Inokufunyanwa Phi Intuthuzelo Yokwenene?
“UThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu . . . osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.”—2 KORINTE 1:3, 4.
1. Ziziphi iimeko ezinokubangela abantu bafune intuthuzelo?
ISIGULO esenze ubani wangumlwelwe sinokumshiya evakalelwa kukuba akusekho nto ayiphilelayo. Iinyikima, izaqhwithi neendlala zishiya abantu bengenathemba. Imfazwe inokukhokelela ekufeni kwamalungu entsapho, itshabalalise amakhaya, okanye inyanzele abemi bashiye izinto zabo. Okungekho sikweni kunokwenza abantu bavakalelwe kukuba akukho ndawo bangafumana kuyo isiqabu. Abo bachatshazelwa ziintlekele ezinjalo ngokuqinisekileyo bafuna intuthuzelo. Inokufunyanwa phi?
2. Kutheni intuthuzelo enikelwa nguYehova ingenakuthelekiswa nanto?
2 Abantu neentlangano ezithile bazama ukunikela intuthuzelo. Siyawaxabisa amazwi obubele. Ukunikela uncedo lwezinto eziphathekayo kuhlangabezana neentswelo zokwexeshana. Kodwa nguYehova kuphela, uThixo oyinyaniso, onokulungisa wonke umonakalo aze anikele uncedo olufunekayo ukuze iintlekele ezinjalo zingaphinde zibekho. Ithetha ngaye, iBhayibhile ithi: “Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sikwazi ukuthuthuzela abo bakulo naluphi na uhlobo lwembandezelo ngayo intuthuzelo nathi ngokwethu esithuthuzelwa ngayo nguThixo.” (2 Korinte 1:3, 4) UYehova usithuthuzela njani?
Ukuphelisa Unobangela Weengxaki
3. Intuthuzelo uThixo ayinikelayo iwuphelisa njani unobangela weengxaki?
3 Yonke intsapho engabantu izuze ilifa ukungafezeki ngenxa yesono sika-Adam, yaye oku kubangela iingxaki ezininzi ekugqibeleni ezikhokelela ekufeni. (Roma 5:12) Le meko yenziwa mbi nangakumbi sisibakala sokuba uSathana uMtyholi ‘ungumlawuli weli hlabathi.’ (Yohane 12:31; 1 Yohane 5:19) UYehova akazange abe lusizi nje kuphela ngemeko embi abantu abajamelene nayo. Wathumela uNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo njengentlawulelo yokusikhulula, waza wasixelela ukuba sinokukhululeka kwimiphumo yesono sika-Adam ukuba sibonakalisa ukholo kuNyana Wakhe. (Yohane 3:16; 1 Yohane 4:10) Kwakhona uThixo waxela kwangaphambili ukuba uYesu Kristu onikwe lonke igunya ezulwini nasemhlabeni, uya kutshabalalisa uSathana nayo yonke inkqubo yakhe yezinto.—Mateyu 28:18; 1 Yohane 3:8; ISityhilelo 6:2; 20:10.
4. (a) Yintoni uYehova ayenzileyo ukuze sibe nentembelo engakumbi kwizithembiso zakhe zokuzisa isiqabu? (b) UYehova usinceda njani siqonde ixesha esiya kufika ngalo esi siqabu?
4 Ukuze sibe nentembelo engakumbi kwizithembiso zakhe, uThixo uye walondoloza ubungqina obuninzi obubhaliweyo obubonisa ukuba oko akuthethileyo kuyazaliseka. (Yoshuwa 23:14) Kwingxelo yeBhayibhile uye waquka oko wakwenzayo ukuze ahlangule abakhonzi bakhe kwiimeko ekwakubonakala kungenakwenzeka ukuba basinde kuzo. (Eksodus 14:4-31; 2 Kumkani 18:13–19:37) Yaye esebenzisa uYesu Kristu, uYehova wabonisa ukuba injongo yakhe iquka ukuphilisa abantu kulo “lonke uhlobo lobulwelwe,” kwanokuvusa abafileyo. (Mateyu 9:35; 11:3-6) Kuya kwenzeka nini konke oku? Ukuphendula lo mbuzo, iBhayibhile ithetha ngemihla yokugqibela yale nkqubo yezinto, eyandulela amazulu amatsha nomhlaba omtsha kaThixo. Inkcazelo kaYesu ifana nqwa nemihla esiphila kuyo.—Mateyu 24:3-14; 2 Timoti 3:1-5.
