Ngaba Ukulungele Ukutshintsha?
1. Ukutshintsha kwehlabathi kufuna senze luphi uhlengahlengiso?
1 Kweyoku-1 kwabaseKorinte 7:31, iBhayibhile ithelekisa ihlabathi neqonga ekumane kungena abadlali abahlukahlukeneyo kulo. Ukutshintsha kwehlabathi kufuna sihlengahlengise indlela esishumayela ngayo, ucwangciso lwethu nendlela esithetha ngayo. Ngaba ukulungele ukutshintsha?
2. Kutheni simele sikulungele ukutshintsha ukuze sihlale sihambisana nentlangano?
2 Iindlela Oshumayela Ngazo: Ibandla lamaKristu belisoloko litshintsha. Ekuqaleni xa uYesu wayethuma abafundi bakhe wabaxelela ukuba bangaphathi ingxowa yokutya okanye imali. (Mat. 10:9, 10) Kodwa ke kamva wayihlaziya loo miyalelo ecinga ngokwanda komsebenzi kweminye imimandla nangoko kwakuza kwenzeka kubafundi bakhe kwixesha elizayo. (Luka 22:36) Kwinkulungwane edluleyo, intlangano kaYehova iye yasebenzisa iindlela ezahlukahlukeneyo zokushumayela—ngokomzekelo yasebenzisa amaqweqwe okunikel’ ubungqina, unomathotholo neenqwelo-mafutha ezinesandisi-lizwi—yayisenza ngokuvisisana neemeko ezazikho ngelo xesha. Namhlanje, ekubeni kwimimandla emininzi abantu bengafumaneki ezindlini zabo, ukushumayela kwindlu ngendlu kuye kwathatyathelw’ indawo bubungqina obungacwangciswanga. Kwakhona siye sakhuthazwa nokuba siye kwindlu ngendlu ngamarhatya ukuba abantu bayaphangela emini. Njengoko inqwelo kaYehova yasezulwini itshintsha isantya, ngaba uhambisana nayo?—Hez. 1:20, 21.
3. Ukukulungela ukutshintsha kunokusinceda njani ukuze siphumelele entsimini?
3 INtshumayelo Yakho: Yintoni exhalabisa abantu bommandla okuwo? Yimeko yezoqoqosho? Yintsapho? Yimfazwe? Sifanele sizazi iingxaki neemeko ezichaphazela intsimi yethu ukuze silungiselele intshumayelo eza kubafikelela intliziyo. (1 Kor. 9:20-23) Xa abaninimzi bezityand’ igila, kunokuba siphendule njee size siqhubeke nentshumayelo ebesiyilungiselele, masikulungele ukutshintsha size sithethe ngezinto ezibaxhalabisayo.
4. Kutheni sifanele sitshintshe ngokukhawuleza?
4 Kungekudala eli hlabathi liya esiphelweni yaye kuza kuqala imbandezelo enkulu. “Ixesha eliseleyo lifinyele.” (1 Kor. 7:29) Kubalulekile ukuba singalibazisi ekukulungeleni ukutshintsha ukuze siphumeze okuninzi kweli xesha liseleyo!