Sebenzisa Ingqiqo—Wenze Ngobulumko
YIBA nalo mfanekiso-ngqondweni: UYesu Kristu uchaza indlela iintshaba zakhe zonqulo eYerusalem eziya kumngcungcuthekisa ngayo zize zimbulale. Umhlobo wakhe osenyongweni umpostile uPetros akakukholelwa oku. Eneneni, ubizela uYesu ecaleni aze amkhalimele. Ngokuqinisekileyo uPetros wayenyanisekile yaye enenkxalabo. Kodwa uYesu uvakalelwa njani yindlela uPetros acinga ngayo? UYesu uthi: “Suka uye emva kwam, Sathana! Usisikhubekiso kum, ngenxa yokuba ucinga, kungekhona iingcamango zikaThixo, kodwa ezabantu.”—Mateyu 16:21-23.
Kumele ukuba uPetros wothuka ngokwenene! Kunokuba abe luncedo aze ayixhase iNkosi yakhe ethandekayo, kule meko ‘wayesisikhubekiso.’ Kwenzeka njani oku? Kusenokwenzeka ukuba uPetros wakhohliswa yindlela abantu abacinga ngayo—eyokuba umele ukholelwe oko ufuna ukukukholelwa.
Ungazithembi Ngokugqithiseleyo
Into enokusiphazamisa ekusebenziseni ingqiqo kukuzithemba ngokugqithiseleyo. Umpostile uPawulos walumkisa amanye amaKristu kwiKorinte yamandulo esithi: “Lowo ucinga ukuba umile makalumke angawi.” (1 Korinte 10:12) Kwakutheni ukuze uPawulos athethe oku? Kubonakala ukuba wayesazi indlela ekulula ngayo ngomntu ukuba abe neengcinga ezigqwethekileyo—kwaneengqondo zamaKristu “zisenokonakaliswa zisuke ekunyanisekeni nakubunyulu obufanele uKristu.”—2 Korinte 11:3.
Oku kuye kwenzeka kuso sonke isizukulwana sookhokho bakaPawulos. Ngelo xesha, uYehova wathi kubo: “Iingcamango zenu asizizo iingcamango zam, neendlela zam asizizo iindlela zenu.” (Isaya 55:8) Baba “zizilumko kwawabo amehlo,” kwaza oko kwaphumela kwintlekele. (Isaya 5:21) Ngoko ke, ngokuqinisekileyo kubalulekile ukuhlolisisa indlela thina esinokuyisebenzisa ngayo ingqiqo ukuze siphephe intlekele efanayo.
Kulumkele Ukucinga Ngendlela Yokwenyama
Abanye eKorinte babechatshazelwa kakubi ziingcamango zokwenyama. (1 Korinte 3:1-3) Babegxininisa kakhulu kwiingcamango zabantu kunakwiLizwi likaThixo. Alithandabuzeki elokuba iinkcuba-buchopho zamaGrike zaloo mihla zazingabantu ababekrelekrele kakhulu. Noko ke, emehlweni kaThixo, zazizizidenge. UPawulos wathi: “Kubhaliwe kwathiwa: ‘Ndiza kubutshitshisa ubulumko babantu abazizilumko, ndiyiphuthise nengcinga yabantu abaziingqondi.’ Uphi na umntu osisilumko? Uphi na umbhali? Uphi na umphikisi wale nkqubo yezinto? UThixo akabenzanga baba bubudenge na ubulumko behlabathi?” (1 Korinte 1:19, 20) Ezo nkcuba-buchopho zazilawulwa ‘ngumoya wehlabathi’ kunokuba zilawulwe ngumoya kaThixo. (1 Korinte 2:12) Iingcamango zazo nendlela ezazicinga ngayo yayingavisisani nendlela uYehova acinga ngayo.
Ingcamango yokwenyama enjalo ivela kuSathana uMtyholi, owasebenzisa inyoka ukulukuhla uEva. (Genesis 3:1-6; 2 Korinte 11:3) Ngaba nathi unokusilukuhla? Kunjalo! Ngokutsho kweLizwi likaThixo, uSathana uye “wamfamekisa iingqondo” zabantu kangangokuba ngoku “ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.” (2 Korinte 4:4; ISityhilelo 12:9) Kubaluleke kakhulu ukuba sihlale siwalumkele amacebo akhe!—2 Korinte 2:11.
