Isaya
7 Ngemihla kakumkani wakwaYuda uAhazi,+ unyana kaYotham, unyana kaUziya, uKumkani uRetsin waseSiriya nokumkani wakwaSirayeli uPeka+ unyana kaRemaliya, beza kulwa neYerusalem, kodwa abazange bakwazi ukuyithimba.*+ 2 Kwasiwa ingxelo endlini kaDavide, kusithiwa: “Umkhosi waseSiriya umanyene nowakwaEfrayim.”
Intliziyo ka-Ahazi nentliziyo yabantu bakhe zaqalisa ukungcangcazela ngokungathi yimithi yehlathi eshukunyiswa ngumoya.
3 Wathi uYehova kuIsaya: “Ndicela wena nonyana wakho uShehare-yashubhi+ niye kudibana noAhazi ekupheleni komsele wechibi eliphezulu,+ ngakuhola wendlela ongakwindawo yomntu ohlamba iimpahla. 4 Yithini kuye, ‘Phola. Sukoyika, nentliziyo yakho mayingaphakuzeliswa zezi ncam zimbini zezikhuni eziqhumayo, ngenxa yomsindo kaRetsin neSiriya nonyana kaRemaliya.+ 5 Kuba iSiriya, uEfrayim nonyana kaRemaliya bacinga ukukwenzela iyelenqe, besithi: 6 “Masiyokuhlasela elakwaYuda size silahlulahlule, siloyise,* size sibeke unyana kaTabheheli abe ngukumkani.”+
7 “‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova:
“Alizukuphumelela,
Lingazukwenzeka.
8 Kuba intloko yeSiriya yiDamasko,
Nentloko yeDamasko nguRetsin.
Kwisithuba nje seminyaka eyi-65
UEfrayim uza kutshatyalaliswa kuthi nya, aphele tu njengesizwana.+
Ukuba aninalukholo lomeleleyo,
Anizukukhuseleka.”’”
10 UYehova waqhubeka ethetha noAhazi esithi: 11 “Cela into aza kukubonisa ngayo uYehova uThixo wakho;+ inganzulu okwengcwaba* okanye iphakame okwesibhakabhaka.” 12 Kodwa uAhazi wathi: “Andizukuyicela, yaye andizukumvavanya uYehova.”
13 Wathi uIsaya: “Ndicela nimamele apha ndlu kaDavide. Ananelanga na kukukruqula abantu? Ngoku nifuna ukukruqula noThixo?+ 14 Ngoko ke, nantsi into aza kunibonisa ngayo uYehova: Jongani! Intombi iza kukhulelwa, izale umntwana oyinkwenkwe,+ imthiye igama elinguImanuweli.*+ 15 Uza kuthi xa ekwazi ukukhetha into elungileyo kwembi, abe sele eqalile ukutya ibhotolo nobusi. 16 Kothi ngaphambi kokuba loo nkwenkwe ikwazi ukukhetha into elungileyo kwembi, ube umhlaba waba kumkani babini uboyikayo ungasenabantu.+ 17 UYehova uza kuzisela wena, abantu bakho nendlu katata wakho imini engazange ibonwe ukususela ngemini uEfrayim awaqhekeka ngayo kuYuda,+ kuba uThixo uza kuzisa ukumkani waseAsiriya.+
18 “Ngaloo mini uYehova uza kuzibiza ngekhwelo iimpukane ezikwimifula ekude yomNayile waseYiputa neenyosi ezikwilizwe laseAsiriya. 19 Ziza kuza zonke zichophe kumathambeka asezintlanjeni, kwiimfanta, kuwo onke amatyholo anameva, nakuzo zonke iindawo ezinamanzi.
20 “Ngaloo mini uYehova uza kusebenzisa ibleyidi engukumkani waseAsiriya,+ eqeshwe kummandla woMlambo,* ukuze ibachebe iintloko noboya obusemilenzeni, ibachebe neendevu.
21 “Ngaloo mini umntu uza kusindisa ithokazi lenkomo neegusha ezimbini. 22 Kwaye ngenxa yobisi oluninzi, uza kutya ibhotolo, kuba wonke umntu oshiyekileyo kweli lizwe uza kutya ibhotolo nobusi.
23 “Ngaloo mini yonke indawo eyayikade inemithi yeediliya eyi-1 000, exabisa amaqhosha esilivere ayi-1 000, iza kuba ngamatyholo nje anameva nokhula. 24 Abantu baza kuya apho benotolo nesaphetha, kuba lonke ilizwe liza kuba ngamatyholo anameva nokhula. 25 Yaye zonke iintaba ezazikade zicocwa ngegaba, uza koyika ukusondela kuzo ngenxa yamatyholo anameva nokhula. Ziza kuba ngamadlelo eenkomo neegusha.”