Thuthuzela Abo Basentlungwini
“UYehova undithambisele . . . ukuthuthuzela bonke abazilileyo.”—ISAYA 61:1, 2.
1, 2. Ngoobani esifanele sibathuthuzele, yaye ngoba?
UYEHOVA, uThixo wentuthuzelo yonke, usifundisa ukuba sibe nenkxalabo xa abanye besehlelwa ziintlekele. Usifundisa ukuba ‘siyithuthuzele imiphefumlo edandathekileyo’ yaye sithuthuzele bonke abasentlungwini. (1 Tesalonika 5:14) Xa kuyimfuneko, sinikela uncedo olunjalo kwamanye amakholwa. Kwakhona sibonakalisa uthando kwabo bangekho ebandleni, nakwabo ekusenokwenzeka ukuba abakhange basiphathe ngothando ngaphambili.—Mateyu 5:43-48; Galati 6:10.
2 UYesu Kristu wawafunda waza wawasebenzisa kuye la mazwi asisiprofeto: “Umoya weNkosi enguMongami uYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba uYehova undithambisele ukushumayela iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo. Undithumele ukubopha abantliziyo zaphukileyo, . . . ukuthuthuzela bonke abazilileyo.” (Isaya 61:1, 2; Luka 4:16-19) AmaKristu athanjisiweyo anamhlanje kudala aqonda ukuba la mazwi asebenza nakuwo, yaye “nezinye izimvu” ziyakuvuyela ukusebenza kunye nawo.—Yohane 10:16.
3. Xa abantu bebuza, “Kutheni uThixo evumele iintlekele?” sinokubanceda njani?
3 Xa abantu bethwaxwa ziintlekele yaye benxunguphele, badla ngokubuza, “Kutheni uThixo evumele iintlekele zenzeke?” IBhayibhile iwuphendula ngokucacileyo lo mbuzo. Noko ke, kusenokuthabatha ixesha ngaphambi kokuba umntu ongenguye umfundi weBhayibhile ayiqonde ngokuzeleyo loo mpendulo. Iincwadi zamaNgqina kaYehova zinikela uncedo kwimibandela enjalo.a Noko ke, okokuqala, kuyintuthuzelo kubantu abathile ukubona eBhayibhileni umbhalo onjengalowo ofumaneka kuIsaya 61:1, 2, ekubeni ubonisa umnqweno kaThixo wokuba abantu bafumane intuthuzelo.
4. INgqina lasePoland layinceda njani intombazana yesikolo eyayidandathekile, yaye amava anjalo anokukunceda njani ukuze uncede abanye?
4 Abantu abaselula, kwakunye nabakhulileyo bayafuna ukuthuthuzelwa. Omnye okwishumi elivisayo owayedandathekile ePoland wacela icebiso kumhlobo wakhe. Emgocagoca ngobubele, lo mhlobo, owayengomnye wamaNgqina kaYehova wafumanisa ukuba le ntombazana yayinemibuzo emininzi enjengale: “Kutheni ububi bande kangaka? Kutheni abantu bebandezeleka? Kutheni udadewethu ongumlwelwe ebandezeleka? Kutheni ndinesifo sentliziyo? ICawa ithi oko kukuthanda kukaThixo. Kodwa ukuba kunjalo, andiphindi ndikholelwe kuye!” Eli Ngqina lathandaza kuYehova ngaphakathi laza lathi: “Ndiyavuya kuba undibuze oku. Ndiza kuzama ukukunceda.” Nalo eli Ngqina lambalisela lisithi ngoxa lalisengumntwana lalinemibuzo ethile yaye amaNgqina kaYehova alinceda. Lacacisa lisithi: “Ndafunda ukuba uThixo akenzi abantu babandezeleke. Uyabathanda, ubanqwenelela okona kuhle, yaye kungekudala uza kwenza iinguqulelo ezinkulu apha emhlabeni. Ukugula, iingxaki zokwaluphala, nokufa kuya kuphela, yaye abantu abathobelayo baya kuphila ngonaphakade—kanye apha emhlabeni.” Labonisa le ntombazana ISityhilelo 21:3, 4; uYobhi 33:25; uIsaya 35:5–7 nesama-65:21-25. Emva kokuba bethethe ixesha elide, kuthe xibilili kule ntombazana, yathi: “Ngoku ndiyayazi into endiyiphilelayo. Ndingaphinda ndize kukubona?” Yayiqhutyelwa isifundo seBhayibhile kabini ngeveki.
