UBukumkani BukaThixo—Bubalasele Ngazo Zonke Iindlela
UYESU KRISTU wafundisa abalandeli bakhe wathi: “Ngoko ke, nina nize nithandaze ngale ndlela: ‘Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.’” (Mateyu 6:9, 10) Lo mthandazo owaziwa ngabaninzi njengoBawo wethu Osezulwini okanye uMthandazo weNkosi, uchaza injongo yoBukumkani bukaThixo.
Ngobu Bukumkani, igama likaThixo liya kungcwaliswa. Kuya kususwa lonke ugculelo aye watyatyekwa ngalo ngenxa yemvukelo kaSathana neyomntu. Kubalulekile oku kuba ulonwabo lwazo zonke izidalwa ezikrelekrele luxhomekeke ekugqaleni kwazo igama likaThixo njengelingcwele nokuqonda kwazo ukuba unelungelo lokulawula.—ISityhilelo 4:11.
Ngaphezu koko, uBukumkani bumiselwe ukuze ‘kwenzeke ukuthanda kukaThixo nasemhlabeni njengasezulwini.’ Kuyintoni oku kuthanda kukaThixo? Kukubuyisela ubuhlobo phakathi koThixo nabantu, buhlobo obo balahlwa nguAdam. Obu Bukumkani buya kufeza nenjongo kaYehova, onguMongami weNdalo yonke, yokuzisa iparadesi emhlabeni apho abantu abalungileyo baya kuphila ngonaphakade. Ewe, uBukumkani bukaThixo buya kulungisa wonke umonakalo owabangelwa sisono sokuqala yaye buya kuzalisekisa nenjongo anayo uThixo onothando ngomhlaba. (1 Yohane 3:8) Eneneni, obu Bukumkani noko buya kukufeza, sesona sigidimi siphambili seBhayibhile.
Bubalasele Ngaziphi Iindlela?
UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wokoqobo onamandla angenakuthelekiswa. Umprofeti uDaniyeli wasithela thsuphe ngendlela obunamandla ngayo. Kude kudala waprofeta wathi: ‘UThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obuya kuzityumza buziphelise zonke izikumkani zabantu.’ Ngapha koko, ngokungafaniyo noorhulumente babantu abatshintshatshintshayo, uBukumkani bukaThixo ‘abuyi kuze bonakaliswe.’ (Daniyeli 2:44) Akuphelelanga apho. Obu Bukumkani bubalasele ngandlela zonke, kunaye nawuphi na urhulumente wabantu.
UBukumkani bukaThixo buphantsi koKumkani obalaseleyo. Phawula ukuba ngubani na loo Kumkani. ‘Ephupheni nasemibonweni’ uDaniyeli wabona uMlawuli woBukumkani bukaThixo “onjengonyana womntu” esiziswa phambi koThixo uSomandla waza wanikwa “ulawulo nesidima nobukumkani,” obungenasiphelo. (Daniyeli 7:1, 13, 14) Loo Nyana womntu nguYesu Kristu—uMesiya. (Mateyu 16:13-17) UYehova uThixo wamisela uNyana wakhe uYesu, ukuba abe nguKumkani woBukumkani bakhe. Xa wayesemhlabeni, uYesu wathi kubaFarisi abangendawo: “Ubukumkani bukaThixo buphakathi kwenu,” echaza ukuba yena njengoKumkani oza kulawula kobo buKumkani, uphakathi kwabo.—Luka 17:21.
Nguwuphi umntu onokufanelekela ukuba nguMlawuli njengoYesu? UYesu wazingqina njengeNkokeli elilungisa ngokupheleleyo, enokuthenjwa nenovelwano. Iincwadi zeVangeli zimchaza njengomntu owayethabatha amanyathelo ancede abanye, onobubele novelwano. (Mateyu 4:23; Marko 1:40, 41; 6:31-34; Luka 7:11-17) Ukongezelela, uYesu ovusiweyo akasoze aphinde afe ngenye imini yaye akanazintsilelo njengabanye abantu.—Isaya 9:6, 7.