Intuthuzelo Kubantu Abanxungupheleyo
5. Xa wayethuthuzela amaSirayeli amandulo, uYehova wayalathisela entwenini ingqalelo yawo?
5 Kwindlela uYehova wayeqhubana ngayo namaSirayeli amandulo, sifunda indlela awayewathuthuzela ngayo kumaxesha anzima. Wayewakhumbuza ngohlobo loThixo alulo. Oku kwawenza anentembelo engakumbi kwizithembiso zakhe. UYehova wabangela abaprofeti bakhe ukuba babonakalise umahluko ocacileyo phakathi kwakhe njengoThixo wokwenyaniso nophilayo nezithixo, ezingakwaziyo ukuzinceda okanye ukunceda abo bazinqulayo. (Isaya 41:10; 46:1; Yeremiya 10:2-15) Xa wathi kuIsaya, “Thuthuzelani, thuthuzelani abantu bam,” uYehova wenza ukuba lo mprofeti wakhe asebenzise imizekeliso aze acacise indalo Yakhe ukuze abethelele ubukhulu bukaYehova njengokuphela koThixo oyinyaniso.—Isaya 40:1-31.
6. Maxa wambi uYehova wayesenza ntoni ukubonisa ukuba wayeza kubahlangula nini abantu bakhe?
6 Ngesinye isihlandlo, uYehova wayebathuthuzela abantu bakhe ngokubaxelela ixesha awayeza kubahlangula ngalo, enoba lalikufuphi okanye likude. Njengoko kwakusondele ukuba bakhululwe eYiputa, wathi kumaSirayeli acinezelekileyo: “Ndisaya kuzisa esinye isibetho phezu koFaro neYiputa. Emva koko wonindulula nimke apha.” (Eksodus 11:1) Xa iintlanga ezimanyeneyo ezintathu zahlasela uYuda ngemihla kaKumkani uYehoshafati, uYehova wamxelela ukuba wayeya kumnceda “ngomso.” (2 Kronike 20:1-4, 14-17) Kwelinye icala, ukukhululwa kwawo eBhabhiloni kwakubhalwe nguIsaya phantse iminyaka engama-200 ngaphambili, yaye ngoYeremiya kwanikelwa iinkcukacha ezingakumbi phantse iminyaka elikhulu ngaphambi kokuba akhululwe. Hayi indlela ezazikhuthaza ngayo ezo ziprofeto kubakhonzi bakaThixo xa lalisondela ixesha lokukhululwa kwabo!—Isaya 44:26–45:3; Yeremiya 25:11-14.
7. Yintoni eyayidla ngokuqukwa kwizithembiso zokuhlangula, yaye oku kwabachaphazela njani abantu abathembekileyo kwaSirayeli?
7 Kuyabonakala ukuba izithembiso ezazithuthuzela abantu bakaThixo zazidla ngokuba nenkcazelo engoMesiya. (Isaya 53:1-12) Kwizizukulwana ngezizukulwana, oku kuye kwabanika ithemba abantu abathembekileyo njengoko babejamelene nezilingo ezininzi. KuLuka 2:25, siyafunda: “Khangela! kwakukho umntu eYerusalem ogama linguSimeyon, yaye lo mntu wayelilungisa kwaye esoyik’ uThixo, elindele intuthuzelo kaSirayeli [enyanisweni, ukufika kukaMesiya], nomoya oyingcwele wawuphezu kwakhe.” USimeyon wayesazi isithembiso esingoMesiya esasikwiZibhalo, yaye ukulindela ukuzaliseka kwaso kwaba nempembelelo ebomini bakhe. Yena akazange ayiqonde indlela esasiza kuzaliseka ngayo, yaye akazange akubone ukuzaliseka kosindiso olwaxelwa kwangaphambili, kodwa wavuya xa wabona Lowo wayeya kugqineka eyindlela kaThixo “yokusindisa.”—Luka 2:30.
Intuthuzelo Ifumaneka NgoKristu
8. Uncedo uYesu awalunikelayo lwahluke njani kolo abantu abaninzi abacinga ukuba bayalufuna?
8 Ngoxa uYesu Kristu wayekubulungiseleli bakhe emhlabeni, wayengasoloko ebanceda abantu ngendlela ababecinga ukuba bafuna ukuncedwa ngayo. Abanye babefuna uMesiya owayeya kubakhulula kwidyokhwe yobukhoboka baseRoma. Kodwa uYesu akazange akhuthaze imvukelo; wabaxelela esithi “buyiselani izinto zikaKesare kuKesare.” (Mateyu 22:21) Injongo kaThixo yayiquka okungakumbi kunokukhulula nje abantu abacinezelwe ngurhulumente othile wezobupolitika. Abantu babefuna ukumenza uYesu ukumkani, kodwa yena wathi wayeya ‘kunikela ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.’ (Mateyu 20:28; Yohane 6:15) Lalingekafiki ixesha lokuba abe ngukumkani, yaye igunya lokuba alawule wayeza kulinikwa nguYehova, kungekhona abantu abanganelisekiyo.