Ngentuthuzelo Evela KuThixo
5. Xa sibonakalisa uvelwano, yintoni eya kuba yintuthuzelo yokwenene?
5 Xa sifuna ukuthuthuzela abanye, kuhle ukuba sithethe nabo ngovelwano. Sizabalazela ukubonisa loo mntu osentlungwini ngamazwi nendlela esithetha ngayo ukuba siyikhathalele ngokwenene imeko yakhe. Oku akwenziwa nje ngokushwaqa. IBhayibhile isixelela isithi “ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.” (Roma 15:4) Ngenxa yoku, ngexesha elifanelekileyo sinokucacisa into obuyiyo uBukumkani bukaThixo, yaye sinokubonisa ngokusuka eBhayibhileni indlela obuya kuzicombulula ngayo ezi ngxaki. Sinokwandula ke sithethe ngesizathu sokuba bulithemba eliqinisekileyo. Ngale ndlela, siya kubathuthuzela abanye.
6. Simele sibancede abantu baqonde ntoni ukuze bazuze ngokupheleleyo kwintuthuzelo yeZibhalo?
6 Ukuze azuze ngokupheleleyo xa ethuthuzelwa, ubani ufanele amazi uThixo wokwenyaniso, uhlobo loMntu alulo, nokuqiniseka kwezithembiso zakhe. Xa sifuna ukunceda umntu ongekabi ngumnquli kaYehova, kuya kuba kuhle ukucacisa ezi ngongoma zilandelayo. (1) Ukuba intuthuzelo efumaneka eBhayibhileni ivela kuYehova uThixo wokwenyaniso. (2) Ukuba uYehova unguSomandla, uMdali wezulu nomhlaba. UnguThixo wothando yaye uzele bububele bothando nenyaniso. (3) Sinokomelezwa ukuze sihlangabezane neengxaki ukuba sisondela kuThixo ngokufumana ulwazi oluchanileyo oluvela kwiLizwi lakhe. (4) IBhayibhile iqulethe izibhalo ezithetha ngezilingo ezithile abajamelana nazo abantu abahlukahlukeneyo.
7. (a) Kunokuphumeza ntoni ukugxininisa kwelokuba intuthuzelo evela kuThixo “iphuphuma ngoKristu”? (b) Unokumthuthuzela njani umntu oqondayo ukuba ebesenza izinto ezimbi?
7 Bambi baye babakhuthaza ngokomoya abo basentlungwini abayiqhelileyo iBhayibhile ngokufunda eyesi-2 kwabaseKorinte 1:3-7. Xa besenjenjalo, baye bagxininisa amazwi athi ‘intuthuzelo esiyifumanayo iyaphuphuma ngoKristu.’ Esi sibhalo sinokumnceda ubani aqonde ukuba intuthuzelo ifumaneka eBhayibhileni yaye ufanele anikele ingqalelo engakumbi kuyo. Kwakhona inokukhokelela kwincoko ebhekele phayaa, mhlawumbi kamva. Ukuba umntu uvakalelwa kukuba iingxaki zakhe zibangelwa zizinto ezimbi azenzileyo, ngoko ke, ngaphandle kokumgweba, sisenokumxelela ukuba kuyathuthuzela ukwazi oko kubhalwe kweyoku-1 kaYohane 2:1, 2 nakwiNdumiso 103:11-14. Ngezi ndlela sibathuthuzela ngokwenene abanye ngentuthuzelo evela kuThixo.