Balumkele “Abakhohlisi Abalahlekisa Abantu”
Kwakhona umpostile uPawulos walumkisa ‘ngabakhohlisi abalahlekisa abantu.’ (Efese 4:14) Wadibana ‘nabasebenzi benkohliso’ ababesenza ngathi bathetha inyaniso kodwa eneneni beyigqwetha. (2 Korinte 11:12-15) Ukuze bafeze iinjongo zabo, abantu abanjalo basenokusebenzisa ubungqina obuthile obukhethiweyo, intetho evuselela iimvakalelo, inyaniso engaphelelanga nekhohlisayo, intetho engacacanga kwanobuxoki.
Abasasazi beengcamango zobuxoki badla ngokusebenzisa igama elinjengelithi “ihlelo” ukuze babeke amabala abanye. KwiParliamentary Assembly of the Council of Europe, kwacetyiswa ukuba xa abasemagunyeni behlolisisa amaqela amatsha onqulo, “bamele bakuphephe ukusebenzisa eli gama.” Ngoba? Kwakucingwa ukuba igama elithi “ihlelo” linentsingiselo engafanelekanga. Ngokufanayo, iingcaphephe ezingamaGrike zamtyhola umpostile uPawulos zisithi ‘wayelipholopholo,’ gama elo elithetha “umcholacholi weendaba.” Oku kwakuthetha ukuba wayebhibhidla nje amazinyo, echolachola aze asasaze iimvuthuluka zolwazi. Enyanisweni, uPawulos “wayevakalisa iindaba ezilungileyo ezingoYesu novuko.”—IZenzo 17:18.
Ngaba iinkqubo zabasasazi beengcamango zobuxoki ziyaphumelela? Ewe. Zibe negalelo elikhulu ekudaleni intiyo yobuhlanga neyonqulo ngokuthi zenze abantu babe neengcamango ezigqwethekileyo ngohlanga nonqulo lwabanye. Abaninzi baye bazisebenzisa ekupheliseni amabuthwana angathandwayo. UAdolf Hitler wasebenzisa iindlela ezinjalo ngokuphumelelayo xa wayesithi amaYuda nabanye “banogonyamelo,” “banobubi” yaye “basisisongelo” kuRhulumente. Ungaze uvumele olu hlobo lwenkohliso luphembelele indlela ocinga ngayo.—IZenzo 28:19-22.
Ungazikhohlisi
Kwakhona kulula ukuzikhohlisa. Eneneni, kusenokuba nzima kakhulu ukuphelisa okanye ukuhlolisisa izimvo zakho ezixabisekileyo. Ngoba? Kuba sidla ngokunamathela kakhulu kwiingcinga zethu. Ngoko ke sisenokuzikhohlisa ngeengqiqo zobuxoki—ngokufuna izizathu zokuthethelela iinkolelo eziphosakeleyo nezilahlekisayo.
Oku kwenzeka kwamanye amaKristu enkulungwane yokuqala. Ayelazi iLizwi likaThixo, kodwa akazange alivumele lilawule indlela acinga ngayo. Ekugqibeleni ‘azikhohlisa ngokuqiqa okuphosakeleyo.’ (Yakobi 1:22, 26) Enye into ebonisa ukuba siyazikhohlisa kukucaphuka xa abanye bekuthandabuza oko sikukholelwayo. Kunokuba sicaphuke, kububulumko ukuba nengqondo ephangaleleyo size sikuphulaphule ngenyameko oko kuthethwa ngabanye—kwanaxa siqinisekile ukuba imbono yethu ichanile.—IMizekeliso 18:17.
