Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba uYehova wenza umnqophiso wakhe noAbraham eUre okanye kwaHaran?
Eyona ngxelo yokuqala yomnqophiso kaYehova noAbraham ifumaneka kwiGenesis 12:1-3, ethi: “Wathi ke uYehova kuAbram: ‘Hamba umke ezweni lakowenu nakwizalamane zakho nasendlwini kayihlo, uye ezweni endiya kukubonisa lona; yaye ndiya kukwenza ube luhlanga olukhulu . . . Kwaye ngokuqinisekileyo ziya kuzisikelela ngawe zonke iintsapho zasemhlabeni.’”a Umele ukuba uYehova wawenza lo mnqophiso noAbraham ngoxa wayeseUre waza waphinda wawuqinisekisa ngoxa wayekwaHaran.
Ngenkulungwane yokuqala, uStefano wacaphula umyalelo owanikelwa nguYehova wokuba uAbraham wayefanele afudukele kwaKanan. Xa wayethetha neSanhedrin, wathi: “UThixo wozuko wabonakala kukhokho wethu uAbraham ngoxa wayeseMesopotamiya, ngaphambi kokuba ahlale kwaHaran, yaye wathi kuye, ‘Phuma kulo ilizwe lakowenu nakwizalamane zakho uze kwilizwe endiya kukubonisa lona.’” (IZenzo 7:2, 3) UAbraham wayevela eUre, yaye ngokutsho kukaStefano, kulapho waqala khona ukuva umyalelo othi makaye kwaKanan. (Genesis 15:7; Nehemiya 9:7) UStefano akazange awukhankanye umnqophiso owenziwa nguThixo noAbraham, kodwa kwiGenesis 12:1-3, loo mnqophiso unxulunyaniswa nomyalelo wokuya kwaKanan. Ngoko kusengqiqweni ukukholelwa ukuba uYehova wenza umnqophiso noAbraham eUre.
Noko ke, xa uyifunda ngenyameko ingxelo ekwiGenesis, kubonakala ukuba uYehova waphinda wawenza umnqophiso wakhe noAbraham kwaHaran, kanye njengokuba waye wawuphinda waza wacacisa ngakumbi iinkalo zawo izihlandlo eziliqela kwaKanan. (Genesis 15:5; 17:1-5; 18:18; 22:16-18) Ngokutsho kweGenesis 11:31, 32, uTera, uyise ka-Abraham, wafuduka eUre waya kwaKanan, ephelekwa nguAbraham, uSara noLote. Bafika kwaHaran baza bahlala apho de wafa uTera. UAbraham wahlala kwaHaran wada waziqwebela ubutyebi obuninzi. (Genesis 12:5) Yaye ngaxa lithile, noNahore, umntakwabo Abraham, wafudukela apho.
Emva kokuchaza ngokufa kukaTera, iBhayibhile ichaza amazwi awathethwa nguYehova kuAbraham ize ihlabele mgama isithi: “Wahamba ke uAbram kanye njengoko wathethayo uYehova kuye.” (Genesis 12:4) Ngenxa yoko, iGenesis 11:31–12:4 isenza seyiseke ukuba uYehova wawathetha la mazwi abhalwe kwiGenesis 12:1-3 emva kokufa kukaTera. Ukuba kunjalo, uAbraham wemka kwaHaran waza wafudukela kwilizwe uYehova awayeyalele ukuba makaye kulo, ethobela umyalelo awayesandul’ ukuwuva nalowo wayewuve kwiminyaka engaphambili ngoxa wayeseseUre.
Ngokutsho kweGenesis 12:1, uYehova wamyalela uAbraham esithi: “Hamba umke ezweni lakowenu nakwizalamane zakho nasendlwini kayihlo.” Ngaxa lithile ‘ilizwe’ lakuloAbraham yayiyiUre, yaye ‘indlu’ kayise yayilapho. Noko ke, uyise ka-Abraham wafuduka nentsapho yakhe waya kwaHaran, yaye uAbraham wayibiza loo ndawo ngokuthi lilizwe lakowabo. Emva kweminyaka emininzi ekwaKanan, xa wathumela igosa lakhe ‘ezweni lakowabo nakwizalamane zakhe’ ukuze liye kufunela uIsake umfazi, igosa lakhe laya “kwisixeko sakwaNahore” (kwaHaran okanye kwindawo ekufuphi nalapho). (Genesis 24:4, 10) Elo gosa lafumana uRebheka phakathi kwezalamane zika-Abraham, kwintsapho enkulu kaNohore.—Genesis 22:20-24; 24:15, 24, 29; 27:42, 43.
Xa wayethetha neSanhedrin, uStefano wathi: “Emva kokufa kukayise, uThixo wambangela [uAbraham] ukuba indawo yakhe yokuhlala ayitshintshele kweli lizwe nihlala kulo ngoku.” (IZenzo 7:4) Oku kubonisa ukuba uYehova wathetha noAbraham ekwaHaran. Kusengqiqweni ukukholelwa ukuba ngeso sihlandlo uYehova wawuphinda umnqophiso awawenza noAbraham njengoko kuchazwe kwiGenesis 12:1-3, ekubeni loo mnqophiso waqala ukusebenza emva kokuba uAbraham efudukele kwaKanan. Ngaloo ndlela, xa sihlolisisa zonke ezi zibakala sifikelela kwisigqibo sokuba ekuqaleni, uYehova umele ukuba wenza umnqophiso noAbraham eseUre waza waphinda wawuqinisekisa xa wayekwaHaran.
[Umbhalo osemazantsi]
a UYehova walitshintsha igama lika-Abram laba nguAbraham ngoxa wayekwilizwe lakwaKanan eneminyaka engama-99 ubudala.—Genesis 17:1, 5.