Xa Abantu Bechatshazelwa Lugonyamelo Okanye Ziimeko Ezinzima Zoqoqosho
8, 9. Banokukhuthazwa njani ngokufanelekileyo abantu abaye babandezeleka ngenxa yogonyamelo?
8 Abantu abaninzi baye bachatshazelwa lugonyamelo—ugonyamelo lwezaphuli-mthetho zasekuhlaleni okanye ugonyamelo lwemfazwe. Sinokubathuthuzela njani?
9 AmaKristu okwenyaniso ayaqiniseka ukuba ngamazwi nangezenzo akathabathi cala kwiingxwabangxwaba zeli hlabathi. (Yohane 17:16) Kodwa ngokufanelekileyo asebenzisa iBhayibhile ukubonisa ukuba iimeko ezimbi ezikhoyo azisayi kuqhubeka ngonaphakade. Asenokufunda INdumiso 11:5 ukubonisa indlela uYehova avakalelwa ngayo ngabo bathanda ugonyamelo okanye INdumiso 37:1-4 ukuze abonise ukhuthazo oluvela kuThixo lokuba singaziphindezeleli kodwa sithembe uThixo. Amazwi akwiNdumiso 72:12-14 abonisa indlela uSolomon Omkhulu, uYesu Kristu, ngoku olawula njengoKumkani wasezulwini, avakalelwa ngayo ngabantu abamsulwa ababandazeleka ngenxa yogonyamelo.
10. Ukuba ubuphila kwiminyaka emininzi egquba imfazwe, zinokukunceda njani izibhalo ezikhankanyiweyo?
10 Abanye abantu baye banyamezela imfazwe emva kwenye ngenxa yamaqela afuna ukulawula. Bazixelela ukuba imfazwe nemiphumo yayo iyinxalenye nje yobomi. Ekuphela kwethemba abanalo kukuba izinto zinokubahambela kakuhle kuphela xa benokubalekela kwelinye ilizwe. Kodwa inkoliso yabo ayidli ngokuphumelela ekwenzeni oko, yaye iqela labo baye bazama ukwenza oko liye lafa. Abanye abaye bakwazi ukuya kwelinye ilizwe badla ngokufumanisa ukuba baphephe enye ingxaki kanti bazifaka kwenye. Kunokusetyenziswa INdumiso 146:3-6 ukunceda abantu abanjalo ukuze bathembele kwinto eqiniseke ngakumbi kunokufudukela kwelinye ilizwe. Isiprofeto esikuMateyu 24:3, 7, 14 okanye kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5 sinokubanceda babe nembono ephangaleleyo ngezinto nentsingiselo yeemeko abajamelene nazo, oko kukuthi, siphila kwisiphelo sale nkqubo endala yezinto. Imibhalo efana neNdumiso 46:1-3, 8, 9 noIsaya 2:2-4 inokubanceda baqonde ukuba likho ithemba lekamva elinoxolo.
11. Ziziphi iZibhalo ezathuthuzela umfazi othile waseNtshona Afrika, yaye kwakutheni?
11 Ebudeni bemfazwe eqhubekayo eNtshona Afrika, omnye umfazi wabaleka endlwini yakhe ephepha imvula yeembumbulu. Wayesoloko esoyika, elusizi, yaye edane ngokunzulu. Kamva, ngoxa intsapho yakhe yayihlala kwelinye ilizwe, umyeni wakhe wagqiba kwelokuba atshise isatifiketi sabo somtshato, yaye wamgxotha umfazi wakhe owayekhulelwe ngelo xesha kunye nonyana wabo owayeneminyaka elishumi ubudala waza yena waba ngumfundisi. Xa lo mfazi wafundelwa incwadi yabaseFilipi 4:6, 7 neNdumiso 55:22, kunye namanqaku asekelwe kwiZibhalo eMboniselo noVukani!, ekugqibeleni wafumana intuthuzelo nenjongo ebomini.
12. (a) IZibhalo zibanceda njani abo bacinezelekileyo ngenxa yezoqoqosho? (b) INgqina laseAsia lamnceda njani umntu owayeze kuthenga?