9. (a) Sisiphi isigidimi sentuthuzelo uYesu awasivakalisayo? (b) UYesu wakubonakalisa njani ukubaluleka kwesi sigidimi kwiimeko abantu ababejamelene nazo? (c) Intshumayelo kaYesu yabeka siphi isiseko?
9 Intuthuzelo uYesu awayinikelayo yayisekelwe ‘kwiindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo.’ Esi yayisisigidimi uYesu awasivakalisayo naphi na apho wayesiya khona. (Luka 4:43) Wagxininisa ukubaluleka kweso sigidimi kwiingxaki zabantu zemihla ngemihla ngokubonakalisa oko yena njengoMlawuli onguMesiya aya kukwenzela abantu. Wabenza abantu ababebandezelekile banezizathu ezitsha zokuphila ngokunyanga iimfama nezimumu (Mateyu 12:22; Marko 10:51, 52), waphilisa imilwelwe (Marko 2:3-12), wahlambulula amanye amaSirayeli kwizifo ezonyanyekayo (Luka 5:12, 13), nokubaphilisa kwezinye izifo ezibuhlungu. (Marko 5:25-29) Wazisa isiqabu esikhulu kumalungu eentsapho awayebuhlungu ngokuvusa abantwana bazo ekufeni. (Luka 7:11-15; 8:49-56) Wabonakalisa amandla akhe okulawula izaqhwithi eziyingozi waza wondla izihlwele ezikhulu. (Marko 4:37-41; 8:2-9) Ngaphezu koko, uYesu wabafundisa imigaqo yokuphila eyayiya kubanceda bakwazi ukuhlangabezana ngokuphumelelayo neengxaki ababenazo baze bakwazi ukuzalisa iintliziyo zabo ngethemba lolawulo lobulungisa lukaMesiya. Ngaloo ndlela xa uYesu wayeshumayela, akazange athuthuzele kuphela abo babemphulaphule benokholo kodwa kwakhona wabeka isiseko sokukhuthaza abantu kumawaka eminyaka ezayo.
10. Ngenxa yedini likaYesu yintoni enokwenzeka?
10 Ngaphezu kweminyaka engama-60 emva kokuba uYesu wanikela ngobomi bakhe njengedini waza wavuselwa kubomi basezulwini, umpostile uYohane waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Bantwana bam abancinane, ndinibhalela ezi zinto ukuze ningenzi sono. Ukanti, ukuba nabani na uthi enze isono, sinaye umncedi kuBawo, uYesu Kristu, lowo ulilungisa. Yena ungumbingelelo wokucamagushela izono zethu, kanti kungekhona ezethu kuphela kodwa kwanezehlabathi liphela.” (1 Yohane 2:1, 2) Ngenxa yeenzuzo zedini likaYesu njengomntu ofezekileyo, sithuthuzeleka gqitha. Siyazi ukuba sinokuxolelwa izono, sinesazela esicocekileyo, sinolwalamano oluhle noThixo, yaye sinethemba lokuphila ngonaphakade.—Yohane 14:6; Roma 6:23; Hebhere 9:24-28; 1 Petros 3:21.
Umoya Oyingcwele Njengomthuthuzeli
11. Liliphi elinye ilungiselelo eliyintuthuzelo uYesu awalithembisayo ngaphambi kokufa kwakhe?
11 Ngoxa wayenabapostile bakhe ngobusuku bokugqibela ngaphambi kokufa kwakhe okulidini, uYesu wathetha ngelinye ilungiselelo uYise wasezulwini alenzileyo ukubathuthuzela. UYesu wathi: “Ndiza kumcela uBawo yaye uya kuninika omnye umncedi [umthuthuzeli; ngesiGrike, pa·raʹkle·tos] wokuba kunye nani ngonaphakade, umoya wenyaniso.” UYesu wabaqinisekisa esithi: “Umncedi, umoya oyingcwele, . . . uya kunifundisa zonke izinto aze anikhumbuze zonke izinto endinixelele zona.” (Yohane 14:16, 17, 26) Eneneni umoya oyingcwele wabathuthuzela njani?
