Isahluko 20
Ummangaliso Wesibini EKana
XA UYESU ebuyela kummandla wakowabo emva kokwandisa uhlaselo lokushumayela kwelakwaYuda, akabuyeli ngenjongo yokuphumla. Kunoko, uqalisa obude babukhulu ngakumbi ubulungiseleli eGalili, indawo awakhulela kuyo. Kodwa abafundi bakhe, kunokuhlala naye, babuyela kumawabo kwiintsapho zabo nakwimisebenzi yabo yangaphambili.
Sisiphi isigidimi uYesu aqalisa ukusishumayela? Sesi: ‘Ubukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.’ Yaye kusatyelwa njani? AmaGalili ayamamkela uYesu. Onke ayamzukisa. Noko ke, oku awakwenzi ngenxa yesigidimi sakhe kodwa, kunoko, kuba amaninzi kuwo ayesePasikeni eYerusalem kwiinyanga ezithile ngaphambili aza ayibona imiqondiso ephawulekayo awayenzayo.
Kubonakala ukuba uYesu uqalisa ubulungiseleli bakhe obukhulu baseGalili eKana. Uya kukhumbula ukuba, ngaphambilana ekubuyeni kwakhe kwelakwaYuda, waguqula amanzi aba yiwayini emsithweni apho. Ngesi sihlandlo sesibini, umntwana wegosa loburhulumente likaKumkani uHerode Antipas ugula gqitha. Ekuveni kwalo eli gosa ukuba uYesu uyeza esuka kwelakwaYuda esiya eKana, lihamba indlela ende ukusuka ekhayeni lalo eKapernahum ukuze limfumane. Isentlungwini, le ndoda iyambongoza: ‘Nceda uze ngokukhawuleza engekafi umntwana wam.’
UYesu uphendula ngolu hlobo: ‘Hamba ugoduke. Unyana wakho uphilisiwe!’ Igosa likaHerode liyakholelwa lize liqalise uhambo lwalo olude ukubuyela ekhaya. Endleleni lidibana nezicaka zalo, ebezikhawulezela ukuza kulixelela ukuba zonke izinto zihamba kakuhle—unyana walo uphilile! Liyabuza lisithi, ‘Uchache nini?’
Ziphendula zisithi, ‘Izolo ngeyoku-1:00 emva kwemini.’
Igosa lithi liqonde ukuba eli lilixa kanye uYesu ebesitsho ngalo ukuthi, ‘Unyana wakho uphilisiwe!’ Emva koko, le ndoda nendlu yayo yonke baba ngabafundi bakaKristu.
Ngaloo ndlela iKana yaba yebabalweyo njengendawo apho, ebonakalisa ukubuya kwakhe kwelakwaYuda, uYesu wenza imimangaliso kabini. Kakade ke, le asikuphela kwemimangaliso ayenzileyo ukuza kuthi ga ngeli xesha, kodwa yeyona ibalaseleyo kuba yayiphawula ukubuyela kwakhe eGalili.
Ngoku uYesu usinga kowabo eNazarete. Yintoni emlindeleyo apho? Yohane 4:43-54; Marko 1:14, 15; Luka 4:14, 15.
▪ Xa uYesu ebuyela eGalili, kwenzeka ntoni kubafundi bakhe, yaye abantu bamamkela njani?
▪ Nguwuphi ummangaliso uYesu awenzayo, yaye ubachaphazela njani abo babandakanyekileyo?
▪ Ngaloo ndlela iKana ibabalwa njani nguYesu?