12 Ukuwohloka kwemeko yezoqoqosho kuye kwabuchaphazela kakubi ubomi babantu abaninzi. Maxa wambi nako oku kubangelwa yimfazwe nemiphumo yayo. Ngamanye amaxesha, imithetho karhulumente engebobulumko nokubawa nokunganyaniseki kwabantu abasemagunyeni zonke ezi zinto ziye zabangela abantu balahlekelwa yimali ababeyigcinile yaye oku kuye kwanyanzela abantu ukuba banikezele ngezinto zabo. Abanye abazange babe nezinto ezininzi zeli hlabathi. Bonke abo banokuthuthuzelwa kukwazi ukuba uThixo ubaqinisekisa ngokubanika isiqabu abo bakholose ngaye yaye ubaqinisekisa nangehlabathi lobulungisa apho abantu baya kuvuyela umsebenzi wezandla zabo. (INdumiso 146:6, 7; Isaya 65:17, 21-23; 2 Petros 3:13) Xa elinye iNgqina kwilizwe laseAsia leva umntu oze kuthenga echaza indlela axhalabe ngayo ngemeko yezoqoqosho yalapho, lamcacisela ukuba oko kwakusenzeka apho kwakuyinxalenye yeziganeko ezenzeka ehlabathini liphela. Incoko eyayisekelwe kuMateyu 24:3-14 nakwiNdumiso 37:9-11 yakhokelela kwisifundo seBhayibhile esithe rhoqo.
13. (a) Xa abantu baye badana ngenxa yezithembiso ezingazalisekiyo, sinokuyisebenzisa njani iBhayibhile ukuze sibancede? (b) Ukuba abantu bavakalelwa kukuba iimeko ezimbi abahlala kuzo zibubungqina bokuba uThixo akakho, unokuzama njani ukuqiqa nabo?
13 Xa abantu baye babandezeleka kangangeminyaka emininzi okanye baye badana ngenxa yezithembiso ezingazalisekiyo, basenokuba njengamaSirayeli eYiputa angazange aphulaphule “ngenxa yokudimazeka.” (Eksodus 6:9) Kwiimeko ezinjalo, kusenokuba luncedo ukuthetha ngeendlela iBhayibhile enokunceda ngazo ukuze abantu bakwazi ukujamelana nezo ngxaki zikhoyo ngokuphumelelayo baze baphephe imigibe eyonakalisa ubomi babantu abaninzi ngokungeyomfuneko. (1 Timoti 4:8b) Bambi basenokuzigqala iimeko ezimbi abahlala kuzo njengobungqina bokuba uThixo akakho yaye akabakhathalelanga. Unokuqiqa nabo ngeZibhalo ezifanelekileyo ukuze ubancede baqonde ukuba uThixo uye wanikela uncedo kodwa abaninzi abalwamkelanga.—Isaya 48:17, 18.
Xa Bejamelene Nezaqhwithi Neenyikima
14, 15. Xa enye intlekele yashiya abaninzi bothukile, amaNgqina kaYehova ayibonakalisa njani inkxalabo anayo?
14 Kusenokubakho intlekele ngenxa yesaqhwithi, inyikima, umlilo, okanye ugqabhuko-dubulo. Abantu abaninzi basenokuba sentlungwini. Yintoni enokwenziwa ukuze kuthuthuzelwe abasindileyo?
15 Abantu bafanele bazi ukuba kukho umntu obakhathalelayo. Emva kokuba elinye ilizwe lahlaselwa ngabagrogrisi, abaninzi bothuka gqitha. Abantu abaninzi bafelwa ngamalungu eentsapho zabo, ababexhasa iintsapho, abahlobo, baphelelwa ngumsebenzi, okanye nantoni ababecinga ukuba ibenza banqabiseke. AmaNgqina kaYehova anceda abantu basekuhlaleni, evakalisa uvelwano ngelahleko enkulu ababejamelene nayo yaye ebathuthuzela ngamazwi avela eBhayibhileni. Abaninzi babonakalisa uxabiso olunzulu ngale nkxalabo eyaboniswayo.