12. Umoya oyingcwele uye wanayiphi indima ekuncedeni abafundi bakaYesu bakhumbule baze bakwazi ukuthuthuzela nabaninzi?
12 UYesu wayebafundise izinto ezininzi abapostile. Ngokuqinisekileyo babengasayi kuzilibala izinto ezazenzekile, kodwa ngaba babeya kuzikhumbula izinto awayezithethile? Ngaba izinto ezibalulekileyo awayebafundise zona babeza kuzilibala ngenxa yengqondo yabo elibalayo ebangelwa kukungafezeki? UYesu wabaqinisekisa ukuba umoya oyingcwele wawuya ‘kubakhumbuza zonke izinto awayebaxelele zona.’ Ngenxa yoko, malunga neminyaka esibhozo emva kokufa kukaYesu, uMateyu wakwazi ukubhala iVangeli yokuqala, apho wabhala ngeNtshumayelo yaseNtabeni kaYesu echukumisayo, imizekeliso eliqela ngokuphathelele uBukumkani, kwakunye nenkcazelo eneenkcukacha ngomqondiso wobukho bakhe. Ngaphezu kweminyaka engama-50 kamva, umpostile uYohane wakwazi ukubhala ingxelo enokuthenjwa eyayineenkcukacha ezininzi ngeentsuku zokugqibela ezimbalwa zobomi bukaYesu emhlabeni. Hayi indlela ezisikhuthaza ngayo ezi ngxelo ziphefumlelweyo ukuza kuthi ga kumhla wethu!
13. Umoya oyingcwele waba ngumfundisi njani kumaKristu okuqala?
13 Kunokubakhumbuza nje amagama, umoya oyingcwele wafundisa abafundi waza wabanceda ukuze bayiqonde ngakumbi injongo kaThixo. Ngoxa uYesu wayesenabafundi bakhe, wabaxelela izinto ababengaziqondi ngokucacileyo ngelo xesha. Noko ke, kamva beqhutywa ngumoya oyingcwele, uYohane, uPetros, uYakobi, uYude noPawulos babhala iinkcazelo ezingakumbi ezazinokuthanani nenjongo kaThixo. Ngaloo ndlela umoya oyingcwele wasebenza njengomfundisi, ubaqinisekisa ukuba bakhokelwa nguThixo.
14. Umoya oyingcwele wabanceda ngaziphi iindlela abantu bakaYehova?
14 Izipho ezingummangaliso zomoya nazo zanceda ukubonisa ngokucacileyo ukuba uThixo wayengasakholiswa ngamaSirayeli okwemvelo kodwa ekholiswa libandla lamaKristu. (Hebhere 2:4) Isiqhamo saloo moya kubomi babantu sasiyinto ebalulekileyo ukwalatha abo ngokwenene babengabafundi bakaYesu. (Yohane 13:35; Galati 5:22-24) Yaye lo moya wawusomeleza amalungu elo bandla ukuba abe ngamangqina anenkalipho nangoyikiyo.—IZenzo 4:31.
Uncedo Xa Sicinezeleke Ngamandla
15. (a) Ziziphi iingcinezelo amaKristu exesha elidluleyo nangoku aye ajamelana nazo? (b) Kutheni abanye abanikela ukhuthazo maxa wambi basenokulufuna nabo?
15 Bonke abantu abazinikele kuYehova nabanyanisekileyo kuye bayatshutshiswa ngandlel’ ithile. (2 Timoti 3:12) Noko ke, amaKristu amaninzi aye acinezeleka ngeyona ndlela ingathethekiyo. Kumaxesha anamhlanje, bambi baye bahlaselwa ngamahlokondiba baza bavalelwa kwiinkampu zoxinaniso, ezintolongweni, nakwiinkampu ekusetyenzwa kuzo nzima kwiimeko ezingaginyisi mathe. Oorhulumente baye bangabatshutshisi, okanye baye bavumela amaqela ezaphuli-mthetho ukuba enze okubi aze angohlwaywa. Ukongezelela, amaKristu aye ajamelana neengxaki ezinzulu zempilo okanye zentsapho. NomKristu oqolileyo onceda amanye amakholwa xa ejamelene neemeko ezinzima usenokuziva ecinezelekile. Kwiimeko ezinjalo, lowo ukhuthaza abanye kusenokufuneka akhuthazwe naye.