UYesu nabanye abalawuli bakwisikhundla esiphakamileyo. Kwiphupha lakhe nasemibonweni, uDaniyeli wabona ‘abangcwele benikwa ubukumkani nolawulo.’ (Daniyeli 7:27) UYesu akalawuli yedwa. Kukho nabanye abaza kulawula naye njengookumkani nababingeleli. (ISityhilelo 5:9, 10; 20:6) Umpostile uYohane wabhala esithi ngokuphathelele bona: “Khangela! ndabona iMvana imi phezu kweNtaba yeZiyon, kumi nayo ikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka . . . abathengwe emhlabeni.”—ISityhilelo 14:1-3.
IMvana nguYesu Kristu okwisikhundla sakhe soBukumkani. (Yohane 1:29; ISityhilelo 22:3) INtaba yeZiyon ibhekisela kwizulu.a (Hebhere 12:22) UYesu kunye nabo bali-144 000, baza kulawula besezulwini. Enjani yona ukuphakama indawo abaza kulawula bekuyo! Ekubeni besezulwini, baza kuba nembono ephangaleleyo ngakumbi. Ekubeni busemazulwini, ‘ubukumkani bukaThixo’ bukwabizwa ngokuba ‘bubukumkani bamazulu.’ (Luka 8:10; Mateyu 13:11) Lo rhulumente wasezulwini akanakutshatyalaliswa siso nasiphi na isixhobo, nkqu nezixhobo zenyukliya. Akanakoyiswa yaye uya kufeza injongo kaYehova.—Hebhere 12:28.
UBukumkani bukaThixo bunabameli abathembekileyo emhlabeni. Sikwazi njani oku? INdumiso 45:16 ithi: ‘Uya kubamisela njengeenkosana emhlabeni wonke.’ Esi siprofeto sibhekisela kuNyana kaThixo njengoza kumisela ezi nkosana. (INdumiso 45:6, 7; Hebhere 1:7, 8) Oku kuthetha ukuba nguYesu Kristu oza kumisela ezi nkosana yaye siqinisekile ukuba ziya kuluthobela ukhokelo lwakhe. Nanamhlanje, amadoda afanelekayo angabadala kwibandla lobuKristu afundiswa ukuba ‘angabi ziinkosi’ kwamanye amakholwa kunoko awakhusele, awahlaziye yaye awathuthuzele.—Mateyu 20:25-28; Isaya 32:2.
UBukumkani bunabalawulwa abangamalungisa. Abanakusoleka yaye bathe tye emehlweni kaThixo. (IMizekeliso 2:21, 22) IBhayibhile ithi: “Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:11) Abalawulwa bobu Bukumkani balulamile—bafundiseka lula, bathobekile, yaye bazolile. Izinto zokomoya zikwindawo yokuqala ebomini babo. (Mateyu 5:3) Bafuna ukwenza oko kulungileyo yaye bayaluthobela ulwalathiso lukaThixo.
UBukumkani bukaThixo bunemithetho elungileyo. Imithetho nemigaqo elawula uBukumkani ivela kuYehova uThixo. Kunokuba silahlekelwe kokuthile ngokuyithobela, siyazuza. (INdumiso 19:7-11) Abantu abaninzi sele bezuza ngokuphila ngemilinganiselo kaYehova yobulungisa. Ngokomzekelo, ukuthobela isiluleko seBhayibhile esibhekiswe kubayeni, amakhosikazi nabantwana kuyabuphucula ubomi bentsapho. (Efese 5:33–6:3) Xa sithobela umyalelo ‘wokwambatha uthando,’ siba nolwalamano oluhle nabanye. (Kolose 3:13, 14) Ukuphila ngemigaqo yeZibhalo, kusinceda sibe nembono elungeleleneyo ngomsebenzi nemali. (IMizekeliso 13:4; 1 Timoti 6:9, 10) Ukuphepha ukunxila, ukuziphatha kakubi ngokwesini, icuba nokukhotyokiswa ziziyobisi kukhusela impilo yethu.—IMizekeliso 7:21-23; 23:29, 30; 2 Korinte 7:1.
