Genesis
22 Emva kwezi zinto, uThixo wokwenene wamvavanya uAbraham.+ Wathi kuye: “Abraham!” yena wathi: “Nkosi!” 2 UThixo wathi: “Ndicela uthathe uIsake+ unyana wakho, ekuphela kwakhe nomthanda kakhulu,+ nihambe niye kwilizwe laseMoriya,+ uze apho unikele ngaye, abe ngumnikelo otshiswayo kwenye yeentaba endiza kukukhethela zona.”
3 Ngoko uAbraham wavuka ekuseni, wabeka isali edonkini yakhe, wathatha izicaka zakhe ezibini noIsake unyana wakhe. Wacanda iinkuni ukwenzela umnikelo otshiswayo, waza wahamba waya kwindawo uThixo wokwenene awambonisa yona. 4 Ngosuku lwesithathu, uAbraham wajonga phayaa, wayibonela kude loo ndawo. 5 UAbraham wathi kwizicaka zakhe: “Shiyekani apha nale donki, mna nale nkwenkwe sisayokukhonza phayaa, siza kubuya.”
6 Ngoko uAbraham wathatha iinkuni zomnikelo otshiswayo, waziphathisa uIsake unyana wakhe. Yena wathatha umlilo nemela,* baza bahamba kunye. 7 Emva koko uIsake wathi kuAbraham utata wakhe: “Tata!” Yena wathi: “Uthini mfo wam?” UIsake wathi: “Nanku umlilo neenkuni, kodwa iphi yona igusha yomnikelo otshiswayo?” 8 UAbraham wathi: “UThixo uza kusinika ngokwakhe igusha yomnikelo otshiswayo+ mfo wam.” Baza baqhubeka behamba.
9 Bada bafika kwindawo uThixo wokwenene awambonisa yona, uAbraham wasakha apho isibingelelo, wabeka iinkuni phezu kwaso. Wambopha izandla neenyawo uIsake unyana wakhe, wambeka esibingelelweni phezu kweenkuni.+ 10 Emva koko uAbraham wathatha imela* ukuze abulale unyana wakhe.+ 11 Kodwa ingelosi kaYehova yamkhwaza isemazulwini yathi: “Abraham, Abraham!” yena wathi: “Ndim lo!” 12 Emva koko yathi: “Ungayenzakalisi loo nkwenkwe, ungayenzi nto tu, kuba ngoku ndiyazi ukuba uyamoyika uThixo, kuba khange wale nonyana wakho kum, nangona inguye yedwa.”+ 13 Ithe yakutsho, uAbraham waphakamisa amehlo akhe, wabona inkunzi yegusha phaya ibambeke ngeempondo etyholweni. Wayokuyithatha waza wayinikela njengomnikelo otshiswayo endaweni yonyana wakhe. 14 UAbraham wayithiya loo ndawo ngokuthi yiYehova-yire.* Yiloo nto kusathiwa nanamhlanje: “Entabeni kaYehova iza kufumaneka.”+
15 Ingelosi kaYehova yaphinda yamkhwaza okwesibini uAbraham isemazulwini, 16 yathi: “ ‘Ndifunga ngam,’ utsho uYehova,+ ‘kuba uyenzile le nto, yaye awala nonyana wakho, ekuphela kwakhe,+ 17 ngokuqinisekileyo ndiza kukusikelela yaye ngokuqinisekileyo ndiza kuyandisa inzala* yakho ibe njengeenkwenkwezi zamazulu nanjengesanti eselunxwemeni lolwandle,+ kwaye inzala* yakho iza kuzithatha izixeko* zeentshaba zayo.+ 18 Yaye ngenzala* yakho+ zonke iintlanga zomhlaba ziza kuzifumanela intsikelelo kuba ulimamele ilizwi lam.’ ”+
19 Emva koko uAbraham wabuyela kwizicaka zakhe, basuka apho babuyela eBher-shebha,+ ibe uAbraham waqhubeka ehlala eBher-shebha.
20 Emva kwezi zinto kwathiwa kuAbraham: “UMilka uzalele uNahore umntakwenu+ aba nyana: 21 u-Utse izibulo lakhe, uBhuze umntakwabo, uKemuweli utata ka-Aram, 22 uKesedi, uHazo, uPildashe, uYidelafu noBhetuweli.”+ 23 UBhetuweli wazala uRebheka.+ UMilka wazalela uNahore umntakwaboAbraham oonyana abasibhozo. 24 Nomnye umfazi wakhe,* owayenguRehuma, wamzalela aba nyana: uTebha, uGaham, uTahashe noMahaka.