16. Xa uDavide wayecinezeleke ngeyona ndlela, walufumana njani uncedo?
16 Xa uKumkani uSawule wayefuna ukubulala uDavide, uDavide wabongoza uThixo njengoMncedi wakhe esithi: “Owu Thixo, wuve umthandazo wam.” “Ndisabela esithunzini samaphiko akho.” (INdumiso 54:2, 4; 57:1) Ngaba uDavide walufumana uncedo? Ewe, walufumana. Ebudeni belo xesha uYehova wasebenzisa uGadi umprofeti noAbhiyatare umbingeleli ukuze banikele ulwalathiso kuDavide, yaye wasebenzisa uYonatan unyana kaSawule ukuze omeleze lo mfana. (1 Samuweli 22:1, 5; 23:9-13, 16-18) Kwakhona uYehova wavumela amaFilisti ukuba aligqogqe elo lizwe, ngaloo ndlela ephazamisa uSawule kwimigudu yakhe.—1 Samuweli 23:27, 28.
17. Xa wayecinezelekile, uYesu walufuna phi uncedo?
17 Naye uYesu Kristu wacinezeleka kakhulu njengoko lalisondele ixesha lokuphela kwekhondo lakhe lasemhlabeni. Wayeyiqonda ngokuzeleyo indlela ihambo yakhe eyayiya kulichaphazela ngayo igama likaYise wasezulwini nendlela eya kuba nempembelelo ngayo kwikamva labo bonke abantu. Wathandaza ngokuzingisileyo, wada ‘wasekungcungcuthekeni.’ UThixo waqinisekisa ukuba uYesu ufumana inkxaso awayeyifuna ngelo xesha linzima.—Luka 22:41-44.
18. UThixo wawathuthuzela njani amaKristu okuqala awayetshutshiswa ngokukrakra?
18 AmaKristu atshutshiswa ngokukrakra emva kokusekwa kwebandla lenkulungwane yokuqala kangangokuba onke ngaphandle kwabapostile achithachitheka eYerusalem. Amadoda nabafazi barhuqelwa ngaphandle kwemizi yabo. UThixo wabathuthuzela njani? Wabaqinisekisa ngeLizwi lakhe ukuba ‘babenokulunge ngakumbi nokuhlala kuhleli,’ ilifa elingapheliyo kunye noKristu emazulwini. (Hebhere 10:34; Efese 1:18-20) Njengoko babeqhubeka beshumayela, babona ubungqina bokuba umoya kaThixo unabo, yaye oko kwenzeka kubo kwabanika isizathu esingakumbi sokuvuya.—Mateyu 5:11, 12; IZenzo 8:1-40.
19. Nangona uPawulos watshutshiswa kanobom, wayevakalelwa njani ngentuthuzelo evela kuThixo?
19 Ekugqibeleni, uSawule (uPawulos), naye owayebatshutshisa ngenkohlakalo abanye, watshutshiswa ngenxa yokuba waba ngumKristu. Kwisiqithi saseSipro, kwakukho umkhafuli owayezama ukuthintela umsebenzi kaPawulos wokushumayela ngokuqhatha nangokukhohlisa. EGalati, uPawulos waxulutywa ngamatye waza washiywa kucingwa ukuba ufile. (IZenzo 13:8-10; 14:19) EMakedoni wabethwa ngeentonga. (IZenzo 16:22, 23) Emva kokuhlaselwa lihlokondiba e-Efese, wabhala: “Sasikwingcinezelo engaphaya kwamandla ethu, kangangokuba sasingaqinisekanga kwanangobomi bethu. Enyanisweni, savakalelwa kukuba sasifumene isigwebo sokufa.” (2 Korinte 1:8, 9) Kodwa kwakuloo ncwadi, uPawulos wabhala loo mazwi athuthuzelayo acatshulwe kwisiqendu 2 seli nqaku.—2 Korinte 1:3, 4.
20. Yintoni esiza kuyiqwalasela kwinqaku elilandelayo?
20 Unokuba nenxaxheba njani ekuthuthuzeleni abanye? Baninzi kwimihla yethu abayifunayo xa besentlungwini, enoba kungenxa yeentlekele ezichaphazela abantu abaninzi okanye ngenxa yembandezelo ethwaxa bona kuphela. Kwinqaku elilandelayo, siya kuqwalasela indlela yokunikela intuthuzelo kuzo zombini ezi meko.
Ngaba Usakhumbula?
• Kutheni intuthuzelo evela kuThixo ixabiseke kangaka?
• Yiyiphi intuthuzelo efumaneka ngoKristu?
• Umoya oyingcwele ungqineke njani ungumthuthuzeli?
• Nikela imizekelo yentuthuzelo eyanikelwa nguThixo xa abakhonzi bakhe babecinezeleke kakhulu.
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
IBhayibhile isibonisa ukuba uYehova wabathuthuzela abantu bakhe ngokubahlangula
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
UYesu wabathuthuzela abantu ngokubafundisa, ukubaphilisa nangokuvusa abafileyo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UYesu wafumana uncedo oluvela phezulu