa yethu. Wathabatha ubume obuphantsi bomntu waza wakhulela kwintsapho yabantu abaqhelekileyo. (2 Korinte 8:9; Filipi 2:5-9; Hebhere 2:9) UYesu akazange azalwe yintsapho eme kakuhle, yaye oku kusenokuba kwanceda abanye abantu bakwazi ukuphila naye. Babengaphazanyiswa liwonga okanye umgangatho akuwo. Babemthanda ngenxa yeemfundiso zakhe, iimpawu zakhe ezintle nemisebenzi yakhe emangalisayo. (Mateyu 7:28, 29; 9:19-33; 11:28, 29) Sinokububona ubulumko bukaYehova uThixo ngokwenza uYesu azalwe yintsapho eqhelekileyo.
Ngoku makhe siqwalasele amalungu entsapho yakuloYesu size sibone oko sinokukufunda kuwo.
UYosefu—Indoda Elilungisa
Xa uYosefu wafumanisa ukuba intombi awayethembisene nayo ngomtshato ikhulelwe “ngaphambi kokuba bamanyane,” umele ukuba waba sengxakini yokukhetha phakathi kokwahlukana noMariya awayemthanda nokuqhubeka nomtshato aze ajamelane nehlazo loko kwakubonakala ngathi kukuziphatha okubi. Konke oku kwakubonakala kuphazamisana nelungelo lokuba abe ngumyeni wakhe. Ngomhla wakhe, ibhinqa eliganiweyo laligqalwa njengomfazi womntu. Emva kokucingisisa ngoku, uYosefu wagqiba ekubeni aqhawule umtshato noMariya ngasese ukuze angaxulutywa ngamatye njengomntu okrexezileyo.—Mateyu 1:18; Duteronomi 22:23, 24.
Emva koko ingelosi yabonakala kuYosefu ephupheni yaza yathi: “Musa ukoyika ukumthabatha umse ekhaya uMariya umfazi wakho, kuba oko akukhawuleyo kungomoya oyingcwele. Uya kuzala unyana, uze umbize ngokuba nguYesu igama lakhe, kuba uya kusindisa abantu bakowabo ezonweni zabo.” Emva kokufumana olo lwalathiso lukaThixo, uYosefu wenza njengoko, wamthabatha uMariya wamsa kwikhaya lakhe.—Mateyu 1:20-24.
Ngesi sigqibo, loo ndoda ililungisa nethembekileyo yaba nenxaxheba ekuzalisekeni koko kwathethwa nguYehova ngomprofeti uIsaya esithi: “Khangelani! Intombi okunene iya kumitha, izale unyana, ize imbize ngegama elinguImanuweli.” (Isaya 7:14) Ngokuqinisekileyo uYosefu wayeyindoda yokomoya eyalixabisayo ilungelo lokukhulisa uMesiya, phezu kwaso nje isibakala sokuba izibulo likaMariya lalingazi kuba ngunyana wakhe.
UYosefu akazange abe neentlobano zokwazana noMariya de wazala unyana wakhe. (Mateyu 1:25) Ekubeni esi sibini sasisandul’ ukutshata, kumele ukuba kwakunzima gqitha ukuzibamba singabi neentlobano zokwazana, kodwa kuyabonakala ukuba babengafuni kwenza nayiphi na impazamo yokuba angacaci oyena Yise wosana. Onjani wona umzekelo wokuzeyisa! UYosefu wayeyixabisa imilinganiselo yokomoya ngaphezu kweminqweno yakhe yemvelo.
