Qhubeka Ubathanda Abazalwana Bakho
‘Qhubekani nihamba eluthandweni, kanye njengokuba noKristu wanithandayo.’—EFE. 5:2.
1. UYesu wathi babeya kwaziwa ngantoni abalandeli bakhe?
AMANGQINA KAYEHOVA aziwa ngokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kwindlu ngendlu. Kodwa uKristu Yesu wachaza enye indlela amaKristu okwenyaniso awayeya kwaziwa ngayo. Wathi: “Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane; kanye njengoko ndinithandileyo mna, ukuba nani nithandane. Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”—Yohane 13:34, 35.
2, 3. Abantu abeze kwiintlanganiso zamaKristu bangenelwa njani ngenxa yothando olubonakaliswa ngabazalwana?
2 Uthando lwamaKristu okwenyaniso alunakuthelekiswa nanto. Kanye njengokuba uzibuthe etsala intsimbi, ngoko nothando luyabamanyanisa abakhonzi bakaYehova luze lutsalele abantu abanyanisekileyo kunqulo lokwenyaniso. Ngokomzekelo, cinga ngoMarcelino waseCameroon owaba yimfama emva kokwenzakala emsebenzini. Emva koko kwasasazeka into yokuba eyimfama nje bubugqwirha bakhe. Kunokuba umfundisi namanye amarhamente bamthuthuzele, wagxothwa ecaweni. Xa wayemenyelwa kwiintlanganiso lelinye iNgqina likaYehova, uMarcelino waba madolw’ anzima. Wayengafuni ukuphinda aphoxeke.
3 UMarcelino wamangaliswa yindlela awaphathwa ngayo kwiHolo yoBukumkani. Wamkelwa ngobubele waza wathuthuzelwa ziimfundiso zeBhayibhile. Emva koko waya kuzo zonke iintlanganiso zebandla, wenza inkqubela kwisifundo sakhe seBhayibhile waza wabhaptizwa ngowama-2006. Ngoku ushumayela kwintsapho yakhe nakubamelwane yaye sele eqalise izifundo zeBhayibhile ezininzi. UMarcelino ufuna abantu afunda nabo iBhayibhile bafumane olo thando walufumanayo kubantu bakaThixo.
4. Kutheni sifanele sithobele isiluleko sikaPawulos sokuba ‘siqhubeke sihamba eluthandweni’?
4 Olu thando sifanele siluxabise. Yiba nombono wabantu abothe umlilo ngaphandle ebusuku. Ukuba abaqhubeki bewubasela loo mlilo, unokucima. Ngokufanayo, uthando lwethu njengamaKristu lunokuphola xa singaqhubeki siluhlakulela. Sinokuluhlakulela njani? Umpostile uPawulos uthi: ‘Qhubekani nihamba eluthandweni, kanye njengokuba noKristu wanithandayo waza wazinikela ngenxa yenu njengomnikelo nombingelelo wevumba elimnandi kuThixo.’ (Efe. 5:2) Sifanele sizibuze, Ndinokuqhubeka njani ndihamba eluthandweni?
“Phangalalani Ngokunjalo Nani”
5, 6. Kwakutheni ukuze uPawulos abongoze amaKristu aseKorinte ukuba ‘aphangalale’?
5 Umpostile uPawulos wabhalela amaKristu aseKorinte, wathi: “Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte, intliziyo yethu iphangalele kuni. Asinibandezanga nto, kodwa nini abawubandezileyo umsa wenu. Ngoko ke, njengembuyekezo—ndithetha njengakubantwana bam—ndisithi, phangalalani ngokunjalo nani.” (2 Kor. 6:11-13) Kwakutheni ukuze uPawulos abongoze amaKristu aseKorinte ukuba aphangalale eluthandweni?
6 Cinga ngendlela elaqalisa ngayo ibandla laseKorinte. UPawulos wafika eKorinte ekwindla, ngowama-50 C.E. Nangona ekufikeni kwakhe kwakunzima ukushumayela, lo mpostile akazange anikezele. Kungekudala, abantu abaninzi kweso sixeko bazamkela iindaba ezilungileyo. UPawulos wazibhokoxa ‘kangangonyaka neenyanga ezintandathu’ efundisa amalungu ebandla elitsha yaye ewomeleza. Kucacile ukuba wayewathanda amaKristu aseKorinte. (IZe. 18:5, 6, 9-11) Nawo ayefanele amthande aze amhlonele. Noko ke, amaninzi ayengamthandi. Mhlawumbi amanye ayebangelwa kukuthetha kwakhe phandle. (1 Kor. 5:1-5; 6:1-10) Ukanti amanye kusenokwenzeka ukuba ayeve intlebendwane ‘yabapostile abaziincamisa.’ (2 Kor. 11:5, 6) UPawulos wayefuna ukuba bonke abazalwana noodadewabo bamthande. Ngoko wababongoza ukuba ‘baphangalale’ ngokuthi basondele kuye nakwamanye amaKristu.