Ukufuna ‘Ulwazi LukaThixo’
Yintoni esinokuyenza ukuze sisebenzise ingqiqo? Luninzi uncedo olufumanekayo, kodwa simele sikulungele ukulufuna. UKumkani osisilumko uSolomon wathi: “Nyana wam, ukuba uya kuwamkela amazwi am uze uyigcine kuwe imiyalelo yam, khon’ ukuze unikele ingqalelo kubulumko ngendlebe yakho, ukuba uyithobele ukuqonda intliziyo yakho; ukuba uthe, ngaphezu koko, wabiza ukuqonda, nelizwi lakho walisa ekuqondeni, ukuba uyaqhubeka ubufuna njengesilivere, ubuphande njengobuncwane obufihliweyo, uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, ukufumane ukumazi uThixo.” (IMizekeliso 2:1-5) Ewe, ukuba senza umgudu wokuzalisa iingqondo neentliziyo zethu ngeenyaniso zeLizwi likaThixo, siya kufumana ubulumko bokwenene, ukuqonda nengqiqo. Ngenxa yoko, siya kufuna izinto ezixabiseke ngakumbi kunesilivere okanye nabuphi na ubutyebi.—IMizekeliso 3:13-15.
Ngokuqinisekileyo ubulumko nolwazi bubalulekile ekubeni nengqiqo. ILizwi likaThixo lithi: “Xa ubulumko bungena entliziyweni yakho nolwazi luthandeka emphefumlweni wakho, amandla okucinga aya kukulinda, ukuqonda kuya kukulondoloza, ukuze kukuhlangule endleleni embi, emntwini othetha izinto ezigwenxa, kwabo bashiya umendo wokuthe tye ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama.”—IMizekeliso 2:10-13.
Kubaluleke nakakhulu ukuvumela iingcinga zikaThixo zikhokele indlela esicinga ngayo xa sixinezelekile okanye sisengozini. Iimvakalelo ezibukhali ezinjengomsindo okanye uloyiko, zisenokwenza kube nzima ukuba nengqiqo. USolomon uthi: “Ingcinezelo nje isengasiphambanisa isilumko.” (INtshumayeli 7:7) Kwakhona kusenokwenzeka ukuba sibe “nomsindo nxamnye noYehova.” (IMizekeliso 19:3) Njani? Ngokumbek’ ityala uThixo ngeengxaki zethu size sisebenzise zona ukuthethelela izinto esizenzayo ezingavisisaniyo nemithetho okanye imigaqo yakhe. Kunokuba sicinge ukuba sihlala sichanile, ngamana singabaphulaphula ngokuthobekileyo abacebisi abanobulumko abafuna ukusinceda ngokusebenzisa iZibhalo. Yaye ukuba kunokwenzeka, masikulungele ukuyeka iingcamango zethu xa kubonakala ukuba senze impazamo.—IMizekeliso 1:1-5; 15:22.
‘Qhubeka Ucela KuThixo’
Siphila kumaxesha adidayo nayingozi. Kubalulekile ukuthandazela ulwalathiso lukaYehova ngokuthe rhoqo ukuze senze izigqibo ezifanelekileyo size senze ngobulumko. UPawulos wabhala: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Ukuba asinabo ubulumko bokuhlangabezana neengxaki okanye izilingo ezisithwaxayo, sifanele ‘siqhubeke sicela kuThixo, kuba unika bonke ngesisa, engangcikivi.’—Yakobi 1:5-8.
Esazi ukuba amaKristu afanele abe nobulumko, umpostile uPetros wayefuna ‘ukuvuselela amandla awo okucinga angcwengekileyo.’ Wayefuna ukuba ‘awakhumbule amazwi awathethwa ngaphambili ngabaprofeti abangcwele nomyalelo weNkosi noMsindisi,’ uYesu Kristu. (2 Petros 3:1, 2) Ukuba siyakwenza oku size sicinge ngendlela evisisana neLizwi likaYehova, siya kuba nengqiqo size senze ngobulumko.
[Imifanekiso ekwiphepha 21]
AmaKristu okuqala avumela ubulumko bukaThixo, kungekhona intandabulumko, buchaphazele indlela acinga ngayo
[Inkcazelo]
Philosophers left to right: Epicurus: Photograph taken by courtesy of the British Museum; Cicero: Reproduced from The Lives of the Twelve Caesars; Plato: Roma, Musei Capitolini
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Ukuthandaza nokufundisisa iLizwi likaThixo kubalulekile