Yeremiya
17 “Isono sikaYuda sibhalwe phantsi ngosiba lwentsimbi.
Sibhalwe elucwecweni lwentliziyo yabo ngentloko yedayimani,
Nasezimpondweni zezibingelelo zabo,
2 Ngoxa oonyana babo bezikhumbula izibingelelo zabo nezibonda zabo ezingcwele*+
Ecaleni komthi oluhlaza, phezu kweenduli eziphakamileyo,+
3 Ezintabeni endle.
Ubuncwane bakho, bonke ubutyebi bakho, ndiza kubunikela ukuba boxuthwe,+
Neendawo zakho eziphakamileyo, ngenxa yesono esikuyo yonke imimandla yakho.+
4 Uza kulilahla ngokuzithandela ilifa endakunika lona.+
Kwaye ndiza kukwenza usebenzele iintshaba zakho kwilizwe ongalaziyo,+
Uza kuvutha ngonaphakade.”
5 Uthi uYehova:
“Iqalekisiwe indoda* ethembela emntwini,+
Exhomekeke emandleni omntu,+
Nenentliziyo emfulathelayo uYehova.
6 Iza kuba njengomthi omi wodwa entlango.
Ayizukubona xa kufika okulungileyo,
Iza kuhlala ezindaweni ezomileyo entlango,
Kwilizwe letyiwa elingenakuhlala mntu.
8 Iza kuba njengomthi otyalwe ngasemanzini,
Othumela iingcambu zawo emfuleni.
Ayizukukuva ukuza kobushushu,
Kodwa amagqabi ayo aza kutyatyamba.+
Ngonyaka wembalela ayizukuba naxhala,
Ingazukuyeka nokuvelisa isiqhamo.
9 Intliziyo inamaqhinga* kunayo nantoni na, ibe iyatyhudisa.*+
Ngubani na onokuyazi?
10 Mna, Yehova, ndigocagoca intliziyo,+
Ndihlolisisa ezona ngcinga zinzulu,*
Ukuze ndinike ngamnye ngokweendlela zakhe,
Ngokwesiqhamo sezenzo zakhe.+
Buza kumshiya phakathi ebomini,
Ibe ekugqibeleni uza kubonakala engenangqondo.”
13 Yhini Yehova, themba likaSirayeli,
Baza kuhlaziswa bonke abo bakushiyayo.
Abo bawexukayo kuwe* baza kubhalwa phantsi eluthulini,+
Kuba bamlahlile uYehova, umthombo wamanzi aphilayo.+
14 Ndiphilise, owu Yehova, ibe ndiza kuphila.
Ndisindise, ibe ndiza kusinda,+
Kuba nguwe endimdumisayo.
15 Jonga! Kukho abathi kum:
“Liphi ilizwi likaYehova?+
Malincede lize!”
16 Kodwa mna khange ndibaleke kuba ndingafuni ukukulandela njengomalusi,
Ndingakhange ndifune imini yentlekele.
Uyazi kakuhle yonke into ethethwe yimilebe yam;
Konke kwenzeke phambi kwakho!
17 Sukundoyikisa.
Uyindawo yam yokubalekela ngemini yentlekele.
Maboyike kakhulu,
Kodwa mna mandingoyiki kakhulu.
19 Uthe kum uYehova: “Hamba, uyokuma egeyithini yoonyana babantu abangena nabaphuma ngayo ookumkani bakwaYuda, nakuzo zonke iigeyithi zaseYerusalem.+ 20 Umele uthi kubo, ‘Yivani ilizwi likaYehova, nina bookumkani bakwaYuda, nani nonke bantu bakwaYuda, abahlala eYerusalem, abangena ngezi geyithi. 21 Uthi uYehova: “Lumkani, nize ningathwali nawuphi na umthwalo ngomhla weSabatha okanye niwungenise ezigeyithini zaseYerusalem.+ 22 Nimele ningakhuphi mthwalo ezindlini zenu ngemini yeSabatha, ningaphathi nawuphi na umsebenzi.+ Nimele niwugcine ungcwele umhla weSabatha, njengokuba ndayalela ookhokho benu.+ 23 Kodwa abakhange bamamele okanye bavule ndlebe, yaye ngenkani khange bafune ukuthobela* okanye bamkele ingqeqesho.”’+
24 “‘“Kothi ke, ukuba nindithobele nyhani,” utsho uYehova, “nize ningangenisi mthwalo ngeegeyithi zesi sixeko ngomhla weSabatha, nawenza ngcwele umhla weSabatha ngokungenzi nawuphi na umsebenzi ngawo,+ 25 ookumkani neenkosana ezihlala etroneni kaDavide+ baza kungena ngeegeyithi zesi sixeko, bekhwele enqwelweni nasemahasheni, bona neenkosana zabo, amadoda akwaYuda nabemi baseYerusalem;+ yaye esi sixeko siza kuba nabantu ngonaphakade. 26 Abantu baza kuza bevela kwizixeko zakwaYuda, kwiindawo ezikufutshane neYerusalem, kwilizwe lakwaBhenjamin,+ kwimimandla esemathafeni,+ kwimimandla esezintabeni naseNegebhi,* bezise iminikelo etshiswa ngokupheleleyo,+ imibingelelo,+ iminikelo yokutya,+ intlaka yokuqhumisa nemibingelelo yokubulela endlini kaYehova.+
27 “‘“Kodwa ukuba niye anandithobela ngokungawungcwalisi umhla weSabatha nangokuthwala imithwalo niyingenise ngeegeyithi zeYerusalem ngomhla weSabatha, ndiza kuzitshisa ngomlilo iigeyithi zayo, kwaye ngokuqinisekileyo uza kuzitshisa ziphele iinqaba ezikhuselekileyo zaseYerusalem,+ ibe awuzukucinywa.”’”+