16. Xa kwabakho intlekele kummandla wase-El Salvador, kwakutheni ukuze umsebenzi wasentsimini wamaNgqina kaYehova ube luncedo?
16 E-El Salvador kwabakho inyikima enkulu ngowama-2001 eyalandelwa ludaka oluninzi olwabulala abantu abaninzi. Unyana weNgqina oneminyaka engama-25 ubudala noodade ababini bentombi awayeza kutshata nayo bafa. Unina walo mfana kunye nentombi awayeza kutshata nayo ngokukhawuleza bazigcina bexakekile kwinkonzo yasentsimini. Abaninzi babesithi abo bafileyo bathatyathwe nguThixo okanye kwakwenzeke ukuthanda kwakhe. La maNgqina acaphula IMizekeliso 10:22 ebonisa ukuba uThixo akafuni ukuba sibe sentlungwini. Afunda incwadi yamaRoma 5:12 ebonisa ukuba ukufa kwabangelwa sisono somntu, kungekhona ukuthanda kukaThixo. Kwakhona abonisa amazwi ayintuthuzelo afumaneka kwiNdumiso 34:18, kwiNdumiso 37:29, kuIsaya 25:8 nakwiSityhilelo 21:3, 4. Abantu bakuvuyela ukuphulaphula, ekubeni la mabhinqa mabini nawo ayefelwe ngamalungu eentsapho zawo kuloo ntlekele, yaye kwaqaliswa izifundo ezininzi zeBhayibhile.
17. Ngamaxesha entlekele, sinokunceda ngaziphi iindlela?
17 Xa kusihla intlekele, usenokudibana nomntu ofuna uncedo ngokukhawuleza. Oku kusenokuquka ukubiza ugqirha, ukunceda loo mntu aye ekliniki, okanye ukwenza nantoni na ukuze afumane ukutya nekhusi. Ngowe-1998 ebudeni benye intlekele eItali, umcholacholi weendaba waphawula ukuba amaNgqina kaYehova “ayexakekile, enceda abo basentlungwini, engakhethi ukuba bakuluphi na unqulo.” Kweminye imimandla, iziganeko ekwaprofetwa ngazo njengeziya kwenzeka kwimihla yokugqibela zibangela ukubandezeleka okukhulu. Kwiindawo ezinjalo, amaNgqina kaYehova alatha kwiziprofeto zeBhayibhile, yaye athuthuzela abantu ngesiqinisekiso seBhayibhile sokuba uBukumkani bukaThixo buya kuzisa unqabiseko lokwenene ebantwini.—IMizekeliso 1:33; Mika 4:4.
Xa Ubani Efelwe Lilungu Lentsapho
18-20. Xa kukho umntu ofileyo entsatsheni, yintoni onokuyithetha okanye uyenze ukuze uthuthuzele abanye?
18 Suku ngalunye abantu abaninzi baba buhlungu ngenxa yokufelwa ngumntu abamthandayo. Usenokudibana nabo basentlungwini xa ukubulungiseleli bamaKristu okanye usenza imisebenzi yakho eqhelekileyo yobomi bemihla ngemihla. Yintoni onokuyithetha okanye uyenze ukubathuthuzela?