Izihlandlo ezine, uYosefu wafumana ulwalathiso lwengelosi ngendlela yokukhulisa loo nyana. Ezithathu kuzo zaziphathelele indawo awayeza kukhuliselwa kuyo lo mntwana. Ukuthobela ngokukhawuleza kwakubalulekile ukuze loo mntwana asinde. Kuzo zonke ezo zihlandlo, uYosefu wasabela ngokukhawuleza, okokuqala wathabatha olo sana waya eYiputa emva koko wabuyela kwaSirayeli. Oku kwasindisa uYesu owayeselula ekubulaweni kweentsana nguHerode. Kwakhona, ukuthobela kukaYosefu kwaphumela ekuzalisekeni kweziprofeto eziphathelele uMesiya.—Mateyu 2:13-23.
UYosefu wafundisa uYesu umsebenzi wokuziphilisa ukuze akwazi ukuzinyamekela. Ngoko ke, uYesu wayengaziwa kuphela ‘njengonyana womchweli’ kodwa wayesaziwa ‘nanjengomchweli.’ (Mateyu 13:55; Marko 6:3) Umpostile uPawulos wabhala wathi uYesu “wavavanywa ngandlela zonke njengathi.” Ngokwemvelo oku kwakuza kuquka ukusebenza nzima encedisa intsapho yakowabo.—Hebhere 4:15.
Okokugqibela, sibona ubungqina bokuzinikela kukaYosefu kunqulo lokwenyaniso kwingxelo yokugqibela ephathelele yena kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike. UYosefu wathabatha intsapho yakhe baya ePasikeni eYerusalem. Ngamadoda kuphela awayenyanzelekile ukuba aye apho, kodwa uYosefu wakwenza isiko ukuthabatha intsapho yakhe baye eYerusalem “unyaka nonyaka.” Oku yayikukuzincama okukhulu, kuba kwakufuneka bahambe iikhilomitha ezimalunga ne-100 ukusuka eNazarete ukuya eYerusalem. Noko ke, kwesi sihlandlo sichazwa ziZibhalo, uYesu wohlukana neqela awayehamba nalo. Wafunyanwa etempileni, ephulaphule yaye ebuza imibuzo kubafundisi boMthetho. Nangona wayeseneminyaka eli-12 kuphela ubudala, uYesu wabonakalisa ubulumko obukhulu nolwazi ngeLizwi likaThixo. Kwesi siganeko, siphawula ukuba abazali bakaYesu bamfundisa kakuhle, bemkhulisa ukuba abe ngumntwana othanda izinto zokomoya. (Luka 2:41-50) Kuyabonakala ukuba uYosefu wafa emva kwesi sihlandlo, kuba iingxelo ezilandelayo zeZibhalo aziphindi zithethe ngaye.
Ewe, uYosefu wayeyindoda elilungisa eyayinyamekela kakuhle intsapho yayo, ngokomoya nangokwenyama. Ngaba nawe njengoYosefu, ubeka izilangazelelo zokomoya kwindawo yokuqala ebomini bakho xa ukuqonda ukuthanda kukaThixo ngathi namhlanje? (1 Timoti 2:4, 5) Ngaba ukuthobela ngokuzithandela oko kuthethwa nguThixo eLizwini lakhe, ubonisa ukuba uyamthobela njengoYosefu? Ngaba uyabafundisa abantwana bakho ukuba bathethe nabanye ngezinto zokomoya ezakhayo?
UMariya—Umkhonzi Ongazingciyo KaThixo
UMariya, unina kaYesu wayengumkhonzi obalaseleyo kaThixo. Xa ingelosi uGabriyeli yamxelela ukuba wayeza kuzala, wothuka. Wayenyulu kuba wayengazange waba ‘neentlobano zokwazana nendoda.’ Akuba evile ukuba ukuzala kwakhe kwakuza kwenzeka ngomoya oyingcwele, ngokuzithoba wakwamkela oko, wathi: “Khangela! Ikhobokazana likaYehova! Ngamana kungenzeka kum ngokwendlela ovakalise ngayo.” (Luka 1:30-38) Wayewaxabisa amalungelo okomoya kangangokuba wayekulungele ukuthwala nabuphi na ubunzima obabunokubangelwa sisigqibo sakhe.