7. ‘Sinokuphangalala’ njani size sibonise uthando kubazalwana bethu?
7 Kuthekani ngathi? ‘Sinokuphangalala’ njani size sibonise uthando kubazalwana bethu? Kuba lula ngabantu abalinganayo ngeminyaka nabanemvelaphi efanayo ukuba babe ngabahlobo. Nabo bathanda ukuzonwabisa ngendlela efanayo badla ngokuchitha ixesha elininzi bekunye. Kodwa ukuba ezo zinto zisenza singakwazi ukunxulumana namanye amaKristu, sifanele sizame ‘ukuphangalala.’ Kuya kuba bubulumko ukuzibuza: ‘Ngaba andifane ndiye entsimini okanye ndizonwabise nabazalwana noodade endingabaqhelanga? Ngaba eHolweni yoBukumkani andifane ndincokole nabantu abasebatsha kuba ndisithi andibaqhelanga? Ngaba ebandleni ndibulisa abakhulileyo nabaselula?’
8, 9. Isiluleko sikaPawulos esikweyabaseRoma 15:7 sinokusinceda njani sibulisane ngendlela eya kusenza sibathande ngakumbi abazalwana bethu?
8 Kumba wokubulisana, amazwi kaPawulos awawathetha kwabaseRoma anokusinceda sibe nembono elungeleleneyo ngamanye amaKristu. (Funda eyabaseRoma 15:7.) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “yamkelanani” lithetha “ukuba nobubele okanye ukubuk’ iindwendwe, ukuba nonxulumano okanye ubuhlobo nabantu.” Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile umamkeli-zindwendwe wayedla ngokwenza iindwendwe zakhe zizive zamkelekile. NoKristu uye wasamkela ngaloo ndlela yaye sibongozwa ukuba simxelise ngokuthi samkelane.
9 Xa ubulisa abazalwana bakho kwiHolo yoBukumkani nakwezinye iindawo, unokuchitha ixesha nabantu ongafane ubabone okanye uthethe nabo. Kutheni ungakhe uncokole nabo? Kwiintlanganiso ezilandelayo ncokola nabanye. Ngexesha nje elifutshane uya kube uncokole phantse nabo bonke abazalwana noodadewenu. Asifanele sikhathazeke xa singakwazi ukuthetha naye wonke umntu ngolo suku. Akukho mntu ofanele akhathazeke kuba singakwazi ukumbulisa kwintlanganiso nganye.
10. Ngawaphi amathuba asivulekeleyo sonke ebandleni yaye sinokuwasebenzisa njani?
10 Xa usamkela abantu, qala ngokubabulisa. Loo nto inokukunceda ukuba uncokole kamnandi nabanye uze wakhe ubuhlobo obomeleleyo. Ngokomzekelo, xa abantu abeze kwiindibano ezinkulu nezincinane bezazisa baze bancokole nabanye, baye bajonge phambili ekubaboneni kwakhona. Amatsha-ntliziyo akha iiHolo zoBukumkani nabo bancedisayo xa kwehle iintlekele badla ngokuba ngabahlobo ngenxa yokubona iimpawu ezintle ngamnye wabo anazo nangenxa yokusebenza kunye. Kwintlangano kaYehova sivulekelwe ngamathuba amaninzi okwakha ubuhlobo obomeleleyo. Ukuba ‘siyaphangalala’ siya kuba nabahlobo abaninzi, yaye luya komelela uthando olusenza simanyane kunqulo lokwenyaniso.
Zinike Ixesha Lokuncokola Nabanye
11. Njengoko kuboniswe kuMarko 10:13-16, nguwuphi umzekelo owamiselwa nguYesu?
11 NjengoYesu, onke amaKristu afanele enze abanye bakhululeke ukuza kubo. Cinga ngento eyenziwa nguYesu xa abafundi bakhe bazama ukunqanda abazali ababesizisa abantwana kuye. Wathi: “Bayekeni abantwana abaselula beze kum; ningabaleli, kuba ubukumkani bukaThixo bobabo banjalo.” Emva koko “wabawola aba bantwana waza wabasikelela, ebabeka izandla.” (Marko 10:13-16) Khawuthelekelele indlela abo bantwana abavuya ngayo xa uMfundisi Omkhulu ebabonisa uthando!