19 Ngaba loo mntu uxhelekile emoyeni? Ngaba indlu yakhe izaliswe zizalamane ezisentlungwini? Kusenokuba kuninzi ofuna ukukuthetha, kodwa kubalulekile ukusebenzisa ubulumko. (INtshumayeli 3:1, 7) Mhlawumbi eyona nto ifanelekileyo kukubonakalisa uvelwano, ushiye incwadi efanelekileyo esekelwe eBhayibhileni (incwadana enemifanekiso, iphephancwadi, okanye iphecana), wandule ke ubuye emva kweentsuku ezimbalwa ukuze ubone enoba akunakunikela uncedo olungakumbi kusini na. Ngexesha elifanelekileyo, cela ukumbonisa amazwi alukhuthazo afumaneka eBhayibhileni. Oku kusenokumnceda kuze kumthuthuzele. (IMizekeliso 16:24; 25:11) Akunakubavusa abafileyo, njengoko uYesu wenjenjalo. Kodwa usenokuthetha oko kuthethwa yiBhayibhile ngemeko yabafileyo, ngoxa eli isenokungabi lixesha lokuzama ukulungisa iimbono eziphosakeleyo. (INdumiso 146:4; INtshumayeli 9:5, 10; Hezekile 18:4) Usenokufunda naye amathemba aseBhayibhileni ngokuphathelele uvuko. (Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) Usenokuchaza oko kukuthethayo oku, mhlawumbi usebenzisa ingxelo eseBhayibhileni engovuko. (Luka 8:49-56; Yohane 11:39-44) Kwakhona balaselisa iimpawu zoThixo onothando osinika ithemba elinjalo. (Yobhi 14:14, 15; Yohane 3:16) Chaza indlela eziye zakunceda ngayo ezi mfundiso nesizathu sokuba unentembelo kuzo.
20 Ukumemela umntu osentlungwini kwiHolo yoBukumkani kunokumnceda azi abantu ababathanda ngokwenene abamelwane babo nabakwaziyo ukukhuthaza abanye. Elinye ibhinqa laseSweden lafumanisa ukuba le yinto elaliyifuna ubomi balo bonke.—Yohane 13:35; 1 Tesalonika 5:11.
21, 22. (a) Yintoni ekufuneka siyenze ukuba sifuna ukuthuthuzela abanye? (b) Unokumthuthuzela njani umntu ozazi kakuhle iZibhalo?
21 Ukuba uyazi ukuba ubani usentlungwini, enoba ulilungu lebandla lobuKristu okanye akunjalo, ngaba maxa wambi ukhe uzive ungaqinisekanga ngento omawuyithethe okanye uyenze? Igama lesiGrike elidla ngokuguqulelwa ngokuthi “ukuthuthuzela” eBhayibhileni, ngokoqobo lithetha “ukuba secaleni kukabani.” Ukuba ngumthuthuzeli wokwenyaniso kuthetha ukuba ndawonye nabo basentlungwini.—IMizekeliso 17:17.
22 Kuthekani ukuba umntu ofuna ukumthuthuzela uyakwazi oko iBhayibhile ikuthethayo ngokufa, intlawulelo novuko? Ukubakho nje komhlobo oneenkolelo ezifanayo kusenokuba yintuthuzelo. Ukuba loo mntu ufuna ukuthetha, phulaphula ngenyameko. Musa ukuvakalelwa kukuba ufanele unikele intetho. Ukuba ufunde iZibhalo, zigqale njengamazwi kaThixo omeleza iintliziyo zenu nobabini. Chaza intembelo eyomeleleyo eninayo nobabini yokuba ezo zithembiso ziya kuzaliseka. Ngokubonakalisa imfesane kaThixo nokwabelana ngeenyaniso ezixabisekileyo ezikwiLizwi lakhe, unako ukunceda abo basentlungwini ukuba bafumane intuthuzelo namandla avela kuYehova, ‘uThixo wentuthuzelo yonke.’—2 Korinte 1:3.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, isahluko 8; Ukuqiqa NgeZibhalo, iphepha 32-39, 226-30; Is There a Creator Who Cares About You?, isahluko 10; nencwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Abantu abaninzi balibeka kubani ityala ngeentlekele ezenzekayo, yaye sinokubanceda njani?
• Sinokwenza ntoni ukuze sincede abanye bazuze ngokupheleleyo kwintuthuzelo evela eBhayibhileni?
• Ziziphi iimeko ezibangela abantu abaninzi babe sentlungwini kwindawo ohlala kuyo, yaye unokubathuthuzela njani?
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Ukunikela isigidimi sentuthuzelo yokwenene ngamaxesha eentlekele
[Inkcazelo]
Inkampu yeembacu: UN PHOTO 186811/J. Isaac
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ukubakho nje komhlobo kunokuba yintuthuzelo