Enyanisweni, ukwamkela olo thumo kwabuguqula ngokupheleleyo ubomi bakhe njengebhinqa. Xa waya eYerusalem esiya kusulungekiswa, indoda ekhulileyo neyoyika uThixo egama linguSimeyon yathi kuye: “Ikrele elide liya kutyhutyha umphefumlo wakho.” (Luka 2:22-35) Kuyacaca ukuba, wayebhekisela kwindlela awayeza kuvakalelwa ngayo uMariya xa ebona abantu abaninzi bemgatya uYesu baze ekugqibeleni bambethelele kwisibonda sentuthumbo.
Njengoko uYesu wayekhula, uMariya wakugcina engqondweni oko kwakusenzeka ebomini bakhe, “ezenzela izigqibo entliziyweni yakhe.” (Luka 2:19, 51) NjengoYosefu, wayezithanda izinto zokomoya enikela ingqalelo kwiziganeko nezinto ezithethwayo ezizalisekisa iziprofeto. Kumele ukuba kwazika engqondweni yakhe oko kwathethwa yingelosi uGabriyeli isithi: “Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOyena Uphakamileyo; yaye uYehova uThixo uya kumnika itrone kaDavide uyise, kwaye uya kulawula njengokumkani phezu kwendlu kaYakobi ngonaphakade, yaye ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.” (Luka 1:32, 33) Ewe, wayelixabisa gqitha ilungelo lokuba ngunina kaMesiya.
Kwakhona ukuthanda izinto zokomoya kukaMariya kwacaca xa wadibana noElizabhete, isizalwane sakhe naso esasikhulelwe ngendlela engummangaliso. Akusibona, uMariya wamdumisa uYehova yaye wabonisa indlela alithanda ngayo iLizwi likaThixo. Wabhekisela kumthandazo kaHana obhalwe kweyoku-1 Samuweli isahluko 2 waza waquka neengcamango zezinye iincwadi zeZibhalo zesiHebhere. Olo lwazi lweZibhalo lwabonisa ukuba wayekufanelekela ukuba ngunina ozinikeleyo nowoyika uThixo. Wayeza kusebenzisana noYosefu ekukhuliseni unyana wakhe ngokomoya.—Genesis 30:13; 1 Samuweli 2:1-10; Malaki 3:12; Luka 1:46-55.
UMariya wayenokholo oluqinileyo lokuba unyana wakhe nguMesiya, yaye olo kholo aluzange luphele nkqu nasemva kokufa kukaYesu. Kungekudala emva kokuvuswa kwakhe, waba phakathi kwabafundi abathembekileyo abahlanganisa ukuze bathandaze nabapostile. (IZenzo 1:13, 14) Wahlala ethembekile, phezu kwako nje ukunyamezela intlungu yokubona unyana wakhe amthandayo esifa kwisibonda sentuthumbo.
Yintoni onokuyizuza xa ufunda ngobomi bukaMariya? Ngaba uyalamkela ilungelo lokukhonza uThixo kungakhathaliseki ukuba ziintoni ekufuneka uzincame? Ngaba uyakuqonda ukubaluleka kweli lungelo namhlanje? Ngaba uyayinikela ingqalelo kwizinto ezaxelwa nguYesu uzithelekise noko kwenzekayo namhlanje, uze ‘uzenzele izigqibo entliziyweni’? (Mateyu, isahluko 24 nesama-25; Marko, isahluko 13; Luka, isahluko 21) Ngaba uyamxelisa uMariya ngokuzama ukuliqonda kakuhle iLizwi likaThixo ukuze usoloko ulisebenzisa xa uncokola? Ngaba uya kuhlala unokholo kuYesu phezu kwayo nje intlungu onokutyhubela kuyo ngenxa yokuba ngumlandeli wakhe?