12. Yintoni enokusithintela singakhululeki ukuncokola nabanye?
12 NjengamaKristu sifanele sizibuze, ‘Ngaba ndiba nalo ixesha lokuthetha nabanye abantu, okanye ngaba ndisoloko ndibonakala ndixakekile?’ Eminye imikhwa, nangona yona ngokwayo ingaphosakalanga, inokuyithintela incoko. Ngokomzekelo, ukuba sisoloko sicofacofa icell phone okanye sifake izixhobo zokuphulaphula umculo ezindlebeni, abanye banokucinga ukuba asifuni kuphazanyiswa. Ukuba abanye basoloko besibona sisebenzisa ikhompyutha encinane enokungena epokothweni basenokucinga ukuba asifuni ukuncokola nabo. Kakade ke, kukho “ixesha lokuthi cwaka.” Kodwa xa sikunye nabantu, elo ‘lixesha lokuthetha.’ (INtshu. 3:7) Abanye basenokuthi, “Mna andingomntu wabantu” okanye bathi, “Andithandi kuthetha ekuseni.” Sekunjalo, ukuncokola nabanye ngobubele kwanaxa singenamdla wokuthetha kubonisa ukuba sinothando ‘olungafuni ezalo izilangazelelo.’—1 Kor. 13:5.
13. UPawulos wakhuthaza uTimoti ukuba abaphathe njani abazalwana noodade abangamaKristu?
13 UPawulos wakhuthaza uTimoti oselula ukuba ahlonele onke amalungu ebandla. (Funda eyoku-1 kuTimoti 5:1, 2.) Nathi sifanele siphathe amaKristu akhulileyo njengoomama nootata bethu, yaye aselula njengabantakwethu esizalwa nabo. Xa sineso simo sengqondo, akakho umntu oya kuziva engakhululekanga xa ekunye nathi.
14. Kusinceda njani ukuncokola ngezinto ezakhayo nabanye?
14 Xa sincokola nabanye ngezinto ezakhayo, siyabakhuthaza ngokomoya size sibenze bazive behlaziyekile. Omnye umzalwana osebenza kwiofisi yesebe ukhumbula indlela abazalwana baseBheteli abakhulileyo ababedla ngokuncokola naye ngayo xa wayesandul’ ukufika eBheteli. Amazwi abo okhuthazo ayemenza azive eyinxalenye yentsapho yaseBheteli. Ngoku naye uzama ukwenza okufanayo ngokuncokola namanye amalungu aseBheteli.
Ukuthobeka Kusinceda Sibe Ngabantu Abanoxolo
15. Yintoni ebonisa ukuba sikhe singaboni ngasonye ngamanye amaxesha?
15 UWodiya noSintike, oodade ababini abangamaKristu baseFilipi yamandulo, kubonakala ukuba babengakwazi ukulungisa ingxaki eyayiphakathi kwabo. (Fil. 4:2, 3) Ingxabano enkulu eyayiphakathi kukaPawulos noBharnabhas yasasazeka yaza yabangela ukuba bohlukane okwexeshana. (IZe. 15:37-39) Ezi ngxelo zibonisa ukuba namaKristu okwenyaniso akhe angaboni ngasonye. UYehova uyasinika uncedo ukuze sikwazi ukulungisa iingxaki size sixolelane nabahlobo bethu. Kodwa kukho okuthile afuna sikwenze.
16, 17. (a) Kutheni kubalulekile ukuthobeka xa kuconjululwa iingxaki? (b) Ingxelo engokudibana kukaYakobi noEsawu ikubonisa njani ukubaluleka kokuthobeka?
16 Masithi wena nomhlobo wakho niza kuhamba ngenqwelo-mafutha. Ngaphambi kokuba nihambe kufuneka kuqala usebenzise isitshixo ukuze imoto ihambe. Naxa ucombulula iingxaki, kukho into yokuqala ofanele ube nayo. Loo nto kukuthobeka. (Funda uYakobi 4:10.) Njengoko siza kubona kumzekelo weZibhalo olandelayo, ukuthobeka kunceda abo baneengxaki basebenzise imigaqo yeBhayibhile.