UBukumkani bukaThixo ngurhulumente omiselwe nguThixo. UKumkani—uMesiya, onguYesu Kristu—kunye nabo aza kulawula nabo, banembopheleleko phambi koThixo yokuxhasa imithetho yakhe esesikweni nemigaqo yakhe yothando. Abalawulwa boBukumkani, kuquka abameli babo abasemhlabeni, bayakuvuyela ukuphila ngemithetho kaThixo. Ngaloo ndlela, ukukholisa uThixo yeyona nto iphambili kubalawuli nabalawulwa boBukumkani. Ngoko ke, uBukumkani lulawulo lukaThixo. Ngokuqinisekileyo buza kuphumelela ekufezeni injongo obumiselwe yona. Kodwa ke uBukumkani bukaThixo obukwabizwa ngokuba buBukumkani bukaMesiya buya kuqalisa nini ukulawula?
UBukumkani Buqalisa Ukulawula
Amazwi awathethwa nguYesu asinceda siqonde ixesha lokuqalisa kolawulo loBukumkani. Wathi: ‘IYerusalem iya kunyathelwa ziintlanga, ade azaliseke amaxesha amisiweyo eentlanga.’ (Luka 21:24) IYerusalem kuphela kwesixeko emhlabeni esasinxibelelene ngokungqalileyo negama likaThixo. (1 Kumkani 11:36; Mateyu 5:35) Yayilikomkhulu lobukumkani basemhlabeni obabukholekile kuThixo. Ukunyathelwa kweso sixeko ziintlanga kuthetha ukuthi oorhulumente behlabathi babeza kuphazamisa ulawulo lukaThixo kubantu bakhe. Kwakuza kuqalisa nini oku?
Ukumkani wokugqibela owahlala kwitrone kaYehova eYerusalem waxelelwa oku: “Shenxisa unkontsho, uze uphakamise ususe isithsaba. . . . Akuyi kuba kokukabani ade afike lowo unelungelo elisemthethweni, yaye ndimele ndikunike yena.” (Hezekile 21:25-27) Isithsaba sasiza kususwa kwintloko kakumkani yaye ulawulo lukaThixo kubantu bakhe lwaluza kuphazanyiswa. Oku kwenzeka ngowama-607 B.C.E. xa amaBhabhiloni atshabalalisa iYerusalem. Ebudeni ‘bamaxesha amisiweyo,’ uThixo wayengayi kuba narhulumente umele ulawulo lwakhe apha emhlabeni. Ekupheleni kwaloo maxesha, uYehova wayeya kumisela lowo “unelungelo elisemthethweni” lokulawula—uYesu Kristu. Loo maxesha ayeya kuthabatha ithuba elingakanani?
Isiprofeto esikwincwadi yeBhayibhile kaDaniyeli sithi: “Wugawuleni umthi, nize niwonakalise. Noko ke, sishiyeni emhlabeni isiphunzi sawo, kodwa nisibophe ngentsimbi nangobhedu . . . de kudlule amaxesha asixhenxe phezu kwaso.” (Daniyeli 4:23) Njengoko siza kubona, “amaxesha asixhenxe” ekuthethwa ngawo apha alingana ‘namaxesha amisiweyo eentlanga.’
EBhayibhileni, maxa wambi imithi ifanekisela abantu, abalawuli nobukumkani. (INdumiso 1:3; Yeremiya 17:7, 8; uHezekile, isahluko 31) Umthi wokomfuziselo “wawubonakala naseziphelweni zomhlaba.” (Daniyeli 4:11) Ngaloo ndlela, ulawulo olwalumelwa ngumthi owawuza kugawulwa ubotshwe, lwalufikelela “esiphelweni somhlaba,” yaye luquka ubukumkani boluntu buphela. (Daniyeli 4:17, 20, 22) Ngoko ke, umthi umela ulawulo oluphakamileyo lukaThixo, ngokukodwa ngokuphathelele umhlaba. Obu bukumkani balawula okwexesha elithile ngorhulumente owayemiselwe nguYehova phezu kohlanga lwakwaSirayeli. Umthi wokomfuziselo wagawulwa waza wabotshwa ngentsimbi nangobhedu ukuze ungakhuli. Oku kwakubonisa ukuba urhulumente owayemela uThixo emhlabeni wayeza kuyeka ukulawula, njengoko kwaba njalo ngowama-607 B.C.E.—kodwa wayengayi kuyeka ukulawula ngonaphakade. Lo mthi wawuya kubotshwa de kudlule “amaxesha asixhenxe.” Ekupheleni kwelo xesha, uYehova wayeya kumisela indlalifa esemthethweni, uYesu Kristu. Ngokucacileyo, “amaxesha asixhenxe” ‘namaxesha amisiweyo eentlanga’ abhekisela kwixesha elifanayo.