Abantakwabo Yesu—Batshintsha
Kuyabonakala ukuba abantakwabo Yesu abazange babe nokholo kuye de kwasemva kokufa kwakhe. Kunokwenzeka ukuba esi sisizathu sokungabikho kwabo xa wayesifa kwisibonda sentuthumbo nokuba ayaleze unina kumpostile uYohane. Amalungu entsapho yakuloYesu abonisa ukungamxabisi, yaye kwesinye isihlandlo ade athi uYesu “ushiywe ziingqondo.” (Marko 3:21) Ekubeni uYesu wayenamalungu entsapho angakholwayo, namhlanje abo bahlala namalungu entsapho angakholwayo banokuqiniseka ukuba uYesu uyayiqonda indlela abavakalelwa ngayo xa begculelwa zizalamane zabo ngenxa yokholo lwabo.
Noko ke, kuyabonakala ukuba emva kokuba uYesu evukile, abantakwabo baqalisa ukuba nokholo kuye. Babephakathi kweqela labantu abahlanganisana eYerusalem ngaphambi kwePentekoste yama-33 C.E. yaye babethandaza ngokuzingisileyo kunye nabapostile. (IZenzo 1:14) Kucacile ukuba, ukuvuswa komntakwabo kwaziguqula iintliziyo zabo, kangangokuba baba ngabafundi bakhe. Simele singalahl’ ithemba ngezalamane zethu ezingavumelaniyo nokholo lwethu.
IZibhalo zichaza uYakobi, umntakwabo Yesu awazibonakalisa kuye ngokobuqu, njengowaba nendima ebalulekileyo kwibandla lamaKristu. Wabhalela amanye amaKristu incwadi ephefumlelwe nguThixo, ewayalela ukuba alondoloze ukholo lwawo. (IZenzo 15:6-29; 1 Korinte 15:7; Galati 1:18, 19; 2:9; Yakobi 1:1) Omnye umntakwabo uYude, wabhala incwadi ephefumlelweyo ekhuthaza amaKristu ukuba alulwele nzima ukholo. (Yude 1) Kuphawuleka ukuba kwiincwadi zabo, uYakobi noYude abazingombi sifuba ngokuzalwa kwabo noYesu beqhayisa kwamanye amaKristu. Esinjani sona isifundo sokuthobeka esinokusifunda kubo!
Ngoko, zintoni esizifunda kumalungu entsapho yakuloYesu? Ngokuqinisekileyo, sifunda ngokuzinikela okunokubonakaliswa ngezi ndlela: (1) Ukuzithoba ngokunyanisekileyo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo nokujamelana nazo zonke iimvavanyo eziza nako. (2) Ukubeka imilinganiselo yokomoya kwindawo yokuqala, kwanokuba oko kuthetha ukuncama izinto ezithile. (3) Ukuqeqesha abantwana bakho ngokuvisisana neZibhalo. (4) Ukungalahli themba ngamalungu entsapho yakho angakholwayo. (5) Ukungaqhayisi ngalo naluphi na ulwalamano onokuba nalo nomntu othile owaziwayo ebandleni lamaKristu. Ewe, ukufunda ngentsapho yakuloYesu kusenza sitsaleleke kuye yaye kusenza siyixabise ngakumbi into yokuba uYehova wakhetha intsapho yabantu abaqhelekileyo ukuze ikhulise uYesu.
[Imifanekiso ekwiphepha 4, 5]
UYosefu wathabatha uMariya waba ngumfazi wakhe watsho wanenxaxheba ekuzalisekeni kweziprofeto eziphathelele uMesiya
[Imifanekiso ekwiphepha 6]
UYosefu noMariya bafundisa abantwana babo ukuxabisa izinto zokomoya nokusebenza
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Nangona bakhuliswa yintsapho exabisa izinto zokomoya, abantakwabo Yesu abazange babe nokholo kuye de kwasa ekufeni kwakhe
[Imifanekiso ekwiphepha 8]
Abantakwabo Yesu uYakobi noYude bakhuthaza amanye amaKristu