Isaya
Isithandwa sam sasinentsimi yeediliya endulini echumayo.
2 Saphethula umhlaba, sakhupha amatye.
Emva koko sahlala ethembeni lokuba iza kuvelisa iidiliya ezintle,
Suka yona yavelisa kuphela iidiliya zasendle.+
Kutheni le nto ndithi xa ndilindele iidiliya ezintle,
Suke kuvele iidiliya zasendle?
5 Makhe ndinityebisele
Into endiza kuyenza kwintsimi yam:
Ndiza kuzincothula izihlahla endiyibiyele ngazo,
Ize yona itshiswe.+
Ndiza kuzidiliza iindonga zayo zamatye,
Ize ibe sisisulu sokunyathelwa.
7 Intsimi yeediliya kaYehova wemikhosi yindlu kaSirayeli;+
Isityalo awayesithanda, ngamadoda akwaYuda.
Wayethembe ukuba kuza kwenziwa okusemthethweni,+
Kodwa jonga! kwasuka kwagcwala ulwaphulo-mthetho;
Enethemba lobulungisa, kodwa jonga! kwasuka kwasisikhalo sentlungu!”+
8 Baza kuthi shu abo bathi benemizi babe besongeza eminye,+
Nabo badibanisa intsimi nenye+
Kude kungabikho mhlaba ushiyekayo
Nize nihlale nodwa kweli lizwe!
9 UYehova wemikhosi ufunge ezindlebeni zam
Wathi, zifane nje zantle, zaza zankulu ezo zindlu,
Ziza kuba yinto eyothusayo,
Zingahlalwa mntu.+
11 Baza kuthi shu abo bavukela etywaleni kwakusasa,+
Basele kude kube sebusuku, de batshiswe yiwayini!
12 Emathekweni abo banohadi, umrhubhe,
Igubu, ifleyiti, newayini;
Kodwa abawuhoyanga umsebenzi kaYehova,
Abawuboni nomsebenzi wezandla zakhe.
13 Ngoko ke abantu bam baza kuthinjwa
Ngenxa yokungabi nalwazi.+
Izikhulu zabo ziza kubhuqwa yindlala,+
Bonke abantu babo baza koma nko lunxano.
14 Ngoko ingcwaba* lizandisile,
Liwuvule wabanzi ngokungenamda umlomo walo.+
Yaye ubuhle beso sixeko, abantu baso abaninzi abangxolayo, nabangxola ezipatini,
Nakanjani na, baza kuya kutshona kulo.
16 UYehova wemikhosi uza kuphakanyiswa ngenxa yesigwebo sakhe.*
UThixo wokwenene, Lowo Ungcwele,+ uza kuzingcwalisa ngobulungisa.+
17 Namatakane eegusha aza kudla ngokungathi adla edlelweni lawo,
Neentlanga zitye kwiindawo ezingenanto zezilwanyana ezondlekileyo.
18 Baza kuthi shu abo barhuqa ityala labo ngeentambo zobumenemene
Nesono sabo ngeentambo zenqwelo.
19 Abo bathi: “Makawukhawulezise umsebenzi wakhe;
Mawukhawuleze ufike ukuze siwubone;
20 Baza kuthi shu abo bathi okulungileyo kubi nokubi kulungile,+
Abo babeka ubumnyama endaweni yokukhanya nokukhanya endaweni yobumnyama,
Abo babeka ubukrakra endaweni yobumnandi nobumnandi endaweni yobukrakra!
22 Baza kuthi shu abo bayisela kakhulu iwayini,
Namadoda aziincutshe ekuxubeni utywala,+
23 Abo bakhulula umenzi-bubi ngokunyotywa,+
Nabangafuniyo ukumgweba ngokusemthethweni olilungisa!+
24 Ngoko ke, kanye njengokuba ulwimi lomlilo luzidla luzigqibe iindiza
Nengca eyomileyo igqitywa lidangatye,
Iingcambu zabo ziza kubola,
Neentyatyambo zabo zisasazeke njengomgubo,
Kuba bawulahlile umthetho* kaYehova wemikhosi,
Balidelela ilizwi laLowo Ungcwele kaSirayeli.+
Iintaba ziza kunyikima,
Nezidumbu zabo zibe njengenkunkuma ezitratweni.+
Ngenxa yale nto, umsindo wakhe awuzukujika,
Uza kuqhubeka esolulele ukubabetha isandla sakhe.
26 Uphakamisele uhlanga olukhulu nolukude isilumkiso.*+
Ubabethele umlozi abo baseziphelweni zomhlaba,+
Yaye jonga! beza bekhawulezile.+
27 Akukho namnye kubo udiniweyo okanye ukhubekayo.
Akukho namnye wozelayo okanye ulalayo.
Amabhanti asezinqeni zabo akakhululwanga,
Kanti nemitya yeembadada zabo ayiqhawukanga.
Iimpuphu zamahashe abo ziqine okwelitye lenyengane,
Namavili eenqwelo zabo angathi ngumoya wesaqhwithi.+
Baza kubhavuma baze banqakule ixhoba
Bemke nalo lingenamsindisi.
Nabani na oqwalasele umhlaba uza kubona ubumnyama obuxhalabisayo.
Nkqu nokukhanya kuye kwaba mnyama ngenxa yamafu.+