IBhayibhile isinceda siqonde ukuba made kangakanani “amaxesha asixhenxe.” Ilinganisa iintsuku ezili-1 260 ‘nexesha [ixesha elinye] namaxesha [amaxesha amabini, isininzi] nesiqingatha sexesha’—oko kukuthi ‘amaxesha’ amathathu anesiqingatha. (ISityhilelo 12:6, 14) Oko kuthetha ukuba xa uliphinda kabini elo nani okanye amaxesha asixhenxe, ufumana iintsuku ezingama-2 520.
Xa sibala iintsuku zokoqobo ezingama-2 520 ukususela kowama-607 B.C.E. sifikelela kowama-600 B.C.E. Noko ke, amaxesha asixhenxe athabatha ixesha elide kunoko. Ayesaqhubeka xa uYesu wayethetha ‘ngamaxesha amisiweyo eentlanga.’ Ngoko ke amaxesha asixhenxe, ngamaxesha esiprofeto. Ngenxa yoko, simele sisebenzise umgaqo weZibhalo othi: “Usuku lube ngunyaka.” (Numeri 14:34; Hezekile 4:6) Ngaloo ndlela, amaxesha asixhenxe okulawula koorhulumente behlabathi ngaphandle kokungenelela kukaThixo ayiminyaka engama-2 520. Xa sibala iminyaka engama-2 520, ukususela kowama-607 B.C.E. sifikelela kowe-1914 C.E. Aphela ngaloo nyaka ke “amaxesha amisiweyo eentlanga,” okanye amaxesha asixhenxe. Oku kuthetha ukuthi uYesu Kristu waqalisa ukulawula njengoKumkani woBukumkani bukaThixo ngowe-1914.
“Mabufike Ubukumkani Bakho”
Ekubeni uBukumkani bukaMesiya sele bumiselwe ezulwini, ngaba sifanele siqhubeke sithandazela ukuba bufike, njengoko uYesu wafundisayo kumthandazo ongumzekelo? (Mateyu 6:9, 10) Ewe. Eso sicelo sifanelekile yaye sinentsingiselo enzulu. Kungekudala, uBukumkani bukaThixo buza kulawula ngokupheleleyo emhlabeni.
Ezinjani zona iintsikelelo eziya kufunyanwa luluntu oluthembekileyo! “Abe nguThixo walo,” itsho njalo iBhayibhile, “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.” (ISityhilelo 21:3, 4) Ngelo xesha, “akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” (Isaya 33:24) Abo bakholisa uThixo baya kufumana ubomi obungunaphakade. (Yohane 17:3) Njengoko silindele ukuzaliseka kwezi ziprofeto zeBhayibhile zichulumancisayo, ‘masiqhubeke sifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bukaThixo.’—Mateyu 6:33.
[Umbhalo osemazantsi]
a UKumkani uDavide kaSirayeli wamandulo wayithimba inqaba yeNtaba yeZiyon yasemhlabeni kumaYebhusi waza wayenza isixeko sakhe. (2 Samuweli 5:6, 7, 9) Wafudusela neTyeya engcwele apho. (2 Samuweli 6:17) Ekubeni iTyeya yayinxulunyaniswa nobukho bukaYehova, iZiyon yayichazwa njengendawo uThixo ahlala kuyo, nto leyo eyayiyenza ibe ngumfuziselo wezulu.—Eksodus 25:22; Levitikus 16:2; INdumiso 9:11; ISityhilelo 11:19.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]
UYehova umisele uYesu Kristu ukuba abe nguKumkani woBukumkani Bakhe
[Umzobo/Imifanekiso ekwiphepha 6]
Iminyaka engama-2 520
Oktobha 607 ◀ B.C.E. C.E. ▸ Oktobha 1914
Iminyaka engama-606 Iminyaka eli-1 913
neenyanga ezintathu neenyanga ezisithoba
“Amaxesha amisiweyo eentlanga” aqalisa ngowama-607 B.C.E., aphela ngowe-1914 C.E.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Abalawulwa boBukumkani bukaThixo abasemhlabeni baya kunandipha iintsikelelo ezininzi