17 Kwakusemva kweminyaka engama-20 uEsawu exabene newele lakhe uYakobi, elalimhluthe ilungelo lakhe lokuba yinkulu waza wafuna ukulibulala. Emva kwayo yonke loo minyaka, la mawele ayeza kuphinda adibane, yaye “woyika kakhulu uYakobi waza waxhalaba kunene.” Wayeqinisekile ukuba uEsawu uza kumhlasela. Kodwa emva kokuba bedibene, uYakobi wenza into uEsawu awayengayilindelanga. Njengoko wayesondela kumntakwabo, “waqubuda emhlabeni.” Kwenzeka ntoni emva koko? “UEsawu wabaleka ukuya kumhlangabeza, waza wamwola, wawa entanyeni yakhe, wamanga, baziphalaza iinyembezi.” Akuzange kube yimfuneko ukuba kuliwe. Ukuthobeka kukaYakobi kwanceda ekuthomalaliseni inzondo awayenayo uEsawu.—Gen. 27:41; 32:3-8; 33:3, 4.
18, 19. (a) Kutheni kubalulekile ukuba sisebenzise isiluleko seZibhalo xa kuvela ingxaki? (b) Kutheni singafanele sityhafe ukuba asiphumeleli ngoko nangoko kwimizamo yethu yokulungisa ingxaki?
18 IBhayibhile ineziluleko ezihle zokucombulula iingxabano. (Mat. 5:23, 24; 18:15-17; Efe. 4:26, 27)a Noko ke, xa singabonakalisi ukuthobeka size sisebenzise ezo ziluleko, kuya kuba nzima ukuba noxolo nabanye. Asinakulindela ukuba ibe ngomnye umntu obonakalisa ukuthobeka, sonke sifanele sithobeke.
19 Ukuba imizamo yokulungisa ingxaki nomnye umntu iwa phantsi, asimele sityhafe. Kusenokwenzeka ukuba loo mntu usafuna ukuqale axole ngaphakathi. Abakhuluwa bakaYosefu bamenzela ubuqhophololo. Bambona emva kwexesha elide, sele eyinkulumbuso yaseYiputa. Noko ke, babesele beguqukile yaye bacela uxolo kuye. UYosefu wabaxolela, yaye aba nyana bakaYakobi baba luhlanga olubizwa ngegama likaYehova. (Gen. 50:15-21) Xa siqhubeka siseluxolweni nabazalwana noodadewethu, sibangela ukuba kubekho umanyano noxolo ebandleni.—Funda eyabaseKolose 3:12-14.
Masithande “Ngezenzo Nangenyaniso”
20, 21. Yintoni esinokuyifunda ngokuhlamba kukaYesu iinyawo zabapostile bakhe?
20 Ngaphambi kokuba afe, uYesu wathi kubapostile bakhe: “Ndinibekela umzekelo, ukuze, kanye njengoko ndenjenjalo kuni, nenjenjalo nani.” (Yoh. 13:15) Wayegqiba kuhlamba iinyawo zabafundi bakhe abali-12. UYesu wayengenzi nje isiko okanye ububele. Ngaphambi kokuba athethe ngokuhlanjwa kweenyawo zabapostile, uYohane wathi: “UYesu, ebathandile abakhe ababesehlabathini, wabathanda de kwasekupheleni.” (Yoh. 13:1) Ngenxa yokuba wayebathanda abafundi bakhe, uYesu wenza umsebenzi owawudla ngokwenziwa ngamakhoboka. Ngoku kwakufuneka bona babonise uthando kwabanye baze babenzele izinto ngokuthobeka. Xa sinothando lokwenene siya kubakhathalela size sibaxhalabele bonke abazalwana noodadewethu abangamaKristu.
21 Umpostile uPetros, owahlanjwa iinyawo nguNyana kaThixo, wayibona intsingiselo yoko kwenziwa nguYesu. Wathi: “Ngoku njengoko niyisulungekisile imiphefumlo yenu ngokuthobela kwenu inyaniso okuphumela kumsa wobuzalwana ongenaluhanahaniso, thandanani kakhulu ngokusuka entliziyweni.” (1 Pet. 1:22) Umpostile uYohane, naye owahlanjwa iinyawo yiNkosi, wathi: “Bantwana abancinane, masingathandi ngazwi nangamlomo, kodwa ngezenzo nangenyaniso.” (1 Yoh. 3:18) Masiqhubeke sibonisa ukuba siyabathanda abazalwana noodadewethu.
[Umbhalo osemazantsi]
a Funda incwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano, iphepha 144-150.
Ngaba Uyakhumbula?
• ‘Sinokuphangalala’ njani ekuthandeni abanye?
• Yintoni eya kusinceda sichithe ixesha nabanye?
• Ukuthobeka kusinceda njani sibe noxolo?
• Yintoni efanele isikhuthazele ukuba sinyamekele amanye amaKristu?
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Yamkela amanye amaKristu ngobubele
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Zinike ixesha lokuncokola nabanye